Ulithanda Kangakanani Ilizwi LikaThixo?
“Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.”—INDUMISO 119:97.
1. Yiyiphi enye yeendlela abantu aboyika uThixo abaye babonakalise ngayo ukuba bayalithanda iLizwi likaThixo?
AYINKUNGU NELANGA amadoda namabhinqa anombhalo weBhayibhile. Kodwa ke kukho umahluko phakathi kokuba neBhayibhile nokulithanda iLizwi likaThixo. Ngaba ubani unokutsho umlom’ uzale athi uyalithanda iLizwi likaThixo xa engafane alifunde? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Ngokwahlukileyo koko, bambi ababekade bengenaxesha laBhayibhile ngoku bayifunda umhla nezolo. Baye bahlakulela uthando ngeLizwi likaThixo, kwaye njengomdumisi, ngoku bacamngca ngeLizwi likaThixo “imini le yonke.”—INdumiso 119:97.
2. Ukholo lwamaNgqina kaYehova lwalondolozwa njani phantsi kweemeko ezinzima?
2 UNasho Dori ngomnye owahlakulela uthando ngeLizwi likaThixo. Ekunye namanye amakholwa, banyamezela amashumi eminyaka bekhonza uYehova kwilizwe lakowabo iAlbania. Ebudeni benxalenye enkulu yelo xesha, amaNgqina kaYehova ayevalwe umlomo, kwaye la maKristu athembekileyo ayenqatyelwe luncwadi lweBhayibhile. Sekunjalo, ukholo lukaMzalwan’ uDori lwahlala lomelele. Njani? Wathi: “Usukelo lwam yayikukufunda iBhayibhile ubuncinane kangangeyure suku ngalunye, ibe loo nto ndayenza iminyaka engama-60 ngaphambi kokuba amehlo am abe norhatyazo.” Ukuza kuthi ga kutshanje, ibingekho iBhayibhile epheleleyo ngesiAlbania, kodwa uMzalwan’ uDori wayefunde isiGrike esengumntwana, ngoko ebeyifunda ngolo lwimi iBhayibhile. Ukufunda iBhayibhile rhoqo kuye kwamlondoloza uMzalwan’ uDori watyhubela iimvavanyo ezininzi, kwaye nawe kunokukulondoloza.
“Langazelela” ILizwi LikaThixo
3. Sisiphi isimo sengqondo afanele amaKristu asihlakulele ngeLizwi likaThixo?
3 Umpostile uPetros wabhala esithi: “Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, langazelelani ubisi olungangxengwanga lwelizwi.” (1 Petros 2:2) Kanye njengokuba usana lulangazelela ubisi lukanina, amaKristu ayiphapheleyo intswelo yawo yokomoya aziyolisa ngokufunda iLizwi likaThixo. Ngaba uvakalelwa njalo nawe? Ukuba akunjalo, ungalahli ithemba. Nawe unako ukuhlakulela ulangazelelo ngeLizwi likaThixo.
4. Yintoni ebandakanyekileyo ekwenzeni ufundo lweBhayibhile lube ngumkhwa wemihla ngemihla?
4 Ukuze wenjenjalo, qala ngokuziqeqesha ukuze wenze ufundo lweBhayibhile lube ngumkhwa wakho, into yemihla ngemihla ukuba kunokwenzeka. (IZenzo 17:11) Usenokungakwazi ukuchitha iyure ngosuku ufunda iBhayibhile njengoNasho Dori, kodwa kusenokwenzeka ukuba ukwazi ukubekela ecaleni ixesha elithile lokuhlolisisa iLizwi likaThixo. Amanye amaKristu avuka kwimizuzu embalwa ngaphambi kwexesha eliqhelekileyo ukuze acamngce ngesicatshulwa esithile seBhayibhile. Yiyiphi enye indlela ebhetele yokuqalisa usuku? Amanye akhetha ukuqukumbela usuku ngokufunda iBhayibhile ngaphambi nje kokuba alale. Ukanti amanye ayifunda iBhayibhile ngelinye ixesha eliwavumelayo. Into ebalulekileyo kukufunda iBhayibhile rhoqo. Emva koko, yiba nemizuzu embalwa yokucamngca ngoko ukufundileyo. Masikhe siqwalasele eminye imizekelo yabantu abaye bangenelwa ngokufunda nangokucamngca ngeLizwi likaThixo.
Umdumisi Owayethanda ILizwi LikaThixo
5, 6. Nangona sisenokungalazi igama lakhe, yintoni esinokuyifunda ngombhali weNdumiso 119 xa sifunda yaye sicamngca ngoko akubhalileyo?
