“Dumisani UYa, Nina Bantu!”
“Yonke into ephefumlayo mayimdumise uYehova.”—INDUMISO 150:6.
1, 2. (a) Bakhula kangakanani ubuKristu bokwenyaniso ngenkulungwane yokuqala? (b) Sisiphi isilumkiso esanikelwa kwangaphambili ngabapostile? (c) Lwavela njani uwexuko?
UYESU walungelelanisa abafundi bakhe baba libandla lamaKristu, elathi lakhula ngenkulungwane yokuqala. Ngoxa lwaluchaswe ngokukrakra unqulo lwabo, ‘iindaba ezilungileyo zashunyayelwa kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’ (Kolose 1:23) Kodwa emva kokufa kwabapostile bakaYesu Kristu, uSathana ngobuqhophololo waphembelela uwexuko.
2 Abapostile babesele belumkise kwangaphambili ngoku. Ngokomzekelo, uPawulos wabaxelela oku abadala base-Efese: “Nikelani ingqalelo kuni ngokwenu nakuwo wonke umhlambi, ekuthe phakathi kwawo umoya oyingcwele wanimisela nangabaveleli, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, elo walithenga ngegazi lowakhe uNyana. Ndiyazi ukuba emva kokumka kwam iingcuka ezicinezelayo ziya kungena phakathi kwenu yaye aziyi kuwuphatha ngofefe umhlambi, kwaye phakathi kwenu ngokwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (IZenzo 20:28-30; kwakhona bona eyesi-2 kaPetros 2:1-3; 1 Yohane 2:18, 19.) Ngaloo ndlela, ngenkulungwane yesine, ubuKristu bowexuko baqalisa ukudibana noBukhosi baseRoma. Emva kweenkulungwane ezithile uBukhosi baseRoma Obungcwele, awayeyinxalenye yabo upopu waseRoma, balawula inxalenye enkulu yoluntu. Ekuhambeni kwexesha, uHlaziyo lwamaProtestanti lwavukela nxamnye nokwanda kobungendawo kwiCawa yamaKatolika, kodwa lwasilela ukubuyisela ubuKristu bokwenyaniso.
3. (a) Zashunyayelwa nini yaye njani iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo? (b) Luluphi ulindelo olusekelwe eBhayibhileni olwazalisekayo ngowe-1914?
3 Sekunjalo, ngasekupheleni kwenkulungwane ye-19, iqela elinyanisekileyo labafundi beBhayibhile laphinda laxakeka ekushumayeleni nasekusasazeni ‘ithemba leendaba ezilungileyo kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’ Ngokusekelwe kufundisiso lwalo lwesiprofeto seBhayibhile, kwiminyaka engama-30 ngaphambili eli qela lathi unyaka we-1914 lixesha lokuphela ‘kwamaxesha amisiweyo eentlanga,’ ithuba ‘lamaxesha asixhenxe,’ okanye iminyaka engama-2 520, eyaqalisa ngokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. (Luka 21:24; Daniyeli 4:16) Kuzaliseka oko lalikulindele, owe-1914 wangqineka elixesha lokuguquka kweemeko zoluntu emhlabeni. Nasezulwini kwenzeka iziganeko ezingokwembali. UKumkani wamaphakade wambeka ngelo xesha uKumkani osisinxulumani sakhe, uYesu Kristu, kwitrone yasezulwini, elungiselela ukutshayela bonke ubungendawo kulo mhlaba nokubuyisela iParadisi.—INdumiso 2:6, 8, 9; 110:1, 2, 5.
Khangela UKumkani OnguMesiya!
4. UYesu wayizalisekisa njani intsingiselo yegama lakhe elithi Mikayeli?
4 Ngowe-1914 lo Kumkani unguMesiya, uYesu, wathabatha amanyathelo. EBhayibhileni ukwabizwa ngokuba nguMikayeli, okuthetha ukuthi “Ngubani OnjengoThixo?,” kuba uzimisele ukuthethelela ulongamo lukaYehova. Njengoko kubhaliwe kwiSityhilelo 12:7-12, esebenzisa umbono umpostile uYohane wachaza okwakuza kwenzeka: “Kwaqhambuka imfazwe ezulwini: UMikayeli neengelosi zakhe balwa idabi nenamba, nenamba nezayo iingelosi yalwa idabi kodwa ayizange yoyise, azabi safunyanelwa ndawo ezulwini. Ngoko yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi noSathana, olahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.” Saba sikhulu ngenene isithonga sokuwa kwayo!
