Khangela Abanyanisekileyo!
“Ngubani na ongayi kukoyika ngokwenene wena, Yehova, aze azukise igama lakho, ngenxa yokuba inguwe wedwa onyanisekileyo?”—ISITYHILELO 15:4.
1. Bubuphi ubungqina obanikelwa nguJ. F. Rutherford ngokunyaniseka kukaC. T. Russell, owayengumongameli ngaphambi kwakhe?
UJOSEPH F. RUTHERFORD, owaba ngumongameli weWatch Tower Society ngowe-1917 emva kukaC. T. Russell, watshayelela intetho yakhe kumngcwabo kaRussell ngokuthi: “UCharles Taze Russell ebenyanisekile kuThixo, enyanisekile kuKristu Yesu, enyanisekile kwinjongo yobukumkani bukaMesiya. Ebenyaniseke ngokusuka entliziyweni—ewe, unyaniseke de kwasekufeni.” Liyinyaniso elokuba, lawo yayingamazwi afanelekileyo okunik’ imbeko kumkhonzi othembekileyo kaYehova uThixo. Akakho amazwi okunik’ imbeko anokuthethwa ngothile ngaphandle kokuthi uye wahlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka, kwanokuba wayenyanisekile—enyaniseke ngokusuka entliziyweni.
2, 3. (a) Kutheni ukunyaniseka kulucelomngeni nje? (b) Ngoobani abaphume iphulo nxamnye namaKristu okwenyaniso azama ukuhlala enyanisekile?
2 Ukunyaniseka kulucelomngeni. Ngoba? Ngenxa yokuba ukunyaniseka kuchasene nokuzingca. Abona baphambili kubantu abanganyanisekanga kuThixo ngabefundisi beNgqobhoko. Kwakhona, ukunganyaniseki kwilungiselelo lomtshato namhlanje kwande ngendlela engazange ibonwe. Ukukrexeza kuyinto yomhla nezolo. Ukunganyaniseki kuxhaphakile nakwezoshishino. Ngokuphathelele oku, kuthiwa: “Abaphathi noosomashishini abaninzi abanamava . . . bakholelwa kwelokuba ngabantu abangachubekanga nabaziziyatha abanyanisekileyo kwiinkampani zabo namhlanje.” Abantu ‘abanyaniseke gqitha’ bajongelwa phantsi. Umongameli wequmrhu elinceda iinkampani ezifuna abantu bokuphatha amashishini azo uthi: “Ekuphela komntu ekufuneka unyaniseke kuye nguwe siqu.” Ukuthetha ngokunyaniseka kwisiqu sakho kukuyityeshela ngokupheleleyo intsingiselo yelo gama. Kusikhumbuza ngoko kubhalwe kuMika 7:2: “Udakile owenceba [onyanisekileyo, NW], akabakho ehlabathini.”
3 Ngendlela engazange ibonwe ngaphambili, uSathana needemon zakhe baphume iphulo nxamnye nathi, bazimisele ukusenza singanyaniseki kuThixo. Kungoko amaKristu exelelwa oku kumaEfese 6:12: “Sizamazama, kungekhona ngokunxamnye negazi nenyama, kodwa ngokunxamnye noorhulumente, ngokunxamnye namagunya, ngokunxamnye nabaphathi behlabathi bobu bumnyama, ngokunxamnye nemikhosi yomoya engendawo kwezasezulwini iindawo.” Ewe, kufuneka sithobele esi silumkiso: “Gcinani iingqiqo zenu, lindani. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ukuqwenga uthile.”—1 Petros 5:8.
4. Luluphi utyekelo olwenza kube nzima ukunyaniseka?
4 Enye into eyenza kube nzima ukunyaniseka lutyekelo esiluzuze ilifa kubazali bethu, njengoko lukhankanywe kwiGenesis 8:21: “Ukuyila kwentliziyo yomntu kubi”—yaye kokokuzingca—“kwasebutsheni bakhe.” Sonke sinengxaki awavumayo umpostile uPawulos ukuba wayenayo: “Okulungileyo endikunqwenelayo andikwenzi, kodwa okubi endingakunqweneliyo kuko endikuqheliselayo.”—Roma 7:19.
