“Musani Ukoyika Okanye Ninkwantye”
“Musani ukoyika okanye ninkwantye. . . . UYehova uya kuba nani.”—2 KRONIKE 20:17.
1. Abanqolobi babuchaphazela njani ubomi babantu, yaye kutheni benesizathu sokoyika?
ABANQOLOBI! Eli gama lisenza soyike, sizive singanqabisekanga yaye siphelelwe lithemba. Lisitsho siminxan’ ingqondo, sityhwatyhwe, sibe lusizi, side sifutheke ngumsindo. Abantu abaninzi banoloyiko lokuba abanqolobi baseza kugqugqisa kangangeminyaka. Batsho boyike nangakumbi xa bebona ukoyisakala kwamazwe athile ukuphelisa abanqolobi.
2. AmaNgqina kaYehova ayijonga njani ingxaki yabanqolobi, yaye oko kuphakamisa yiphi imibuzo?
2 Noko ke, likho ithemba. Lelo themba kanye abambelele kulo amaNgqina kaYehova, njengoko eshumayela kumazwe nakwimimandla engama-234. Endaweni yokoyika ukuba abanqolobi abasayi kuze baphele, anethemba eliqinileyo lokuba baza kuphela—kunjalonje ngokukhawuleza. Ngaba elo themba lawo linesihlahla? Ngubani onokukwazi ukuphelisa esi sihelegu ehlabathini, khona angakwenza njani oko? Ekubeni sonke sichatshazelwa lugonyamelo, kuhle ukuba khe silihlolisise eli themba lokupheliswa kwalo.
3. Ziziphi izizathu ezibangela abantu boyike, yaye yintoni eyayixelwe kwangaphambili ngokuphathelele ixesha lethu?
3 Namhlanje abantu bayagubha luloyiko ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo. Khawucinge nje ngenyambalala yabantu engasakwaziyo ukuzinyamekela ngenxa yokwaluphala, abantu abagqitywa zizifo ezinganyangekiyo, kwaneentsapho ezihlwempuzekileyo. Cinga nje kwanangendlela ubomi ngokwabo obungaqinisekanga ngayo! Ungaqutyulwa kukufa naphi na, nanini na, kuwatshayele onke amabhongo onawo. Olu loyiko nokuxhalaba okungaka, namanye amagingxigingxi amaninzi ebomini, abonisa ukuba siphila kanye kwixesha awalichazayo umpostile uPawulos esithi: “Kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, . . . abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga.”—2 Timoti 3:1-3.
4. Nakuba eyesi-2 kuTimoti 3:1-3 ichaza imeko embi, kodwa liliphi ithemba esinika lona?
4 Nakuba imbi kwaphela yona le meko ichazwa sesi sibhalo, kodwa sikwasinika nethemba. Phawula ukuba sithi la maxesha amanqam aza kufika “ngemihla yokugqibela” yale nkqubo ingendawo yezinto kaSathana. Oku kuthetha ukuba inkululeko sele ikufuphi yaye le nkqubo ingendawo yehlabathi sele iza kuthatyathelw’ indawo lulawulo loBukumkani obugqibeleleyo bukaThixo, obo uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele. (Mateyu 6:9, 10) Obo Bukumkani ngurhulumente kaThixo wasezulwini, yaye ngokutsho komprofeti uDaniyeli, ‘akasayi kuze onakaliswe, kodwa uya kuzityumza aziphelise zonke izikumkani zabantu, aze yena eme ukusa kwixesha elingenammiselo.’—Daniyeli 2:44.
