Ukucoceka—Kutheni Kubalulekile?
Kumawakawaka eminyaka, uluntu luye lwathwaxwa ngoobhubhani bezifo. Abanye baye bakugqala oku njengomqondiso wengqumbo kaThixo esohlwaya aboni. Uphando oluye lwenziwa kangangeenkulungwane luye lwabonisa ukuba umonakalo ubangelwa zizidalwa ezincinane ezisingqongileyo.
Abaphanda ngezonyango bafumanise ukuba iimpuku, amaphela, iimpukane neengcongconi zinako ukudlulisela izifo. Bafumanise nokuba abantu bakwenze kwalula ukosulelwa zizifo ngenxa yokusilela ukuzigcina becocekile. Kuyaphawuleka ukuba ukucoceka kwenza umahluko phakathi kokuphila nokufa.
Kuyacaca ukuba umgangatho wokucoceka uyahluka ngokwemikhwa neemeko. Indawo engenayo inkqubo yogutyulo-lindle kunzima ukuyigcina icocekile. Kodwa ke, uThixo wanika amaSirayeli amandulo imiyalelo yokuzigcina ecocekile ngoxa ehamba entlango—phantsi kweemeko ezazisenza kube nzima ukuhlala ecocekile!
Kutheni ukucoceka kubalulekile kuThixo? Yiyiphi imbono elungeleleneyo ngococeko? Ziintoni esinokuzenza thina neentsapho zethu ukunciphisa izifo?
KUSEMVA kwesikolo yaye uMaxa ohlala eCameroon ubuyela kowabo. Elambile yaye enxaniwe wanga inja yakhe, emva koko ubeka ibhegi yesikolo phezu kwetafile yokutyela aze ahlale phantsi alindele ukutya kwakhe.
Unina uyamva ngoxa esekhitshini aze amphathele irayisi eshushu eneembotyi. Utshintsha ebusweni akubona ibhegi yesikolo iphezu kwetafile ecocekileyo, ujonga unyana wakhe aze athi, “Maaaax!” Eqonda ukuba wonile, uMax ukhawuleza asuse ibhegi yakhe, aze aye kuhlamba izandla. Emva koko ubuyela etafileni aze ngokuzolileyo athi, “Uxolo mama bendilibele.”
Umama onenkathalo wenza konke okusemandleni akhe ukugcina ikhaya lakhe lisempilweni yaye licocekile, kodwa kufuneka uncedo lwelungu ngalinye lentsapho. Njengoko ingxelo engoMax ibonisa, kufuna umgudu ukufundisa abantwana ngococeko, kuba kufuneka bakhunjuzwe ngokuthe rhoqo.
Umama kaMax uyaqonda ukuba ukutya kunako ukufumana iintsholongwane ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngoko akapheleli nje ekuhlambeni izandla phambi kokuphatha ukutya kodwa ukwakugcina kugqunyiwe ethintela iimpukane. Ngenxa yokuba eyigcina indlu icocekile nokutya kuhlala kugqunyiwe, akakhathazwa ziimpuku namaphela.
Esona sizathu sokwenza kwakhe oku sikukuba efuna ukukholisa uThixo. Uthi, “IBhayibhile ithi abantu bakaThixo bamele babe ngcwele kuba uThixo ungcwele. Ngoko ndifuna ukugcina ikhaya lam nentsapho yam icocekile.” (1 Petros 1:16) Uqhubeka esithi, “Ewe oku kunokwenzeka xa ilungu ngalinye lentsapho lizimisela ukunceda.”
Intsebenziswano Entsatsheni Ibalulekile
Njengoko umama kaMax ebonile ukugcina intsapho icocekile yimbopheleleko yentsapho yonke. Maxa wambi ezinye iintsapho zihlala phantsi zixubushe ngezinto eziyimfuneko nalapho kufuneka kuphuculwe khona ngaphakathi nangaphandle kwekhaya. Oku kunceda intsapho imanyane yaye kukhumbuza ilungu ngalinye ngegalelo elinalo kwintlalo-ntle yabo bonke. Ngokomzekelo, umama usenokufundisa abantwana abadadlana ukuba bahlambe izandla zabo emva kokusebenzisa indlu yangasese, emva kokuphatha imali naphambi kokutya. Bona banceda abeza emva kwabo ukuba benze ngokufanayo.