Ukunyaniseka Yinto Ekhethekileyo
5, 6. Yintoni enokuthethwa ngoko kukuko ukunyaniseka, yaye kuye kwachazwa njani?
5 “Ukunyaniseka” ligama elikhethekileyo kakhulu. Ngenxa yoko i-Insight on the Scriptures ithi: “Kubonakala kungekho gama lesiNgesi eliyichaza kakuhle intsingiselo yegama lesiHebhere nelesiGrike, kodwa ekubeni elithi ‘loyalty [ukunyaniseka]’ linengcamango yokuzinikela nokuthembeka, xa lisetyenziswa kuThixo nasekumkhonzeni, lidlulisela eyona ngcamango isondeleyo.”a Ngokuphathelele “ukunyaniseka” IMboniselo yakha yathi: “Ukuthembeka, imfanelo, uthando, imbopheleleko, ukuthobeka. La magama adibana ngantoni? Aziinkalo ezahlukahlukeneyo zokunyaniseka.” Ewe, ziimpawu ezintle ezininzi kodwa ziziinkalo ezahlukahlukeneyo zokunyaniseka. Kubaluleke ngenene ukuphawula indlela okunxityelelaniswa ngokufuthi ngayo ukunyaniseka nobulungisa eZibhalweni.
6 Iinkcazelo ezilandelayo zikwaluncedo: ‘Ukunyaniseka kusenokubonisa ukuthembeka nozinikelo oluqhubekayo olunokuthenjwa, olungaxengaxengiyo okanye olunganikezeliyo kwizilingo.’ ‘Ukunyaniseka kuthetha ukuthembeka kukabani kwisithembiso asenzileyo okanye ukuzinikela ngokuqhubekayo kwintlangano okanye kwimigaqo aziva ebophelelekile kuyo; eli gama alithethi ukunamathela nje kuphela kodwa likwathetha ukungavumi ukususwa nokushenxiswa koko unamathele kuko.’ Ngaloo ndlela, abantu abaqhubeka bethembekile phezu kwazo nje iimvavanyo, inkcaso nentshutshiso kufanele kuthiwe “banyanisekile.”
7. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kokunyaniseka nokuthembeka?
7 Noko ke, kusenokuba kuhle ukwenza umzekelo ngomahluko okhoyo phakathi kokunyaniseka nokuthembeka. Kwintshona yelaseUnited States, kukho umthombo obilayo odubula rhoqo emva kwesithuba esingangeyure. Ubusoloko ukwenza oku kangangokuba kuthiwa yiOld Faithful. IBhayibhile ithi izinto ezingaphiliyo ezifana nenyanga, zithembekile, kuba zinokuthenjwa. INdumiso 89:37 ithetha ngenyanga ‘njengengqina lasesibhakabhakeni elithembekileyo.’ Amazwi kaThixo kuthiwa athembekile. ISityhilelo 21:5 sithi: “Lowo uhleli etroneni wathi: ‘Khangelani! Zonke izinto ndizenza ntsha.’ Kanjalo, uthi: ‘Bhala, ngenxa yokuba la mazwi athembekile ibe ayinyaniso.’” Zonke ezi zinto zithembekile, zinokuthenjwa, kodwa azinako ukubonakalisa iimpawu ezintle okanye ezilungileyo, njengokunyaniseka.
UYehova, Obalaseleyo Ngokunyaniseka
8. Bubuphi ubungqina obungokweZibhalo obufanisa owona mzekelo mhle wokunyaniseka?
8 Ngaphandle kwamathandabuzo, uYehova uThixo ngoyena mzekelo mhle wokunyaniseka. UYehova ebenyanisekile kwisintu, wada wancama uNyana wakhe ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) KuYeremiya 3:12, sifunda oku: “Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba [ndinyanisekile, NW].” Amanye amazwi angqinela ukunyaniseka kukaYehova abhalwe kwiSityhilelo 16:5: “Wena, Lowo ukhoyo nowayekho, Lowo unyanisekileyo, ulilungisa.” Kwakhona, kwiNdumiso 145:17, sixelelwa oku: “Ulilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke, [“unyanisekile,” NW] ngezenzo zakhe zonke.” Eneneni, uYehova unyaniseke ngokubalaseleyo kangangokuba ISityhilelo 15:4 sithi: “Ngubani na ongayi kukoyika ngokwenene wena, Yehova, aze azukise igama lakho, ngenxa yokuba inguwe wedwa onyanisekileyo?” UYehova uThixo unyaniseke ngendlela engenakulinganiswa.
