Qhubeka Nomsebenzi Wokuvuna!
“Abo bahlwayela imbewu ngeenyembezi baya kuvuna ngentswahla yovuyo.”—INDUMISO 126:5.
1. Kutheni simele ‘sibongoze iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo’ namhlanje?
EMVA kokubuya kukaYesu Kristu kuhambo lwesithathu lokushumayela eGalili, wathi kubafundi bakhe: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa.” (Mateyu 9:37) Imeko yayifana nakwelakwaYuda. (Luka 10:2) Ekubeni imeko yayinjalo phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, kunjani namhlanje? Eneneni, ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo, amaNgqina kaYehova angaphezu kwezi-6 000 000 aye aqhubeka nomsebenzi wokuvuna wokomfuziselo phakathi kwabemi bomhlaba abazizi-6 000 000 000, yaye uninzi lwabo ‘luhlinzekile, lulahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’ Ngoko umyalelo kaYesu ‘wokubongoza iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo’ ubalulekile ngoku njengoko kwakunjalo kwiinkulungwane ezadlulayo.—Mateyu 9:36, 38.
2. Yintoni etsalel’ ingqalelo yabantu kuthi?
2 UYehova uThixo, iNkosi yesivuno, uye wasiphendula isibongozo sokuthumela abasebenzi abangakumbi. Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukuba nesabelo kulo msebenzi wokuvuna walathiswa nguThixo! Nangona simbalwa xa sithelekiswa neentlanga, inzondelelo esinayo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi yenza ihlabathi likuphawule oku. Kumazwe amaninzi sikhankanywa ngokufuthi ezindabeni. Xa kunkqonkqozwa emnyango kumdlalo okumabonwakude abantu basenokuthi iyawa ngamaNgqina kaYehova lawo. Ewe, umsebenzi wethu njengamaKristu, nabasebenzi besivuno bokomfuziselo waziwa ngokubanzi kule nkulungwane yama-21.
3. (a) Sazi njani ukuba umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owawusenziwa ngenkulungwane yokuqala wawubonakala ebantwini? (b) Sinokutsho njani ukuba iingelosi ziyasixhasa kubulungiseleli bethu?
3 Ihlabathi lawuphawula umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani ngenkulungwane yokuqala yaye labatshutshisa abavakalisi beendaba ezilungileyo. Ngaloo ndlela, umpostile uPawulos wabhala: “Kubonakala ukuba uThixo uye wasibeka thina bapostile saba ngabokugqibela embonisweni njengabantu abamiselwe ukufa, ngenxa yokuba [thina bapostile] siye saba ngumboniso wokubonelwa lihlabathi, naziingelosi, nangabantu.” (1 Korinte 4:9) Ngokufanayo, ukunyamezela kwethu njengabavakalisi boBukumkani nangona sitshutshiswa kutsala ingqalelo yehlabathi yaye kubalulekile kwiingelosi. ISityhilelo 14:6 sithi: “[Mna mpostile uYohane] ndabona enye ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.” Ewe, iingelosi ziyasixhasa kubulungiseleli bethu—kumsebenzi wethu wokuvuna!—Hebhere 1:13, 14.
“Niya Kuthiywa”
4, 5. (a) Sisiphi isilumkiso uYesu awasidlulisela kubafundi bakhe? (b) Kutheni abakhonzi bakaThixo banamhlanje ‘bethiyiwe’?
4 Xa abapostile bakaYesu bathunywa njengabasebenzi besivuno, bathobela umyalelo ‘wokulumka njengeenyoka ukanti babe msulwa njengamahobe.’ UYesu wongezelela wathi: “Zilindeni ngokunxamnye nabantu; kuba baya kuninikela kwiinkundla zasekuhlaleni, yaye baya kunityakatya kwizindlu zabo zesikhungu. Kaloku, niya kurholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo nakwiintlanga. . . . Yaye niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa lowo uye wanyamezela kwasa ekupheleni ngulowo oya kusindiswa.”—Mateyu 10:16-22.
5 ‘Sithiyiwe’ namhlanje ngenxa yokuba “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo,” uSathana uMtyholi, ololona tshaba luphambili lukaThixo nabantu Bakhe. (1 Yohane 5:19) Iintshaba zethu ziyayibona inkqubela phambili yethu yokomoya kodwa azivumi ukuzukisa uYehova ngenxa yoko. Abachasi bayasibona xa sonwabile, sincumile njengoko sisiba nesabelo ngovuyo kumsebenzi wokuvuna. Bayamangaliswa lumanyano esinalo! Eneneni, basenokukuvuma oko bemathidala xa besiya kwelinye ilizwe baze bafike amaNgqina kaYehova esenza umsebenzi ofana nalowo bawubona usenziwa kwilizwe labo. Kakade ke, siyazi ukuba ngexesha elifanelekileyo, kwaneentshaba zethu ziya kumazi uYehova ongumxhasi wethu nomthombo womanyano lwethu.—Hezekile 38:10-12, 23.
