Lubaluleke Kangakanani Ucoceko?
UCOCEKO luthetha izinto ezahlukileyo kubantu ngabantu. Ngokomzekelo, xa inkwenkwana ixelelwa ngunina ukuba ihlambe izandla nobuso, isenokucinga kuba ukufaka nje izandla zayo ngaphantsi kwetephu yamanzi nokumanzisa nje imilebe yayo kwanele. Kodwa uMama uyazi ukuba ayikenzi nto. Uyibuyisela kwigumbi lokuhlambela aze ayihlambe izandla nobuso ngesepha namanzi amaninzi—phezu kwako nje ukujubalaza kwayo ilila!
Kakade ke, imilinganiselo yococeko ayifani ehlabathini lonke, yaye abantu bakhula beneengcamango ezahlukahlukeneyo ngococeko. Kumaxesha adluleyo, imeko-bume yasesikolweni ecocekileyo nelungeleleneyo kumazwe amaninzi yayinceda abafundi babe nemikhwa efanelekileyo yococeko. Namhlanje, amanye amabala esikolo azele yinkunkuma kangangokuba afana nendawo yokulahla inkunkuma kunendawo yokudlala okanye yokwenza umthambo. Yaye kuthekani ngegumbi lokufundela? UDarren, umcoci kwisikolo samabanga aphakamileyo saseOstreliya, wathi: “Ngoku sibona ukungcola kwigumbi lokufundela.” Abanye abafundi bacinga ukuba umyalelo othi “Yichole” okanye “Coca” uthetha ukuba bayohlwaywa. Ingxaki ikukuba abanye abafundisi-ntsapho basebenzisa ukucoca njengesohlwayo.
Kwelinye icala, abantu abadala abasoloko bengumzekelo omhle wococeko, enoba kubomi bemihla ngemihla okanye kwindawo yezoshishino. Ngokomzekelo, iindawo ezininzi zikawonke-wonke zishiywa zingcolile okanye zingabukeki. Eminye imizi-mveliso ingcolisa imeko-bume. Noko ke, ukungcola akubangelwa yimizi-mveliso namashishini angenabantu, kodwa ngabantu. Nangona ukubawa kungunobangela oyintloko wengxaki yehlabathi lonke yokungcolisa nemiphumo yako emibi, enye ingxaki ibangelwa kukungacoceki kwabantu. Owayesakuba ngumalathisi-jikelele wamazwe akuManyano lwaseOstreliya wasixhasa esi sigqibo xa wathi: “Yonke imibandela engempilo kawonke-wonke ixhomekeke kucoceko lwendoda enye, ibhinqa elinye nomntwana omnye.”
Sekunjalo, bambi bavakalelwa kukuba ucoceko ngumbandela wobuqu yaye abanye abafanele bazikhathaze ngalo. Ngaba oko kunjalo ngokwenene?
Lubaluleke kakhulu ucoceko xa kuziwa kumbandela wokutya kwethu—enoba sikuthenga evenkileni, sikutyela kwivenkile yokutyela, okanye sitya kwikhaya lomhlobo. Abo baphatha okanye abahambisa ukutya esikutyayo kulindeleke ukuba bacoceke. Izandla ezingcolileyo—ezabo okanye ezethu—zinokubangela izigulo ezininzi. Ngaphezu kwazo zonke, kuthekani ngezibhedlele—eyona ndawo esilindele ukuba icoceke? IThe New England Journal of Medicine yathi ukungahlambi izandla koogqirha nabongikazi kusenza siqonde isizathu sokuba abaguli babe neentsholongwane ezixabisa iirandi ezingama-90 amawaka ezigidi ukuzinyanga ngonyaka. Ngokufanelekileyo silindele ukuba kungabikho namnye oya kubeka impilo yethu engozini ngemikhwa yakhe yokungacoceki.
Kwakhona lo ngumbandela onzulu xa umntu—ngabom okanye engacinganga—engcolisa imithombo yethu yamanzi. Yaye kukhuseleke kangakanani ukuhambahamba unganxibanga zihlangu elwandle apho unokubona iisirinji ezisetyenzisiweyo zishiywe ngamakhoboka eziyobisi okanye ngabanye? Mhlawumbi okubaluleke nangakumbi kumntu siqu ngulo mbuzo: Ngaba ikhaya lethu licocekile?
USuellen Hoy, kwincwadi yakhe ethi Chasing Dirt, uyabuza: “Ngaba sicoceke ngendlela esasicoceke ngayo ngaphambili?” Uyaphendula: “Mhlawumbi akunjalo.” Uthi esona sizathu singundoqo kukuguquka kwemilinganiselo yasekuhlaleni. Njengoko abantu besiya bechitha ixesha elincinane ekhaya, ngokulula bahlawula othile ukuba abacocele. Ngenxa yoko, ukugcina imeko-bume ecocekileyo akuseyonto ingundoqo. Enye indoda yathi: “Andihlambi ndawo yokuhlambela—ndihlamba isiqu sam. Nokuba indlu yam ingcolile, kodwa mna ndicocekile.”
Noko ke, ucoceko lungumbandela onzulu. Lubandakanya umlinganiselo wokuphila kakuhle. Luyindlela esicinga nesivakalelwa ngayo ebandakanya ukuziphatha nonqulo lwethu. Makhe sibone isizathu sokuba oku kube kunjalo.