Intsikelelo KaYehova Iyasityebisa
“Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.”—IMIZEKELISO 10:22.
1, 2. Kutheni ulonwabo lunganxulunyaniswa nobutyebi bezinto eziphathekayo?
USUKELO lwezinto eziphathekayo lulawula ubomi bezigidi zabantu namhlanje. Kodwa ngaba izinto eziphathekayo zibenza bonwabe? IThe Australian Women’s Weekly ithi: “Andikhumbuli ukuba abantu babekhe bakhathazeka ngendlela abakhathazeke ngayo namhlanje yindlela yokuphila.” Yongezelela isithi: “Kaloku oku kuyadida. Sixelelwa ukuba imeko yezoqoqosho yaseOstreliya iyancumisa, yaye ubomi bulunge ngakumbi kunangaphambili. . . . Sekunjalo, kulo lonke elo lizwe ukuphelelwa lithemba kuxhaphakile. Amadoda namabhinqa avakalelwa kukuba kukho nto isilelayo ebomini bawo kodwa akazi ukuba yintoni kanye kanye.” Hayi indlela ezichane ngayo iZibhalo xa zibonisa ukuba ulonwabo nobomi abufumaneki ngenxa yezinto esinazo!—INtshumayeli 5:10; Luka 12:15.
2 IBhayibhile ifundisa ukuba olona lonwabo lufumaneka kwintsikelelo kaThixo. Ngokuphathelele le nkalo, iMizekeliso 10:22 ithi: “Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.” Ngokufuthi, intlungu ibangelwa kukubawela ubutyebi bezinto eziphathekayo. Ngokufanelekileyo, umpostile uPawulos walumkisa esithi: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.”—1 Timoti 6:9, 10.
3. Kutheni abakhonzi bakaThixo befikelwa zizilingo?
3 Kwelinye icala, abo ‘baphulaphula ilizwi likaYehova’ bafumana iintsikelelo ngaphandle kweentlungu. (Duteronomi 28:2) Noko ke, abanye basenokubuza, ‘Ukuba intsikelelo kaYehova ifumaneka ngaphandle kwentlungu, kutheni abaninzi kubakhonzi bakaThixo bebandezeleka nje?’ IBhayibhile ibonisa ukuba izilingo ezisifikelayo zivunyelwe nguThixo kodwa eneneni zivela kuSathana, kule nkqubo yakhe ingendawo yaye zibangelwa nakukungafezeki kwethu. (Genesis 6:5; Duteronomi 32:4, 5; Yohane 15:19; Yakobi 1:14, 15) UYehova ngumthombo waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Ngenxa yoko, intsikelelo yakhe ayibangeli ntlungu. Ngoko ke, makhe siqwalasele ezinye zezipho zikaThixo ezigqibeleleyo.
ILizwi LikaThixo—Isipho Esixabisekileyo
4. Yiyiphi intsikelelo nesipho esikhethekileyo esinanditshwa ngabantu bakaYehova kweli ‘xesha lesiphelo’?
4 Ngokuphathelele ‘ixesha lesiphelo,’ isiprofeto sikaDaniyeli sithi: “Ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.” Noko ke, oku kwacaciswa ngala mazwi: ‘Ke bona abangendawo, abayi kuqonda konke konke; kodwa bona abanengqiqo baya kuqonda.’ (Daniyeli 12:4, 10) Khawube nombono woko! ILizwi likaThixo—ngokukodwa isiprofeto—lichazwa ngobulumko bobuthixo kangangokuba ongendawo akayiqondi intsingiselo yalo, nangona abantu bakaYehova beyiqonda. UNyana kaThixo wathandaza wenjenje: “Ndikudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihle ngenyameko ezi zinto kwizilumko nakwabo baziingqondi, wazityhilela iintsana.” (Luka 10:21) Enjani yona intsikelelo esinayo ngokuba nesipho esixabisekileyo seLizwi likaThixo elibhaliweyo, iBhayibhile, nokuba phakathi kwabo uYehova aye wabanika ukuqonda kokomoya!—1 Korinte 1:21, 27, 28; 2:14, 15.
