Lo Ngumhla Wosindiso!
“Khangelani! Lingoku ixesha elamkeleke ngokukodwa. Khangelani! Ungoku umhla wosindiso.”—2 KORINTE 6:2.
1. Yintoni efunekayo ukuze sikholise uThixo noKristu?
UYEHOVA umise umhla aza kugweba ngawo uluntu. (IZenzo 17:31) Ukuze lowo ube ngumhla wokusindiswa kwethu, kufuneka siqiniseke ukuba sikholisa yena noMgwebi ammisileyo, uYesu Kristu. (Yohane 5:22) Ukuze senze oko kufuneka siziphathe ngokuvisisana neLizwi likaThixo nangokholo olusiqhubela ukuba sincede abanye babe ngabafundi bakaYesu bokwenene.
2. Kutheni ihlabathi loluntu lahlukanisiwe noThixo?
2 Ngenxa yesono esasincanc’ ebeleni, uluntu lwahlukanisiwe noThixo. (Roma 5:12; Efese 4:17, 18) Ngoko ke, abo sishumayela kubo banokusindiswa kuphela ukuba baye baxolelaniswa naye. Umpostile uPawulos wakucacisa mhlophe oku xa wayebhalela amaKristu aseKorinte. Makhe sihlolisise eyesi-2 kwabaseKorinte 5:10–6:10 ukuze sibone okwathethwa nguPawulos ngomgwebo, ngokuxolelaniswa noThixo nangosindiso.
“Sithi Gqolo Siseyisela Abantu”
3. UPawulos ‘wayeqhubeka njani eseyisela abantu,’ yaye kutheni sifanele senze okufanayo nje namhlanje?
3 UPawulos wanxulumanisa umgwebo nokushumayela xa wabhala wathi: “Simele senziwe sonke sibonakale phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze ngamnye afumane imfanelo yakhe ngezinto ezenziwe ngomzimba, ngokwezinto aziqheliseleyo, enoba kokulungileyo okanye okungcolileyo. Silwazi, ke ngoko, uloyiko lweNkosi, sithi gqolo siseyisela abantu.” (2 Korinte 5:10, 11) Lo mpostile ‘wayethe gqolo eseyisela abantu’ ngokushumayela iindaba ezilungileyo. Kuthekani ngathi? Ekubeni sijongene nesiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto, sifanele sikhuphe naselugcinweni amandla ukuze seyisele abanye bathabathe amanyathelo afunekayo ukuze uYesu abagwebe ngenceba baze bamkholise uMthombo wosindiso, uYehova uThixo.
4, 5. (a) Kutheni singafanele siqhayise ngezinto esizifezileyo kwinkonzo kaYehova? (b) UPawulos wayeqhayisa njani ngenxa ‘kaThixo’?
4 Noko ke, ukuba uThixo uye wabusikelela ubulungiseleli bethu asifanele sibe sizigobh’ amacala ngaloo nto. EKorinte abanye babezikhukhumalisile likratshi okanye bekhetha abanye kunabanye, ngaloo ndlela bedala iiyantlukwano ebandleni. (1 Korinte 1:10-13; 3:3, 4) Ethetha ngale meko, uPawulos wabhala wathi: “Asizincomeli kwakhona kuni, kodwa sininika ithuba lokuqhayisa ngokuphathelele thina, ukuze nibe nempendulo kwabo baqhayisa ngembonakalo yangaphandle kodwa kungekhona ngentliziyo. Kuba ukuba besishiywe ziingqondo, bekungenxa kaThixo; ukuba siphilile engqondweni, kungenxa yenu.” (2 Korinte 5:12, 13) Abo babeziphakamisile babengenamdla kumanyano nempilo-ntle yebandla. Babeqhayisa ngembonakalo yabo yangaphandle kunokunceda abo bakholwa nabo babe neentliziyo ezintle phambi koThixo. Ngenxa yoko, uPawulos walikhalimela elo bandla waza kamva wathi: “Lowo uqhayisayo, makaqhayise ngoYehova.”—2 Korinte 10:17.