Imisetyenzana isenokwabelwa ilungu ngalinye lentsapho. Intsapho isenokugqiba kwelokuba icoce ikhaya veki nganye okanye ilungiselelwe ukucoca ngokucokisekileyo kanye okanye kabini ngonyaka. Kuthekani ngomphandle? Ebhekisela kwiUnited States, uStewart L. Udall, isithethi ngezentlalo wathi: “Siphila kwilizwe apho ubuhle nemeko-bume zisiya ziwohloka ngenxa yokuxinana, ukungcola komoya nengxolo.”
Ngaba nawe uvakalelwa ngendlela efanayo ngendawo ohlala kuyo? Mandulo kwakubakho umsasazi okhalisa intsimbi ukuze afumane ingqalelo yomntu wonke yaye nanamhlanje oku kusenziwa kwezinye iidolophu ezikuMbindi Afrika. Lo msasazi ukhumbuza abemi ukuba bacoce idolophu, bagutyule imibhobho, bacheb’ imithi, bancothule ukhula baze baqokelele nenkunkuma.
Ukulahlwa kwenkunkuma yingxaki zweni-banzi, nabasemagunyeni bakufumanisa kunzima ukucombulula le ngxaki. Abanye oomasipala basemva ekuqokeleleni inkunkuma yaye iphela ifumba ezitratweni. Abemi basenokumenywa ukuba bathelele ekucoceni indawo abakuyo. AmaKristu asabela kuqala ethobela umthetho kaKesare aze ancede ngaphandle kokumbombozela. (Roma 13:3, 5-7) AmaKristu okwenyaniso aye enze okungaphezu koko bekulindelwe ukunceda kule ngxaki. Anomdla ekugcineni indawo ahlala kuyo icocekile, yaye athabatha inyathelo lokuqala ngokucoca, engalindelanga ukukhunjuzwa ngumsasazi wedolophu. Ayaqonda ukuba ukucoceka kubonisa ingqeqesho nemfundiso yokuziphatha ayifumeneyo. Iqala kumntu ngamnye, nakwintsapho nganye. Ukuphila ngale migaqo yococeko kuya kuba negalelo kwimpilo-ntle, kuphucule nendawo esihlala kuyo.
Ukucoceka Emzimbeni Kuyamzukisa UThixo Esimnqulayo
Ukucoceka nenkangeleko enesidima ibonisa unqulo esikulo yaye yenza abantu batsaleleke kulo. Iqela labafana namabhinqa asematsha amalunga ne-15 langena kwivenkile yokutya emva kwendibano yamaNgqina kaYehova eToulouse, eFrance. Isibini esesikhulile esasihleli kwitafile eyayikufuphi nalo sasilindele ingxolo nokuphikisana. Kunoko sachukunyiswa yindlela elungeleleneyo yokuziphatha, incoko emyoli nendlela efanelekileyo elalinxibe ngayo. Xa lalilungiselela ukuhamba, esi sibini salincoma ngendlela elaliziphethe ngayo, salixelela ukuba kuyinto enqabileyo ukubona ulutsha oluyimizekelo emihle kule mihla.
Abo batyelela iiofisi zesebe, izakhiwo zokushicilela nekhaya lamaNgqina kaYehova bachukunyiswa kukubona indlela ekucoceke ngayo. Kulindeleke ukuba abo basebenza nabahlala kula masebe banxibe iimpahla ezicocekileyo baze bahlambe rhoqo. Ukucoca umzimba akunakuthatyathelwa indawo zizibulala-vumba okanye iziqholo. Xa aba balungiseleli bexesha elizeleyo beshumayela kubamelwane babo phakathi evekini nangeempela-veki inkangeleko yabo ecocekileyo ibonisa isigidimi abasithweleyo.
“Yibani Ngabaxelisa UThixo”
AmaKristu abongozwa ukuba ‘abe ngaxelisa uThixo.’ (Efese 5:1) Umprofeti uIsaya usichazela ngeengelosi ezathi embonweni wakhe ngoMdali, “Ungcwele, ungcwele, ungcwele.” (Isaya 6:3) La mazwi abethelela umgangatho ophezulu wokucoceka kukaThixo. Ngokufanayo, uThixo ulindele ukuba nabakhonzi bakhe bacoceke, babe ngcwele. Uthi, “Nimele nibe ngcwele, ngenxa yokuba ndingcwele mna.”—1 Petros 1:16.