5, 6. (a) Emva kowe-1914, sisiphi isigidimi esichulumancisayo esenziwa ezulwini? (b) Unxibelelene njani uMateyu 24:3-13 noku?
5 Emva koko ilizwi elikhulu eliphuma ezulwini lavakalisa oku: “Ngoku lufikile usindiso namandla nobukumkani boThixo wethu negunya likaKristu wakhe, ngenxa yokuba uye waphoswa phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, obamangalela imini nobusuku phambi koThixo wethu! Yaye [amaKristu athembekileyo] bamoyisile ngenxa yegazi leMvana [uKristu Yesu] nangenxa yelizwi lokungqina kwabo, ibe abayithandanga imiphefumlo yabo kwanaxa bejamelene nokufa.” Oku kuthetha ukusindiswa kwabagcini bengqibelelo, abaye banokholo kwidini lentlawulelo elixabisekileyo likaYesu.—IMizekeliso 10:2; 2 Petros 2:9.
6 Eli lizwi likhulu liphuma ezulwini lahlabela mgama lathi: “Ngenxa yoku chulumancani, nina mazulu nani nihlala kuwo! Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo omkhulu, esazi ukuba unesihlandlo esifutshane sexesha.” Ngoko loo “yeha” owaprofetwayo ngokuphathelele umhlaba ebebonakala kwiimfazwe zehlabathi, iindlala, iindyikitya zokufa, iinyikima zomhlaba nolwaphulo-mthetho obeluthwaxa umhlaba kule nkulungwane. Njengoko uMateyu 24:3-13 ebonisa, uYesu waxela kwangaphambili ukuba ezi zinto ziya kuba yinxalenye ‘yomqondiso wokuqosheliswa kwenkqubo yezinto.’ Kuzaliseka eso siprofeto, ukususela ngowe-1914, uluntu olusemhlabeni beluthwaxwa nguyeha ongazange abonwe kwimbali yabantu.
7. Kutheni amaNgqina kaYehova eshumayela enemvo yongxamiseko?
7 Kweli xesha likayeha obangelwa nguSathana, ngaba uluntu lunokulifumana ithemba ngekamva? Ewe, kuba uMateyu 12:21 uthi ngoYesu: “Eneneni, iintlanga ziya kuthembela egameni lakhe”! Amasikizi enzekayo phakathi kweentlanga ‘akangomqondiso wokuqosheliswa kwenkqubo yezinto’ nje kuphela kodwa ‘akwangumqondiso wobukho bukaYesu’ njengoKumkani wasezulwini woBukumkani obungoMesiya. Ethetha ngobo Bukumkani, uYesu uhlabela mgama esithi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Ngabaphi ekuphela kwabantu emhlabeni namhlanje abashumayela ithemba elizukileyo lolawulo loBukumkani bukaThixo? NgamaNgqina kaYehova! Enemvo yongxamiseko, avakalisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu ukuba uBukumkani bukaThixo bobulungisa noxolo sele buza kuyithabathela kubo imicimbi yomhlaba. Ngaba unesabelo kobu bulungiseleli? Alikho ilungelo elingaphezu kwelo!—2 Timoti 4:2, 5.
“Ukuphela” Kufika Njani?
8, 9. (a) Waqala njani umgwebo “ngendlu kaThixo”? (b) INgqobhoko ilityeshele njani iLizwi likaThixo?