5. Yintoni ubulumko, yaye sinokubuzuza njani?
5 Besingayi kuba nako ukuqonda kokomoya konke konke ukuba besingafumananga “ubulumko obuvela phezulu.” (Yakobi 3:17) Ubulumko kukukwazi ukusebenzisa ulwazi nokuqonda xa sicombulula iingxaki, ukuphepha iingozi, ukufikelela usukelo oluthile okanye ukunikela isiluleko esisengqiqweni. Sibufumana njani ubulumko bobuthixo? IMizekeliso 2:6 ithi: “UYehova unika ubulumko; emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.” Ewe, uYehova uya kusisikelela ngokusinika ubulumko ukuba sibuthandazela ngokuzingisileyo, nanjengoko wanika uKumkani uSolomon “intliziyo elumkileyo nenokuqonda.” (1 Kumkani 3:11, 12; Yakobi 1:5-8) Ukuze sizuze ubulumko, simele sihlale siphulaphula uYehova ngokufundisisa nokusebenzisa iLizwi lakhe rhoqo.
6. Kutheni kulikhondo lobulumko ukusebenzisa imithetho nemigaqo kaThixo ebomini bethu?
6 Imizekelo ebalaseleyo yobulumko bobuthixo ifumaneka kwimithetho nemigaqo yeBhayibhile. Isenza sizuze iingenelo ngazo zonke iindlela—emzimbeni, engqondweni, ngokweemvakalelo nangokomoya. Ngokufanelekileyo umdumisi wavuma wenjenje: “Umthetho kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo. Isikhumbuzo sikaYehova sikholosekile, simenza abe nobulumko ongenamava. Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo; umyalelo kaYehova uhlambulukile, uwenza akhanye amehlo. Ukoyika uYehova kusulungekile, kumi ngonaphakade. Izigwebo zikaYehova ziyinyaniso; zingqineke zibubulungisa ngokupheleleyo. Zinqweneleka ngakumbi kunegolide, ewe, kunegolide esulungekiswe kakhulu.”—INdumiso 19:7-10; 119:72.
7. Uba yintoni umphumo wokugatya imilinganiselo kaThixo yobulungisa?
7 Kwelinye icala, abo bayigatyayo imilinganiselo kaThixo yobulungisa abalufumani ulonwabo nenkululeko abayifunayo. Kungekudala, baya kufumanisa ukuba uThixo asingowokuhlekisa, kuba umntu uya kuvuna into ayihlwayelayo. (Galati 6:7) Abantu abazizigidi abayigatyayo imigaqo yeBhayibhile bavuna imiphumo elusizi, njengokumitha okungafunwayo, izifo ezenyanyekayo okanye ukukhotyokiswa kokuthile. Ngaphandle kokuba baguqule ikhondo labo lokuphila, ekugqibeleni umendo wabo uya kubakhokelela ekufeni yaye mhlawumbi nasekutshatyalalisweni nguThixo.—Mateyu 7:13, 14.
8. Kutheni abo bathanda iLizwi likaThixo bonwabile?
8 Noko ke, abo bathanda iLizwi likaThixo baze balisebenzise baya kufumana intabalala yeentsikelelo ngoku nakwixesha elizayo. Ngokufanelekileyo bavakalelwa kukuba umthetho kaThixo ubakhulule, bonwabile ngokwenene yaye ngolangazelelo balinde ixesha abaya kukhululwa ngalo esonweni nakwimiphumo yaso ebulalayo. (Roma 8:20, 21; Yakobi 1:25) Eli themba liqinisekile ngenxa yokuba lisekelwe kwesona sipho sothando uThixo awasinika uluntu—idini lentlawulelo loNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uYesu Kristu. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16; Roma 6:23) Eso sipho sibalaseleyo siqinisekisa ubunzulu bothando lukaThixo ngoluntu yaye siqinisekisa iintsikelelo ezingenasiphelo kubo bonke abo baqhubeka bephulaphula uYehova.—Roma 8:32.
Sinombulelo Ngesipho Somoya Oyingcwele
9, 10. Singenelwa njani kwisipho sikaYehova somoya oyingcwele? Nika umzekelo.
9 Esinye isipho sothando sikaThixo esifanele sibe nombulelo ngaso ngumoya wakhe oyingcwele. Ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., umpostile uPetros wabongoza izihlwele ezaziseYerusalem esithi: “Guqukani, yaye ngamnye wenu makabhaptizwe egameni likaYesu Kristu ukuze kuxolelwe izono zenu, kwaye niya kwamkela isipho sesisa somoya oyingcwele.” (IZenzo 2:38) Namhlanje, uYehova ubanika umoya oyingcwele abakhonzi bakhe abazahluleleyo abo bawuthandazelayo nabo bafuna ukwenza ukuthanda kwakhe. (Luka 11:9-13) Kumaxesha amandulo, la mandla endalo iphela—umoya oyingcwele kaThixo, okanye amandla akhe asebenzayo—omeleza amadoda nabafazi bokholo, kuquka amaKristu okuqala. (Zekariya 4:6; IZenzo 4:31) Anokwenza okufanayo nakuthi, nangona sisenokujamelana nemiqobo enzima okanye ucelomngeni njengabantu bakaYehova.—Yoweli 2:28, 29.