5 Alithandabuzeki elokuba umbhali weNdumiso ye-119 wayelixabise ngokunzulu iLizwi likaThixo. Ngubani owabhala loo ndumiso? Umbhali wayo akachazwanga eBhayibhileni. Noko ke, umongo usixelela iinkcukacha ezithile ngaye, kwaye siyazi ukuba ubomi bakhe babunamagingxigingxi. Abanye babantu awayebaqhelile nababefanele babe ngabanquli bakaYehova babengayithandi njengaye imigaqo yeBhayibhile. Noko ke, lo mdumisi akazange avumele izimo zengqondo zabo zimthintele ekwenzeni okulungileyo. (INdumiso 119:23) Ukuba uhlala okanye usebenza nomntu ongayihloneliyo imigaqo yeBhayibhile, mhlawumbi uya kuphawula ukufana kwemeko yalo mdumisi neyakho.
6 Nangona wayehlonel’ uThixo, lo mdumisi wayengazenzi ilungisa. Wazivuma ngokuphandle izenzo zakhe ezibonakalisa ukungafezeki. (INdumiso 119:5, 6, 67) Noko ke, akazange avumele isono ukuba simlawule. Wabuza: “Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?” Impendulo yakhe ithi: “Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.” (INdumiso 119:9) Wandula ke, egxininisa indlela elinempembelelo entle ngayo iLizwi likaThixo, umdumisi wongezelela esithi: “Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, ukuze ndingoni kuwe.” (INdumiso 119:11) Okunene loo mpembelelo inokusinceda siphephe ukona kuThixo inamandla!
7. Kutheni abantu abaselula befanele bayiphaphele ngokukhethekileyo imfuneko yokufunda iBhayibhile imihla ngemihla?
7 Ulutsha olungamaKristu lwenza kakuhle ukuqwalasela la mazwi omdumisi. AmaKristu aselula ayahlaselwa namhlanje. UMtyholi angazigobh’ amacala xa enokonakalisa esi sizukulwana sikhulayo sabanquli bakaYehova. Usukelo lukaSathana kukurhintyela amaKristu aselula ukuze anikezele kwiminqweno yenyama yaye aphule imithetho kaThixo. Imifanekiso-bhanyabhanya kunye neenkqubo zikamabonwakude zidla ngokubonisa iingcamango zikaMtyholi. Abadlali bezo nkqubo babonakala bebahle yaye bethandeka; iintlobano zokuziphatha okubi abazenzayo ziboniswa njengento nje eqhelekileyo. Yiyiphi ingcamango eziyidluliselayo? ‘Akukho nto ityhulu ngokuba abantu abangatshatanga babe neentlobano zesini ukuba nje bona bathandana ngokwenene.’ Okulusizi kukuba nyaka ngamnye aba liqela amaKristu aselula aba ngamaxhoba aloo ngcamango. Amanye aphukelwa yinqanawa yokholo. Kunzima, ingcinezelo iqatha! Kodwa ngaba loo ngcinezelo iqatha kangangokuba nina baselula aninakukwazi tu kwaphela ukunyamezela? Akunjalo konke konke! UYehova ulungiselele indlela yokuba amaKristu aselula oyise iminqweno engalunganga. Anokuxhathisa naziphi na izixhobo uMtyholi anokuzisebenzisa xa ‘ezigcina ngokweLizwi likaThixo, eyibeka entliziyweni yawo intetho kaThixo.’ Lingakanani ixesha olichitha kufundisiso lobuqu lweBhayibhile nasekucamngceni?
