Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokunyaniseka
“Nifanele nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.”—EFESE 4:24.
1. Kutheni sifanele sinyaniseke kuYehova uThixo?
UKUHLANGABEZANA nocelomngeni lokunyaniseka kuziindlela ezahlukahlukeneyo. Okona kubalulekileyo kukuhlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka kuYehova uThixo. Ngenene, ngenxa yomntu anguye uYehova kwanoko asenzele kona, nangenxa yokuba sizahlulela kuye, sifanele sinyaniseke kuye. Sikubonakalisa njani ukunyaniseka kuYehova uThixo? Eyona ndlela iphambili kungokunyaniseka kwimigaqo kaYehova yobulungisa.
2, 3. Luluphi ulwalamano olukhoyo phakathi kokunyaniseka nobulungisa?
2 Ukuze sihlangabezane nolo celomngeni, simele sithobele amazwi afumaneka kweyoku-1 kaPetros 1:15, 16: “Ngokuvumelana naLowo uNgcwele wanibizayo, kanjalo yibani ngcwele nani kuyo yonke ihambo yenu, ngenxa yokuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Nimele nibe ngcwele, ngenxa yokuba mna ndingcwele.’” Ukunyaniseka kuYehova uThixo kuya kusenza simthobele maxa onke, sivisisanise iingcinga, amazwi nezenzo zethu nokuthanda kwakhe okungcwele. Kuthetha ukuhlala sinesazela esilungileyo, njengoko siyalelwa kweyoku-1 kuTimoti 1:3-5: “Ngokwenene injongo yolu yalo [lokungafundisi imfundiso eyahlukileyo okanye ukunikela ingqalelo kumabali obuxoki] luthando oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo noluphuma kwisazela esilungileyo noluphuma kukholo olungenaluhanahaniso.” Liyinyaniso elokuba, akukho namnye kuthi ofezekileyo, kodwa sifanele sizame ngamandla ethu onke, akunjalo na?
3 Ukunyaniseka kuYehova kuya kusenza sikuphephe ukuzingca ngokuthi silalanise kwimigaqo yobulungisa. Ngenene, ukunyaniseka kuya kusenza sikuphephe ukuba yenye into ngaphakathi siphinde sibe yenye ngaphandle. Umdumisi wayecinga ngokunyaniseka xa wavuma esithi: “Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, ndihambe ngenyaniso yakho; yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.” (INdumiso 86:11) Ukunyaniseka kuthetha ukwenza oko kuye kwachazwa ‘njengokuthobela oko kungenakunyanzeliswa.’
4, 5. Ukunyaniseka kuya kusithintela ekwenzeni siphi isenzo esiphosakeleyo?
4 Kwakhona ukunyaniseka kuYehova uThixo kuya kusenza sikuphephe ukwenza nanye into eya kwenza ligculelwe igama noBukumkani bakhe. Ngokomzekelo, amanye amaKristu amabini akha axabana de afikelela kwisigqibo esingesihle sokumangalelana kwinkundla yehlabathi. Umgwebi wawabuza, ‘Ngaba ningamaNgqina kaYehova nobabini?’ Kubonakala ukuba wayengasiqondi kakuhle isizathu sokuba amangalelane. Olunjani lona ugculelo olwabangelwa koko! Ukunyaniseka kuYehova uThixo ngekwakwenze abo bazalwana bathobele isiluleko sompostile uPawulos esithi: “Ngokwenene, ngoko, kuthetha ukoyiswa kwenu ngokupheleleyo ukuba nimangalelane. Kutheni kunoko ningase niziyekele nenziwe ububi? Kutheni kunoko ningase niziyekele niqhathwe?” (1 Korinte 6:7) Ngokuqinisekileyo, ikhondo lokunyaniseka kuYehova uThixo kukuvuma ukuba kulahlekelwe thina kunokuba sizise ugculelo kwigama nakwintlangano kaYehova.
5 Kwakhona ukunyaniseka kuYehova uThixo kuquka ukungakuvumeli ukoyika umntu. “Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.” (IMizekeliso 29:25) Ngoko, asilalanisi xa sijamelana nentshutshiso, kunoko silandela umzekelo wamaNgqina kaYehova akwindawo eyayisakuba yiSoviet Union, aseMalawi, e-Ethiopia, nakwamanye amazwe amaninzi.
