Isaya
48 Yiva apha, wena ndlu kaYakobi,
Wena uzibiza ngegama likaSirayeli+
Nawe usuka kumanzi akwaYuda,*
Wena ufunga ngegama likaYehova,+
Uthandaza kuThixo kaSirayeli,
Nangona ezi zinto ungazenzi ngokunyaniseka nangobulungisa.+
2 Kuba bathi basuka kwisixeko esingcwele,+
Kwaye bafuna ukuxhaswa nguThixo kaSirayeli,+
Ogama linguYehova wemikhosi.
3 “Izinto ezenzeka kudala* ndakuxelela zingekenzeki.
Zaphuma kowam umlomo,
Ibe ndazithetha ebantwini.+
Ndazenza ngesiquphe, zaza zenzeka.+
4 Kuba ndandiyazi indlela onenkani ngayo;
Intamo yakho yimisipha yentsimbi, nebunzi lakho yikopolo,+
5 Ndakuxelela kwakudala.
Waziva ngam ngaphambi kokuba zenzeke,
Ukuze ungathi, ‘Ezi zinto zenziwe sisithixo sam;
Ngumfanekiso wam oqingqiweyo nomfanekiso wam wesinyithi oyalele ukuba zenzeke.’
6 Uzivile waza wazibonela zonke ezi zinto.
Awuzukuzixela ke?+
Ukususela ngoku, ndikuxelela izinto ezintsha,+
Iimfihlelo ezibalulekileyo ubukade ungazazi.
7 Azizange zidalwe kudala, kungona zidalwa ngoku,
Zizinto oza kuqala ukuziva namhlanje,
Ukuze ungakwazi ukuthi, ‘Jonga! Sendizazi nje.’
9 Kodwa ndiza kuwubamba umsindo wam ngenxa nje yegama lam;+
Ibe ndiza kuzinqanda, ngenxa yozuko lwam,
Andizukukucima igama.+
10 Jonga! Ndikusulungekisile, kodwa kungekhona ngohlobo lwesilivere.+
Ndikuvavanye* ezikweni lokunyibilikisa nelentlungu.+
11 Izinto endizenzayo ndizenza ngenxa yam, ngenxa yam kanye,+
Kuba ndingalivumela njani igama lam lingcoliswe?+
Akukho namnye endimnika uzuko lwam.
12 Khawundimamele Yakobi, nawe Sirayeli endimbizileyo.
NdisenguLowa.+ Ndingowokuqala; ndikwanguye nowokugqibela.+
Zonke xa ndizibiza, zisabela kunye.
14 Qokelelanani nonke, nize nimamele.
Ngubani kubo okhe wazixela ezi zinto?
UYehova umthandile.+
15 Mna, mna kanye ndimbizile.+
Uziswe ndim, ibe indlela yakhe iza kuphumelela.+
16 Sondelani kum, nize nimamele apha.
Andizange ndithethe emfihlekweni kwasekuqaleni.+
Ndandikho ukususela kwixesha eyenzeka ngalo.”
Yaye ngoku iNkosi enguMongami uYehova indithumile, kunye nomoya wayo.
17 Uthi uYehova, uMhlawuleli wakho, Lowo Ungcwele kaSirayeli:+
“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho,
Lowo ukufundisa izinto ezikuncedayo,*+
Lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo.+
18 Ukuba nje ubungayimamela imiyalelo yam!+
Igama lazo belingazukucinywa okanye litshatyalaliswe phambi kwam.”
Balekani nimke kumaKhaledi.
Yithetheni loo nto, khwazani nivuya! Yikhwazeni!+
Yaziseni nakwezona ndawo zikude emhlabeni.+
Yithini: “UYehova umhlawulele umkhonzi wakhe uYakobi.+
21 Abazange banxanwe xa wayebanqumlisa kwiindawo ezomileyo.+
Wabakhuphela amanzi eliweni;
Waqhekeza iliwa ukuze kumpompoze amanzi.”+