UBukumkani BukaThixo—Ulawulo Olutsha Lomhlaba
“Ubukumkani . . . buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”—DANIYELI 2:44.
1. Sinokuba nayiphi intembelo eBhayibhileni?
IBHAYIBHILE sisityhilelo sikaThixo kubantu. Umpostile uPawulos wabhala wenjenje: “Xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, enaliva kuthi, nalamkela, kungekhona njengelizwi labantu, kodwa, kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo.” (1 Tesalonika 2:13) IBhayibhile iqulethe oko simele sikwazi ngoThixo: inkcazelo ngobuntu bakhe, ngeenjongo zakhe, nangemilinganiselo asibekele yona. Inesona siluleko silungileyo ngobomi bentsapho nangehambo yemihla ngemihla. Inikela iinkcukacha ngeziprofeto ezazaliseka mandulo, ezizaliseka ngoku kunye nezo ziya kuzaliseka kwixesha elizayo. Ewe, “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.”—2 Timoti 3:16, 17.
2. Wawubethelela njani uYesu umxholo weBhayibhile?
2 Eyona nto ibaluleke kakhulu eBhayibhileni ngumxholo wayo: ukuthethelelwa kolongamo lukaThixo (ilungelo lakhe lokulawula) ngoBukumkani bakhe basezulwini. UYesu wakwenza oko kwaba yinkalo ephambili yobulungiseleli bakhe. “UYesu washumayela esithi: ‘Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.’” (Mateyu 4:17) Wabonisa indawo esimele sibubeke kuyo kubomi bethu, ebongoza esithi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe.” (Mateyu 6:33) Wabonisa nendlela obubaluleke ngayo ngokufundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze kuThixo besithi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10.
Ulawulo Olutsha Lomhlaba
3. Kutheni uBukumkani bukaThixo bubaluleke kangaka kuthi?
3 Yintoni ebangela ukuba uBukumkani bukaThixo bubaluleke kangaka ebantwini? Kungenxa yokuba kungekudala buya kuthabatha inyathelo eliya kuluguqula ulawulo lwalo mhlaba ngonaphakade. Isiprofeto esikuDaniyeli 2:44 sithi: “Ngemihla yabo kumkani [balawula umhlaba ngoku] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [urhulumente wasezulwini] obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [oorhulumente bomhlaba], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” Xa uBukumkani bukaThixo bulawula ngokupheleleyo, abantu abasayi kuphinda balawule umhlaba. Ulawulo lomntu oludala iiyantlukwano nolunganelisiyo luya kupheliswa ngonaphakade.
4, 5. (a) Kutheni uYesu engoyena ufanelekileyo ukuba abe nguKumkani woBukumkani? (b) Sisiphi isabelo esiza kunikwa uYesu kwikamva elingekude?
4 UMlawuli Oyintloko woBukumkani basezulwini, owalathiswa nguYehova ngokwakhe, ngoyena ufanelekileyo—uKristu uYesu. Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, wayephila ezulwini ‘njengomsebénzi onobuchule’ kaThixo, owokuqala kuyo yonke indalo kaThixo. (IMizekeliso 8:22-31) “Ungumfanekiso kaThixo ongabonakaliyo, izibulo kwindalo yonke; ngenxa yokuba zadalwa ngaye zonke ezinye izinto emazulwini nasemhlabeni.” (Kolose 1:15, 16) Yaye xa uYesu wathunyelwa nguThixo emhlabeni, wenza ukuthanda kukaThixo ngalo lonke ixesha. Wanyamezela ezona zilingo zinzima yaye wafa ethembekile kuYise.—Yohane 4:34; 15:10.
5 Ngenxa yokunyaniseka kwakhe kuThixo de kwasa ekufeni, uYesu wavuzwa. UThixo wamvusela ezulwini waza wamnika ilungelo lokuba nguKumkani woBukumkani basezulwini. (IZenzo 2:32-36) NjengoKumkani wobo Bukumkani, uKristu uYesu uya kuba nesabelo esimangalisayo asinikwe nguThixo sokukhokela izigidi zezidalwa zomoya ezinamandla xa eshenxisa ulawulo lomntu emhlabeni nabo bonke ubungendawo obukuwo. (IMizekeliso 2:21, 22; 2 Tesalonika 1:6-9; ISityhilelo 19:11-21; 20:1-3) Emva koko uBukumkani bukaThixo basezulwini obuphantsi kukaKristu buya kuba ligunya elitsha elilawulayo, buya kuba kuphela korhulumente olawula umhlaba uphela.—ISityhilelo 11:15.