6. Ukunyaniseka kuya kusenza siphephe ukunxulumana noobani?
6 Ukuba sinyanisekile kuYehova uThixo, siya kukuphepha ukwakha ubuhlobo nabo bonke abaziintshaba zakhe. Kungoko umfundi uYakobi wabhala oku: “Bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo kunye nehlabathi bubutshaba kunye noThixo? Nabani na, ke ngoko, ofuna ukuba ngumhlobo wehlabathi uzimisa njengotshaba lukaThixo.” (Yakobi 4:4) Sifuna ukubonakalisa ukunyaniseka awazingqina enako uKumkani uDavide xa wathi: “Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova, ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe? Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo, kum mna baziintshaba.” (INdumiso 139:21, 22) Asifuni ukunxulumana nabantu abona ngabom, kuba akukho nto isidibanisa nabo. Ngaba ukunyaniseka kuThixo bekungayi kusenza sikuphephe ukunxulumana neentshaba zikaYehova ezinjalo, enoba ngokoqobo okanye ngokubukela umabonwakude?
Ukumela UYehova
7. Ukunyaniseka kuya kusinceda senze ntoni ngokuphathelele uYehova, yaye uElihu wakwenza njani oku?
7 Ukunyaniseka kuya kusishukumisela ekubeni simmele uYehova uThixo. Onjani wona ukuba mhle umzekelo esawumiselwa nguElihu! UYobhi 32:2, 3 usixelela oku: “Wavutha umsindo kaElihu . . . wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo. Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile [uThixo, NW].” KuYobhi isahluko 32 ukusa kwesama-37, uElihu umela uYehova. Ngokomzekelo, wathi: “Khawenze kuhle, ndikutyele; kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo. . . . Ndimnike ubulungisa umenzi wam. . . . Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa.”—Yobhi 36:2-7.
8. Kutheni kufuneka simmele uYehova?
8 Kutheni kufuneka simmele uYehova? Namhlanje, uThixo wethu uYehova unyeliswa ngeendlela ezininzi gqitha. Kuthiwa akakho, uyinxalenye kaBathathu Emnye, uthuthumbisa abantu ngonaphakade kwisihogo somlilo, akenzi mgudu waneleyo ukuguqula ihlabathi, akalukhathalelanga uluntu, njalo njalo. Ukunyaniseka kwethu kuye sikubonakalisa ngokummela nangokungqina ukuba uYehova ukho; yaye unguThixo onobulumko, osesikweni, owongamileyo nonothando; kwanokuba yonke into inexesha layo kuye; kwanokuba xa lifika ixesha alimisileyo, uya kuphelisa bonke ubungendawo aze enze wonke umhlaba ube yiparadisi. (INtshumayeli 3:1) Oku kufuna sisebenzise onke amathuba okunikela ubungqina ngegama noBukumkani bukaYehova.
Ukunyaniseka Kwintlangano KaYehova
9. Yiyiphi imibandela eyenze abathile bazingqina benganyanisekanga?
9 Ngoku sifikelela kumbandela wokunyaniseka kwintlangano kaYehova ebonakalayo. Kakade ke, sifanele sinyaniseke nakuyo, kuquka “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” ekusetyenziswa lona ukondla ibandla lamaKristu ngokomoya. (Mateyu 24:45-47) Masithi kuvela into esingayiqondi kakuhle okanye esingavumelaniyo nayo okwangoku kwiimpapasho zeWatch Tower. Yintoni esiya kuyenza? Ngaba siya kukhubeka size siyishiye intlangano? Abathile bakwenza oko kwiminyaka emininzi eyadlulayo, xa IMboniselo yabonisa ukuba umnqophiso omtsha usebenza kwiWaka Leminyaka. Abanye bakhubeka koko kwakha kwathethwa yiMboniselo kumbandela wobundilele. Ukuba abo bakhubekayo ngenxa yale mibandela babenyanisekile kwintlangano nakubazalwana babo, ngebabelindele kuYehova ukuba ayicacise le mibandela, nto leyo awayenzayo ngexesha lakhe elifanelekileyo. Ngaloo ndlela, ukunyaniseka kuquka ukulinda ngomonde de ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lipapashe ulwazi olubhekele phaya.