5 Ngaba yena uPawulos akazange aqhayise? Abanye basenokucinga njalo ngenxa yoko wakuthetha ngokuba ngumpostile kwakhe. Kodwa kwakunyanzelekile ukuba aqhayise ngenxa ‘kaThixo.’ Wayeqhayisa ngeemfaneleko zakhe njengompostile, ukuze ibandla laseKorinte lingamshiyi uYehova. UPawulos wakwenza oku ukuze ababuyisele kuThixo ngenxa yokuba abapostile bobuxoki babebaphethel’ imbengwane bebakhupha endleleni. (2 Korinte 11:16-21; 12:11, 12, 19-21; 13:10) Sekunjalo, uPawulos wayengahlalelanga ukucel’ injezu ngezinto azenzileyo.—IMizekeliso 21:4.
Ngaba Uthando LukaKristu Luyakuqhuba?
6. Uthando lukaKristu lufanele lusichaphazele njani?
6 Njengompostile wokwenene, uPawulos wafundisa abanye ngedini lentlawulelo likaYesu. Laba negalelo elikhulu kubomi bukaPawulos, kuba wabhala wathi: “Kuba uthando analo uKristu luyasinyanzela, ngenxa yokuba oku koko siye sakugweba, ukuba umntu omnye afele bonke; ngoko, ke, bonke bafile; yaye wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela bona ngokwabo, kodwa baphilele yena lowo wabafelayo waza wavuswa.” (2 Korinte 5:14, 15) Olunjani lona uthando uYesu awalubonakalisayo ngokunikela ngobomi bakhe ngenxa yethu! Ngokuqinisekileyo oko kufanele kube yeyona nto isiqhubayo. Umbulelo esinawo kuYesu ngokunikela ubomi bakhe ngenxa yethu ufanele usiqhubele ekubeni sikhuthale ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo zosindiso esizinikwe nguYehova esebenzisa uNyana wakhe. (Yohane 3:16; thelekisa INdumiso 96:2.) Ngaba “uthando uKristu analo” luyakuqhuba ukuba ube nesabelo ngenzondelelo kumsebenzi wokushumayela uBukumkani nokwenza abafundi?—Mateyu 28:19, 20.
7. Kuthetha ntoni ‘ukungazi mntu ngokwenyama’?
7 Ngokusebenzisa ubomi babo ngendlela ebonisa umbulelo ngoko uKristu wakwenzayo ngenxa yabo, abathanjiswa ‘abasaziphileli, kodwa baphilela yena.’ UPawulos wathi: “Ngenxa yoko ukususela ngoku kuse phambili akukho mntu simazi ngokwenyama. Kwanokuba simazile uKristu ngokwenyama, ngokuqinisekileyo ngoku asisamazi enjalo.” (2 Korinte 5:16) AmaKristu akafanele abajonge ngeliso lenyama abantu, mhlawumbi athande kakhulu amaYuda ngaphezu kweeNtlanga okanye athande izityebi kunamahlwempu. Abathanjiswa ‘abazi mntu ngokwenyama,’ kuba eyona nto ibalulekileyo kubo lulwalamano lwabo lokomoya namanye amakholwa. Abo ‘babesazi uKristu ngokwenyama’ yayingengobantu kuphela ababebone uYesu ehamba ngeenyawo apha emhlabeni. Kwanabo babekholwa kuMesiya kodwa besamjonga uKristu ngeliso lenyama kwakufanele bahlukane naloo nto. Wanikela ngomzimba wakhe njengentlawulelo yaye wavuswa njengomoya onika ubomi. Abanye abavuselwa ezulwini baya kunikela ngemizimba yabo yokwenyama nangona bengazange bambone uYesu Kristu esenyameni.—1 Korinte 15:45, 50; 2 Korinte 5:1-5.
