Soloko Uwulahlela KuYehova Umthwalo Wakho
ABANINZI namhlanje baziva besindwa yimithwalo. Ubunzima bezoqoqosho, iingxaki zentsapho ezidandathekisayo, iingxaki zempilo, intlungu nokubandezeleka ngenxa yengcinezelo nobuzwilakhe, nentaphane yezinye iimbandezelo ezifana namatye okusila ajinga ezintanyeni zabo. Ngaphandle kwezi ngxaki zibonakalayo, bambi bakwaziva besindwa yimvakalelo yokungaxabiseki nokusilela ngenxa yokungafezeki kwabo. Abaninzi bahendelwa ekubeni banikezele ngokupheleleyo kwelo dabi. Unokwenza ntoni xa imithwalo ibonakala ingenakuthwaleka?
Ngaxa lithile uKumkani uDavide wakwaSirayeli wayevakalelwa kukuba ingcinezelo awayekuyo yayiphantse ibe yengathwalekiyo. Ngokutsho kweNdumiso 55, waphazanyiswa lixhala ngenxa yeengcinezelo nentiyo eyayivela kwiintshaba zakhe. Wayeziva ebuhlungu yaye esoyika gqitha. Wayencwina ngenxa yentlungu awayekuyo. (INdumiso 55:2, 5, 17) Noko ke, phezu kwako konke ukudandatheka kwakhe, wayifumana indlela yokuhlangabezana naloo meko. Njani? Wayifuna kuThixo wakhe inkxaso. Icebiso lakhe kwabanye abasenokuvakalelwa ngendlela efanayo lelithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova.”—INdumiso 55:22.
Wayethetha ukuthini xa wayesithi “umthwalo wakho wulahlele kuYehova”? Ngaba ngumbandela nje wokusondela kuYehova ngomthandazo nokumchazela amaxhala ethu? Okanye ngaba singenza okuthile ukuze silungise loo meko? Kuthekani ukuba siziva singakufanelekelanga gqitha ukusondela kuYehova? Sinokuyifumana intsingiselo yoko uDavide wakutshoyo ngokuqwalasela amanye amava asenokuba athi tha engqondweni yakhe xa wayebhala loo mazwi.
Yenza Izinto Ngamandla KaYehova
Ngaba usayikhumbula indlela uGoliyati awawankwantyisa ngayo amadoda omkhosi wakwaSirayeli? Le ndoda isisigantsontso, ingaphezu kweemitha ezi-2,7 ubude, yawatsho angcangcazela. (1 Samuweli 17:4-11, 24) Kodwa uDavide wayengoyiki. Kwakutheni? Ngenxa yokuba akazange azame ukulwa noGoliyati esebenzisa amandla akhe. Kususela ngexesha awathanjiswa ngalo ukuba abe ngukumkani wexesha elizayo wakwaSirayeli, wayewuvumele umoya kaThixo ukuba umalathise uze umomeleze kuko konke akwenzayo. (1 Samuweli 16:13) Ngoko wathi kuGoliyati: “Ndiza kuwe egameni likaYehova wemikhosi, uThixo wezintlu zakwaSirayeli omngcikivileyo. Namhlanje uYehova uya kukunikela esandleni sam.” (1 Samuweli 17:45, 46) UDavide wayenobuchule bokusebenzisa isilinge, kodwa sinokuqiniseka ukuba umoya oyingcwele kaYehova wamkhokela waza welenza laqengq’ ugodo ilitye awambetha ngalo uGoliyati.—1 Samuweli 17:48-51.
UDavide wakwazi ukuhlangabezana nolu celomngeni lukhulu waza waphumelela ngokuba nentembelo yokuba uThixo wayeya kumxhasa yaye amomeleze. Wayezakhele ulwalamano oluhle, lokukholosa ngoThixo. Ngaphandle kwamathandabuzo oku komelezwa yindlela uYehova awayemhlangule ngayo ngaphambilana. (1 Samuweli 17:34-37) NjengoDavide, unokuhlala unolwalamano olomeleleyo noYehova uze ube nentembelo epheleleyo kumandla nasekukulungeleni kwakhe ukukomeleza nokukulondoloza kuzo zonke iimeko.—INdumiso 34:7, 8.