9, 10. Luluphi udumo lokunyaniseka awazenzela lona uYehova kwiinkqubano zakhe nohlanga lakwaSirayeli?
9 Imbali yohlanga lakwaSirayeli ngokukhethekileyo iqulethe intabalala yobungqina bokunyaniseka kukaYehova kubantu bakhe. Ngemihla yabaGwebi, uSirayeli walushiya izihlandlo ezininzi unqulo lokwenyaniso, kodwa izihlandlo ezininzi uYehova wayewasizela aze awahlangule. (ABagwebi 2:15-22) Ukutyhubela iinkulungwane ezintlanu ekwakukho ngazo ookumkani kwaSirayeli, uYehova wabonakalisa ukunyaniseka kolo hlanga.
10 Ukunyaniseka kukaYehova kwamenza wanomonde ngabantu bakhe, njengoko kubonisiwe kweyesi-2 yeziKronike 36:15, 16: “UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe. Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.”
11. Kusinika siphi isiqinisekiso okanye intuthuzelo ukunyaniseka kukaYehova?
11 Ngenxa yokuba uYehova ebalasele ngokunyaniseka, umpostile uPawulos wayenokubhala oku, njengoko amaRoma 8:38, 39 ebonisa: “Ndeyisekile kukuba kwanokufa nobomi neengelosi noorhulumente nezinto ezilapha ngoku nezinto eziza kuza namandla nomphakamo nobunzulu naso nasiphi na esinye isidalwa aziyi kuba nako ukusahlula eluthandweni lukaThixo olukuye uKristu Yesu iNkosi yethu.” Ewe, uYehova usiqinisekisa ngelithi: “Andiyi kuze nangayiphi na indlela ndikushiye, ndingayi kuze nangayipi na indlela ndikutyeshele.” (Hebhere 13:5) Ngenene, kuyathuthuzela ukwazi ukuba uYehova uThixo usoloko enyanisekile!
UYesu Kristu, UNyana Onyanisekileyo
12, 13. Bubuphi ubungqina esinabo ngokunyaniseka koNyana kaThixo?
12 Umntu owamxelisa ngokugqibeleleyo uYehova ekuhlangabezaneni nocelomngeni lokunyaniseka nguYesu Kristu yaye isekwanguye. Kwakufanelekile ukuba umpostile uPetros acaphule INdumiso 16:10 aze ayisebenzise kuYesu Kristu kwiZenzo 2:27: “Akuyi kuwushiya umphefumlo wam eHadesi, ungayi kumvumela nalowo unyanisekileyo wakho ukuba abone ukonakala.” UYesu Kristu ukufanele ukubizwa ngokuba ‘ngonyanisekileyo.’ Ngandlela zonke, unyanisekile kuYise nakuBukumkani bukaThixo obuthenjisiweyo. USathana waqalisa ukuzama ukwaphula ingqibelelo kaYesu ngokusebenzisa izilingo, efuna abonakalise ukuzingca. Akuba esilele kwelo, uMtyholi wabhenela kwintshutshiso, de ekugqibeleni wenza ukuba uYesu abulawe kwisibonda sentuthumbo. UYesu akazange ayeke ukunyaniseka kuYise wasezulwini, uYehova uThixo.—Mateyu 4:1-11.
13 UYesu Kristu ebenyanisekile kubafundi bakhe ngokuphathelele isithembiso sakhe esibhalwe kuMateyu 28:20: “Khangelani! ndikunye nani yonke imihla de kube sekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.” Ezalisekisa eso sithembiso, ngokunyanisekileyo ebelikhokela ibandla lakhe ukususela ngePentekoste yama-33 C.E. ukuza kuthi ga namhlanje.