8. Abantu baye ‘bamanyaniswa njani noKristu’?
8 Esathetha nabathanjiswa, uPawulos ulekela athi: “Ukuba nabani na umanyene noKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule, khangela! kuye kwabakho izinto ezintsha.” (2 Korinte 5:17) ‘Ukumanyana noKristu’ kuthetha ukuba mnye naye. (Yohane 17:21) Olu lwalamano umntu waba nalo mhla uYehova wamsondeza kuNyana wakhe waza wenza umntu wazalwa ngomoya. Njengonyana ozelwe ngomoya kaThixo, waba ‘sisidalwa esitsha’ esinethemba lokwabelana noKristu kuBukumkani basezulwini. (Yohane 3:3-8; 6:44; Galati 4:6, 7) Loo maKristu athanjisiweyo aye anikwa ilungelo elizukileyo lenkonzo.
“Xolelaniswani NoThixo”
9. Yintoni uThixo ayenzileyo ukuze abantu bakwazi ukuxolelaniswa naye?
9 Hayi indlela uYehova ayibabale ngayo le ‘ndalo intsha’! UPawulos uthi: “Zonke izinto zivela kuThixo, owasixolelanisa naye ngoKristu waza wasinika ubulungiseleli boxolelaniso, obubobu, bokuba uThixo ngoKristu wayelixolelanisa naye ihlabathi, engazibaleli kubo izigqitho zabo, yaye walinikela kuthi ilizwi loxolelaniso.” (2 Korinte 5:18, 19) Uluntu lwabhekeliswa sisono sika-Adam kuThixo. Kodwa uYehova ngothando uye wazisukela ngokwakhe wavula indlela yoxolelwaniso ngedini likaYesu.—Roma 5:6-12.
10. UYehova wabunika bani ubulungiseleli boxolelwaniso, yaye yintoni abayenzileyo ukufezekisa oko?
10 UYehova uyinike abathanjiswa imbopheleleko yoxolelwaniso, ngoko uPawulos wayenokuthi: “Singoonozakuzaku abasendaweni kaKristu, ngokungathi uThixo ebesenza isibongozo ngathi. Njengabasendaweni kaKristu siyabongoza sisithi: ‘Yibani ngabaxolelanisiweyo noThixo.’” (2 Korinte 5:20) Mandulo, ubukhulu becala oonozakuzaku babekhutshwa xa kujongenwe ngezikhondo zamehlo ukuze baye kufuna indlela yokunqanda imfazwe. (Luka 14:31, 32) Ekubeni ihlabathi loluntu olunesono lahlukanisiwe noThixo, wathumela oonozakuzaku abathanjisiweyo bakhe ukuze bachazele abantu oko bafanele bakwenze ukuze baxolelwaniswe naye. Njengokuba bengabameli bakaKristu, abathanjiswa benza esi sicelo: “Yibani ngabaxolelanisiweyo noThixo.” Esi sisibongozo senceba sokufuna uxolo noThixo baze bamkele usindiso olufumaneka ngoKristu.
11. Ngokholo kwidini, ngubani oye ekugqibeleni wafikelela kukuma kobulungisa phambi koThixo?
11 Bonke abantu abanokholo kule ntlawulelo banokuxolelaniswa noThixo. (Yohane 3:36) UPawulos uthi: “Lowo [uYesu] wayengasazi isono [uYehova] wamenza waba sisono ngenxa yethu, ukuze sibe bubulungisa bukaThixo ngaye.” (2 Korinte 5:21) Umntu ofezekileyo uYesu waba ngumnikelo wesono kubo bonke abantwana baka-Adam abakhululwa kwisono abasizuz’ ilifa. Batsho babe ‘bubulungisa bukaThixo’ ngoYesu. Obu bulungisa, okanye ukuba ngamalungisa phambi kukaThixo, kuqala kwiindlalifa ezikunye noKristu ezili-144 000. Ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lwakhe, abantwana bakaBawo Ongunaphakade, uYesu Kristu, baya kuba ngamalungisa njengabantu abafezekileyo. Uya kubenza babe ngabalungileyo abafezekileyo ukuze bazingqine bethembekile kuThixo baze bafumane isipho sobomi obungunaphakade.—Isaya 9:6; ISityhilelo 14:1; 20:4-6, 11-15.