6. Sisiphi isiqinisekiso esinaso njengoko sisiba nesabelo kumsebenzi wokuvuna, kodwa nguwuphi umbuzo esinokuzibuza wona?
6 INkosi yesivuno inike uNyana wayo, uYesu Kristu, “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” (Mateyu 28:18) Ngaloo ndlela, uYehova usebenzisa uYesu ukwalathisa kumsebenzi wokuvuna owenziwa ziingelosi zasezulwini nabathanjiswa ababumba ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ elilapha emhlabeni. (Mateyu 24:45-47; ISityhilelo 14:6, 7) Kodwa sinokuhlangabezana njani nenkcaso yotshaba size kwangaxeshanye silondoloze uvuyo lwethu njengoko siqhubeka nalo msebenzi wokuvuna?
7. Sifanele sizabalazele ukuba nasiphi isimo sengqondo xa sichaswa okanye xa sitshutshiswa?
7 Xa sihlangabezana nenkcaso okanye xa sitshutshiswa ngokungqalileyo, masifune uncedo lukaThixo ukuze silondoloze isimo sengqondo esifana nesikaPawulos. Wabhala: “Xa sitshabhiswa, siyasikelela; xa sitshutshiswa, siyanyamezela; xa sinyeliswa, siyabongoza.” (1 Korinte 4:12, 13) Esi simo sengqondo, nokusebenzisa ubulumko kubulungiseleli bethu, maxa wambi kunokusiguqula isimo sengqondo sabo basichasayo.
8. Sisiphi isiqinisekiso osifumana kumazwi kaYesu abhalwe kuMateyu 10:28?
8 Kwanesisongelo sokufa asinakuyidambisa inzondelelo yethu njengabasebenzi besivuno. Ngokungenaloyiko sivakalisa isigidimi soBukumkani ngokungafihlisiyo kangangoko kunokwenzeka. Yaye sifumana isiqinisekiso esikhuthazayo kumazwi kaYesu athi: “Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengenako ukubulala umphefumlo; kodwa kunoko yoyikani lowo unako ukutshabalalisa kokubini umphefumlo nomzimba eGehena.” (Mateyu 10:28) Siyazi ukuba uBawo wethu wasezulwini unguMniki-bomi. Uyabavuza abo bagcina ingqibelelo yabo kuye baze baqhubeke besenza umsebenzi wokuvuna ngokuthembeka.
Isigidimi Esisindis’ Ubomi
9. Babesabela njani abanye kumazwi kaHezekile, yaye yiyiphi into efanayo eyenzeka namhlanje?
9 Xa umprofeti uHezekile wavakalisa izigidimi zikaYehova ngenkalipho “kwiintlanga ezinemvukelo”—ubukumkani bakwaSirayeli nobakwaYuda—abanye abantu bakuvuyela ukuphulaphula oko wayekuthetha. (Hezekile 2:3) UYehova wathi: “Khangela! kubo unjengengoma yothando lwenkanuko yenyama, njengonelizwi elihle nodlala kakuhle umrhubhe.” (Hezekile 33:32) Nangona babekuthanda oko kwakuthethwa nguHezekile, abazange bakusebenzise. Kwenzeka ntoni namhlanje? Xa intsalela ethanjisiweyo namaqabane ayo bevakalisa izigidimi zikaYehova ngenkalipho, abanye bayakuthanda ukuphulaphula xa kuthethwa ngeentsikelelo zoBukumkani, kodwa ababonakalisi luxabiso, baze babe ngabafundi, bathelele kumsebenzi wokuvuna.
10, 11. Kwisiqingatha sokuqala senkulungwane yama-20, yintoni eyenziwayo ukuze kusasazwe isigidimi esisindis’ ubomi, yaye waba yintoni umphumo?
10 Kwelinye icala, abantu abaninzi baye basabela kakuhle kumsebenzi wokuvuna yaye baye baba nesabelo ekuvakaliseni izigidimi zikaThixo. Ngokomzekelo, ebudeni bongcelele lweendibano zamaKristu ukususela ngowe-1922 ukusa kowe-1928, kwavakaliswa izigidimi zomgwebo kule nkqubo kaSathana ingendawo. Amajelo osasazo ayisasaza le migwebo kwakuthethwa ngayo kwezo ndibano. Emva koko, abantu bakaThixo basasaza izigidi zemibhalo ethetha ngale migwebo.