Abantu Abangafezekanga Ababenyanisekile
14. UYobhi wamisela wuphi umzekelo wokunyaniseka?
14 Ngoku, kuthekani ngabantu abangafezekanga? Ngaba banokunyaniseka kuThixo? Sinomzekelo obalaseleyo kaYobhi. USathana wawenza wacaca ngokuphandle lo mbandela kwimeko yakhe. Ngaba uYobhi wayenyanisekile kuYehova uThixo, okanye ngaba wayemkhonza ngenxa yokuzingca? USathana waqhayisa ngelokuba wayenokwenza uYobhi amlahle uYehova ngokufaka uYobhi ezingxakini. Emva kokuba uYobhi ephulukene nazo zonke izinto awayenazo, abantwana bakhe bonke, kwanempilo yakhe, umfazi wakhe wambongoza esithi: “Mlahle uThixo, ufe.” Kodwa uYobhi wayenyanisekile, kuba wathi kuye: “Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.” (Yobhi 2:9, 10) Eneneni, kwabo babesithi bayamthuthuzela, uYobhi wathi: “Nokuba uthe [uThixo] wandibulala, ndolindela kuye.” (Yobhi 13:15) Akumangalisi ngoko ukuba uYehova wakholiswayo nguYobhi! Ngenxa yoko, uYehova wamxelela oku uElifazi wakwaTeman: “Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.”—Yobhi 42:7, 10-16; Yakobi 5:11.
15. Bubuphi ubungqina obungokweZibhalo esinabo ngokunyaniseka kwabakhonzi abaninzi bakaYehova uThixo?
15 Onke amadoda nabafazi bokholo abachazwe kumaHebhere isahluko 11 kunokuthethwa ngabo njengabanyanisekileyo. Babengathembekanga nje kuphela kodwa babenyanisekile naphantsi kweengcinezelo. Ngaloo ndlela, sifunda ngabo “abathi ngokholo . . . bavingca imilomo yeengonyama, baphelisa amandla omlilo, babaleka uhlangothi lwekrele . . . Ewe, abanye basifumana isilingo sabo ngokwenziwa intlekisa nokutyakatywa, eneneni, ngokungakumbi kunoko, ngemixokelelwane neentolongo. Baxulutywa ngamatye, balingwa, banqunqwa ngesarha, bafa ngokubulawa ngogonyamelo ngekrele, babehambahamba ngeemfele zeegusha, ngeemfele zeebhokhwe, ngoxa babeswele, besezimbandezelweni, bephatheke kabuhlungu.”—Hebhere 11:33-37.
16. Nguwuphi umzekelo wokunyaniseka owamiselwa ngumpostile uPawulos?
16 NeZibhalo zamaKristu zesiGrike zinomzekelo obalaseleyo wompostile uPawulos. Ngokufanelekileyo wayenokuthetha oku kumaKristu aseTesalonika ngokuphathelele ubulungiseleli bakhe: “Ningamangqina, noThixo ukwalilo, endlela esangqineka ngayo sinyanisekile yaye singamalungisa yaye singabangasolekiyo kuni makholwa.” (1 Tesalonika 2:10) Sinobungqina obungakumbi bokunyaniseka kukaPawulos kumazwi akhe abhalwe kweyesi-2 kwabaseKorinte 6:4, 5, apho sifunda oku: “Ngandlela zonke siyazincomela njengabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, ngeembandezelo, ngokuswela, ngeenzima, ngokubethwa, ngeentolongo, ngezidubedube, ngokubulaleka, ngokungalali ebusuku, ngamaxesha okungabi nakutya.” Konke oku kungqina ukuba umpostile uPawulos wayezihlonela kuba wayenyanisekile.