“Ixesha Elamkeleke Ngokukodwa”
12. Bubuphi ubulungiseleli obubalulekileyo obuphunyezwa ngoonozakuzaku nabathunywa bakaYehova?
12 Ukuze sisindiswe, simele senze ngokuvisisana namazwi kaPawulos: “Sisebenza ndawonye naye [uYehova], nathi siyanibongoza ukuba ningamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo nize niyiphose injongo yabo. Kuba yena uthi: ‘Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, yaye ndakunceda ngomhla wosindiso.’ Khangelani! Lingoku ixesha elamkeleke ngokukodwa. Khangelani! Ungoku umhla wosindiso.” (2 Korinte 6:1, 2) Oonozakuzaku bakaYehova abathanjisiweyo nabathunywa bakhe, ‘ezinye izimvu,’ ababamkeli ububele obungabafanelanga bukaYise osezulwini baze bayiphose injongo yabo. (Yohane 10:16) Ngehambo yabo ethe tye nenzondelelo kubulungiseleli ngeli ‘xesha lamkelekileyo,’ bazabalazela ukuba uThixo akholiswe ngabo yaye bazisa abemi bomhlaba ukuba lo ‘ngumhla wosindiso.’
13. Nguwuphi umongo kaIsaya 49:8, yaye wazaliseka njani okokuqala?
13 UPawulos ucaphula uIsaya 49:8, ofundeka ngolu hlobo: “Utsho uYehova ukuthi, Ngexesha [lenkoliseko, NW] ndikuphendule, ndakunceda ngemini yosindiso. Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa.” Esi siprofeto saqala ukuzaliseka xa abantu bakwaSirayeli bakhululwa ekuthinjweni eBhabhiloni baza kamva babuyela kwelo lizwe labo liyinkangala.—Isaya 49:3, 9.
14. UIsaya 49:8 wazaliseka njani kuYesu?
14 Ezalisekisa isiprofeto sikaIsaya, uYehova wanikela “umkhonzi” wakhe uYesu ‘njengesikhanyiso seentlanga, ukuze usindiso [lukaThixo] luse eziphelweni zehlabathi.’ (Isaya 49:6, 8; thelekisa uIsaya 42:1-4, 6, 7; Mateyu 12:18-21.) Elo ‘xesha lenkoliseko,’ okanye ‘lamkelekileyo,’ kuyabonakala ukuba lalibhekisela kuYesu ngoxa wayesemhlabeni. Wathandaza, yaye uThixo ‘wamphendula.’ Lowo yaba ‘ngumhla wosindiso’ kaYesu kuba wagcina ingqibelelo ngokupheleleyo waza ngaloo ndlela “waba nembopheleleko yosindiso olungunaphakade kubo bonke abo bamthobelayo.”—Hebhere 5:7, 9; Yohane 12:27, 28.
15. USirayeli wokomoya uye wakuzabalazela ukususela nini ukuzingqina ebufanelekela ububele obungasifanelanga bukaThixo, yaye enayiphi injongo?
15 UPawulos wasebenzisa uIsaya 49:8 kumaKristu athanjisiweyo, ewabongoza ukuba ‘angayiphosi injongo yobubele obungasifanelanga bukaThixo’ ngokusilela ukufuna inkoliseko yakhe ebudeni ‘bexesha elamkelekileyo’ nelaloo ‘mhla wosindiso’ asibekele wona. UPawulos wongezelela athi: “Khangelani! Lingoku ixesha elamkeleke ngokukodwa. Khangelani! Ungoku umhla wosindiso.” (2 Korinte 6:2) Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E., uSirayeli wokomoya uye wazabalazela ukuzingqina ebufanelekela ububele bukaThixo obungasifanelanga ukuze ‘ixesha elamkelekileyo’ libe ‘ngumhla wosindiso’ kuye.