Ubundilele BobuKristu Nxamnye Nabanqolobi
5. Ziye zasabela njani izizwe kutshanje kwisisongelo sabanqolobi?
5 Sekuqengqeleke iminyaka emininzi ngoku abanqolobi bebulala amawakawaka abantu. Baligungqisile lonke ihlabathi emva kokuhlaselwa kwesiXeko saseNew York neWashington, D.C., ngoSeptemba 11, 2001. Ngokoyikela ukuba iingcambu zaba banqolobi zinabele kulo lonke ihlabathi, amazwe ahlukahlukeneyo akhawuleza adibana ngeenjongo zokubaphelisa. Ngokomzekelo, ngoDisemba 4, 2001, elinye ijelo leendaba labika ukuba “abaphathiswa ababevela kumazwe angama-55 aseYurophu, kuMntla Merika nakuMbindi Asia baqulunqa icebo” lokulwa nabanqolobi. Elinye igosa eliphambili laseUnited States lalincoma eli phulo “njengelisemagqabini” ekulweni nabanqolobi. Ngequbuliso, amakhulu ezigidi zabantu alisekela eli phulo, iThe New York Times Magazine elibiza ngokuba “sisiqalo seyona mfazwe inkulu embalini.” Noko ke, akukho bani waziyo ukuba liya kuphumelela kangakanani na eli phulo. Into esiyaziyo kukuba, imfazwe enjalo yokulwa nabanqolobi ibashiya abantu betyhwatyhwa kukoyika imiphumo yayo, kodwa akunjalo kwabo bakholose ngoYehova.
6. (a) Kutheni maxa wambi abanye besenokukufumanisa kunzima ukuyamkela into yokuba ngoondilele kwamaNgqina kaYehova? (b) Nguwuphi umzekelo uYesu awawumisela abalandeli bakhe ngokuphathelele ezobupolitika?
6 AmaNgqina kaYehova aziwa ngokuba ngoondilele kwezobupolitika. Nangona inkoliso yabantu isenokuyamkela loo nto xa kukho uxolo, kodwa ayiyamkeli kwaphela xa iimeko zimaxongo. Ngokufuthi, uloyiko nokudideka okubangelwa yimfazwe kubenza abantu babe nobuhlanga. Oku kusenokwenza kube nzima ngabanye ukusiqonda isizathu sokuba kubekho abathile abangawaxhasiyo amaphulo obuhlanga. Noko ke, amaKristu okwenyaniso ayazi ukuba amele athobele umyalelo kaYesu wokuba ‘angabi yinxalenye yehlabathi.’ (Yohane 15:19; 17:14-16; 18:36; Yakobi 4:4) Oku kuthetha ukuba amele ahlale engoondilele kwimicimbi yobupolitika okanye yasekuhlaleni. UYesu wasimisela umzekelo omhle kule nkalo. Njengoko wayenobulumko obugqibeleleyo nobuchule obukhethekileyo, wayenokuba negalelo elihle kakhulu kwimicimbi yabantu bexesha lakhe. Kodwa wakuphepha ukubandakanyeka kwezobupolitika. Ekuqaleni kobulungiseleli bakhe, wasikhaba ngokupheleleyo isithembiso sikaSathana sokumenza umlawuli wazo zonke izikumkani zehlabathi. Kamva, wazimela xa babefuna ukumnika isikhundla sezobupolitika.—Mateyu 4:8-10; Yohane 6:14, 15.
7, 8. (a) Yintoni obungathethi yona ubundilele bamaNgqina kaYehova, yaye ngoba? (b) EyabaseRoma 13:1, 2 ibonisa njani ukuba akufanelekanga ukuvukela urhulumente?
7 Ubundilele bamaNgqina kaYehova abuthethi ukuba ayazixhasa okanye azikhuthaze izenzo zogonyamelo. Oko bekuya kuphikisana nokuzibiza kwawo njengabakhonzi ‘boThixo wothando nowoxolo.’ (2 Korinte 13:11) Aye afunda indlela uYehova avakalelwa ngayo ngogonyamelo. Umdumisi wabhala wathi: “UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo, yaye umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (INdumiso 11:5) Ayakuqonda noko kwathethwa nguYesu kumpostile uPetros esithi: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.”—Mateyu 26:52.