Abanyanisekileyo Kumhla Wethu
17. Ngawaphi amazwi kaJ. F. Rutherford awabonisa ukuba wayezimisele ukuhlala enyanisekile?
17 Xa sisiza kumhla wethu, sinomzekelo omhle esele siwuhlolisisile kwintshayelelo yethu. Phawula oko kuthethwa yincwadi ethi Ukunqabiseka Kwehlabathi Lonke Phantsi ‘KoMthetheli Woxolo,’ kwiphepha 146 ngaphantsi komxholwana othi “Ukunyaniseka Ebudeni Bexesha Lokuvalelwa Entolongweni.” Kuthiwa apho: “Ebonakalisa ukunyaniseka kwintlangano kaYehova ebudeni bexesha lakhe lokuvalelwa entolongweni, umongameli weWatch Tower Society, uJoseph F. Rutherford, ngoDisemba 25, 1918, wabhala okulandelayo: ‘Ngenxa yokuba ndikugatyile ukulalanisa kwiBhabhiloni, kodwa ngokuthembekileyo ndazama ukukhonza iNkosi yam, ndisentolongweni, nto leyo endenza ndibe nombulelo. . . . Ndikukhetha ngakumbi ukukholiseka nokuthandwa nguYe nokuba sentolongweni, kunokulalanisa okanye ukuyekelela kwiRhamncwa ndize ndikhululeke yaye ndiqhwatyelw’ izandla lihlabathi liphela.’”b
18, 19. Yiyiphi imizekelo ebalaseleyo yokunyaniseka esinayo kumhla wethu?
18 Sinemizekelo ebalaseleyo yokunyaniseka nakwamanye amaKristu amaninzi aye anyamezela intshutshiso. Phakathi kwabo bantu banyanisekileyo ngamaNgqina kaYehova aseJamani ebudeni bolawulo lwamaNazi, njengoko kuboniswe kwividiyo ethi Purple Triangles, esasazwe ngokubanzi ngolwimi lwesiNgesi. Abanye ababalaseleyo ngokunyaniseka ngamaNgqina kaYehova amaninzi anyanisekileyo aseAfrika, anjengawaseMalawi. Apho, omnye umlindi wentolongo wakuvuma ukunyaniseka kwamaNgqina, esithi: “Akasayi kuze alalanise. Aya esanda ngokwanda.”
19 Umntu akanakuzifunda iiYearbook of Jehovah’s Witnesses aze angachukumiseki kukunyaniseka okubonakaliswa ngamaKristu okwenyaniso, anjengawaseGrisi, eMozambiki nasePoland. Inkoliso yawo yanyamezela ukungcungcuthekiswa okumanyumnyezi; amanye abulawa. Iphepha 177 le-1992 Yearbook linemifanekiso yamadoda asithoba angamaKristu ase-Ethiopia awahlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka de abulawa. NjengamaNgqina kaYehova, ngaba asikuvuyeli ukuba nemizekelo emihle emininzi kangaka esikhuthazayo ukuba sihlangabezane nocelomngeni lokunyaniseka?
20. Uyintoni umphumo wokuhlala kwethu sinyanisekile?
20 Ngokuxhathisa izilingo neengcinezelo sinyanisekile, siye sizihlonele ngakumbi. Ngoko ke, sifuna ukuba ngakwicala likabani kwimbambano yokunyaniseka? Ngokuhlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka, sima ngakwicala likaYehova uThixo lembambano yaye singqina uSathana uMtyholi elixoki elikhulu nelinezothe! Ngaloo ndlela uMenzi wethu, uYehova uThixo uyakholiswa sithi, aze asivuze ngobomi obungunaphakade elonwabeni. (INdumiso 37:29; 144:15b) Okufunekayo ukuze sihlangabezane nocelomngeni lokunyaniseka kuza kuxutyushwa ngokulandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intyila-lwazi yeBhayibhile enemiqulu emibini epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
b Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Kutheni ukunyaniseka kulucelomngeni nje?
◻ Kutheni kunokuthiwa “ukunyaniseka” ligama elikhethekileyo kakhulu?
◻ Yiyiphi imizekelo engokweZibhalo esinayo yabantu abangafezekanga ababenyanisekile?
◻ Yiyiphi imizekelo emihle yokunyaniseka esinayo namhlanje?
[Umfanekiso okwiphepha 11]
UCharles Taze Russell
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UYesu ‘wayengonyanisekileyo’ kaYehova ngenene
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UYobhi, nangona wayengafezekanga, wangqineka enyanisekile kuThixo
[Umfanekiso okwiphepha 14]
UPawulos wamisela umzekelo omhle wokunyaniseka kuYehova