11 Ngasekupheleni kweminyaka yee-1930, kwaqaliswa enye indlela yokunikela ubungqina—ungcelele lwabantu abaphethe izibhengezo. Ekuqaleni, abantu bakaYehova babenxiba iiplacards ezazibhengeza iintetho zesidlangalala. Kamva, babephatha iiplacards ezazinemibhalo efana nothi “Unqulo Lusisabatha Nesirhintyelo,” nothi “Khonza uThixo noKristu onguKumkani.” Xa babehamba ezitratweni, babetsala ingqalelo yabantu abadlulayo. Omnye umzalwana owayesiba nesabelo kulo msebenzi kwizitrato eziphithizelayo zaseLondon, eNgilani wathi: ‘Oku kwatsalela ingqalelo yabantu kumaNgqina kaYehova yaye kwawenza aba nenkalipho.’
12. Ukongezelela kwizigidimi zomgwebo kaThixo, yiyiphi inkalo yobulungiseleli bethu eye yabalaseliswa, yaye ngoobani abamanyeneyo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo?
12 Njengoko sivakalisa izigidimi zomgwebo kaThixo, sikwathetha nangeenkalo ezikhuthazayo zesigidimi soBukumkani. Ukushumayela kwethu ehlabathini ngenkalipho kusinceda sifune abo bafanelekayo. (Mateyu 10:11) Inkoliso yamalungu okugqibela odidi lwabathanjiswa yasabela kwisibhengezo sokufunwa kwabavuni ebudeni beminyaka yee-1920 neyee-1930. Emva koko, kwindibano yowe-1935, kwavakala iindaba ezimnandi zeentsikelelo zekamva ‘lesihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu’ kumhlaba oyiparadesi. (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16) Siye sathobela izigidimi zomgwebo kaThixo yaye siye samanyana nabathanjiswa ekushumayeleni iindaba ezilungileyo nezisindis’ ubomi.
13, 14. (a) Luluphi ukhuthazo olunokufunyanwa kwiNdumiso 126:5, 6? (b) Ukuba siyaqhubeka sihlwayela size sinkcenkceshele, yintoni eya kwenzeka?
13 Alukhuthazo kakhulu kubasebenzi besivuno sikaThixo, ingakumbi abo batshutshiswayo, amazwi afumaneka kwiNdumiso 126:5, 6 athi: “Abo bahlwayela imbewu ngeenyembezi baya kuvuna ngentswahla yovuyo. Nalowo uthi nakanjani na aphume, elila, ethwele ingxowa ezele yimbewu, nakanjani na uya kufika enentswahla yovuyo, ethwele izithungu zakhe.” Amazwi omdumisi athetha ngokuhlwayela nokuvuna abonisa inyameko nentsikelelo kaYehova kwintsalela eyayivela ekuthinjweni kwiBhabhiloni yamandulo. Yayivuya kakhulu emva kokukhululwa kwayo, kodwa kusenokwenzeka ukuba yayilila xa ihlwayela imbewu kumhlaba owawuyinkangala owawungalinywa ebudeni beminyaka engama-70 yokuthinjwa kwayo. Noko ke, abo baqhubeka besenza umsebenzi wokuhlwayela nokwakha banandipha isiqhamo nolwaneliseko ngenxa yomsebenzi wabo.
14 Sinokulila xa sivavanywa okanye xa thina okanye amanye amakholwa ebandezeleka ngenxa yobulungisa. (1 Petros 3:14) Ekuqaleni, sisenokufumana ubunzima kumsebenzi wethu wokuvuna ngenxa yokuba kungabonakali mpumelelo kwimigudu esiyenzayo kubulungiseleli. Kodwa ukuba siyaqhubeka sihlwayela size sinkcenkceshele, uThixo uya kuhlumisa, ngokufuthi uya kwenza ngaphezu kokuba besilindele. (1 Korinte 3:6) Oku kubonakala kakuhle ekusasazweni kweeBhayibhile neempapasho zeZibhalo.
15. Yenza umzekelo ngendlela eziluncedo ngayo iimpapasho zamaKristu kumsebenzi wokuvuna.
15 Qwalasela umzekelo wendoda egama linguJim. Emva kokufa kukanina, yafumana phakathi kwempahla yakhe umbhalo wencwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?a Yayifunda ngomdla. Xa wayexubusha nelinye iNgqina awayedibene nalo esitratweni, uJim wavuma ukuba libuyele kuye yaye oku kwakhokelela ekubeni kuqaliswe isifundo seBhayibhile. UJim wenza inkqubela yokomoya ngokukhawuleza, wazahlulela kuYehova waza wabhaptizwa. Waxelela amanye amalungu entsapho yakhe ngezinto azifundileyo. Ngenxa yoko, udade wabo nomkhuluwa wakhe baba ngamaNgqina kaYehova, yaye kamva uJim wanandipha ilungelo lokukhonza njengetsha-ntliziyo lexesha elizeleyo eBheteli eLondon.