IBhayibhile ibongoza amaKristu ukuba anxibe ngendlela elungiswe kakuhle. (1 Timoti 2:9) Akumangalisi ukuba kwincwadi yeSityhilelo ‘ilinen eqaqambileyo, ecocekileyo, necikizekileyo’ ifanekisela izenzo ezilungileyo zabo uThixo abagqala njengabangcwele. (ISityhilelo 19:8) Kwelinye icala, iZibhalo zifanisa isono nokudyobheka okanye ukungcoliseka.—IMizekeliso 15:26; Isaya 1:16; Yakobi 1:27.
Namhlanje izigidi zabantu ziphila kwindawo apho kunzima ukuzigcina becocekile emizimbeni, ngokokuziphatha nangokomoya. Esona sicombululo sale ngxaki siya kufika xa uThixo ‘esenza zonke izinto zibe ntsha.’ (ISityhilelo 21:5) Xa esi sithembiso sizaliseka, konke ukungacoceki kuya kuphela ngonaphakade.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama atshintshiwe.
[Ibhokisi ekwiphepha 10]
UThixo Ufuna Sicoceke
Ngoxa ayekuhambo lwalwo lwasentlango, amaSirayeli ayeyalelwe ngendlela yokugquma ilindle. (Duteronomi 23:12-14) Yayingumsebenzi odinisayo lo xa ucinga ngobukhulu beenkampu zawo, kodwa wawanceda athintela izifo ezinjengecesina nekholera.
AmaSirayeli ayalelwa ukuba ahlambe okanye alahle nantoni eye yadibana nesidumbu. Nakuba kusenokwenzeka ukuba ayengasiqondi isizathu soku, kwawanceda ukuba aphephe izifo.—Levitikus 11:32-38.
Kwakufuneka ukuba ababingeleli bahlambe izandla neenyawo zabo ngaphambi kokuba benze imisebenzi yabo emnqubeni. Akunakuba kwakulula ukuzalisa ezo zitya zobhedu ngamanzi, kodwa kwakuyimfuneko ukuba bahlambe.—Eksodus 30:17-21.
[Ibhokisi ekwiphepha 11]
Izikhumbuzo Ezivela Kugqirha Wezonyango
Amanzi ayimfuneko ebomini, kodwa xa eneentsholongwane asenokubangela ukugula okanye ukufa. UGqirha J. Mbangue Lobe, intloko yezonyango yezibuko laseDouala, eCameroon, wanikela la macebiso asebenzisekayo kudliwano-ndlebe awayenalo.
“Unokuwabilisa amanzi xa ungaqinisekanga ngemeko yawo.” Ukwalumkisa athi: “Ukusebenzisa amachiza kufanelekile kodwa kungayingozi ukuba akuwasebenzisi kakuhle. Hlamba izandla ngesepha namanzi phambi kokuba utye nasemva kokusebenzisa indlu yangasese. Isepha ayibizi kangako, nabantu abatsala nzima banako ukuyithenga. Hlamba impahla ngokuthe rhoqo ngamanzi ashushu ukuba ukhathazwa sisikhumba.”
Lo gqirha uhlabela mgama esithi: “Yimbopheleleko yawo onke amalungu entsapho ukuqhelisela imikhwa emihle yococeko ekhaya. Izindlu zangasese nezindlu zangaphandle ziye zilibaleke de zizaliswe ngamaphela neempukane.” Ebhekisa kubantwana, wongezelela esithi: “Kulumkeleni ukuhlamba kwimilanjana ekhoyo engingqini, kuba izele ziintsholongwane ezisenokuba yingozi. Rhoqo ngokuhlwa hlamba umzimba ekhaya ngaphambi kokuba ulale uze uxukuxe.” Eyona njongo iphambili yala mazwi angasentla kukusinceda sicinge ngengomso size senze unako-nako ukuzigcina sicocekile, siphephe izifo.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ukuhlamba impahla kuthintela izifo zesikhumba
[Umfanekiso okwiphepha 10]
AmaKristu akuphaphele ukucoca indawo ahlala kuyo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Umama onenkathalo wenza konke okusemandleni akhe ukugcina ikhaya lakhe licocekile