8 Nangona imbali ibonisa ngokucacileyo ukuba amaKristu obuxoki aye kangangezihlandlo ezininzi abhenela ekusebenziseni “ikrele,” kodwa akunjalo ngamaNgqina kaYehova. Akabandakanyeki nakweziphi na izenzo ezilolo hlobo. AmaNgqina awuthobela ngokunyanisekileyo umyalelo okwabaseRoma 13:1, 2 othi: “Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo [abalawuli baseburhulumenteni], kuba akukho gunya libekho ngaphandle kukaThixo; amagunya akhoyo abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo. Ngoko ke lowo ulichasayo igunya unxamnye nelungiselelo likaThixo; abo banxamnye nalo baya kufumana umgwebo.”
9. Ziziphi iindlela ezimbini amaNgqina kaYehova afak’ isandla ngazo ekupheliseni abanqolobi?
9 Noko ke, ekubeni abanqolobi besenza okubi, ngaba amaNgqina kaYehova akafanele kusini na afak’ isandla ekubapheliseni? Ewe kunjalo, yaye ayakwenza oko. Okokuqala nje, akabandakanyeki kwizenzo zabanqolobi. Okwesibini, afundisa abantu imigaqo yobuKristu ethi xa ilandelwa ibenze bayeke zonke iintlobo zogonyamelo.a Kunyaka ophelileyo, amaNgqina achithe iiyure ezili-1 202 381 302 enceda abantu ukuba bafunde indlela yobuKristu. Oku akubanga yinkcitha-xesha, kuba kuye kwaphumela ekubhaptizweni kwabantu abangama-265 469 njengamaNgqina kaYehova, ngaloo ndlela bebonisa ngokuphandle ukuluchasa kwabo ngokupheleleyo ugonyamelo.
10. Ngawaphi amathemba okupheliswa kogonyamelo ehlabathini?
10 Ukongezelela, amaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba akanakuze akwazi ngamandla awo ukuphelisa ubungendawo ehlabathini. Yiyo loo nto ethembela ngokupheleleyo ngalowo ukwaziyo—uYehova uThixo. (INdumiso 83:18) Nokuba banganyaniseka kangakanani na, abantu abanakuze bakwazi ukuphelisa ugonyamelo. Umbhali ophefumlelweyo weBhayibhile wasilumkisa ngexesha lethu ‘lemihla yokugqibela’ esithi: “Abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.” (2 Timoti 3:1, 13) Oku kutheth’ ukuba, amathemba abantu okuphelisa ububi awanakuze azaliseke. Kodwa ke, sinokuthembela kuYehova ukuba uya kuluphelisa ngokupheleleyo nangonaphakade ugonyamelo.—INdumiso 37:1, 2, 9-11; IMizekeliso 24:19, 20; Isaya 60:18.
Ukungoyiki Nakuba Sijamelene Nokuhlaselwa Kungekudala
11. Ngawaphi amanyathelo asele ewathabathile uYehova ukuphelisa ugonyamelo?
11 Ekubeni uThixo woxolo eluthiyile ugonyamelo, ngoko siyaqondakala isizathu sokuba eye wathabatha amanyathelo okuphelisa oyena nobangela walo, uSathana uMtyholi. Enyanisweni, sele emoyisile uSathana esebenzisa isiphatha-zingelosi uMikayeli—onguKristu Yesu, uKumkani osandul’ ukubekwa etroneni nguThixo. IBhayibhile isichaza eso siganeko ngokuthi: “Kwabakho imfazwe ezulwini: UMikayeli neengelosi zakhe balwa idabi nenamba, yazilwela nayo inamba kunye neengelosi zayo kodwa ayizange yoyise, azabi safunyanelwa ndawo ezulwini. Ngoko yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.”—ISityhilelo 12:7-9.
12, 13. (a) Yintoni obalasele ngayo unyaka wowe-1914? (b) Yintoni isiprofeto sikaHezekile esixela kwangaphambili ukuba iza kwenzeka kwabo baxhasa uBukumkani bukaThixo?