Yenza Konke Okusemandleni Akho Ukuze Ucombulule Ingxaki
Noko ke, oku akuthethi kuthi akayi kubakho amaxesha entlungu, ixhala kwanoloyiko olugqithisileyo, njengoko iNdumiso 55 ibonisa ngokucacileyo. Ngokomzekelo, kwiminyaka ethile emva koku kubonakalisa intembelo engenaloyiko kuYehova, uDavide waba noloyiko gqitha phambi kweentshaba zakhe. Waphulukana nenkoloseko kaKumkani uSawule ibe kwafuneka abaleke ukuze asindise ubomi bakhe. Khawuzame ukuthelekelela indlela oku okwaziphazamisa ngayo iimvakalelo zikaDavide, imibuzo ekumele ukuba waba nayo engqondweni yakhe ngokuzaliseka kweenjongo zikaYehova. Eneneni, wayethanjiswe njengokumkani wexesha elizayo wakwaSirayeli, kodwa ngoku kwakufuneka aphile njengembacu endle ukuze asinde, ezingelwa njengenyamakazi. Xa wazama ukusabela kwisixeko saseGati, idolophu yakuloGoliyati, wabhaqwa. Waba yintoni umphumo? Ingxelo ithi “woyika kunene.”—1 Samuweli 21:10-12.
Kodwa akazange avumele uloyiko nexhala lakhe elinzulu limthintele ekukhangeleni kuYehova ukuze afumane uncedo. Ngokutsho kweNdumiso 34 (eyabhalwa ngenxa yala mava), uDavide wathi: “Ndamfuna uYehova, wandiphendula; wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo. Usizana lwadanduluka, weva uYehova, walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.”—INdumiso 34:4, 6.
Kakade ke uYehova wamxhasa. Kodwa phawula ukuba uDavide akazange asonge izandla aze alindele kuYehova ukuba amhlangule. Wayiqonda imfuneko yokuba enze konke okusemandleni akhe phantsi kwezo meko ukuze aphume kobo bunzima. Wavuma ukuba yayisisandla sikaYehova esamhlangulayo, kodwa yayinguye owathabatha inyathelo, ezenza ophambeneyo ukuze ukumkani waseGati angambulali. (1 Samuweli 21:14–22:1) Nathi kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuze sihlangabezane nemithwalo, kunokuhlala nje silindele ukuba uYehova asihlangule.—Yakobi 1:5, 6; 2:26.
Musa Ukuyongeza Imithwalo Yakho
Kamva ebomini bakhe, uDavide wafunda esinye isifundo esibuhlungu. Sisiphi eso sifundo? Sesokuba maxa wambi siyayongeza imithwalo yethu. Emva kokoyisa amaFilisti, izinto azizange zimhambele kakuhle uDavide xa wagqiba kwelokuba afudusele ityeya yomnqophiso eYerusalem. Le ngxelo ingokwembali isixelela oku: “Wesuka ke, wahamba uDavide nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kunyusa khona ityeya kaThixo . . . Bayikhwelisa enqweleni entsha ityeya kaThixo, . . . u-Uza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, beyiqhuba inqwelo entsha leyo.”—2 Samuweli 6:2, 3.
Ukusebenzisa inqwelo xa kuhanjiswa iTyeya kwakuyaphula yonke imiyalelo uYehova awayeyinikele ngokuphathelele yona. Kwakucaciswe kakuhle ukuba abo babegunyaziswe ukuba bayithwale, abaLevi abangoonyana bakaKehati kuphela, babefanele bayibeke emagxeni abo iTyeya, besebenzisa izibonda ezazifakwa emakhonkcweni awayenziwe ngokukhethekileyo kwiTyeya. (Eksodus 25:13, 14; Numeri 4:15, 19; 7:7-9) Ukutyeshela le miyalelo kwezisa intlekele. Xa iinkomo ezazitsala le nqwelo zayigungqisayo, u-Uza, osenokuba wayengumLevi kodwa ngokuqinisekileyo engenguye umbingeleli, wasondela ukuze abambe iTyeya ibe wabethwa nguYehova ngenxa yokungathobeli.—2 Samuweli 6:6, 7.
