Uthando Luyaloyisa Ikhwele Elingafanelekanga
“Uthando alunakhwele.”—1 KORINTE 13:4, NW.
1, 2. (a) UYesu wabaxelela ntoni abafundi bakhe ngothando? (b) Ngaba umntu unako ukuba nothando aze abe nekhwele, yaye kutheni uphendula ngolo hlobo?
UTHANDO luphawu olufanisa amaKristu okwenyaniso. UYesu Kristu wathi: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.” (Yohane 13:35) Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba acacise indlela uthando olufanele luluchaphazele ngayo ulwalamano lwamaKristu. Phakathi kwezinye izinto, wabhala: “Uthando alunakhwele.”—1 Korinte 13:4, NW.
2 Xa uPawulos wabhala loo mazwi, wayebhekisela kwikhwele elingafanelekanga. Kungenjalo ngewayengaxelelanga ibandla elikwalinye wathi: “Ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo.” (2 Korinte 11:2) ‘Ikhwele likaThixo’ awayenalo lavuselelwa kukuba abantu abathile babenempembelelo eyonakalisayo ebandleni. Oku kwashukumisela uPawulos ukuba abhalele amaKristu aseKorinte incwadi yesibini ephefumlelweyo equlethe iziluleko zothando ezininzi.—2 Korinte 11:3-5.
Ikhwele Phakathi KwamaKristu
3. Yavela njani ingxaki ebandakanya ikhwele phakathi kwamaKristu aseKorinte?
3 Kwincwadi yakhe yokuqala eya kwabaseKorinte, uPawulos kwafuneka asingathe ingxaki eyayithintela la maKristu matsha ekubeni aphile ngemvisiswano. Ayephakamisa abantu abathile, elowo ‘ezikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye.’ Oku kwakhokelela kwiiyantlukwano ebandleni, abanye besithi: “Mna ndingokaPawulos,” “Mna ndingoka-Apolo,” “Mna ndingokaKefas.” (1 Korinte 1:12; 4:6) Ekhokelwa ngumoya oyingcwele umpostile uPawulos wakwazi ukuchaza isizeka-bani sale ngxaki. AmaKorinte ayezenza abantu bokwenyama, kungekhona “aboMoya.” Ngaloo ndlela, uPawulos wabhala: “Nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona [“ikhwele,” NW], neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? anihambi ngokwabantu na?”—1 Korinte 3:1-3.
4. UPawulos wasebenzisa wuphi umzekeliso ukuze ancede abazalwana bakhe bafikelele kwimbono efanelekileyo omnye ngomnye, yaye sinokufunda siphi isifundo koku?
4 UPawulos wawanceda amaKorinte aqonda imbono efanelekileyo ngeziphiwo nobuchule babantu abahlukahlukeneyo ebandleni. Wabuza: “Ngubani na okubalulayo kwabanye? Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga? Phofu ke, ukuba wamkelisiwe, uqhayiselani na, ngathi akwamkeliswanga?” (1 Korinte 4:7) Kweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 12, uPawulos wacacisa ukuba abo babeyinxalenye yebandla babefana namalungu ahlukahlukeneyo omzimba womntu, njengesandla, iliso nendlebe. Wabonisa ukuba uThixo wenza amalungu omzimba ukuze anyamekelane. Kwakhona uPawulos wabhala: “Nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.” (1 Korinte 12:26) Bonke abakhonzi bakaThixo namhlanje bafanele basebenzise lo mgaqo kulwalamano lwabo omnye nomnye. Kunokumonela omnye umntu ngenxa yesabelo sakhe okanye oko akufezileyo enkonzweni kaThixo, sifanele sivuyisane naye.