8. Imizekelo echazwe kwesi siqendu inokukunceda njani ukuba uwuqonde nangakumbi uMthetho kaMoses?
8 Umbhali weNdumiso ye-119 wadanduluka esithi: “Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho!” (INdumiso 119:97) Nguwuphi lo myalelo wayethetha ngawo? Yayililizwi likaYehova elityhiliweyo, kuquka noMthetho kaMoses. Xa beqala ukuyiva, bambi basenokuthi lo Mthetho ushiywe lixesha baze bazibuze ukuba yenzeka njani into yokuba umntu awuthande. Noko ke, njengoko sicamngca ngeenkalo ezahlukeneyo zoMthetho kaMoses, njengomdumisi, sinako ukubuqonda ubulumko baloo Mthetho. Ngaphandle kweenkalo ezininzi zesiprofeto eziseMthethweni, kukho nemimiselo yempilo neyokutya, eyayikhuthaza ucoceko nokuba sempilweni. (Levitikus 7:23, 24, 26; 11:2-8) UMthetho wawukhuthaza ukunyaniseka kushishino yaye ubongoza amaSirayeli ukuba abe novelwano kwabanye abasweleyo awayenqula nabo. (Eksodus 22:26, 27; 23:6; Levitikus 19:35, 36; Duteronomi 24:17-21) Kwakungamele kukhethwe buso xa kuwiswa izigwebo. (Duteronomi 16:19; 19:15) Njengoko umbhali weNdumiso 119 wayezuza amava ebomini, ngokuqinisekileyo wabona indlela izinto ezazibahambela kakuhle ngayo abo babesebenzisa uMthetho kaThixo, kwaye waya ewuthanda nangakumbi. Ngokufanayo ke nanamhlanje, njengoko amaKristu ephumelela ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, luya lusiba nzulu uthando kunye noxabiso lwawo ngeLizwi likaThixo.
Inkosana Engazange Yoyike Ukwahluka
9. Sisiphi isimo sengqondo esahlakulelwa nguKumkani uHezekiya ngeLizwi likaThixo?
9 Oko kuqulethwe yiNdumiso 119 kungqinelana kakuhle noko sikwaziyo ngoHezekiya xa wayeseyinkosana eselula. Bambi abaphengululi beBhayibhile bathi nguHezekiya owabhala le ndumiso. Ngoxa singaqinisekanga ngaloo nto, siyazi kona ukuba uHezekiya wayelihlonela ngokunzulu iLizwi likaThixo. Indlela awayephila ngayo yayibonisa ukuba wayevisisana ngokusuk’ entliziyweni namazwi akwiNdumiso 119:97. Xa ithetha ngoHezekiya, iBhayibhile ithi: “Wanamathela kuYehova; akatyeka ekumlandeleni; wayigcina imithetho abethe uYehova wayiwisela uMoses.”—2 Kumkani 18:6.
10. Umzekelo kaHezekiya uwakhuthaza njani amaKristu angakhuliswanga ngabazali abahlonela uThixo?
10 UHezekiya akazange akhulele kwintsapho ehlonela uThixo. Uyise, uKumkani uAhazi, wayengumnquli-zithixo ongenalukholo ubuncinane owayalela ukuba omnye woonyana bakhe—umntakwabo Hezekiya—atshiswe ephila njengedini eliya kuthixo wobuxoki! (2 Kumkani 16:3) Nangona wayenalo mzekelo mbi, uHezekiya wakwazi ‘ukuwuqaqambisa umendo wakhe’ kwiimpembelelo zabahedeni ngokuziqhelanisa neLizwi likaThixo.—2 Kronike 29:2.
11. Njengoko uHezekiya wayebukele, izinto zamhambela njani uyise owayengathembekanga?
11 Njengoko uHezekiya wayekhula, wazibonela ngamehlo akhe indlela uyise owayenqula izithixo awayeyisingatha ngayo imicimbi yasebuRhulumenteni. ElakwaYuda lalingqongwe ziintshaba. Kwakukho uRetsin, ukumkani waseSiriya, owadibanis’ imikhosi noKumkani uPeka wakwaSirayeli baza bangqinga iYerusalem. (2 Kumkani 16:5, 6) Kwakukho amaEdom namaFilisti, awaphumelelayo ekunqolobeni elakwaYuda ada athimba ezinye zezixeko zakwaYuda. (2 Kronike 28:16-19) UAhazi wayisingatha njani loo ngxaki? Kunokuba acele uncedo kuYehova ukuze alwe neSiriya, uAhazi wabalekela kukumkani waseAsiriya, emnyoba ngegolide nesilivere, kuquka leyo yobuncwane betempile. Kodwa loo nto ayizange idale uxolo oluhlala luhleli kwaYuda.—2 Kumkani 16:6, 8.
12. Yintoni awayenokuyenza uHezekiya ukuze aphephe ukuphinda iimpazamo ezazenziwe nguyise?
12 Ekugqibeleni, uAhazi wafa waza uHezekiya waba ngukumkani eneminyaka engama-25 ubudala. (2 Kronike 29:1) Wayeselula ngentelekiso, kodwa loo nto ayizange imthintele ekubeni ngukumkani onesandla esihle sokulawula. Kunokuba axelise ihambo kayise owayengathembekanga, wanamathela kuMthetho kaYehova. Oko kwakuquka umyalelo okhethekileyo owawubekelwe ookumkani othi: “Wothi, [ukumkani] xenikweni athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azibhalele impinda yombhalo yalo myalelo encwadini, ethabatha kwephambi kwababingeleli abaLevi. Yoba ngakuye alese kuyo imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakho, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo.” (Duteronomi 17:18, 19) Ngokufunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla, uHezekiya wayeza kuhlakulela uloyiko ngoYehova aze aphephe ukuphinda iimpazamo ezazenziwe nguyise owayengahloneli Thixo.