8 Abantu banamhlanje baphila kwixesha lomgwebo. Kweyoku-1 kaPetros 4:17 sixelelwa ukuba umgwebo waqalisa “ngendlu kaThixo”—umgwebo weentlangano ezithi zezamaKristu obuqhubeka ukususela ekuqaleni ‘kwemihla yokugqibela’ ngembubhiso yeMfazwe Yehlabathi I ebudeni bowe-1914-18. Iqhube njani iNgqobhoko kulo mgwebo? Kaloku, khawucinge ngoko kwenziwa ziicawa ukuxhasa iimfazwe ukususela ngowe-1914. Ngaba abefundisi abadyobhekanga ‘ligazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa’ ababeyishumayeza ukuba iye emfazweni?—Yeremiya 2:34.
9 Ngokutsho kukaMateyu 26:52, uYesu wathi: “Bonke abo bathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” Kwenzeke kanye oko kwiimfazwe zale nkulungwane! Abefundisi bebebongoza abafana ukuba baye kubulala abanye abafana, kwanabo bonqulo lwabo—amaKatolika ebulala amaKatolika namaProtestanti ebulala amaProtestanti. Ubuzwe benziwe bongama kunoThixo noKristu. Kutshanje, kwamanye amazwe aseAfrika, amaqhina obuzwe ankqenkqeza phambili kunemigaqo yeBhayibhile. ERwanda, apho inkoliso yabemi ingamaKatolika, kwabulawa ubuncinane isiqingatha sesigidi kugonyamelo lobuzwe. Upopu wavuma kwiphephandaba laseVatican i-L’Osservatore Romano esithi: “Oku kukutshatyalaliswa ngokupheleleyo kohlanga, ngelishwa namaKatolika abekek’ ityala ngako.”—Thelekisa uIsaya 59:2, 3; Mika 4:3, 5.
10. UYehova uya kuphumeza wuphi umgwebo kunqulo lobuxoki?
10 UKumkani wamaphakade uzijonga njani iinkonzo ezikhuthaza abantu ukuba babulalane okanye ezingaphosi nelimdaka ngoxa amalungu emihlambi yazo ebulalana? Ngokuphathelele iBhabhiloni Enkulu, inkqubo yonqulo lobuxoki esehlabathini lonke, ISityhilelo 18:21, 24 sisixelela oku: “Ingelosi eyomeleleyo yaphakamisa ilitye elinjengelitye elikhulu lokusila yaza yaliphosa elwandle, isithi: ‘Ngaloo ndlela ngokugadlela okukhawulezileyo iBhabhiloni isixeko esikhulu iya kuphoselwa phantsi, ibe ayisayi kuze ifunyanwe kakhona. Ewe, kuso kwafunyanwa igazi labaprofeti nelabo bangcwele nelabo bonke abaye babulawa ngogonyamelo emhlabeni.’”
11. Ziziphi izinto ezimanyumnyezi ebezisenzeka kwiNgqobhoko?
11 Njengenzaliseko yesiprofeto seBhayibhile, bekusenzeka izinto ezimanyumnyezi kwiNgqobhoko. (Thelekisa uYeremiya 5:30, 31; 23:14.) Ubukhulu becala ngenxa yesimo sengqondo sabefundisi sokuvula-zibhuqe, imihlambi yabo inengxaki yokuziphatha okubi. EUnited States, ekuthiwa lilizwe lobuKristu, malunga nesiqingatha sayo yonke imitshato iyaqhawulwa. Ukukhulelwa kwabakwishumi elivisayo nobufanasini baphul’ izikeyi kumalungu eecawa. Abefundisi baxhaphaza abantwana abaselula—yaye oko abakwenzi nje izihlandlo ezimbalwa. Kuthiwa ukuba inokumangalelwa ngala matyala iCawa yamaKatolika yaseUnited States inokuhlawula iwaka lesigidi zeedola (izigidi ezingama-R3 600) kwithuba leminyaka elishumi. INgqobhoko isityeshele isilumkiso sompostile uPawulos esikweyoku-1 kwabaseKorinte 6:9, 10: “Intoni! Anazi na ukuba abantu abangengomalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Ningalahlekiswa. Abahenyuzi, nabanquli-zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda, namasela, nabantu ababawayo, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”
12. (a) UKumkani wamaphakade uya kuwathabatha njani amanyathelo nxamnye neBhabhiloni Enkulu? (b) Ngokwahlukileyo kwiNgqobhoko, abantu bakaThixo baya kubacula ngasiphi isizathu ‘ooHaleluya’?