5. Utyhila ntoni uYakobi 4:5, ibe iZibhalo zibubalaselisa njani ubunyaniso bala mazwi?
5 Liyinyaniso elokuba, ukuthetha asikokwenza. Umbhali weBhayibhile uYakobi usikhumbuza ukuba “utyekelo lokumonela” luhlala kubo bonke abantu abanesono. (Yakobi 4:5, NW) Ukufa komntu wokuqala kwabangelwa kukuba uKayin wavumela ikhwele elingafanelekanga. AmaFilisti amtshutshisa uIsake ngenxa yokuba ayenomona ngempumelelo yakhe. URakeli wayemkhweletela udade wabo ngenxa yokuba wayevelisa inzala. Oonyana bakaYakobi babekukhweletela ukuthandwa komninawa wabo uYosefu. Kubonakala ukuba uMiriyam wayeyikhweletela indodakazi yakhe engengomSirayeli. UKora, uDatan noABhiram ngomona bamenzela iyelenqe uMoses noAron. UKumkani uSawule wayikhweletela impumelelo kaDavide edabini. Ngokungathandabuzekiyo yayikwalikhwele elalibangela ukuba abafundi bakaYesu basoloko bephikisana ngokuba nguwuphi na owayengoyena mkhulu phakathi kwabo. Inyaniso kukuba akukho mntu ungafezekanga ungenalo kwaphela “utyekelo lokumonela.”—Genesis 4:4-8; 26:14; 30:1; 37:11; Numeri 12:1, 2; 16:1-3; INdumiso 106:16; 1 Samuweli 18:7-9; Mateyu 20:21, 24; Marko 9:33, 34; Luka 22:24.
Ebandleni
6. Abadala banokululawula njani utyekelo lokuba nomona?
6 Onke amaKristu afanele awulumkele umona nekhwele elingafanelekanga. Oku kuquka amaqumrhu abadala amiselwe ukunyamekela amabandla abantu bakaThixo. Ukuba umdala unokuthobeka kwentliziyo, akayi kuthi ngamabhongo afune ukubagqwesa abanye. Kwelinye icala, ukuba umdala othile unobuchule obubalaseleyo njengomlungelelanisi okanye isithethi sasesidlangalaleni, abanye baya kukuvuyela oku, bekugqala njengentsikelelo ebandleni. (Roma 12:15, 16) Umzalwana usenokuba wenza inkqubela entle, enikela ubungqina bokuvelisa iziqhamo zomoya kaThixo ebomini bakhe. Xa behlola iimfaneleko zakhe, abadala bafanele bakulumkele ukuba bangabalaselisi intsilelo ethile engenamsebenzi ukuze bathethelele ukungamncomeli njengesicaka solungiselelo okanye umdala. Oko kuya kubonisa ukuba abanalo uthando nolwazelelelo.
7. Yiyiphi ingxaki esenokuvela xa umKristu othile efumana isabelo sobuthixo?
7 Ukuba umntu othile ufumana isabelo sobuthixo okanye intsikelelo yokomoya, abanye ebandleni kufuneka balumke bangabi nomona. Ngokomzekelo, omnye udade ofanelekayo usenokusetyenziswa ngakumbi kunomnye ekwenzeni imiboniso kwiintlanganiso zamaKristu. Oku kusenokubangela ikhwele kwabanye oodade. Mhlawumbi kwakukho ingxaki efanayo phakathi koWodiya noSintike bebandla laseFilipi. Amabhinqa anjalo namhlanje kusenokufuneka akhuthazwe ngobubele ngabadala ukuba athobeke aze ‘acinge nto-nye eseNkosini.’—Filipi 2:2, 3; 4:2, 3.
8. Ikhwele linokukhokelela kweziphi izenzo ezisisono?
8 UmKristu usenokuba wazi intsilelo awayenayo lowo ngoku usikelelwa ngamalungelo ebandleni. (Yakobi 3:2) Ngenxa yekhwele, usenokulingeka ukuba axelele abanye ngoku aze acel’ umngeni isabelo salowo ebandleni. Oku bekungayi kuvumelana nothando, ‘olugubungela inkitha yezono.’ (1 Petros 4:8) Ukuthetha uqhutywa likhwele kunokuluphazamisa uxolo lwebandla. Umfundi uYakobi walumkisa: “Ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso. Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon.”—Yakobi 3:14, 15.