12 Ingxelo yeBhayibhile iyavumelana neziganeko zehlabathi ezalatha kunyaka wowe-1914 njengexesha lokuqhubeka kwale mfazwe ezulwini. Ukususela ngoko, iimeko zehlabathi ziye zaqhubeka zisiba mbi ngakumbi nangakumbi. ISityhilelo 12:12 sichaza isizathu soko, sisithi: “Ngoko chulumancani, nina mazulu nani nihlala kuwo! Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”
13 Kuyaqondakala ukuba, umsindo kaMtyholi ujoliswe ngokuyintloko kubanquli abathanjisiweyo bakaThixo nakumaqabane abo “ezinye izimvu.” (Yohane 10:16; ISityhilelo 12:17) Lo msindo kaMtyholi ogqithiseleyo uza kubonakala ngokukhethekileyo kungekudala xa ehlasela ngolunya bonke abo baxhasa uBukumkani obumiselweyo bukaThixo nabakholose ngabo. Olu hlaselo lwenkohlakalo luchazwa kuHezekile isahluko 38 njengohlaselo ‘lukaGogi welizwe lakwaMagogi.’
14. Yiyiphi indlela aye akhuselwa ngayo amaNgqina kaYehova kwixesha elidluleyo, yaye ngaba kuya kuhlala kunjalo?
14 Ukususela ekugxothweni kukaSathana ezulwini, maxa wambi xa ehlasela abantu bakaThixo, bebekhuselwa yimibutho ethile yezobupolitika, leyo ekubhekiselwa kuyo kwiSityhilelo 12:15, 16. Noko ke, iBhayibhile ibonisa ukuba xa uSathana ehlasela okokugqibela, akukho mibutho yabantu eya kubakhusela abo bathembele ngoYehova. Ngaba oku kufanele kuwoyikise amaKristu? Akunjalo kwaphela!
15, 16. (a) Amazwi akhuthazayo uYehova awawathetha kubantu bakhe ngemihla kaYehoshafati awanika liphi ithemba amaKristu namhlanje? (b) Nguwuphi umzekelo uYehoshafati nabantu bemihla yakhe abawumisela abakhonzi bakaThixo namhlanje?
15 UThixo uza kubaxhasa abantu bakhe kanye njengokuba wabaxhasayo ngemihla kaKumkani uYehoshafati. Sifunda oku: “Phulaphulani, nonke maYuda nani bemi baseYerusalem nawe Kumkani Yehoshafati! Utsho uYehova ukuthi, ‘Musani ukoyika okanye ninkwantye ngenxa yesi sihlwele sikhulu; kuba idabi asilolenu, kodwa lelikaThixo. . . . Akukho mfuneko yakulwa ngesi sihlandlo. Zimiseni, nime ngxi nilubone usindiso lukaYehova ngenxa yenu. Owu Yuda nawe Yerusalem, musani ukoyika okanye ninkwantye. Phumani ngomso nxamnye nabo, uYehova uya kuba nani.’”—2 Kronike 20:15-17.
16 Aba bantu bakwaYuda baqinisekiswa ukuba kwakungayi kufuneka balwe. Ngokufanayo, xa abantu bakaThixo behlaselwa nguGogi wakwaMagogi, abayi kuzama ukuzikhusela ngokuphakamisa izigalo. Kunoko, baya ‘kuma ngxi baze balubone usindiso lukaYehova.’ Noko ke, ukuma ngxi akuthethi kuthi abaz’ ukwenza nto ngokupheleleyo, kuba kwanabantu bakaThixo bemihla kaYehoshafati abazange bahlale nje bengenzi nto kwaphela. Sifunda oku: “Kwaoko wabuthoba ubuso bakhe uYehoshafati ebubhekise emhlabeni, naye wonke uYuda nabemi baseYerusalem bawa phambi koYehova baqubuda kuYehova. . . . Ngaphezu koko, [uYehoshafati] wacebisana nabantu waza wamisa iimvumi zikaYehova nabo banikela indumiso behombe ngezingcwele njengoko babehamba phambi kwamadoda axhobileyo, yaye besithi: ‘Mdumiseni uYehova, kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.’” (2 Kronike 20:18-21) Ngoko kwanaxa babehlaselwa lutshaba, aba bantu baqhubeka bemdumisa uYehova. Lo ngumzekelo omhle wokulandelwa ngamaNgqina kaYehova xa ehlaselwa nguGogi.