12 Kungekudala, uKumkani wamaphakade, uYehova, uya kusebenzisa uMphumi-Mkhosi wakhe wasezulwini, uKristu Yesu, ukuqalisa imbandezelo enkulu. Okokuqala, iNgqobhoko nawo onke amasebe eBhabhiloni Enkulu aya kufikelwa ngumgwebo kaYehova. (ISityhilelo 17:16, 17) Akungqinile ukuba akalufanelanga usindiso olulungiselelwe nguYehova ngedini lentlawulelo likaYesu. Alingcolisile igama likaThixo elingcwele. (Thelekisa uHezekile 39:7.) Okunjani kona ukunyelisa akwenzayo xa ecula ‘ooHaleluya’ kwizindlu zawo zonqulo ezimbetshembetshe! Ayalishenxisa igama likaYehova elixabisekileyo kwiinguqulelo zawo zeBhayibhile kodwa kubonakala ukuba akaqondi ukuba ‘uHaleluya’ uthetha ukuba “Mdumiseni uYa”—“uYa” sisishunqulelo ‘sikaYehova.’ Ngokufanelekileyo, ISityhilelo 19:1-6 sinengxelo ‘yooHaleluya’ abaza kuculwa kungekudala kubhiyozelwa imigwebo kaThixo kwiBhabhiloni Enkulu.
13, 14. (a) Ziziphi iziganeko ezingenakulibaleka eziya kwenzeka ngokulandelayo? (b) Nguwuphi umphumo ovuyisayo ngabantu aboyik’ uThixo?
13 Emva koko uYesu uya ‘kufika’ ukuze avakalise aze aphumeze umgwebo kwiintlanga nabantu. Waprofeta esithi: “Xa uNyana womntu [uKristu Yesu] efika ekuzuko lwakhe, nazo zonke iingelosi zikunye naye, uya kwandula ke ahlale phantsi kwitrone yakhe [yomgwebo] ezukileyo. Kwaye zonke iintlanga [ezisemhlabeni] ziya kuhlanganiselwa phambi kwakhe, yaye uya kwahlula abantu omnye komnye, kanye njengokuba umalusi esahlula izimvu ezibhokhweni. Yaye uya kubeka izimvu ngakwisandla sakhe sasekunene, kodwa iibhokhwe ngasekhohlo kwakhe. Ngoko ukumkani uya kuthi kwabo bangasekunene kwakhe, ‘Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, budleni ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina ukususela ekusekweni kwehlabathi.’” (Mateyu 25:31-34) Indinyana 46 ihlabela mgama ichaza ukuba iibhokhwe ziya “kumka [ziye] kunqunyulo lukanaphakade, kodwa bona abangamalungisa baye ebomini obungunaphakade.”
14 Incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ichaza indlela “uKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi,” iNkosi yethu esezulwini, uYesu Kristu, aya kuphalisa ngayo kwimfazwe yeArmagedon, etshabalalisa amalungu enkqubo kaSathana yezobupolitika nezorhwebo. Ngoko uKristu uya kube ewuphalazile ‘umsindo wengqumbo kaThixo uSomandla’ kuyo yonke inxalenye yomhlaba elawulwa nguSathana. Njengoko ezi ‘zinto zangaphambili zidlula,’ abantu aboyik’ uThixo baya kungeniswa kwihlabathi elitsha elizukileyo apho uThixo aya “kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [abo].”—ISityhilelo 19:11-16; 21:3-5.
Ixesha Lokudumisa UYa
15, 16. (a) Kutheni kubalulekile ukuba sithobele ilizwi likaYehova lesiprofeto? (b) Abaprofeti nabapostile bathi sifanele senze ntoni ukuze sisinde, yaye oku kunokuthetha ntoni ngezihlwele namhlanje?