10. Ukunyaniseka kuya kusenza siphephe ukufuna ukwazi ntoni?
10 Ukunyaniseka kwintlangano kaYehova ebonakalayo kukwathetha ukungabi nanto yakwenza nabawexuki. AmaKristu anyanisekileyo akayi kuba nomdla wokwazi izinto ezithethwa ngabantu abanjalo. Liyinyaniso elokuba, abo basetyenziswa nguYehova uThixo ukuba balathise umsebenzi wakhe emhlabeni abafezekanga. Kodwa iLizwi likaThixo lithi masenze ntoni? Ngaba lithi masishiye intlangano kaThixo? Akunjalo. Umsa wobuzalwana ufanele usenze sihlale sinyanisekile kuyo, yaye sifanele siqhubeke ‘sithandana kakhulu ngokusuka entliziyweni.’—1 Petros 1:22.
Ukunyaniseka Kubadala Abanyanisekileyo
11. Ukunyaniseka kuya kusinceda sizilinde nxamnye naziphi iingcinga ezingakhiyo?
11 Xa kuthethwe okanye kwenziwe into ebandleni esikufumanisa kunzima ukuyiqonda, ukunyaniseka kuya kusenza sikuphephe ukuhlaba amadlala yaye kuya kusinceda siqiqe ngelokuba oko kungumbandela ofuna kusetyenziswe ingqiqo. Ngaba akuyiyo eyona nto ilungileyo ukubalaselisa iimpawu ezintle zabadala abamiselweyo nezamanye amakholwa kunokubalaselisa iimpazamo zabo? Ewe, sifuna ukuzilinda nxamnye neengcinga ezingakhiyo, kuba zinento yokwenza nokunganyaniseki! Kwakhona ukunyaniseka kuya kusinceda sithobele ulwalathiso lukaPawulos ‘lokungathethi kakubi nangabani na.’—Tito 3:1, 2.
12, 13. Luluphi ucelomngeni olukhethekileyo ekufuneka bajamelane nalo abadala?
12 Ukunyaniseka kwiinkalo ezithile kulucelomngeni kubadala. Olunye lolu celomngeni ngumbandela wokugcina amahlebo. Ilungu lebandla lisenokuzityand’ igila kumdala othile. Ukunyaniseka kuloo mntu kuya kwenza loo mdala akuphephe ukwaphula umgaqo wokugcina amahlebo. Uya kuthobela isiluleko esikwiMizekeliso 25:9: “Ucweyo lomnye musa ukuluhlakaza.” Oko kukwaquka nomfazi wakhe!
13 Abadala bafanele bahlangabezane nezinye iimvavanyo zokunyaniseka. Ngaba baya kukholisa abantu, okanye ngaba ngenkalipho nangomonde baya kubanceda abo bafuna ukulungiswa, kwanokuba bazizalamane zabo okanye abahlobo abasenyongweni? Ukunyaniseka kwintlangano kaYehova kuya kwenza abo kuthi bangabadala bazame ukunceda nawuphi na ofuna uncedo lokomoya. (Galati 6:1, 2) Ngoxa siya kuba nobuhlobo, ukunyaniseka kuya kusenza singafihli nto kubadala esikhonza nabo, kanye njengokuba uPawulos wathetha ngokuphandle nompostile uPetros. (Galati 2:11-14) Kwelinye icala, abaveleli kufuneka balumke, ukuba benza izinto ngobuyatha okanye babonakalisa ikhethe okanye ngandlel’ ithile balisebenzisa kakubi igunya labo, bakwenza kube nzima ngabo bangaphantsi kubo ukunyaniseka kwintlangano kaThixo.—Filipi 4:5.
14, 15. Ngabaphi oothunywashe abasenokuvavanya ukunyaniseka kwamalungu ebandla?
14 Kukho nezinye iinkalo kumbandela wokuhlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka kwibandla nakubadala balo. Ukuba kukho iingxaki ezithile ebandleni, oku kusinika ithuba lokubonakalisa ukunyaniseka kuYehova nakwabo abasebenzisayo. (Bona IMboniselo, kaJuni 15, 1987, iphepha 15-17.) Xa kukho umntu osusiweyo kubudlelane, ukunyaniseka kuthetha ukuba sifanele sibaxhase abadala, singazami ukufumanisa enoba besifanelekile kusini na isenzo esithatyathiweyo.