‘Sizincomele Njengabalungiseleli BakaThixo’
16. Kuphantsi kwaziphi iimeko ezilingayo awathi uPawulos wazincomela njengomlungiseleli kaThixo?
16 Amadoda athile awayesebandleni laseKorinte ayengazingqini efanelwe bububele bukaThixo obungasifanelanga. Ayehlebana noPawulos kuba ezama ukuchitha elo gunya analo njengompostile, nangona wakuphephayo ‘ukunikela unobangela wesikhubekiso.’ Ngokuqinisekileyo wazincomela njengomlungiseleli kaThixo “ngokunyamezela okukhulu, ngeembandezelo, ngokuswela, ngeenzima, ngokubethwa, ngeentolongo, ngezidubedube, ngokubulaleka, ngokungalali ebusuku, ngamaxesha okungabi nakutya.” (2 Korinte 6:3-5) Kamva, uPawulos waqiqa ngelithi ukuba abo babemchasa babengabalungiseleli, ‘yena ke wayenguye ngokubalasele kakhulu’ ngenxa yokuba wayequq’ ebuyelela eziseleni, ebethwa, esezingozini, yaye eswele.—2 Korinte 11:23-27.
17. (a) Singazincomela ngaziphi iimpawu njengabalungiseleli bakaThixo? (b) Ziyintoni ‘izixhobo zobulungisa’?
17 NjengoPawulos namaqabane akhe, sinokuzincomela njengabalungiseleli bakaThixo. Njani? “Ngokusulungeka,” okanye ukuba nyulu, nangokwenza izinto ngokuvisisana nolwazi oluchanileyo lweBhayibhile. Sisenokuzincomela “ngokuzeka kade umsindo,” ngomonde sinyamezele ukoniwa okanye ukucatshukiswa, ‘nangobubele’ ngokuthi sincede abanye abantu. Ngaphezu koko, sinokuzincomela thina njengabalungiseleli bakaThixo ngokwamkela ukhokelo lomoya, sibonisa ‘uthando olungenaluhanahaniso,’ sithethe inyaniso, size sithembele ngamandla avela kuye ukuze siqhubeke nobulungiseleli. Okubangel’ umdla kukuba, uPawulos wakwazingqina engumlungiseleli “ngezixhobo zobulungisa kwisandla sasekunene nakwesasekhohlo.” Kwiimfazwe zamandulo, isandla sokunene yayisesokuphatha ikrele size esokhohlo siphathe ikhaka. Xa wayekwimfazwe yokomoya nxamnye nabafundisi bobuxoki, uPawulos akazange asebenzise zixhobo zenyama enesono—ubuqhinga, ubumenemene, inkohliso. (2 Korinte 6:6, 7; 11:12-14; IMizekeliso 3:32) Wasebenzisa “izixhobo,” okanye amacebo obulungisa ekuhambiseleni phambili unqulo lokwenyaniso. Yile nto kufuneka yenziwe sithi ke leyo.
18. Ukuba singabalungiseleli bakaThixo, simele siziphathe njani?
18 Ukuba singabalungiseleli bakaThixo, siya kuziphatha ngale ndlela uPawulos namaqabane akhe babeziphethe ngayo. Siya kuziphatha njengamaKristu enoba siyahlonelwa okanye siyadelelwa. Iingxelo ezimbi ezithethwa ngathi aziyi kusiyekisa umsebenzi wethu wokushumayela, yaye asiyi kukhukhumala likratshi ukuba siyanconywa. Siya kuthetha inyaniso ibe sisenokuqhwatyelwa izandla ngenxa yemisebenzi yethu ekholisa uThixo. Naxa sele sibona ukuba utshaba luzimisele ukusibulala, siya kukholosa ngoYehova. Yaye siya kulwamkela ngazo zozibini uqeqesho esilufumanayo.—2 Korinte 6:8, 9.