10 Ngokomzekelo, khawucinge ngoLaurel, owahlaselwa sisifo sepoliyo waza waphila ngemiphunga yentsimbi kangangeminyaka engama-37.a Nakuba wayephila phantsi kwezona meko zilingayo, wakhonza uThixo ngenzondelelo de wafa. Ukutyhubela iminyaka, uLaurel wafumana intabalala yeentsikelelo zikaYehova. Ngokomzekelo, wakwazi ukunceda abantu abali-17 ukuba bafumane ulwazi oluchanileyo lwenyaniso yeBhayibhile, nangona wayehlala kumatshini wemiphunga yentsimbi iiyure ezingama-24 ngosuku! Imeko yakhe isikhumbuza amazwi kampostile uPawulos athi: “Xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.” (2 Korinte 12:10) Ewe, ukuphumelela kwethu ekushumayeleni iindaba ezilungileyo akubangelwa bubuchule namandla esinawo, kodwa sincedwa nguThixo ngomoya oyingcwele, awunika abo baqhubeka bemphulaphula.—Isaya 40:29-31.
11. Umoya kaThixo ubangela babe naziphi iimpawu abo bambatha “ubuntu obutsha”?
11 Ukuba sithi ngenxa yokuthobela simphulaphule uThixo, umoya wakhe ubangela ukuba sibe nothando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Esi ‘siqhamo somoya’ yinxalenye ‘yobuntu obutsha’ obambathwa ngamaKristu ukuze buthabathele indawo imikhwa yoburhalarhume neyobulwanyana ekusenokwenzeka ukuba ayeyibonakalisa ngaphambili. (Efese 4:20-24; Isaya 11:6-9) Eyona nto ibaluleke kakhulu kwesi siqhamo luthando, ‘olungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.’—Kolose 3:14.
Uthando LobuKristu—Isipho Esifanele Sisixabise
12. UTabhitha namanye amaKristu enkulungwane yokuqala balubonakalisa njani uthando?
12 Uthando lobuKristu sesinye isipho esiyintsikelelo esivela kuYehova—eso senza kakuhle ukuba noxabiso ngaso. Silawulwa ngumgaqo, sikwangumsa ofudumeleyo obangela abantu basondelelane nangaphezu kokuba kunjalo ngolwalamano lwegazi. (Yohane 15:12, 13; 1 Petros 1:22) Ngokomzekelo, khawucinge ngoTabhitha, ibhinqa elilungileyo elingumKristu elaliphila ngenkulungwane yokuqala. “Wayephuphuma zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba,” ngokukodwa ezo wayezenzela abahlolokazi ababesebandleni. (IZenzo 9:36) Kusenokwenzeka ukuba la mabhinqa ayenazo izalamane zegazi, kodwa uTabhitha wayefuna ukwenza okusemandleni ukuze awancede nokuze awakhuthaze. (1 Yohane 3:18) Onjani ukuba mhle wona umzekelo owamiselwa nguTabhitha! Uthando lobuzalwana lwashukumisela uPriska noAkwila ukuba ‘babeke iintamo zabo esichengeni’ ngenxa kaPawulos. Kwakhona, uthando lwashukumisela uEpafra, uLuka, uOnesiforo nabanye ukuba bancede lo mpostile xa wayevalelwe kwintolongo yaseRoma. (Roma 16:3, 4; 2 Timoti 1:16; 4:11; Filemon 23, 24) Ewe, namhlanje amaKristu anjalo ‘anothando phakathi kwawo,’ isipho esisikelelekileyo esivela kuThixo esiwahlulayo njengabalandeli bakaYesu abanyanisekileyo.—Yohane 13:34, 35.
13. Sinokubonakalisa njani ukuba sinoxabiso olunzulu ngobuzalwana bethu bobuKristu?
13 Ngaba uyaluxabisa uthando olubonakaliswa kwibandla lobuKristu? Ngaba unombulelo ngobuzalwana bethu bokomoya, obusemhlabeni wonke? Nabo bazizipho ezivela phezulu, ezivuyisayo nezisenza sibe zizityebi. Sinokubonakalisa njani ukuba siyabaxabisa? Ngokunikela inkonzo engcwele kuThixo, ngokuba nesabelo kwiintlanganiso zamaKristu, nangokubonakalisa uthando nezinye iziqhamo zomoya kaThixo.—Filipi 1:9; Hebhere 10:24, 25.
