Yimani Ngxi Nilubone Usindiso LukaYehova!
“Zimiseni, nime ngxi nilubone usindiso lukaYehova ngenxa yenu.”—2 KRONIKE 20:17.
1, 2. Kutheni ukuhlasela okusondelayo ‘kukaGogi welizwe lakwaMagogi’ kukukhulu ngakumbi kunesisongelo sabanqolobi abagqugqisa lonke ihlabathi?
ABANQOLOBI bachazwa ngabathile njengabahlasela uluntu ngokubanzi ehlabathini, kwanempucuko. Ngokwenene, isisongelo esinjalo asimele sithatyathwe lula. Kanti ke, kukho nesinye isisongelo sohlaselo olukhulu nangakumbi, kodwa esingananzwanga ngabantu abasehlabathini. Sisiphi eso sisongelo?
2 Kukuhlasela ‘kukaGogi welizwe lakwaMagogi,’ ethetha ngako iBhayibhile kuHezekile isahluko 38. Ngaba kukubaxa ukuthi olu hlaselo lukhulu ngakumbi kunesisongelo sabanqolobi abagqugqisa lonke ihlabathi? Akunjalo konke konke, kuba uGogi akahlaseli nje oorhulumente babantu. Uhlasela urhulumente wasezulwini kaThixo! Kodwa ke, ngokungafaniyo nabantu abangakwaziyo ukujamelana nohlaselo, uMdali ukwazi ngokupheleleyo ukumelana nalo naluphi na uhlaselo lukaGogi.
Ukuhlaselwa Korhulumente KaThixo
3. Yintoni abalawuli behlabathi abaye bayalelwa ukuba bayenze ukususela ngowe-1914, yaye baye basabela njani?
3 Ungquzulwano phakathi kukaKumkani olawulayo kaThixo nenkqubo engendawo kaSathana beluqhubeka ukususela ekumiselweni koBukumkani bukaThixo emazulwini ngowe-1914. Ngelo xesha, abalawuli babantu bayalelwa ukuba bazithobe kuMlawuli onyulwe nguThixo. Kodwa baye bakwala ukwenza oko, njengoko kwakuxelwe kwangaphambili kwathiwa: “Ookumkani bomhlaba basuke bema namagosa aphakamileyo abuthene ndawonye njengamntu mnye nxamnye noYehova nomthanjiswa wakhe, besithi: ‘Masiziqhawule izibopho zabo sizilahlele kude nathi iintambo zabo!’” (INdumiso 2:1-3) Ukuchasa kwabo ulawulo loBukumkani kuya kufikelela incopho yako ebudeni bokuhlasela kukaGogi wakwaMagogi.
4, 5. Abantu banokulwa njani norhulumente kaThixo ongabonakaliyo wasezulwini?
4 Sisenokuba siyazibuza ukuba abantu banokulwa njani norhulumente ongabonakaliyo wasezulwini. IBhayibhile ichaza ukuba, lo rhulumente ubunjwa ngabantu ‘abalikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka, abathengwe emhlabeni,’ kunye ‘neMvana,’ uKristu Yesu. (ISityhilelo 14:1, 3; Yohane 1:29) Ekubeni engowasezulwini, lo rhulumente mtsha ubizwa ngokuba ‘ngamazulu amatsha,’ baze bona abalawulwa bakhe basemhlabeni babizwe ngokuba ‘ngumhlaba omtsha.’ (Isaya 65:17; 2 Petros 3:13) Abaninzi baba bali-144 000 abaza kulawula noKristu sele beligqibe ngokuthembekileyo ikhondo labo lasemhlabeni. Ngaloo ndlela baye bakungqina ukukufanelekela kwabo ukuthabatha isabelo sabo esitsha senkonzo ezulwini.
5 Noko ke, kukho intsalela encinane yaba bali-144 000 esesemhlabeni. Kubantu abangaphezu kwezi-15 000 000 ababekho kumsitho weSidlo SeNkosi Sangokuhlwa ngowama-2002, bangama-8 760 kuphela ababonisa ukuba bakhethelwe esi sabelo sasezulwini. Nabani na onobuganga bokuhlasela la malungu aseleyo oBukumkani, eneneni uhlasela uBukumkani bukaThixo.—ISityhilelo 12:17.