15 Isondele imini yokuphunyezwa komgwebo! Ngoko, senza kakuhle xa silithobela ilizwi lesiprofeto loKumkani wamaphakade. Kwabo basabandakanyeke kwiimfundiso namasiko onqulo lobuxoki, ilizwi eliphuma ezulwini lithi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuba anifuni kwabelana nayo ngezono zayo, yaye ukuba anifuni kwamkela inxalenye yezibetho zayo.” Kodwa bamele basabele phi abantu? Inyaniso imele ibe nye kuphela, ngoko lunye kuphela unqulo oluyinyaniso. (ISityhilelo 18:4; Yohane 8:31, 32; 14:6; 17:3) Ukuze sifumane ubomi obungunaphakade kufuneka sifumane olo nqulo size sithobele uThixo walo. IBhayibhile isalathisela kuye kwiNdumiso 83:18, efundeka ngolu hlobo: “Wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke.”
16 Noko ke, simele senze okungakumbi kunokwazi igama loKumkani wamaphakade kuphela. Kufuneka sifundisise iBhayibhile size sifunde ngeempawu neenjongo zakhe ezizukileyo. Emva koko kufuneka senze ukuthanda kwakhe namhlanje, njengoko kubonisiwe kumaRoma 10:9-13. Umpostile uPawulos wacaphula abaprofeti ababephefumlelwe waza waqukumbela ngelithi: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” (Yoweli 2:32; Zefaniya 3:9) Ngaba bosindiswa? Ewe, izihlwele eziphilayo namhlanje nezinokholo kwilungiselelo likaYehova lentlawulelo ngoKristu ziya kusindiswa kwimbandezelo enkulu ezayo, xa kugwetywa ihlabathi elonakeleyo likaSathana.—ISityhilelo 7:9, 10, 14.
17. Liliphi ithemba elizukileyo elifanele lisishukumisele ekubeni sithelele ngoku ekuculeni ingoma kaMoses neMvana?
17 Kuyintoni ukuthanda kukaThixo ngabo banqwenela ukusinda? Kukuba sithelele ngoku ekuvumeni ingoma kaMoses neMvana, sidumisa uKumkani wamaphakade silindele uloyiso lwakhe. Oku sikwenza ngokuxelela abanye ngeenjongo zakhe ezizukileyo. Njengokuba sihambela phambili kulwazi lweBhayibhile, sahlulela ubomi bethu kuKumkani wamaphakade. Oko kuya kukhokelela ekubeni siphile ngonaphakade kwilungiselelo elichazwa ngulo Kumkani unamandla, njengoko lichazwa kuIsaya 65:17-19: “Ndidala amazulu amatsha [UBukumkani BukaYesu UMesiya] nehlabathi elitsha [ibutho elitsha loluntu olungamalungisa]; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni. Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo.”
18, 19. (a) Amazwi kaDavide akwiNdumiso 145 afanele asishukumisele ekwenzeni ntoni? (b) Yintoni esinokuyilindela sinentembelo kuYehova?
18 Umdumisi uDavide wamchaza uKumkani wamaphakade ngala mazwi: “Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu; ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa.” (INdumiso 145:3) Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa njengemida yesibhakabhaka nobunaphakade! (Roma 11:33) Ngoxa siqhubeka sizondla ngolwazi olungoMdali wethu nangelungiselelo lakhe lentlawulelo ngoNyana wakhe, uKristu Yesu, kufuneka simdumise uKumkani wethu wamaphakade ngakumbi kunangaphambili. Kufuneka senze njengoko INdumiso 145:11-13 ichaza: “Uzuko lobukumkani bakho balutsho, bathethe ngobugorha bakho. Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe, ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe. Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke, nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.”
19 Ngentembelo sinokulindela ukuba uThixo wethu uya kulizalisekisa idinga lakhe: “Uyasivula isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.” Lo Kumkani wamaphakade uya kusikhokela ngobubele de siphume kule mihla yokugqibela, kuba uDavide usiqinisekisa ngelithi: “UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, abatshabalalise bonke abangendawo.”—INdumiso 145:16, 20.