6. Luhlobo luni lolawulo esinokululindela kuKumkani woBukumkani?
6 ILizwi likaThixo xa lithetha ngoMlawuli omtsha wehlabathi lithi: “Wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze.” (Daniyeli 7:14) Ngenxa yokuba uYesu eza kuxelisa uthando lukaThixo, kuya kubakho uxolo nolonwabo olungummangaliso phantsi kolawulo lwakhe. (Mateyu 5:5; Yohane 3:16; 1 Yohane 4:7-10) “Ukwanda korhulumente wakhe noxolo akuyi kuphela, . . . ukuze axhaswe ngokusesikweni nangobulungisa.” (Isaya 9:7, Revised Standard Version) Enjani yona intsikelelo yokuba noMlawuli olawula ngothando, okusesikweni nobulungisa! Ngaloo ndlela, eyesi-2 kaPetros 3:13 ixela kusengaphambili: “Thina ke silindele amazulu amatsha [uBukumkani bukaThixo basezulwini] nomhlaba omtsha [ibutho elitsha lasemhlabeni], ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.”
7. Uzaliseka njani uMateyu 24:14 namhlanje?
7 Ngokuqinisekileyo uBukumkani bukaThixo buzezona ndaba zilungileyo kubo bonke abantu abathanda okulungileyo. Kungenxa yoko le nto, xa wayethetha ngenxalenye yomqondiso wokuba ngoku siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo ingendawo yezinto, uYesu waxela kwangaphambili esithi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (2 Timoti 3:1-5; Mateyu 24:14) Eso siprofeto ngoku siyazaliseka, njengoko amaNgqina kaYehova amalunga nezigidi ezithandathu kumazwe angama-234 echitha iiyure ezingaphezu kwamawaka ezigidi nyaka ngamnye exelela abanye ngoBukumkani bukaThixo. Ngokufanelekileyo, ndawo nganye anqulela kuyo kumabandla amalunga nama-90 000 ehlabathini lonke ibizwa ngokuba yiHolo YoBukumkani. Kulapho abantu bafundiswa khona ngorhulumente omtsha ozayo.
Abo Baza Kulawula Naye
8, 9. (a) Bavela phi abo baza kulawula noKristu? (b) Yiyiphi intembelo esinokuba nayo kulawulo lukaKumkani kunye nabo aza kulawula nabo?
8 Kuya kubakho abanye abaza kulawula noKristu uYesu kuBukumkani bukaThixo basezulwini. ISityhilelo 14:1-4 saxela kwangaphambili ukuba abantu abali-144 000 babeza ‘kuthengwa phakathi koluntu’ baze bavuselwe kubomi basezulwini. Aba baquka amadoda nabafazi abaye ngokuthobeka bakhonza uThixo nabanye abantu, kunokuba kukhonzwe bona. “Baya kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, balawule njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.” (ISityhilelo 20:6) Inani labo lincinane kakhulu xa lithelekiswa ‘nesihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi’ esiya kusinda ekupheleni kwale nkqubo. Naso sinikela kuThixo “inkonzo engcwele imini nobusuku,” kodwa sona asinalo ubizo lwasezulwini. (ISityhilelo 7:9, 15) Sibumba isiseko sehlabathi elitsha njengabalawulwa boBukumkani bukaThixo basezulwini.—INdumiso 37:29; Yohane 10:16.
9 Xa ekhetha abo baya kulawula noKristu ezulwini, uYehova wanyula abantu abathembekileyo abaye banamava azo zonke iingxaki zobomi. Phantse ayikho into abaye bajamelana nayo abantu abangakhange batyhubele kuyo nabo aba babingeleli bangookumkani. Ngoko isibakala sokuba beye baphila emhlabeni siya kubenza babe nobuchule obungakumbi bokulawula abantu. KwanoYesu “wafunda ukuthobeka ngeembandezelo awazifumanayo.” (Hebhere 5:8) Ethetha ngaye, umpostile uPawulos wathi: “Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono.” (Hebhere 4:15) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa, abantu baya kulawulwa ngookumkani nababingeleli abanothando nabanovelwano!