Entsatsheni Yakho
9. Amaqabane omtshato anokuzilawula njani iimvakalelo zekhwele?
9 Imitshato emininzi ayiphumeleli ngenxa yekhwele elingafanelekanga. Ukubonisa ukungalithembi iqabane lomtshato akubonisi uthando. (1 Korinte 13:7) Kwelinye icala, elinye iqabane lisenokungazikhathaleli iimvakalelo zekhwele zelinye. Ngokomzekelo, umfazi usenokuba nekhwele ngenxa yengqalelo indoda yakhe eyinikela komnye umntu wesini esahlukileyo. Okanye indoda isenokuba nekhwele ngenxa yexesha elininzi umfazi wayo alichitha enyamekela isizalwana esisweleyo. Exakaniswe ziimvakalelo ezinjalo, amaqabane omtshato asenokuthula aze abonise ukucaphuka kwawo ngeendlela eziya kuyenza mandundu le ngxaki. Kunoko, iqabane lomtshato elinekhwele kufuneka lithethe yaye linyaniseke ngeemvakalelo zalo. Lona ke, elinye iqabane kufuneka libonise ukuqonda lize liliqinisekise elinye ngothando lwalo. (Efese 5:28, 29) Omabini kusenokufuneka anqande iimvakalelo zekhwele ngokuphepha iimeko ezizibangelayo. Maxa wambi umveleli ongumKristu kusenokufuneka ancede umfazi wakhe aqonde ukuba unikela ingqalelo elinganiselweyo, efanelekileyo kumalungu esini esahlukileyo ukuze azalise imbopheleleko yakhe njengomalusi womhlambi kaThixo. (Isaya 32:2) Kakade ke, umdala ufanele alumke anganikeli sizathu sivakalayo sokukhweleta. Oku kufuna ulungelelwano, ukuqinisekisa ukuba uchitha ixesha esomeleza ulwalamano lwakhe lomtshato.—1 Timoti 3:5; 5:1, 2.
10. Abazali banokubanceda njani abantwana babo bahlangabezane neemvakalelo zekhwele?
10 Abazali nabo bamele bancede abantwana babo baliqonde ikhwele elingafanelekanga. Ngokufuthi abantwana babandakanyeka kwiingxwabangxwaba eziba yimilo. Ngokuqhelekileyo unozala wazo likhwele. Ngenxa yokuba iintswelo zomntwana ngamnye zahlukile, abantwana abanakuphathwa ngendlela efanayo. Ngaphezu koko, abantwana kufuneka baqonde ukuba ngamnye kubo uneempawu abalasele kuzo nabuthathaka kuzo ezahlukileyo kwezomnye. Ukuba ngalo lonke ixesha omnye umntwana ukhuthazwa ukuba aqhube kakuhle njengomnye, oku kusenokuhlakulela umona komnye nekratshi komnye. Ngenxa yoko, abazali bafanele baqeqeshe abantwana babo ukujonga inkqubela yabo ngokuqwalasela imizekelo eseLizwini likaThixo, kungekhona ngokukhuphisana nabanye. IBhayibhile ithi: “Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.” Kunoko, “elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye.” (Galati 5:26; 6:4) Okubaluleke ngakumbi kukuba abazali abangamaKristu kufuneka babancede abantwana babo ngesifundo seBhayibhile esithe rhoqo, bebalaselisa imizekelo elungileyo nemibi eseLizwini likaThixo.—2 Timoti 3:15.
Imizekelo Yokoyisa Ikhwele
11. UMoses wayengumzekelo omhle njani wokuhlangabezana nekhwele?
11 Ngokungafaniyo neenkokeli ezinxanelw’ igunya zeli hlabathi, “indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.” (Numeri 12:3) Xa ukukhokela amaSirayeli kwaba ngumthwalo onzima ukuba uMoses angawuthwala yedwa, uYehova wabangela ukuba umoya Wakhe usebenze kwamanye amaSirayeli angama-70, uwanike amandla okunceda uMoses. Xa amabini kula madoda aqalisa ukuprofeta, uYoshuwa wavakalelwa kukuba oku kwakuphazamisana ngokungafanelekanga nokhokelo lukaMoses. UYoshuwa wafuna ukuwanqanda la madoda, kodwa uMoses ngokuthobeka waqiqa ngelithi: “Unekhwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti, waba uYehova ubeke uMoya wakhe kubo!” (Numeri 11:29) Ewe, uMoses wayevuya xa abanye befumana amalungelo enkonzo. Akazange ngekhwele alufunele kuye uzuko.