19. Singabenza njani ‘abaninzi babe zizityebi’ ngokomoya?
19 Equkumbela ingxubusho yakhe ngobulungiseleli boxolelwaniso, uPawulos wathetha ngaye siqu nangezinxulumani zakhe wathi “ngathi singabalusizi kodwa sihleli sinemihlali, ngathi singamahlwempu kodwa senza abaninzi babe zizityebi, ngathi singabangenanto ukanti sinezinto zonke.” (2 Korinte 6:10) Ngoxa abo balungiseleli babenesizathu sokuba lusizi ngenxa yezo mbandezelo babekuzo, babevuya ngaphakathi. Babengamahlwempu enyameni, kodwa ‘benza abaninzi baba zizityebi’ ngokomoya. Enyanisweni, ‘babenezinto zonke’ ngenxa yokuba ukholo lwabo lwalubaqokelelela ubutyebi bokomoya—kwanethemba lokuba ngoonyana bakaThixo basezulwini. Yaye babezizityebi ngokomoya yaye bonwabile njengabalungiseleli abangamaKristu. (IZenzo 20:35) Ngokufanayo nabo, nathi ‘singenza abaninzi babe zizityebi’ ngokuba nesabelo kubulungiseleli boxolelwaniso kanye ngoku—ngawo lo mhla wosindiso!
Kholosa Ngosindiso LukaYehova
20. (a) UPawulos wayenawuphi umnqweno osuk’ entliziyweni, yaye kutheni le nto ixesha lalixhatshwe yinja? (b) Yintoni engqina ukuba siphila kumhla wosindiso?
20 Xa uPawulos wabhala incwadi yakhe yesibini eya kwabaseKorinte malunga nowama-55 C.E., kwakusele iminyaka eli-15 kuphela ukuba iphele inkqubo yezinto yamaYuda. Lo mpostile ngentliziyo yakhe yonke wayefuna amaYuda neeNtlanga ukuba zixolelaniswe noThixo ngaye uKristu. Lowo yayingumhla wosindiso, ibe ixesha lalixhatshwe yinja. Nathi ke ngokufanayo sikwixesha lokuqosheliswa kwale nkqubo yezinto elaqala ngowe-1914. Umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke wokushumayela uBukumkani ophethwe ngamandla xa kungoku ububungqina bokuba lo ngumhla wosindiso.
21. (a) Uza kube usithini umxholo okhethelwe unyaka we-1999? (b) Yintoni esifanele siyenze ngalo mhla wosindiso?
21 Abantu beentlanga zonke kufuneka beve ngelungiselelo likaThixo losindiso olungoYesu Kristu. Ixesha lokudlala alikho. UPawulos wabhala wathi: “Khangelani! Ungoku umhla wosindiso.” Loo mazwi akweyesi-2 kwabaseKorinte 6:2 aya kuba ngumxholo wonyaka we-1999 wamaNgqina kaYehova. Hayi indlela ekufaneleke ngayo oko, kuba sijongene nento engaphezulu lee kunokutshatyalaliswa kweYerusalem netempile yayo! Asifikanga sigalelekile isiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto, kungekho namnye ongazi kuchaphazeleka apha emhlabeni. Ngoku—hayi ngomso—masibhinqele phezulu. Ukuba siyakholelwa ukuba usindiso lolukaYehova, ukuba siyamthanda, yaye sibuxabisile ubomi obungunaphakade, asiyi kuyiphosa injongo yobubele obungasifanelanga bukaThixo. Sineentliziyo ezizele ngumnqweno wokubeka uYehova, siya kubonisa ngezwi nangezenzo ukuba asinkwalambisi xa sisithi: “Khangelani! Ungoku umhla wosindiso.”
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Kutheni ukuxolelaniswa noThixo kubaluleke kangaka?
◻ Ngoobani oonozakuzaku nabathunywa abaxakeke kubulungiseleli boxolelwaniso?
◻ Singazincomela njani njengabalungiseleli bakaThixo?
◻ Unayiphi intsingiselo umxholo wonyaka we-1999 wamaNgqina kaYehova kuwe?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
NjengoPawulos, ngaba ushumayela uze uncede abanye ngenzondelelo ukuze baxolelaniswe noThixo?
EUnited States
EFrance
ECôte d’Ivoire
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngalo mhla wosindiso, ngaba uphakathi kwezihlwele ezixolelaniswa noYehova uThixo?