UKumkani Uyakuphelelisa Ukoyisa Kwakhe
6. UYehova noKristu bakujonga njani ukuchaswa kwabantu bakaThixo?
6 Indlela uYehova asabela ngayo xa kuchaswa uBukumkani bakhe obumiselweyo yaxelwa kwangaphambili kwathiwa: “Lowo kanye uhleli emazulwini uya kuhleka; uYehova uya kubagculela. Ngelo xesha uya kuthetha nabo enomsindo yaye evutha kukungakholiswa uya kubaphazamisa, esithi: ‘Mna, ndimmisile ukumkani wam eZiyon, intaba yam engcwele.’” (INdumiso 2:4-6) Ngoku lifikile ixesha lokuba uKristu “akuphelelise ukoyisa kwakhe,” phantsi kolwalathiso lukaYehova. (ISityhilelo 6:2) UYehova ukujonga njani ukuchaswa kwabantu bakhe ebudeni bexesha lokoyisa kokugqibela? Ukujonga ngokungathi kuchaswa yena noKumkani wakhe olawulayo. UYehova uthi: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zekariya 2:8) Yaye uYesu wagxininisa ukuba oko abantu bakwenzayo okanye bangakwenziyo kubazalwana bakhe abathanjisiweyo ukugqala ngokungathi bakwenza okanye abakwenzi kuye.—Mateyu 25:40, 45.
7. Ziziphi izizathu zokuchasa kukaGogi ‘isihlwele esikhulu’ esichazwe kwiSityhilelo 7:9?
7 Noko ke, abo baxhasa intsalela ethanjisiweyo nabo ngokufanayo baza kuchaswa nguGogi. Bona ke ‘basisihlwele esikhulu, esiphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi,’ yaye baza kuba ngamalungu ‘omhlaba omtsha’ kaThixo. (ISityhilelo 7:9) Bachazwa ‘njengabemi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bembethe imiwunduzo emhlophe.’ Oko kubonisa ukuba bakholekile emehlweni kaThixo noKristu Yesu. Baphethe ‘amasebe esundu ezandleni zabo,’ bezukisa uYehova njengoMongami wendalo iphela, onomlawuli onguKumkani obekwe etroneni, uYesu Kristu, “iMvana kaThixo.”—Yohane 1:29, 36.
8. Yintoni ukuhlasela kukaGogi okuza kubangela ukuba uKristu ayenze, yaye oko kuza kuba nawuphi umphumo?
8 Ukuhlasela kukaGogi kuza kubangela ukuba uKumkani kaThixo osetroneni azise imfazwe yeArmagedon. (ISityhilelo 16:14, 16) Abo bangavumiyo ukwamkela ulongamo lukaYehova baza kutshatyalaliswa. Kodwa abo baye banyamezela imbandezelo ngenxa yokunyaniseka kwabo kuBukumkani bukaThixo, baza kukhululeka ngonaphakade. Umpostile uPawulos wabhala wathi ngokuphathelele oku: “Oku kububungqina bomgwebo wobulungisa kaThixo, okhokelela ekubalelweni kwenu ekuthini nifanelwe bubukumkani bukaThixo, enibandezeleka ngenxa yabo. Oku kuzis’ engqalelweni ukuba kububulungisa kuye uThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abo banibandezelayo, aze nina babandezelwayo, anikhulule kunye nathi ekutyhilekeni kweNkosi uYesu ivela ezulwini kunye neengelosi zayo ezinamandla isemlilweni odangazelayo, ibaphindezela abo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo ezingeNkosi yethu uYesu.”—2 Tesalonika 1:5-8.
9, 10. (a) UYehova wamenza njani uYuda woyisa utshaba oloyikekayo? (b) Yintoni amaKristu afanele aqhubeke eyenza namhlanje?
9 Ebudeni bembandezelo enkulu ezayo, eza kufikelela incopho yayo kwiArmagedon, uKristu uza kulwa nabo bonke ubungendawo. Kodwa akusayi kubakho mfuneko yokuba abalandeli bakhe balwe, njengoko kungazange kufuneke balwe nabemi bobukhosi beentlanga ezimbini zakwaYuda kumawaka eminyaka adluleyo. Idabi yayilelikaYehova, yaye wabenza boyisa. Ingxelo ifundeka ngokuthi: “UYehova wabeka amadoda angabalaleli nxamnye noonyana baka-Amoni, bakaMowabhi nommandla weentaba waseSehire ababesiza kuYuda, baza baxabelana bodwa. Oonyana baka-Amoni nabakaMowabhi bema nxamnye nabemi bommandla weentaba waseSehire babatshabalalisa baza bababhubhisa; yaye ngokukhawuleza nje bakuba begqibile ngabemi baseSehire bancedisana ngamnye etshabalalisa idlelane lakhe. Kodwa yena uYuda, wafika emboniselweni yasentlango. Bathi bakubheka isihlwele, babona apho, izidumbu zabo ziwe emhlabeni kungekho bani usindileyo.”—2 Kronike 20:22-24.
10 Kwenzeka kanye njengokuba uYehova wayexele kwangaphambili wathi: “Akukho mfuneko yakulwa.” (2 Kronike 20:17) Oku kumisela umzekelo wokulandelwa ngamaKristu xa uYesu Kristu esilwa ukuze “akuphelelise ukoyisa kwakhe.” Okwangoku, ayaqhubeka esilwa nobungendawo, kungekhona ngezixhobo zenyama, kodwa ngezomoya. Ngaloo ndlela “oyisa ububi ngokulungileyo.”—Roma 6:13; 12:17-21; 13:12; 2 Korinte 10:3-5.