13. UmKristu unokuqinisekiswa njani ukuba, ngengqiqo yokomoya, yonke into ayenzayo iya kuphumelela?
13 Yayingengookumkani bakwaSirayeli kuphela ababekhuthazwa ukuba bacamngce rhoqo ngeLizwi likaThixo kodwa onke amaSirayeli awayesoyika uThixo ayemele enjenjalo. INdumiso yokuqala ichaza umntu owonwabe ngokwenene isithi “unonelela umyalelo kaYehova; ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku.” (INdumiso 1:1, 2) Echaza loo mntu, umdumisi uthi: “Konke akwenzayo kophumelela.” (INdumiso 1:3) Ngokwahlukileyo koko, xa ithetha ngalowo ungenalukholo kuYehova uThixo, iBhayibhile ithi: “Ungumntu ongenazigqibo, ongazinzanga kuzo zonke iindlela zakhe.” (Yakobi 1:8) Sonke sifuna ukonwaba size siphumelele. Ufundo lweBhayibhile olwenziwa rhoqo nolunentsingiselo lunokufak’ isandla kulonwabo lwethu.
ILizwi LikaThixo Lamgcina UYesu
14. UYesu wabonisa njani ukuba uyalithanda iLizwi likaThixo?
14 Ngenye imini, uYesu wafunyanwa ngabazali bakhe ehleli nabafundisi etempileni eYerusalem. Hayi indlela ezi ngcungela zoMthetho kaThixo ‘ezahlala zithe manga ngayo kukuqonda kwakhe naziimpendulo zakhe’! (Luka 2:46, 47) Loo nto yenzeka xa uYesu wayeneminyaka eli-12 ubudala. Ewe, kuyabonakala ukuba walithanda eselula iLizwi likaThixo. Kamva, uYesu wasebenzisa iZibhalo ukuze akhalimele uMtyholi, esithi: “Umntu umele aphile, kungekhona ngesonka sodwa, kodwa ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:3-10) Kamsinya emva koko, uYesu washumayela kubemi bedolophu yakowabo yaseNazarete, esebenzisa iZibhalo.—Luka 4:16-21.
15. UYesu wawumisela njani umzekelo xa wayeshumayela kwabanye?
15 UYesu wacaphula ngokufuthi kwiLizwi likaThixo ukuze axhase iimfundiso zakhe. Abaphulaphuli bakhe ‘bathi khamnqa yindlela yakhe yokufundisa.’ (Mateyu 7:28) Kwaye akumangalisi oko kubaOk for X iimfundiso zikaYesu zazisuka kuYehova uThixo ngokwakhe! UYesu wathi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo. Lowo uthetha ngokuphuma kuye ufuna uzuko lwakhe; kodwa lowo ufuna uzuko lwalowo umthumileyo, lo yena unyanisile, yaye akukho ntswela-bulungisa kuye.”—Yohane 7:16, 18.
16. UYesu wabonakalisa ukulithanda ukusa kuwuphi umkhamo iLizwi likaThixo?
16 Ngokungafaniyo nombhali weNdumiso 119, kwakungekho “ntswela-bulungisa” kuYesu. Wayengenasono, enguNyana kaThixo ‘owazithoba waza wathobeka de kwafikelela ekufeni.’ (Filipi 2:8; Hebhere 7:26) Ukanti, efezeke enjalo, uYesu walifundisisa waza walithobela iLizwi likaThixo. Loo nto yayingundoqo ukuze akwazi ukugcina ingqibelelo yakhe. Xa uPetros wazama ukusebenzisa ikrele ukuze iNkosi yakhe ingabanjwa, uYesu wamkhalimela lo mpostile waza wambuza esithi: “Ucinga ukuba andinako ukubongoza uBawo andibonelele ngawo lo mzuzu ngemikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini? Kuloo meko, beziya kuzaliseka njani iZibhalo ezithi kumele kwenzeke ngale ndlela?” (Mateyu 26:53, 54) Ewe, inzaliseko yeZibhalo yayithetha okungakumbi kuYesu kunokusinda ekubulaweni ngolunya nangendlela elihlazo. Olunjani ukubalasela uthando ngeLizwi likaThixo!