UDavide njengokumkani wayemele abekwe ityala ngale nto. Intsabelo yakhe ibonisa ukuba kwanabo banolwalamano oluhle noYehova ngamanye amaxesha banokusabela kakubi kwiimeko ezilingayo. UDavide waqala ngokuba nomsindo. Wandula ke woyika. (2 Samuweli 6:8, 9) Ulwalamano lwakhe lokukholosa ngoYehova lwavavanywa kanobom. Esi yayisisihlandlo ekubonakala ukuba akazange awuphose kuYehova umthwalo wakhe, xa engazange alandele imiyalelo yakhe. Ngaba nathi maxa wambi sisenokuba kuloo meko? Ngaba sikhe simbek’ ityala uYehova ngeengxaki ezibangelwa kukungathobeli imiyalelo yakhe?—IMizekeliso 19:3.
Ukuhlangabezana Nomthwalo Wokuba Netyala
Kamva, uDavide wazenzela umthwalo onzima wetyala ngokona ngokunzulu nxamnye nemilinganiselo yokuziphatha kaYehova. Ngesi sihlandlo uDavide wayeyityeshele imbopheleleko yakhe yokukhokela amadoda akhe edabini. Wahlala eYerusalem ngoxa ayeyokulwa. Oku kwakhokelela kwingxaki enzulu.—2 Samuweli 11:1.
UKumkani uDavide wabona uBhatshebha omhle ehlamba. Waziphatha kakubi naye, waza wamitha. (2 Samuweli 11:2-5) Ukuze azame ukugubungela oko kuziphatha kakubi, walungiselela ukuba indoda yakhe, u-Uriya, ibuye edabini iye eYerusalem. U-Uriya akazange avume ukuba neentlobano zesini nomfazi wakhe ngoxa uSirayeli wayesedabini. (2 Samuweli 11:6-11) Ngoku uDavide wabhenela kwiindlela ezingendawo nezinxaxhileyo ukuze agubungele isono sakhe. Walungiselela ukuba amajoni awayekunye noUriya abeke u-Uriya kwindawo eyingozi edabini ukuze abulawe. Isono esilisikizi, esinzulu!—2 Samuweli 11:12-17.
Kakade ke, ekugqibeleni isono sikaDavide samjikela, ibe wabhencwa. (2 Samuweli 12:7-12) Khawuzame ukuthelekelela ubukhulu bentlungu netyala uDavide amele ukuba wabuva xa wabuqondayo ubunzulu besenzo awasenza ngenxa yenkanuko. Usenokuba wayekhathazwa kukuziva esilele, ngokukodwa kuba esenokuba wayeyindoda eyayichukumiseka, eyayineemvakalelo ezibukhali. Usenokuba waziva engaxabisekanga!
Noko ke, uDavide wasivuma ngokukhawuleza isiphoso sakhe, evuma kumprofeti uNatan esithi: “Ndonile kuYehova.” (2 Samuweli 12:13) INdumiso 51 isixelela indlela awavakalelwa ngayo nendlela awacela ngayo ukuba uYehova uThixo amhlambulule yaye amxolele. Wathandaza esithi: “Ndixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, undihlambulule esonweni sam. Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam, nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke.” (INdumiso 51:2, 3) Ekubeni wayeguquke ngokwenene, wakwazi ukuphinda akhe ulwalamano olomeleleyo, olusondeleyo noYehova. UDavide akazange ahlale eneemvakalelo zokuba buhlungu nokuziva engaxabisekanga. Wawuphosa kuYehova umthwalo wakhe ngokulivuma ngokuzithoba ityala lakhe, ebonakalisa inguquko yokwenene, yaye ngokunzulu ethandazela ukuxolelwa nguYehova. Waphinda wayizuza inkoliseko kaThixo.—INdumiso 51:7-12, 15-19.
Ukuhlangabezana Nokungcatshwa
Oku kusizisa kwisihlo esabangela uDavide abhale iNdumiso 55. Wayecinezelekile gqitha ngokweemvakalelo. Wabhala: “Intliziyo yam iyazibhija-bhija phakathi kwam; izothuso zokufa zindiwele.” (INdumiso 55:4) Yintoni eyayibangela le ntlungu? UAbhisalom, unyana kaDavide, wayenze iyelenqe lokubhukuqa uDavide. (2 Samuweli 15:1-6) Oku kungcatshwa ngunyana wakhe kwaba ngumthwalo onzima gqitha kuye, kodwa okwenza imeko yanzima ngakumbi kukungenelela koyena mcebisi wayethenjiwe nguDavide, indoda egama linguAhitofele, ekwenzeni iyelenqe nxamnye noDavide. NguAhitofele ochazwa nguDavide kwiNdumiso 55:12-14. Ngenxa yeli yelenqe, uDavide kwafuneka ayishiye iYerusalem. (2 Samuweli 15:13, 14) Enjani yona intlungu ekumele ukuba oku kwayibangela kuye!