Ngaba UBukumkani Babukho Kwinjongo KaThixo?
10. Kutheni uBukumkani basezulwini babungeyonxalenye yenjongo kaThixo yantlandlolo?
10 Ngaba uBukumkani basezulwini babuyinxalenye yenjongo kaThixo yantlandlolo ekudaleni kwakhe uAdam noEva? Kwingxelo yendalo ekwiGenesis, akuthethwa ngoBukumkani obabuya kulawula uluntu. YayinguYehova uMlawuli wabo, yaye logama nje babemthobela, kwakungekho mfuneko yolunye ulawulo. IGenesis isahluko 1 ibonisa ukuba uYehova, mhlawumbi esebenzisa uNyana wakhe wasezulwini olizibulo, wayenxibelelana noAdam noEva. Le ngxelo isebenzisa amabinzana anjengelithi, “uThixo wathi kubo” nelithi “wahlabela mgama ke uThixo wathi” kubo.—Genesis 1:28, 29; Yohane 1:1.
11. Sisiphi isiqalo esigqibeleleyo ababenaso abantu?
11 IBhayibhile ithi: “UThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.” (Genesis 1:31) Yonke into eyayisemyezweni wase-Eden yayigqibelele ngokupheleleyo. UAdam noEva babephila eparadesi. Babeneengqondo nemizimba efezekileyo. Babekwazi ukunxibelelana noMenzi wabo. Yaye ukuba babeye bahlala bethembekile, babeya kuzala abantwana abafezekileyo. Kwakungayi kubakho mfuneko yorhulumente omtsha wasezulwini.
12, 13. Njengoko abantu abafezekileyo babeza kwanda, kutheni uThixo wayeya kuqhubeka ekwazi ukunxibelelana nabo?
12 Njengoko intsapho yabantu yayiza kwanda, wayeza kunxibelelana nayo njani uThixo? Khawucinge ngeenkwenkwezi zezulu. Zingamaqela enza iziqithana ezibizwa ngokuba yiminyele. Eminye iminyele ineenkwenkwezi eziliwaka lezigidi. Eminye inezisisigidi sezigidi. Yaye izazinzulu zithelekelela ukuba kukho iminyele emalunga ne-100 lamawaka ezigidi kummandla wendalo obonakalayo! Ukanti, uMdali uthi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto? NguLowo uzisa umkhosi wazo kanye ngokwenani, uzibiza nangegama xa zizonke. Ngenxa yamandla amakhulu, kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.”—Isaya 40:26.
13 Ekubeni uThixo enako ukugcina ingxelo yazo zonke ezi zidalwa zasezulwini, ngokuqinisekileyo bekungayi kuba yingxaki ukuba agcine ingxelo yabantu abambalwa. Kwanangoku, izigidi zabakhonzi bakhe zithandaza kuye yonke imihla. Loo mithandazo ifika ngoko nangoko kuThixo. Ngoko ukunxibelelana nabantu abafezekileyo kwakungayi kuba yingxaki kuye. Kwakungayi kude kufuneke uBukumkani basezulwini ukuze akwazi ukugcina ingxelo yabo. Elinjani ukuba lihle ilungiselelo—lokuba noMlawuli onguYehova, lokukwazi ukunxibelelana naye ngokuthe ngqo, nokuba nethemba lokungaze sife, siphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi!