15 Ukunyaniseka kwibandla kukwathetha ukuba sifanele sizixhase kangangoko sinako zonke iintlanganiso ezintlanu zeeveki ngeeveki. Ukunyaniseka kufuna singayi rhoqo nje kuphela kodwa sizilungiselele size sinikele amagqabaza akhayo xa ithuba livela.—Hebhere 10:24, 25.
Ukunyaniseka Emtshatweni
16, 17. Luluphi ucelomngeni lokunyaniseka ekufuneka ahlangabezane nalo amaKristu atshatileyo?
16 Ngubani omnye esifanele sinyaniseke kuye? Ukuba sitshatile, ngenxa yezibhambathiso zethu zomtshato, kufuneka sihlangabezane nocelomngeni lokunyaniseka kumaqabane ethu omtshato. Ukunyaniseka kumaqabane ethu kuya kusenza sikuphephe ukwenza impazamo yokuba nobubele ngakumbi kwamanye amabhinqa okanye amadoda kunokuba sinjalo kubafazi okanye amadoda ethu. Kwakhona ukunyaniseka kumaqabane ethu kuthetha ukuba asifanele sibubhence kwabanye abantu ubuthathaka okanye iimpazamo zamaqabane ethu. Kulula ngakumbi ukukhalaza kwabanye kunokusebenza nzima ukugcina amaqhina onxibelelwano namaqabane ethu evulekile, nto leyo esifanele siyenze ngokuvisisana noMthetho Omkhulu. (Mateyu 7:12) Eneneni, umtshato ulucelomngeni lokwenene kumbandela wokunyaniseka kwethu njengamaKristu.
17 Ukuze sikwazi ukuhlangabezana nolu celomngeni lokunyaniseka, asifanele siphephe nje ukuba netyala lesono esinzulu kuphela kodwa sikwamele sizilinde iingcinga neemvakalelo zethu. (INdumiso 19:14) Ngokomzekelo, ukuba iintliziyo zethu ezinenkohliso zilangazelela ulonwabo neziyolo, kunokuba lula ngathi ukuba ngokuzingca siqale ngokuzikhangela ezo zinto siphele sele sizinqwenela. Ekhuthaza ukunyaniseka emtshatweni, uKumkani uSolomon ululeka amadoda ukuba ngokufuziselayo ‘asele amanzi kumaqula awo.’ (IMizekeliso 5:15) Ibe uYesu wathi: “Wonk’ ubani othi gqolo ekhangela umfazi khon’ ukuze abe nenkanuko ngaye sele ekrexezile naye entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) Amadoda athanda izinto ezibonisa amanyala azibeka esichengeni sokukrexeza, ngaloo ndlela angathembeki ebafazini bawo yaye anganyaniseki kubo. Ngokufanayo, umfazi othanda ukubukela amabali obuhenyu unokujamelana nesilingo sokunganyaniseki endodeni yakhe. Noko ke, ngokunyaniseka ngenene kumaqabane ethu, someleza amaqhina emitshato yethu, yaye siyancedana kwimigudu yethu yokukholisa uYehova uThixo.
Uncedo Lokuhlala Unyanisekile
18. Kukuqonda ntoni okuya kusinceda sihlale sinyanisekile?
18 Yintoni eya kusinceda sikwazi ukuhlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka kwezi nkalo zine: ukunyaniseka kuYehova, kwintlangano yakhe, kwibandla nakumaqabane ethu omtshato? Enye into enokusinceda kukuqonda ukuba ukuhlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka kunento yokwenza nokuthethelelwa kolongamo lukaYehova. Ewe, ngokuhlala sinyanisekile sibonisa ukuba uYehova simgqala njengoMongami Wendalo iphela. Ngaloo ndlela sinokuba nokuzihlonela nethemba lobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaYehova. Okunye okunokusinceda sihlale sinyanisekile kukuhlolisisa imizekelo emihle yokunyaniseka, ukususela kuYehova ukuya kutsho kwabo bakhankanywe eBhayibhileni nakwiimpapasho zethu zeWatch Tower, kuquka iingxelo ezikwiYearbook.
