Eyesibini KwabaseKorinte
6 Ekubeni sisebenza kunye noThixo,+ siyanicela ukuba ningamkeli ububele* bakhe nize niyiphose injongo yabo.+ 2 Kuba yena uthi: “Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, ndakunceda nangemini yosindiso.”+ Jongani! Ngoku lelona xesha lamkelekileyo. Jongani! Ingoku imini yosindiso.
3 Siyakuphepha ukukhubekisa abanye, ukuze kungabikho nto igxekwayo kumsebenzi wethu;+ 4 kodwa sibonisa ngazo zonke iindlela ukuba singabakhonzi bakaThixo,+ ngokunyamezela izinto ezininzi, ubunzima, amaxesha okungabi nanto, iingxaki,+ 5 ukubethwa, iijele, izidubedube,+ ukusebenza nzima, ukungalali ebusuku, ukungabi nakutya,+ 6 ukuba msulwa, ukuba nolwazi, umonde,+ ububele,*+ umoya oyingcwele, uthando olungazenzisiyo,+ 7 ukuthetha inyani, ukuthembela kumandla kaThixo;+ ukuphatha izixhobo zobulungisa+ kwisandla sasekunene* nesasekhohlo,* 8 ukudunyiswa nokuhlaziswa, ukugxekwa nokunconywa. Kuthiwa singamaxoki kodwa sinenyani, 9 kuthiwa asaziwa sibe sisaziwa nguThixo, kube ngathi siza kufa,* kodwa siyaphila,+ kube ngathi siyohlwaywa kodwa singafi.+ 10 Abantu bacinga ukuba siselusizini kodwa siyavuya, bacinga ukuba singamahlwempu kodwa senza abaninzi babe zizityebi, bacinga ukuba asinanto kodwa sinayo yonke into.+
11 Sithethe ngokuphandle nani, bazalwana baseKorinte, ibe sinithanda nyhani.* 12 Sinithanda kakhulu,+ kodwa nina nisithanda kancinci. 13 Ngoko ndithetha nani njengabantwana bam, nani vulani iintliziyo zenu.*+
14 Sanukubotshwa edyokhweni enye* nabantu abangakholwayo.+ Kuba budibana njani ubulungisa nokungabi namthetho?+ Okanye kudibana njani ukukhanya nobumnyama?+ 15 Ukongezelela, udibana njani uKristu noBheliyali?*+ Okanye yintoni edibanisa umntu okholwayo* nomntu ongakholwayo?+ 16 Idibana njani itempile kaThixo nezithixo?+ Kaloku siyitempile kaThixo ophilayo;+ kanye njengokuba uThixo wathi: “Ndiza kuhlala phakathi kwabo,+ ndihambe phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”+ 17 “Uthi uYehova,* ‘Phumani phakathi kwabo, nizahlule, ningayichukumisi into engcolileyo’”;+ “‘yaye ndiza kunamkela.’”+ 18 “Uphinde athi uYehova* uSomandla, ‘Ndiza kuba ngutata kuni,+ nina nibe ngoonyana neentombi kum.’”+