“Ayikho Semntwini”
14. Kutheni abantu beya kuhlala belufuna ulawulo lukaYehova?
14 Noko ke, abantu—kwanabo bafezekileyo—babeya kuhlala belufuna ulawulo lukaYehova. Ngoba? Ngenxa yokuba uYehova akazange abadale ukuba bakwazi ukuzimela ngokunempumelelo ngaphandle kolawulo lwakhe. Lowo ngumthetho wabantu, njengoko umprofeti uYeremiya waphawulayo: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe. Ndilungise, Yehova.” (Yeremiya 10:23, 24) Bekuya kuba bubudenge ngabantu ukucinga ukuba bebenokukwazi ukulawula ibutho labantu bengalawulwa nguYehova. Bekuya kuba kokuchaseneyo nendlela abadalwe ngayo. Ukungabikho phantsi kolawulo lukaYehova, ngokuqinisekileyo kwakuya kubangela ukuba kubekho ukuzingca, intiyo, inkohlakalo, ugonyamelo, iimfazwe nokufa. ‘Umntu wayeya kulawula umntu ibe kukwenzakala kwakhe.’—INtshumayeli 8:9.
15. Yiyiphi imiphumo eyabakho ngenxa yokhetho oluphosakeleyo lwabazali bethu bokuqala?
15 Okulusizi kukuba, abazali bethu bokuqala bagqiba kwelokuba kwakungaseyomfuneko ukuba uThixo abe nguMlawuli wabo, yaye bakhetha ukuziphilela ngaphandle kwakhe. Ngenxa yoko, uThixo akazange abagcine befezekile. Ngoku babefana nesixhobo sombane esisusiweyo kumthombo waso wamandla. Ngoko ekuhambeni kwexesha, babeza kuphelelwa ngokuthe ngcembe bagqibele ngokuwohloka—xa besifa. Bafana nento eveliswe kuqala enesiphako, yaye eso siphako kuphela kwento ababenokuyidlulisela kwinzala yabo. (Roma 5:12) “NguLiwa [uYehova], ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. . . . Bazonakalisile ngokwabo abangobantwana bakhe, bazizisele isiphako ngokwabo.” (Duteronomi 32:4, 5) Enyanisweni, uAdam noEva baphenjelelwa sisidalwa somoya esasinemvukelo nesaba nguSathana, kodwa babeneengqondo ezifezekileyo yaye ngebabengazange bawamkele amacebo akhe aphosakeleyo.—Genesis 3:1-19; Yakobi 4:7.
16. Imbali iwungqinela njani umphumo owabakho ngenxa yokuzimela geqe kwabantu kuThixo?
16 Imbali inentabalala yobungqina bomphumo wokuzimela geqe kuThixo. Kangangamawaka eminyaka, abantu baye bazama lonke uhlobo lorhulumente, nalo lonke uhlobo lwenkqubo yoqoqosho neyentlalo. Ukanti, ubungendawo buyaqhubeka ‘buhambela phambili.’ (2 Timoti 3:13) Inkulungwane yama-20 iye yakungqina oko. Ibizaliswe yintiyo ekrakra, ugonyamelo olugqithiseleyo, iimfazwe, indlala, ubuhlwempu nokubandezeleka ngomkhamo ongazange ubonwe ngaphambili. Yaye ingakhathaliseki inkqubela ekhoyo kwezonyango, ekugqibeleni wonk’ ubani uyafa. (INtshumayeli 9:5, 10) Ngokuzama ukwalathisela amanyathelo abo, abantu baye bazenza amaxhoba kaSathana needemon zakhe, kangangokuba iBhayibhile ibiza uSathana ngokuthi ‘nguthixo wale nkqubo yezinto.’—2 Korinte 4:4.
Isipho Sokuzikhethela
17. Sasiza kusetyenziswa njani isipho sikaThixo sokuzikhethela?
17 Kwakutheni ukuze uYehova avumele abantu ukuba bahambe ngabayibonayo? Kungenxa yokuba wabadala banesiphiwo esingummangaliso sokuzikhethela, isiphiwo senkululeko yokuzikhethela. Umpostile uPawulos wathi: “Apho ukhoyo umoya kaYehova, kukho inkululeko.” (2 Korinte 3:17) Akakho umntu ofuna ukuba yirobhothi, onokuvuma ukuba kubekho umntu omenzela izigqibo mzuzu ngamnye ngento amele ayithethe namele ayenze. Kodwa uYehova wayefuna abantu basisebenzise ngentembeko eso sipho sokuzikhethela, ukuze babone ubulumko bokwenza ukuthanda kwakhe baze bahlale bemthobela. (Galati 5:13) Ngoko leyo yayingayi kuba yinkululeko engasikelwanga mda, kuba oko kwakuya kubangela isiphithi-phithi. Yayiza kulawulwa yimithetho kaThixo yobulungisa.