“Izipho Ezingabantu”
14. Yintoni efunekayo ngomKristu xa eza kukhonza njengomdala okanye isicaka solungiselelo?
14 Amadoda angamaKristu anqwenela ukukhonza abanye abanquli njengabadala okanye izicaka zolungiselelo anosukelo oluhle. (1 Timoti 3:1, 8) Ukuze awafanelekele la malungelo, umzalwana umele abe ngumntu ozixabisayo izinto zokomoya, azazi kakuhle iZibhalo yaye abe nenzondelelo kubulungiseleli basentsimini. (IZenzo 18:24; 1 Timoti 4:15; 2 Timoti 4:5) Umele abonakalise ukuthobeka, ukuthozama nomonde, kuba abantu abazikhukumalisayo, abanekratshi nabanamabhongo abazifumani iintsikelelo zikaThixo. (IMizekeliso 11:2; Hebhere 6:15; 3 Yohane 9, 10) Ukuba utshatile, uya kuba yintloko-ntsapho enothando eyongamela kakuhle indlu yayo yonke. (1 Timoti 3:4, 5, 12) Ngenxa yokuba uyabuxabisa ubutyebi bakhe bokomoya, umntu onjalo uya kufumana intsikelelo kaYehova.—Mateyu 6:19-21.
15, 16. Ngoobani abangqineka ‘bezizipho kubantu’? Nika imizekelo.
15 Xa abo bakhonza njengabadala ebandleni bezibhokoxa njengabashumayeli, abalusi nabafundisi, basinika izizathu ezingakumbi zokuba sizixabise ezo ‘zipho ezingabantu.’ (Efese 4:8, 11) Abo bangenelwayo kwinkonzo yabo yothando basenokungaluvakalisi ngalo lonke ixesha uxabiso abanalo, kodwa uYehova uyakubona konke oko kwenziwa ngabadala abathembekileyo. Akayi kululibala uthando abalubonakalisayo ngegama lakhe ngokulungiselela abantu bakhe.—1 Timoti 5:17; Hebhere 6:10.
16 Khawucinge ngomnye umdala ozibhokoxayo owatyelela intwazana engumKristu eyayiza kwenziwa utyando lwengqondo. Omnye owayengumhlobo wamalungu aloo ntsapho wabhala: “Wayenobubele, ebonakalisa inkxaso yaye enenyameko. Wacela imvume yokuba athandaze kuYehova kunye nathi. Njengoko wayethandaza, uyise waloo ntsapho [ongeloNgqina likaYehova] watsho ngesingqala, yaye zaphalala iinyembezi kuye wonk’ ubani owayekwelo gumbi lasesibhedlele. Hayi indlela owawuchukumisa ngayo loo mthandazo waloo mdala, yaye hayi indlela uYehova awabonakalisa ngayo uthando ngokumthumela ngelo xesha kanye!” Elinye iNgqina elaligula lathi ngabadala abalityelelayo: “Xa babesiza ngakumandlalo wam kwigumbi labagula kakhulu, ndaqonda ukuba enoba kwakunokwenzeka ntoni na emva koko, ndandinokuyinyamezela. Ndomelela yaye ndaziva ndinoxolo lwengqondo.” Ngaba ukho nabani na onokuyithenga inkxalabo enjalo enothando? Nakanye! Sisipho esivela kuThixo, esifumaneka kwibandla lamaKristu.—Isaya 32:1, 2.
Isipho Sobulungiseleli Basentsimini
17, 18. (a) Sisiphi isipho senkonzo uYehova asenze safumaneka kubo bonke abantu bakhe? (b) Luluphi uncedo uThixo aye walulungiselela ukuze sikwazi ukuphumeza ubulungiseleli bethu?
17 Akukho mbeko enokunikwa abantu engaphezu kwaleyo yokukhonza uYehova, Oyena Uphakamileyo. (Isaya 43:10; 2 Korinte 4:7; 1 Petros 2:9) Sekunjalo, ilungelo lokuba nesabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni livulelekile kubo bonke—abaselula nabakhulileyo, amadoda nabafazi—abanomnqweno onyanisekileyo wokukhonza uThixo. Ngaba uyasisebenzisa esi sipho sixabisekileyo? Bambi basenokungashumayeli ngenxa yokuba bevakalelwa kukuba bayasilela ngandlel’ ithile, kodwa khumbula ukuba uYehova ubanika umoya oyingcwele abo bamkhonzayo, yaye uzalisa nayiphi na intswelo esinokuba nayo.—Yeremiya 1:6-8; 20:11.