12. Yintoni eyanceda uYonatan waziphepha iimvakalelo zekhwele?
12 Umzekelo omhle wendlela uthando oluzoyisa ngayo iimvakalelo ezingafanelekanga zekhwele ezisenokubakho wabekwa nguYonatan, unyana kaKumkani uSawule wakwaSirayeli. UYonatan wayemele abe yindlalifa yetrone kayise, kodwa uYehova wayekhethe uDavide, unyana kaYese, ukuba abe ngukumkani olandelayo. Abaninzi ngebabemkhweletele uDavide ukuba babesezihlangwini zikaYonatan, bemgqala njengalowo bamele basukuzane naye. Noko ke, uthando lukaYonatan ngoDavide lwazithintela iimvakalelo ezinjalo ekubeni zimlawule. Akuva ngokufa kukaYonatan, uDavide wathi: “Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan; ubumnandi kakhulu kum; kubalulekile ukundithanda kwakho ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.”—2 Samuweli 1:26.
Eyona Mizekelo Ibalaseleyo
13. Ngubani owona mzekelo ubalaseleyo kumba wekhwele, yaye ngoba?
13 UYehova uThixo ngowona mzekelo ubalaseleyo walowo ukwazi ukulawula kwanekhwele elifanelekileyo. Iimvakalelo ezinjalo uzilawula ngokupheleleyo. Nakuphi na ukubonakalisa kukaThixo ikhwele ngalo lonke ixesha kuvisisana nothando, okusesikweni nobulumko bukaThixo.—Isaya 42:13, 14.
14. UYesu wamisela wuphi umzekelo ngokwahlukileyo kuSathana?
14 Umzekelo wesibini ngokubalasela walowo ubonisa ubuchule bokulawula ikhwele nguNyana kaThixo oyintanda, uYesu Kristu. “Wathi, esebumeni bukaThixo, [“ukulingana noThixo akakubawelanga kangangokude afune ukusunduzana naye,” TE].” (Filipi 2:6) Elinjani ukwahluka ikhondo kwelo lathatyathwa sisithunywa sezulu esinamabhongo esaba nguSathana uMtyholi! Ngokufanayo ‘nokumkani waseBhabheli’ ngekhwele uSathana wanqwenela ‘ukuzifanisa nOsenyangweni’ ngokuzimisa njengothixo olutshaba lukaYehova. (Isaya 14:4, 14; 2 Korinte 4:4) USathana wada wazama nokwenza uYesu ‘awe phantsi, aqubude’ kuye. (Mateyu 4:9) Kodwa akukho nto yayinokumshenxisa uYesu kwikhondo lokuthobeka lokuzithoba kulongamo lukaYehova. Ngokwahlukileyo kuSathana, uYesu “wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke [“kwasemthini wentuthumbo,” NW].” UYesu wakuphakamisa ukulunga kolawulo lukaYise, elichasa ngokupheleleyo ikhondo likaMtyholi lekratshi nekhwele. Ngenxa yokuthembeka kukaYesu, “uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba; zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise.”—Filipi 2:7-11.
Ukulawula Elakho Ikhwele
15. Kutheni sifanele sikuphaphele ukuthintela iimvakalelo zekhwele?
15 Ngokungafaniyo noThixo noKristu, amaKristu akafezekanga. Ekubeni enesono, maxa wambi asenokwenza izinto eqhutywa likhwele elibangelwa sisono. Ngoko ke, kunokuvumela ikhwele lisiqhubele ekubeni sigxeke omnye esikholwa naye ngenxa yentsilelo engephi okanye oko sicinga ukuba kuphosakele, kubalulekile ukuba sicamngce ngala mazwi aphefumlelweyo: “Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise?”—INtshumayeli 7:16.