20. Usabela njani kwisimemo soKumkani wamaphakade, esivakaliswe kwiindumiso ezintlanu zokugqibela?
20 Nganye kwiindumiso ezintlanu zokugqibela eziseBhayibhileni ziqala zize ziqukumbele ngesimemo esithi “Haleluya.” Ngaloo ndlela, INdumiso 146 isimema isithi: “Haleluya [Dumisani uYa, nina bantu, NW]! Mdumise uYehova, mphefumlo wam. Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi. Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo.” Ngaba uya kusabela kweso simemo? Ngokuqinisekileyo ufanele ufune ukumdumisa! Ngamana ungaphakathi kwabo bachazwe kwiNdumiso 148:12, 13: “Umlisela kwanomthinjana, amadoda amakhulu kunye nabafana: Mabalidumise igama likaYehova, ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.” Ngamana singasabela ngentliziyo iphela kwesi simemo sithi: “Dumisani uYa, nina bantu!” Ngamxhelo mnye, masimdumiseni uKumkani wamaphakade!
Athini Amagqabaza Akho?
◻ Abapostile bakaYesu balumkisa ngantoni kwangaphambili?
◻ Ukususela ngowe-1914, kuye kwathatyathwa waphi amanyathelo angqalileyo?
◻ Yiyiphi imigwebo eza kuphunyezwa nguYehova kungekudala?
◻ Kutheni eli xesha ilelona xesha lokudumisa uKumkani wamaphakade?
[Ibhokisi ekwiphepha 19]
Eli Lixesha Leentlekele Neziphithiphithi
Baninzi abaye balivuma elokuba ixesha leziphithiphithi laqala ebutsheni benkulungwane yama-20. Ngokomzekelo, kwintshayelelo yencwadi ethi Pandaemonium, ebhalwe nguDaniel Patrick Moynihan oliLungu Lendlu Yeengwevu eUnited States, neyapapashwa ngowe-1993, xa igqabaza ‘ngentlekele yowe-1914’ ithi: “Kwabakho imfazwe ibe ihlabathi laguquka—ngokupheleleyo. Asibhozo kuphela namhlanje amazwe asemhlabeni awayekho ukususela ngowe-1914 nanenkqubo yorhulumente engazange iguqulwe ngogonyamelo ukususela ngoko. . . . Kumazwe amalunga ne-170 akhoyo namhlanje, wambi kuwo asandul’ ukumiselwa ukuba abe sele eneziphithiphithi ezingaka kutshanje.” Ngenene, kwixesha elisusela kowe-1914 kuye kwakho intlekele emva kwenye!
Kwakhona ngowe-1993 kwapapashwa incwadi ethi Out of Control—Global Turmoil on the Eve of the Twenty-First Century. Yabhalwa nguZbigniew Brzezinski, owayefudula eyintloko yeU.S. National Security Council. Ubhala oku: “Ukuqala kwenkulungwane yamashumi amabini kwaqhwatyelw’ izandla njengelona xesha lokuqalisa kweSizukulwana Esiqiqayo. . . . Ngokwahlukileyo koko kwakulindelwe, inkulungwane yamashumi amabini ibe yeyona nkulungwane inezantyalantyala zegazi nentiyo ezimbalini, inkulungwane yenkohliso kwezobupolitika nokubulala okuhambis’ umzimba. Kuye kwenziwa izenzo zenkohlakalo ngendlela engazange ibonwe, kwacwangciswa ukubulawa kwenkitha yabantu. Umahluko ophakathi kwezinto ezintle ezinokwenziwa yinzululwazi nobungendawo bezobupolitika obavelayo buyothusa. Ezimbalini akuzange kwenzeke ukuba ukufa kugqugqise ihlabathi lonke, kungazange kubulale abantu abaninzi ngolu hlobo, kungazange nanini na ngaphambili kunikelwe ingqalelo engaka ekutshabalaliseni abantu ngenxa yekratshi.” Hayi indlela okuyinyaniso ngayo oko!
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UMikayeli walahlela uSathana nengxokolo yakhe emhlabeni emva kokusekwa koBukumkani ngowe-1914