19. Ukholo luphumeza yiphi indima ekuhlaleni kwethu sinyanisekile?
19 Ukholo olomeleleyo kuYehova uThixo nokoyika ukungamkholisi kuya kusinceda sihlangabezane nocelomngeni lokunyaniseka. Ngokufundisisa iLizwi likaThixo ngenkuthalo nangokuba nenxaxheba kubulungiseleli bamaKristu, someleza ukholo noloyiko lwethu ngoYehova. Oku kuya kusinceda senze ngokuvisisana nesiluleko sikaPawulos esibhalwe kumaEfese 4:23, 24: “Nifanele nenziwe batsha kumandla aqhuba ingqondo yenu, yaye nifanele nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.”
20. Ngaphezu koko, luluphi uphawu oluya kusinceda sinyaniseke kuYehova nakubo bonke esifanele sinyaniseke kubo?
20 Ukuziqonda iimpawu zikaYehova kuyasinceda sihlale sinyanisekile. Ngaphezu koko, uthando lokungazingci ngoBawo wethu wasezulwini nokuba nombulelo ngako konke asenzele kona, ukumthanda ngentliziyo, ngomphefumlo, ngengqondo, nangamandla ethu ephela kuya kusinceda sihlale sinyanisekile kuye. Ngokubhekele phaya, ukuba nothando awathi uYesu lwaluya kufanisa abalandeli bakhe kuya kusinceda sinyaniseke kuwo onke amaKristu asebandleni nasentsatsheni yethu. Ngamanye amazwi, eneneni oku kungumbandela wokuzingca okanye wokungazingci. Ukunganyaniseki kuthetha ukuzingca. Ukunyaniseka kuthetha ukungazingci.—Marko 12:30, 31; Yohane 13:34, 35.
21. Unokushwankathelwa njani umbandela wokuhlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka?
21 Ukushwankathela: Ukunyaniseka luphawu olubalaseleyo olubonakaliswa nguYehova uThixo, uYesu Kristu, nangabo bonke abakhonzi bakaYehova bokwenyaniso. Ukuze sibe nolwalamano oluhle noYehova uThixo, simele sihlangabezane nocelomngeni lokunyaniseka kuye ngokuphila ngokuvisisana neemfuneko zakhe zobulungisa, ngokungabi nanto yakwenza neentshaba zakhe, nangokummela uYehova xa sinikela ubungqina ngokucwangcisiweyo nangokungacwangciswanga. Kwakhona simele sihlangabezane nocelomngeni lokunyaniseka kwintlangano kaYehova ebonakalayo. Simele sinyaniseke kumabandla ethu yaye sinyaniseke kumaqabane ethu omtshato. Ngokuhlangabezana nocelomngeni lokunyaniseka ngempumelelo, siya kuba nesabelo ekuthetheleleni ulongamo lukaYehova, yaye siya kuba sizimisa ngakwicala lakhe. Ngaloo ndlela uya kukholiswa sithi yaye uya kusivuza ngobomi obungunaphakade. Ukuhlangabezana kwethu nocelomngeni lokunyaniseka kusenokuthetha into enye noko kwathethwa ngumpostile uPawulos ngozinikelo lobuthixo. Kuyingenelo kubomi esibuphilayo ngoku nakobo buzayo.—INdumiso 18:25; 1 Timoti 4:8.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Sinokuhlangabezana njani nocelomngeni lokunyaniseka kuThixo?
◻ Kufuneka ntoni kuthi ukuze sinyaniseke kwintlangano kaYehova?
◻ Abadala banokuhlangabezana njani nocelomngeni lokunyaniseka?
◻ Luluphi ucelomngeni oluphathelele ukunyaniseka amele ahlangabezane nalo amaKristu atshatileyo?
◻ Ziziphi iimpawu eziya kusinceda sihlangabezane nocelomngeni lokunyaniseka?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ukunyaniseka kumalungu ebandla kuya kwenza abadala bakuphephe ukudiza amahlebo
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ukunyaniseka komntu kwiqabane lakhe komeleza iqhina lomtshato