17, 18. (a) Sisiphi isimo sengqondo sokuzimisela anaso amaNgqina kaYehova namhlanje ngokuphathelele ukuhlasela kukaGogi? (b) Yintoni aye akhunjuzwa ngayo kutshanje amaKristu aselula?
17 De kube ngoko—kwanasebudeni bokuhlasela kukaGogi—amaNgqina kaYehova aza kuqhubeka ebuxhasa uBukumkani bukaThixo. Aza kuqhubeka esomelezwa yaye ekhuselwa kukunxulumana kwawo namabandla angaphezu kwama-94 600 ehlabathini lonke. (Isaya 26:20) Eli lelona xesha kanye lifanelekileyo lokudumisa uYehova ngenkalipho! Ngokuqinisekileyo, ukwazi kwawo ukuba uGogi uza kuwahlasela kungekudala, akuwenzi ahlehle nakancinane ngenxa yoloyiko. Kunoko, kuwakhuthaza ngakumbi ukuba anikele indumiso ngamandla awo onke.—INdumiso 146:2.
18 Esi simo sawo sengqondo sokuzimisela sibonakala kumawakawaka abaselula abaye bangenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo ehlabathini lonke. Iphecana elithi Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu? elakhutshwa kwiindibano zesithili zowama-2002 likubalaselisa ngakumbi ukubaluleka kwekhondo elinjalo lobomi. AmaKristu aselula nakhulileyo ayakuxabisa ukukhunjuzwa okulolu hlobo, okufika ngexesha elifanelekileyo.—INdumiso 119:14, 24, 99, 119, 129, 146.
19, 20. (a) Kutheni amaKristu engenasizathu sakoyika? (b) Liza kusinceda njani inqaku elilandelayo?
19 Phezu kwayo nje imeko elikuyo ihlabathi, akukho mfuneko yokuba amaKristu oyike. Ayazi ukuba kungekudala uBukumkani bukaYehova buza kuluphelisa kuthi tu ugonyamelo. Athuthuzelwa nakukwazi ukuba uvuko luza kubabuyisela ebomini abantu abaninzi abaye babulawa lugonyamelo. Ngoxa abanye babo bavusiweyo beza kuqala ukufumana ithuba lokufunda ngoYehova, abo bebengabakhonzi bakhe baza kuqhubeka bemkhonza.—IZenzo 24:15.
20 NjengamaKristu okwenyaniso, siyakuqonda ukubaluleka kokugcina ubundilele bobuKristu, yaye sizimisele ukwenjenjalo. Sifuna ukubambelela kwithemba elimangalisayo ‘lokuma size silubone usindiso lukaYehova.’ Inqaku elilandelayo liza komeleza ukholo lwethu ngokusichazela ngeziganeko zanamhlanje ezizalisekisa isiprofeto seBhayibhile.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane imizekelo yabantu abaye bayeka izenzo zogonyamelo baza baba ngamaNgqina, bona uVukani! ka-Agasti 8, 1991, iphepha 27; neMboniselo kaJanuwari 1, 1996, iphepha 5; neka-Agasti 1, 1998, iphepha 5.
Ngaba Unokucacisa?
• Kutheni abantu abaninzi namhlanje bephelelwe lithemba?
• Kutheni amaNgqina kaYehova enethemba eliqaqambileyo ngekamva?
• Yintoni asele eyenzile uYehova ngonobangela walo lonke ugonyamelo?
• Kutheni singenasizathu sakukoyika ukuhlasela kukaGogi?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UYesu wamisela umzekelo ofanelekileyo wobundilele bobuKristu
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Amawakawaka amaNgqina aselula aye ngovuyo angenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 12]
UN PHOTO 186226/M. Grafman