Ngoobani Abaza Kukhokela Ekuhlaseleni KukaGogi?
11. (a) Ngawaphi amagosa aza kuwasebenzisa uGogi ekuhlaseleni kwakhe? (b) Yintoni ebandakanyekileyo ekuthini qwa ngokomoya?
11 UGogi wakwamaGogi nguSathana uMtyholi onomsindo omkhulu ukususela ngowe-1914. Njengokuba esisidalwa somoya, akanakukwazi ukuhlasela ngokungqalileyo, kodwa uza kusebenzisa amagosa abantu ekufezeni iinjongo zakhe. Aza kuba ngoobani la magosa abantu? IBhayibhile ayisiniki zinkcukacha, kodwa isinikile inkcazelo ethile enokusinceda sibone ukuba aza kuba ngoobani na. Njengoko iziganeko zehlabathi ziqhubeka zizalisekisa iziprofeto zeBhayibhile, siza kucacelwa ngakumbi nangakumbi. Abantu bakaYehova bayakuphepha ukuqashela kodwa bahlala bethe qwa ngokomoya, beziphaphele ngokupheleleyo iziganeko zobupolitika nezonqulo ezizalisekisa isiprofeto seBhayibhile.
12, 13. Umprofeti uDaniyeli wakuxela njani kwangaphambili ukuhlaselwa kokugqibela kwabantu bakaThixo?
12 Umprofeti uDaniyeli usichazela ngakumbi ngokuhlaselwa kokugqibela kwabantu bakaThixo, esithi: “Aze ke anduluke enomsindo omkhulu [ukumkani wasentla], ahambe ebhubhisa, etshabalalisa abaninzi. Ke iintente zebhotwe lakhe uya kuzityala phakathi kolwandle olukhulu nentaba engcwele yelizwe Eliligugu.”—Daniyeli 11:44, 45.
13 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ‘ulwandle olukhulu’ yayiluLwandle lweMeditera, yona ‘intaba engcwele’ yayiyiZiyon, leyo uYehova wathi ngayo: “Mna, ndimmisile ukumkani wam eZiyon, intaba yam engcwele.” (INdumiso 2:6; Yoshuwa 1:4) Ngoko ke, ngengqiqo yokomoya, ilizwe ‘eliphakathi kolwandle olukhulu nentaba engcwele’ lifanekisela imeko echumileyo yokomoya yamaKristu athanjisiweyo. Akaseyiyo inxalenye yolwandle olungabantu abangamnquliyo uThixo, yaye akhangele phambili ekulawuleni noKristu Yesu kuBukumkani basezulwini. Ngokucacileyo, abakhonzi abathanjisiweyo bakaThixo, kunye namaqabane abo anyanisekileyo esihlwele esikhulu, ngabo aza kujolisa kubo ngokuyintloko ukumkani wasentla xa ehlasela ngolunya, ekuzalisekeni kwesiprofeto sikaDaniyeli.—Isaya 57:20; Hebhere 12:22; ISityhilelo 14:1.
Baza Kusabela Njani Abakhonzi BakaThixo?
14. Ziziphi izinto ezintathu abaza kuzenza abantu bakaThixo xa behlaselwa?
14 Yintoni ekuza kulindeleka ukuba bayenze abakhonzi bakaThixo xa behlaselwa? Kwakhona, sibona umzekelo kwindlela olwasabela ngayo uhlanga lukaThixo ngemihla kaYehoshafati. Phawula ukuba abemi balo bayalelwa ukuba benze izinto ezintathu: (1) beme ngeendawo zabo, (2) beme ngxi, baze (3) balubone usindiso lukaYehova. Abantu bakaThixo namhlanje baza kwenza njani ngokuvumelana nala mazwi?—2 Kronike 20:17.
15. Kuthetha ukuthini ngabantu bakaYehova ukuma ngeendawo zabo?
15 Ukuma ngeendawo zabo: Ngaphandle kokuhexa, abantu bakaThixo baza kuqhubeka bemi ngeendawo zabo, bexhasa uBukumkani bukaThixo. Baza kuqhubeka bebambelele kwisigxina sabo sobundilele bobuKristu. Baza ‘kuqina, bangabi nakushukuma’ ekukhonzeni kwabo uYehova ngokunyanisekileyo, yaye baza kuqhubeka bemdumisa esidlangalaleni uYehova ngenxa yobubele bakhe bothando. (1 Korinte 15:58; INdumiso 118:28, 29) Akukho ngcinezelo ngoku okanye kwixesha elizayo enokubenza bashenxe kwesi sigxina sabo sobuthixo.