Ukuvuya Nangona Sitshutshiswa
16. (a) Kutheni kuye kwakho impumelelo kumsebenzi wokuvuna? (b) Sisiphi isilumkiso esanikelwa nguYesu ngokuphathelele oko kuye kwenzeke ngenxa yeendaba ezilungileyo, kodwa siya sinasiphi isimo sengqondo ebantwini?
16 Kutheni kuye kwakho impumelelo engaka kumsebenzi wokuvuna? Kungenxa yokuba amaKristu athanjisiweyo kunye namaqabane awo aye athobela umyalelo kaYesu othi: “Oko ndinixelela kona ebumnyameni, kuthetheni ekukhanyeni; oko nikuva kusetyezwa, kushumayeleni phezu kwezindlu.” (Mateyu 10:27) Noko ke, sinokulindela ubunzima, kuba uYesu walumkisa esithi: “Umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, noyise umntwana wakhe, nabantwana baya kuvukela abazali kwaye baya kubabulalisa.” Ngokubhekele phaya uYesu wathi: “Musani ukucinga ukuba ndize kungenisa uxolo emhlabeni; ndize kungenisa, kungekhona uxolo, kodwa ikrele.” (Mateyu 10:21, 34) UYesu wayengenanjongo yokwahlula iintsapho. Kodwa maxa wambi iindaba ezilungileyo zazibangela ukuba kube njalo. Oku kuyafana noko kwenzeka phakathi kwabakhonzi bakaThixo namhlanje. Xa sityelela iintsapho, asinanjongo yakuzahlula. Umnqweno wethu kukuba wonk’ ubani amkele iindaba ezilungileyo. Ngoko ke, sizama ukuthetha nawo onke amalungu entsapho ngobubele, nangovelwano nto leyo ebangela ukuba isigidimi sethu sibe nomtsalane kwabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’—IZenzo 13:48.
17. Bahluke njani abo baphakamisa ulongamo lukaThixo, yaye nguwuphi omnye umzekelo woku?
17 Isigidimi soBukumkani siye sabahlula abo baphakamisa ulongamo lukaThixo. Ngokomzekelo, phawula indlela abanye abanquli abahluka ngayo ngenxa yokuba ‘babuyisela izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo’ ngemihla yobuSoshiyali baseJamani. (Luka 20:25) Ngokwahlukileyo kwiinkokeli zonqulo nabo bazibanga bengamaKristu ahamba iicawa zeNgqobhoko, abakhonzi bakaYehova bema ngokuqinileyo, abazange bavume ukwaphula imigaqo yeBhayibhile. (Isaya 2:4; Mateyu 4:10; Yohane 17:16) UNjingalwazi Christine King, umbhali wencwadi ethi The Nazi State and the New Religions, wathi: “NgamaNgqina kuphela angazange aphule ingqibelelo yawo ngenxa karhulumente [wamaNazi], kuba nangona wabulala amawaka, umsebenzi waqhubeka yaye ngoMeyi 1945 intlangano yamaNgqina kaYehova yayisekho, ngoxa ubuSoshiyali babusele buphelile.”
18. Sisiphi isimo sengqondo esibonakaliswa ngabantu bakaYehova nangona betshutshiswa?
18 Eneneni, sibalulekile isimo sengqondo esibonakaliswa ngabantu bakaYehova xa bejamelene nentshutshiso. Ngoxa abasemagunyeni bechukumiseka ngenxa yokholo lwethu, bayamangaliswa kukuba singenangqumbo okanye inzondo. Ngokomzekelo, amaNgqina asinda eKubulaweni kwaBantu Ngenkohlakalo, ngokufuthi, avakalisa uvuyo nolwaneliseko xa ekhangela emva kumava awatyhubela kuwo. Ayazi ukuba uYehova wawanika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.” (2 Korinte 4:7) Abathanjiswa abaphakathi kwethu baqinisekile ukuba ‘amagama abo abhaliwe emazulwini.’ (Luka 10:20) Unyamezelo lwabo lubangela ithemba elingadanisiyo, nabasebenzi besivuno abathembekileyo abanethemba lokuphila emhlabeni beyiseke ngendlela efanayo.—Roma 5:4, 5.