16. Liliphi icebiso elihle ngekhwele elanikelwa kwinkupho yangaphambili yeli phephancwadi?
16 Kulo mbandela wekhwele, iThe Watch Tower kaMatshi 15, 1911, yalumkisa: “Ngoxa sifanele sibe nenzondelelo kakhulu, sibe nekhwele kakhulu kwinjongo yeNkosi, sekunjalo simele siqiniseke ukuba into asingomcimbi wobuqu; yaye sifanele siqwalasele ukuba ‘asigxuphuleki’ kusini na. Kwakhona ke, sifanele siqwalasele enoba umbandela othile ufanele usingathwe ngabadala kusini na okanye kungumsebenzi wethu ukuya kubadala. Sonke sifanele sibe nekhwele kakhulu ngenjongo yeNkosi nomsebenzi weNkosi, kodwa silumke kungabi luhlobo olubi . . . ngamanye amazwi, sifanele siqiniseke ukuba asikhweleteli omnye, kodwa sinekhwele ngomnye, sinekhwele ngezilangazelelo nentlalo-ntle yakhe.”—1 Petros 4:15.
17. Sinokuziphepha njani izenzo ezisisono zekhwele?
17 NjengamaKristu sinokuliphepha njani ikratshi, ikhwele nomona? Isicombululo kukuba sivumele umoya oyingcwele kaThixo usebenze ngokukhululekileyo ebomini bethu. Ngokomzekelo, kufuneka sithandazele umoya kaThixo noncedo lokubonisa iziqhamo zawo ezihle. (Luka 11:13) Sifanele sibekho kwiintlanganiso zamaKristu, ezivulwa ngomthandazo nezinomoya nentsikelelo kaThixo. Ngaphezu koko, kufuneka sifundisise iBhayibhile, eyaphefumlelwa nguThixo. (2 Timoti 3:16) Yaye kufuneka sibe nesabelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziwa ngamandla omoya oyingcwele kaYehova. (IZenzo 1:8) Ukunceda amanye amaKristu atyumkileyo ngenxa yamava athile angemnandi yenye indlela yokuzithoba kwimpembelelo entle yomoya kaThixo. (Isaya 57:15; 1 Yohane 3:15-17) Ukuzalisekisa zonke ezi mbopheleleko zamaKristu ngenzondelelo kuya kusinceda kusikhusele kwizenzo ezisisono zekhwele, kuba iLizwi likaThixo lithi: “Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.”—Galati 5:16.
18. Kutheni kungayi kusoloko kufuneka silwe neemvakalelo ezingafanelekanga zekhwele?
18 Uthando lubalwe kuqala phakathi kweziqhamo zomoya oyingcwele kaThixo. (Galati 5:22, 23) Ukubonakalisa uthando kuya kusinceda silawule utyekelo lwesono ngoku. Kodwa kuthekani ngekamva? Izigidi zabakhonzi bakaYehova zinethemba lobomi kwiParadisi yasemhlabeni eza kubakho, apho zinokukhangela phambili ekuphakanyisweni zifikelele ekubeni ngabantu abafezekileyo. Kwelo hlabathi litsha, kuya kulawula uthando yaye akuyi kubakho mntu uya kuvumela iimvakalelo ezingafanelekanga zekhwele zimlawule, kuba “nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.”—Roma 8:21.
Iingongoma Emasicamngce Ngazo
◻ UPawulos wasebenzisa wuphi umzekelo ukuze ancede ukulwisana nekhwele?
◻ Ikhwele linokuluphazamisa njani uxolo lwebandla?
◻ Abazali banokubaqeqesha njani abantwana babo bahlangabezane nekhwele?
◻ Sinokuziphepha njani izenzo ezisisono zekhwele?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Musa ukuvumela ikhwele liphazamise uxolo lwebandla
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Abazali banokubaqeqesha abantwana babo bahlangabezane neemvakalelo zekhwele