18 UYehova uphathise abakhonzi bakhe abathobekileyo umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani, akawuphathisanga abantu abanekratshi nabathembela ngobuchule babo. (1 Korinte 1:20, 26-29) Abantu abathobekileyo, nabathozamileyo bayaziqonda iintsilelo zabo yaye baxhomekeke kuncedo lukaThixo xa bekubulungiseleli basentsimini. Bayaluxabisa noncedo lokomoya alunikela ‘ngegosa elithembekileyo.’—Luka 12:42-44; IMizekeliso 22:4.
Ubomi Bentsapho Obonwabisayo—Isipho Esihle
19. Ngabaphi oothunywashe ababangela impumelelo ekukhuliseni abantwana?
19 Umtshato nobomi bentsapho obonwabisayo sisipho esivela kuThixo. (Rute 1:9; Efese 3:14, 15) Nabantwana ‘balilifa elixabisekileyo elivela kuYehova,’ bazisa uvuyo kubazali ababethelela iimpawu zobuthixo kubo ngempumelelo. (INdumiso 127:3) Ukuba ungumzali, qhubeka uphulaphula ilizwi likaYehova ngokuqeqesha abantwana bakho ngokuvisisana neLizwi lakhe. Abo benjenjalo baqinisekile ngokufumana inkxaso nentsikelelo kaYehova.—IMizekeliso 3:5, 6; 22:6; Efese 6:1-4.
20. Yintoni enokuba luncedo kubazali abanabantwana abaye banxaxha kwindlela yenyaniso?
20 Nangona abazali aboyik’ uThixo besenza konke okusemandleni abo, mhlawumbi abanye babantwana babo bakhetha ukulushiya unqulo oluyinyaniso xa bekhula. (Genesis 26:34, 35) Oku kunokubangela abazali badandatheke kakhulu. (IMizekeliso 17:21, 25) Noko ke, kunokuba banikezele, ukukhumbula umzekeliso kaYesu wonyana wolahleko kunokubanceda. Nangona loo nyana wemka ekhaya waza waphila ngendlela enxaxhileyo, kamva wabuyela endlwini kayise, owamamkela ngovuyo nothando. (Luka 15:11-32) Enoba kunokwenzeka ntoni na, abazali abangamaKristu athembekileyo banokuqiniseka ukuba uYehova uyaziqonda iimeko, yaye unenkxalabo enothando ngabo, kwaye uya kusoloko ebaxhasa.—INdumiso 145:14.
21. Ngubani esifanele simphulaphule, yaye ngoba?
21 Ngoko ke, ngamnye wethu makagqibe ngoko kubaluleke ngokwenene ebomini bakhe. Ngaba sinosukelo lokuzifunela izinto eziphathekayo, ezinokuzisa intlungu kuthi nakwiintsapho zethu? Okanye ngaba sinosukelo lokufumana ‘izipho ezilungileyo nezigqibeleleyo’ ezivela “kuYise wezikhanyiso zesibhakabhaka”? (Yakobi 1:17) USathana, ‘uyise wobuxoki,’ ufuna ukuba sibulaleke ngenxa yobutyebi bezinto eziphathekayo size siphulukane nolonwabo nobomi. (Yohane 8:44; Luka 12:15) Noko ke, uYehova ufuna sifumane okona kulungileyo. (Isaya 48:17, 18) Ngoko ke, masiqhubeke siphulaphula uBawo wethu onothando wasezulwini size ngalo lonke ixesha ‘siziyolise’ ngaye. (INdumiso 37:4) Ukuba sinosukelo lekhondo elinjalo, izipho ezixabisekileyo zikaYehova nentsikelelo yakhe ziya kusenza sibe zizityebi—ngaphandle kokubulaleka.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona uVukani! (wesiNgesi) kaJanuwari 22, 1993, iphepha 18-21.
Ngaba Usakhumbula?
• Lunokufunyanwa njani ulonwabo lokwenene?
• Ziziphi ezinye zezipho uYehova azinika abantu bakhe?
• Kutheni ubulungiseleli basentsimini busisipho?
• Yintoni enokwenziwa ngabazali ukuze bazuze intsikelelo kaThixo njengoko bekhulisa abantwana babo?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ngaba ubonakalisa uxabiso ngesipho sikaThixo esiliLizwi lakhe elibhaliweyo?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Nangona wayetyhubela iimeko ezinzima, uLaurel Nisbet wakhonza uThixo ngenzondelelo
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
NjengoTabhitha, amaKristu anamhlanje aziwa ngokuba nothando
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Abadala abangamaKristu babonakalisa inkxalabo enothando kwamanye amakholwa