16. Abakhonzi bakaYehova baza kuma ngxi ngayiphi ingqiqo?
16 Ukuma ngxi: Abakhonzi bakaYehova abazukuzama ukuzisindisa ngokwabo kodwa baza kuthembela ngokupheleleyo ngoYehova. Nguye kuphela okwaziyo ukuhlangula abakhonzi bakhe kwizidubedube zehlabathi, yaye uthembise ukuba uza kwenjenjalo. (Isaya 43:10, 11; 54:15; IZililo 3:26) Ukuthembela ngoYehova kuya kuquka ukuthembela kwijelo lanamhlanje elibonakalayo aye ngokucacileyo walisebenzisa kangangamashumi eminyaka ekufezeni iinjongo zakhe. Ngoko kuza kufuneka ukuba amaKristu okwenyaniso abe nentembelo ngakumbi kunangaphambili kubakhonzi abamiselwe nguYehova nanguKumkani wakhe olawulayo ukuba bakhokele. La madoda athembekileyo aza kubalathisa abantu bakaThixo. Ukungalunanzi ulwalathiso lwawo kunokuphumela kwintlekele.—Mateyu 24:45-47; Hebhere 13:7, 17.
17. Kutheni abakhonzi abathembekileyo bakaThixo beza kulubona usindiso lukaYehova?
17 Ukubona usindiso lukaYehova: Baza kuvuzwa ngokuthi basindiswe bonke abo bagcina isigxina sabo sengqibelelo yobuKristu nabathembela ekuhlangulweni nguYehova. De kube ngumzuzu wokugqibela—nangokomkhamo abanokuwufikelela—baza kuvakalisa ukufika kwemini yomgwebo kaYehova. Yonke indalo imele yazi ukuba uYehova unguThixo wokwenyaniso yaye unabo abakhonzi abathembekileyo emhlabeni. Akusayi kuze kufuneke kwakhona ukuba kubekho impikiswano engapheliyo ngokuphathelele ukulunga kolongamo lukaYehova.—Hezekile 33:33; 36:23.
18, 19. (a) Ingoma yoloyiso ekwiEksodus isahluko 15 iyibonisa njani indlela abaza kuvakalelwa ngayo abo baza kusinda ekuhlaseleni kukaGogi? (b) Yintoni abafanele bayenze ngoku abakhonzi bakaThixo?
18 Benehlombe ngakumbi, abantu bakaThixo baza kungena kwihlabathi elitsha, benolangazelelo lokucula ingoma yoloyiso, kanye njengoko enzayo namaSirayeli amandulo emva kokuhlangulwa kwawo ukutyhubela uLwandle Olubomvu. Benombulelo omkhulu kuYehova ngokubakhusela kwakhe, baza kuphinda bathethe la mazwi amandulo athi: “Mandimvumele uYehova, kuba uphakame kakhulu. . . . UYehova yindoda enamandla yemfazwe. UYehova ligama lakhe. . . . Isandla sakho sasekunene, Yehova, siqoba utshaba. Ngobukhulu bokongama kwakho uyabadiliza abakuvukelayo; ukhupha ukuvutha komsindo wakho, kubadle kubagqibe njengeendiza. . . . Ubakhokele ngobubele bakho bothando abantu bakho obahlanguleyo; ngamandla akho ubakhuphela ngokuqinisekileyo endaweni yakho yokuhlala engcwele. . . . Uya kubangenisa uze ubatyale entabeni yelifa lakho endaweni emiselweyo, wayilungisa ukuba uhlale kuyo, Yehova, engcweleni yakho, Yehova, leyo ziyimiseleyo izandla zakho. UYehova uya kulawula njengokumkani ixesha elingenammiselo, kude kube ngonaphakade.”—Eksodus 15:1-19.
19 Ngoku njengokuba ithemba lobomi obungunaphakade liqaqambe ngakumbi kunangaphambili, eli lixesha elifanelekileyo lokuba abakhonzi bakaThixo babonise ukuzinikela kwabo kuYehova baze bahlaziye ukuzimisela kwabo ukumkhonza njengoKumkani wabo ngonaphakade!—1 Kronike 29:11-13.
Ngaba Unokucacisa?
• Kutheni ukuhlasela kukaGogi kuza kujoliswa kwabathanjisiweyo nezinye izimvu?
• Abantu bakaThixo baza kuma njani ngeendawo zabo?
• Kuthetha ukuthini ukuma ngxi?
• Abantu bakaThixo baza kulubona njani usindiso lukaYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UYehova wamenza woyisa uYehoshafati nabantu bakhe, bengakhange balwe
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Abathanjisiweyo nezinye izimvu baphakamisa ulongamo lukaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 22]
NjengamaSirayeli amandulo, kungekudala abantu bakaThixo baza kucula ingoma yoloyiso