18. Yintoni eye yaboniswa nguThixo ngokuvumela umntu asebenzise inkululeko yokuzikhethela?
18 Ngokuvumela intsapho engabantu ukuba ihambe ngeyibonayo, uThixo uye wabonisa ukuba siyalufuna ulawulo lwakhe. Indlela yakhe yokulawula, ulongamo lwakhe, kuphela kwendlela elungileyo. Lubangela ulonwabo, ulwaneliseko nempumelelo engummangaliso. Kungenxa yokuba uYehova wabangela ukuba iingqondo nemizimba yethu isebenze kakuhle xa ivisisaniswa nemithetho yakhe. “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.” (Isaya 48:17) Inkululeko yokuzikhethela, xa ivumelana nemithetho kaThixo, yayingayi kuba luxanduva kodwa yayiya kubangela ukuba kubekho iintlobo ngeentlobo zokutya okumnandi, amakhaya, ubugcisa nomculo oziindidi ngeendidi. Xa isetyenziswe kakuhle, inkululeko yokuzikhethela yayiya kwenza ubomi bubangel’ imincili kwiparadesi esemhlabeni.
19. Nguwuphi uthunywashe osetyenziswa nguThixo ukuze axolelanise abantu kunye naye?
19 Kodwa ngenxa yokwenza ukhetho oluphosakeleyo, abantu baye bazahlukanisa noYehova, baba ngabangafezekanga, bawohloka baza bafa. Ngoko kwakuya kufuneka bakhululwe kuloo meko ilusizi baze babuyiselwe kulwalamano olufanelekileyo noThixo njengoonyana neentombi zakhe. Uthunywashe oye wakhethwa nguThixo ukuze aphumeze oku buBukumkani, yaye uMhlawuleli nguYesu Kristu. (Yohane 3:16) Ngenxa yeli lungiselelo, abo baguquka ngokwenene—njengonyana wolahleko okumzekeliso kaYesu—baya kuxolelaniswa noThixo aze abamkele njengabantwana bakhe.—Luka 15:11-24; Roma 8:21; 2 Korinte 6:18.
20. UBukumkani buya kuyizalisekisa njani injongo kaThixo?
20 Ngokuqinisekileyo, ukuthanda kukaYehova kuya kuphunyezwa emhlabeni. (Isaya 14:24, 27; 55:11) Esebenzisa uBukumkani bakhe obuphantsi kukaKristu, uThixo uya kulithethelela (okanye uya kuzingqina elifanelekele) ilungelo lakhe lokuba nguMongami wethu. UBukumkani buya kuluphelisa ulawulo lwabantu nolweedemon emhlabeni, yaye kuya kulawula bona kuphela busezulwini iminyaka eliwaka. (Roma 16:20; ISityhilelo 20:1-6) Kodwa ebudeni belo xesha, kuya kuboniswa njani ukongama kolawulo lukaYehova? Yaye buya kuba nayiphi indima uBukumkani emva kweminyaka eliwaka? Le mibuzo iza kuhlolisiswa kwinqaku elilandelayo.
Iingongoma Zempinda
• Uthini umxholo weBhayibhile?
• Ngoobani ababumba ulawulo olutsha lomhlaba?
• Kutheni lungasayi kuze luphumelele ulawulo lomntu ngaphandle kukaThixo?
• Imele isetyenziswe njani inkululeko yokuzikhethela?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Imfundiso kaYesu yabethelela ulawulo lukaThixo ngoBukumkani
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Kuwo onke amazwe eyona nto iphambili ifundiswa ngamaNgqina kaYehova buBukumkani
[Imifanekiso ekwiphepha 14]
Imbali ingqina ukuba ukuzimela geqe kuThixo kuye kwabangela imiphumo emibi
[Inkcazelo]
WWI soldiers: U.S. National Archives photo; concentration camp: Oświęcim Museum; child: UN PHOTO 186156/J. Isaac