Abanye Abaxelisa UKristu
17. Lalibaluleke kangakanani iLizwi likaThixo kumpostile uPawulos?
17 Umpostile uPawulos wabhalela amanye amaKristu esithi: “Yibani ngabaxelisa mna, kwananjengoko nam ndingoxelisa uKristu.” (1 Korinte 11:1) NjengeNkosi yakhe, uPawulos wahlakulela uthando ngeZibhalo. Wayivuma loo nto esithi: “Ngokomntu endinguye ngaphakathi ndiwuthanda ngokunzulu uMthetho kaThixo.” (Roma 7:22, The Jerusalem Bible) UPawulos wacaphula ngokufuthi kwiLizwi likaThixo. (IZenzo 13:32-41; 17:2, 3; 28:23) Xa wanikela imiyalelo yokugqibela komnye umlungiseleli awayemthanda kunene, uTimoti, uPawulos wabethelela indima ebalulekileyo elifanele libe nayo iLizwi likaThixo kubomi bemihla ngemihla kuye wonke “umntu kaThixo.”—2 Timoti 3:15-17.
18. Chaza umzekelo wala maxesha womntu oye wabonakalisa intlonelo ngeLizwi likaThixo.
18 Uninzi lwabakhonzi abathembekileyo bakaYehova bale mihla nalo luye lwaxelisa uYesu ngokuthanda iLizwi likaThixo. Ebutsheni bale nkulungwane, tyendyana lithile lomfana lafumana iBhayibhile liyinikwa ngumhlobo walo. Lawuchaza umphumo esaba nawo esi sipho sixabisekileyo kulo lisithi: “Ndazimisela ukuba logama ndisadl’ amazimba ndiza kuqiniseka ukuba ndifunda isicatshulwa seBhayibhile usuku ngalunye.” Elo tyendyana lomfana yayinguFrederick Franz, ibe ukuyithanda kwakhe iBhayibhile kwaphumela ekubeni anandiphe ubomi obude nobuphumelelayo enkonzweni kaYehova. Ubuchule bakhe bokukwazi ukucaphula izahluko ziphela zeBhayibhile ngentloko abukalityalwa nangoku.
19. Abanye balucwangcisa njani ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki lweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo?
19 AmaNgqina kaYehova akugxininisa kakhulu ukufunda iBhayibhile rhoqo. Veki nganye, xa elungiselela enye yeentlanganiso zawo zamaKristu, iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, afunda izahluko eziliqela zeBhayibhile. Iimbalasane zofundo lweBhayibhile lwaloo veki ziyaxutyushwa ebudeni baloo ntlanganiso. Amanye amaNgqina akufumanisa kuluncedo ukwahlula ufundo lweBhayibhile lweveki lube ngamacandelo amancinane asixhenxe aze afunde icandelo elinye ngosuku. Njengoko efunda, ayacamngca ngaloo mbandela. Xa kunokwenzeka, aye enze uphando olongezelelekileyo encedwa ziimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni.
20. Yintoni efunekayo ukuze siziphe ixesha lokuyifunda rhoqo iBhayibhile?
20 Kusenokufuneka ukuba ‘uzithengele ixesha’ kwezinye izinto ukuze ufunde iBhayibhile rhoqo. (Efese 5:16) Noko ke, iingenelo oya kuzifumana zizigqitha lee izinto oya kuzincama. Njengoko uzakhela umkhwa wokufunda iBhayibhile imihla ngemihla, luya kukhula uthando lwakho ngeLizwi likaThixo. Kungekudala, uya kushukunyiselwa ekubeni uthelele umdumisi xa ethetha la mazwi: “Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.” (INdumiso 119:97) Eso simo sengqondo siya kukuzisela iingenelo ngoku nakwixesha elizayo, njengoko inqaku elilandelayo liza kubonisa.
Ngaba Usakhumbula?
◻ Umbhali weNdumiso 119 wabonisa njani ukuba ulithanda ngokunzulu iLizwi likaThixo?
◻ Sisiphi isifundo esinokusifumana kumzekelo kaYesu nokaPawulos?
◻ Sinokwenza njani ukuze sihlakulele uthando ngeLizwi likaThixo?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Ookumkani abathembekileyo kwakufuneka balifunde rhoqo iLizwi likaThixo. Ngaba wenjenjalo nawe?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Kwanaxa wayeseyinkwenkwana, uYesu wayelithanda iLizwi likaThixo