Nyamezela Kumsebenzi Wokuvuna
19. Ziziphi iindlela eziphumelelayo eziye zasetyenziswa kubulungiseleli bamaKristu?
19 Asazi ukuba uYehova uza kuvumela ukuba siwenze kude kube nini lo msebenzi wokuvuna wokomfuziselo. Okwangoku, sifanele sikhumbule ukuba abavuni baneendlela ezikhethekileyo zokwenza umsebenzi wabo. Ngokufanayo, sinokuqiniseka ukuba siya kuphumelela xa siqhubeka sisebenzisa iindlela zokushumayela eziye zangqineka ziphumelela. UPawulos waxelela amanye amaKristu: “Ndiyanibongoza, . . . yibani ngabaxelisa mna.” (1 Korinte 4:16) Xa uPawulos wadibana nabadala base-Efese eMileto, wabakhumbuza ukuba akazange ayeke ukubafundisa “esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu.” (IZenzo 20:20, 21) UTimoti iqabane likaPawulos wayefunde iindlela ezazisetyenziswa ngulo mpostile yaye ngaloo ndlela wayenokubaqhelanisa nazo abo baseKorinte. (1 Korinte 4:17) UThixo wazisikelela iindlela zokufundisa ezazisetyenziswa nguPawulos, kanye njengoko eya kukusikelela ukuzingisa kwethu ekushumayeleni iindaba ezilungileyo esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu, ekwenzeni amabuyelo, kwizifundo zeBhayibhile zamakhaya nakuyo nayiphi na indawo enabantu.—IZenzo 17:17.
20. UYesu wabonisa njani ukuba kwakukho intabalala yesivuno sokomoya, yaye oku kuye kwangqineka kuyinyaniso njani?
20 Emva kokunikela ubungqina kumfazi womSamariya kufuphi neSikare ngowama-30 C.E., uYesu wathetha ngesivuno sokomoya. Wathi kubafundi bakhe: “Phakamisani amehlo enu nize nibone amasimi, ukuba amhlophe ukuze kuvunwe. Umvuni sele efumana umvuzo yaye ehlanganisa isiqhamo sobomi obungunaphakade, khon’ ukuze umhlwayeli nomvuni babe nemihlali kunye.” (Yohane 4:34-36) Mhlawumbi uYesu wayesele ekubonile okwenzekayo emva kokudibana kwakhe nomfazi womSamariya, kuba abaninzi bakholwa kuye ngenxa yobungqina obuvela kuye. (Yohane 4:39) Kwiminyaka yakutshanje, amazwe awahlukahlukeneyo aye ayeka ukuvala umsebenzi wamaNgqina kaYehova okanye awamkela ngokusemthethweni, ngaloo ndlela evula amasimi amatsha okuvunwa. Umphumo kukuba ngoku, kukho intabalala yesivuno sokomoya. Eneneni, ehlabathini lonke, sifumana intabalala yeentsikelelo njengoko ngovuyo siqhubeka sisiba nesabelo kwisivuno sokomoya.
21. Kutheni sinesizathu sokuqhubeka njengabasebenzi abavuyayo?
21 Xa izilimo zilungele ukuvunwa, abasebenzi bafanele basebenze ngongxamiseko. Bamele basebenze ngokukhawuleza. Namhlanje, kufuneka sisebenze ngenkuthalo nangemvo yongxamiseko ngenxa yokuba siphila ‘kwixesha lesiphelo.’ (Daniyeli 12:4) Ewe, sihlangabezana neemvavanyo, kodwa abanquli bakaYehova bajongene nesivuno esikhulu gqitha kunanini na ngaphambili. Ngoko ke, lo ngumhla wokuba nemihlali. (Isaya 9:3) Ngaloo ndlela, njengabasebenzi abavuyayo, masiqhubeke nomsebenzi wokuvuna!
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yaza yasasazwa ngamaNgqina kaYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• INkosi yesivuno iye yasiphendula njani isibongozo sokucela abasebenzi abangakumbi?
• Nangona ‘sithiyiwe,’ sisiphi isimo sengqondo esihlala sinaso?
• Kutheni sivuya nangona sitshutshiswa?
• Kutheni sifanele sizingise kumsebenzi wokuvuna sinemvo yongxamiseko?
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Abo banesabelo kwisivuno sokomoya baxhaswa ziingelosi
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ungcelele lwabantu abaphethe izibhengezo lwatsalela ingqalelo yabaninzi kwisigidimi soBukumkani
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Siyatyala size sinkcenkceshele, kodwa nguThixo okhulisayo