Sekunjalo, akazange avumele iimvakalelo zakhe ezinzulu nentlungu zikwenze buthathaka ukukholosa nokuthembela kwakhe kuYehova. Wathandaza kuYehova ukuba awabhangise amacebo abo babemenzela amayelenqe. (2 Samuweli 15:30, 31) Kwakhona siyabona ukuba uDavide akazange ahlale nje alindele ukuba uYehova enze wonke umsebenzi. Lakuvela ithuba, akazange aphozise maseko, wenza okusemandleni akhe ukuze alwe iyelenqe elalinxamnye naye. Wathumela omnye wabacebisi bakhe, uHushayi, ukuba abuyele eYerusalem ukuze azenze ofak’ isandla kwelo yelenqe, nangona, eneneni, wayeye kulisingela phantsi. (2 Samuweli 15:32-34) Lixhaswa nguYehova, eli cebo lasebenza. UHushayi wamnika ixesha elaneleyo uDavide lokuqokelela amadoda aze alungiselele ukuzikhusela.—2 Samuweli 17:14.
Hayi indlela amele ukuba uDavide wakuxabisa ngayo ukukhuselwa ngenyameko nguYehova kunye nomonde nokukulungela kwakhe ukuxolela! (INdumiso 34:18, 19; 51:17) Kungenxa yale ngcombolo athi uDavide asikhuthaze ngokunyanisekileyo kula maxesha sikuwo okucinezeleka ukuba sifune uncedo kuYehova, ‘siwuphose kuYehova wonke umthwalo wethu.’—Thelekisa eyoku-1 kaPetros 5:6, 7.
Yakha Uze Ulondoloze Ulwalamano Olomeleleyo, Lokukholosa NgoYehova
Sinokulufumana njani uhlobo lolwalamano awayenalo uDavide noYehova, ulwalamano olwamlondolozayo ngamaxesha eemvavanyo neembandezelo eziqatha? Sinokulwakha olo lwalamano ngokuba ngabafundi abakhutheleyo beLizwi likaThixo, iBhayibhile. Siyamvumela ukuba asiyalele ngemithetho, ngemigaqo nangobuntu bakhe. (INdumiso 19:7-11) Njengoko sicamngca ngeLizwi likaThixo, sisondela gqitha kuye size sifunde ukukholosa ngaye ngokupheleleyo. (INdumiso 143:1-5) Silwenza nzulu yaye silomeleze olo lwalamano njengoko sinxulumana nabo sinqula nabo ukuze sifumane imiyalelo eyongezelelekileyo kuYehova. (INdumiso 122:1-4) Siyalomeleza ulwalamano lwethu noYehova ngomthandazo osuka entliziyweni.—INdumiso 55:1.
Kuyinyaniso ukuba uDavide, njengathi, wadandatheka xa ulwalamano lwakhe noYehova lwalungomelelanga kakuhle. Ingcinezelo ‘inokusigezisa.’ (INtshumayeli 7:7) Kodwa uYehova uyakubona okwenzekayo, yaye uyakwazi okusezintliziyweni zethu. (INtshumayeli 4:1; 5:8) Kufuneka sisebenze nzima ukuze sigcine ulwalamano lwethu noYehova lomelele. Ngoko ke, nawuphi na umthwalo esinokuwuthwala, sinokuxhomekeka kuYehova ukuba asiphumze kwingcinezelo okanye asinike amandla okuhlangabezana nemeko esikuyo. (Filipi 4:6, 7, 13) Ngumbandela wokuhlala sisondele kuYehova. Xa uDavide wenza oku, wanqabiseka ngokupheleleyo.
Ngoko ke, enoba zinjani na iimeko zakho, uDavide uthi, soloko uwuphosa kuYehova umthwalo wakho. Siya kwandula ke sibubone ubunyaniso beli dinga: “Yena wokuzimasa; akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.”—INdumiso 55:22.