Yintoni Eya Kukunceda—Uqonde IBhayibhile?
“UZIFIHLE ngenyameko ezi zinto kwizilumko nakwabo baziingqondi, wazityhilela iintsana.” (Luka 10:21) Lo mthandazo kaYesu ubonisa kakuhle ukuba ukuze siyiqonde iBhayibhile, kufuneka sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo. Ubulumko bukaYehova butyhilwe kwinto yokuba uye walungiselela incwadi enokuqondwa kuphela ngabantu abathobekileyo nabafundisekayo.
Kwinkoliso yethu akuyonto ilula ukuthobeka. Sonke sizalwe notyekelo lokuzingca. Ukongezelela koko, siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ enabantu “abazithandayo, . . . abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi.” (2 Timoti 3:1-4) Ezi zizimo zengqondo ezisithintelayo ekuqondeni iLizwi likaThixo. Okubuhlungu kukuba, ngomlinganiselo othile sonke siphenjelelwa zizimo zengqondo zabantu esiphila phakathi kwabo. Umntu unokuba naso njani ke isimo sengqondo esifanelekileyo ukuze aqonde iBhayibhile?
Ukulungisa Intliziyo Nengqondo
UEzra, inkokeli yamandulo yabantu bakaThixo, ‘walungisa intliziyo yakhe ukuba ahlole umthetho kaYehova.’ (Ezra 7:10) Ngaba ikho indlela esinokuyilungisa ngayo eyethu intliziyo? Ewe. Singaqala ngokulungelelanisa isimo sengqondo sethu ngeZibhalo. Xa wayebhalela amanye amaKristu umpostile uPawulos wathi: “Xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, enaliva kuthi, nalamkela, kungekhona njengelizwi labantu, kodwa, kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo.” (1 Tesalonika 2:13) Nangona uThixo wasebenzisa abantu xa wayebhala iZibhalo, izinto ababezibhala zazivela kuYehova. Ukuqonda loo ngongoma kuya kusenza siyiqonde ngakumbi into esiyifundayo.—2 Timoti 3:16.
Enye indlela yokulungisa iintliziyo zethu kukuthandaza. Ekubeni iBhayibhile yaphefumlelwa ngomoya oyingcwele, isigidimi sayo sakusiqonda bhetele xa sincedwa nguloo moya. Simele siluthandazele olo ncedo. Khangela indlela awayesiqonda ngayo esi sibakala umdumisi owabhala wathi: “Ndiqondise, ukuze ndigcine umthetho wakho, nokuze ndiwugcine ngentliziyo iphela.” (INdumiso 119:34) Asimele sithandazele ukuqonda oko sikufundayo kuphela, kodwa nesimo sengqondo sokuba sikwamkele. Ukuze siqonde iBhayibhile, kufuneka sithande inyaniso.
Njengoko ucamngca ukuze ube nesimo sengqondo esifanelekileyo qwalasela indlela onokuncedakala ngayo ngokufunda iBhayibhile. Sinezizathu ezininzi zokuba sifundisise iLizwi likaThixo, kodwa esona singundoqo sesokuba liyasinceda sisondele kuThixo. (Yakobi 4:8) Njengoko sifunda ngendlela asabela ngayo uYehova kwiimeko ezahlukeneyo, indlela abathanda ngayo abo bamthandayo, indlela aqhubana ngayo nabo bamtyeshelayo sitsho siqonde uhlobo lomntu alulo. Isizathu esiyintloko sokufunda iBhayibhile, ngalo lonk’ ixesha sifanele sibe kukumazi ngakumbi uThixo size someleze ulwalamano lwethu naye.
Izinto Ezisenza Singabi Nesimo Sengqondo Esifanelekileyo
Yintoni enokusithintela ekuqondeni iLizwi likaThixo? Umqobo wokuqala kukufuna ukuthembeka kubantu abangafanelekanga, abo sibajongela phezulu. Ngokomzekelo, usenokukholosa ngeenkolelo nezimvo zabantu abathile abahlonelwayo. Noko ke, uya kuthini ukuba abo bantu abayixabisanga inyaniso yeLizwi likaThixo? Kwiimeko ezilolo hlobo, ukuqonda iimfundiso zeBhayibhile kunokuba lucelomngeni. Ngaloo ndlela, iBhayibhile iyasikhuthaza ukuba sizihlolisise izinto esazifundiswayo.—1 Tesalonika 5:21.
Umama kaYesu uMariya, wakhe wanengxaki elolo hlobo. Wayekhuliswe ngezithethe zamaYuda. Wayegcina uMthetho kaMoses esiya nakwindlu yesikhungu. Kamva waqonda ukuba indlela yokunqula awayeyifundiswe ngabazali bakhe yayingasamkelekanga kuThixo. Ekugqibeleni, uMariya wamkela iimfundiso zikaYesu waze walelinye lamalungu okuqala ebandla lamaKristu. (IZenzo 1:13, 14) Oku yayingekokudelela abazali bakhe okanye izithethe zabo; kunoko wayeqhutywa kukuthanda uThixo. Ukuze nathi iBhayibhile isincede njengoMariya, simele sinyaniseke kuThixo ngaphezu kwakhe nabani na.
Okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi abayiseso inyaniso yeBhayibhile. Abanye baneliswa kukulandela izithethe zonqulo ezisekelwe ebuxokini. Bambi babonisa ukungayihloneli inyaniso ngendlela abathetha ngayo nabaphila ngayo. Ewe, ukwamkela inyaniso yeBhayibhile kufuna umlinganiselo othile wokuzincama: Isenokukwenza ungaginywa ncam zizihlobo, abamelwane, abantu osebenza nabo namalungu entsapho yakho. (Yohane 17:14) Sekunjalo, indoda esisilumko uSolomon yabhala yathi: “Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo.” (IMizekeliso 23:23) Ukuba uyayixabisa inyaniso, uYehova uya kukunceda uyiqonde iBhayibhile.
Omnye umqobo ekuqondeni isigidimi seBhayibhile kukungakulungeli ukwenza oko ikutshoyo. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Nina nikunikiwe ukuziqonda iimfihlelo ezingcwele zobukumkani bamazulu, kodwa bona abo bantu abakunikwanga. Kuba intliziyo yesi sizwana ilukhuni, sizivingcile iindlebe zaso.” (Mateyu 13:11, 15) Inkoliso yabantu awayeshumayela kubo uYesu babengasabeli kakuhle, bengazimiselanga nokutshintsha. Babengafani nomrhwebi ohamba hambayo awayethetha ngaye uYesu kumzekeliso wakhe! Esakufumana iperile enexabiso elikhulu, lo mrhwebi wathengisa zonke izinto awayenazo waze wayithenga. Sifanele sikuxabise ngendlela efanayo ukuqonda inyaniso yeBhayibhile.—Mateyu 13:45, 46.
Ucelomngeni Lokuba Ngumntu Ofundisekayo
Owona mqobo mkhulu ekuqondeni iBhayibhile kukuba ngumntu ofundisekayo. Kusenokungabi lula ukwamkela iingcamango ezintsha ezivela kumntu ojongelwa phantsi. Ukanti, abapostile bakaYesu Kristu “babengabantu abangenamfundo nabaqhelekileyo.” (IZenzo 4:13) Echaza isizathu sokungabi namfundo kwabo uPawulos wathi: “Niyakubona ukunibiza kwakhe, bazalwana, ukuba ababaninzi ababizwa bezizilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, ababaninzi abazizidwangube; kodwa uThixo wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze abahlazise abantu abazizilumko; yaye uThixo wanyula izinto ezibuthathaka zehlabathi, ukuze azihlazise izinto ezomeleleyo.” (1 Korinte 1:26, 27) Ukuba kuya kuvavanya ukufundiswa ngumntu ongazelwento, khumbula ukuba yena usisixhobo nje esisetyenziswa nguThixo sokufundisa wena. Liliphi ilungelo elizuke ngaphezu kokufundiswa nguYehova, ‘umYaleli wethu Ozukileyo’?—Isaya 30:20; 54:13.
Umthetheli-mkhosi waseSiriya uNahaman naye wakufumanisa kunzima ukuthobela umyalelo ovela kumntu ophantsi. Efuna kunyangwe iqhenqa lakhe, waya kumprofeti kaYehova uElisha. Kodwa oko kwakufuneka akwenze ukuze aphile wakuxelelwa sisicaka. Esi sigidimi nendlela asixelelwa ngayo samkhathaza uNahaman, kangangokuba ekuqaleni akazange alithobele ilizwi lomprofeti kaThixo. Kamva, uNahaman watshintsha kwisimo sengqondo sakhe waza waphiliswa. (2 Kumkani 5:9-14) Sijamelana nemeko efanayo xa sifundisisa iBhayibhile. Sisenokufunda ukuba ukuze siphile ngokomoya nangokuziphatha, kufuneka sitshintshe indlela esiphila ngayo. Ngaba siya kuthobeka ngokwaneleyo ukuze sivume ukufundiswa oko simele sikwenze? Ngabantu abafundisekayo kuphela abanokuyiqonda iBhayibhile.
Isimo sengqondo sokuthobeka saboniswa yindoda eyayingusomaqhuzu kubukumkani bukaKandase ukumkanikazi wamaTiyopiya. Wayebuyela eAfrika ekhwele inqwelo yakhe xa umfundi uFilipu wathetha naye. UFilipu wabuza le ndoda ukuba iyaziqonda kusini na izinto eyayizifunda. Eli gosa lithobekileyo laphendula lathi: “Ndingakwenza njani oko, ngaphandle kokuba ndikhokelwe nguthile?” Lathi eli gosa lisakuliqonda iLizwi likaThixo, labhaptizwa. Emva koko, “lahamba linemihlali.”—IZenzo 8:27-39.
Inkoliso yamaNgqina kaYehova ngabantu abaqhelekileyo. Veki nganye aqhuba izifundo zeBhayibhile emakhayeni abantu abangaphezu kwezigidi ezithandathu. Ekubeni iBhayibhile ifundisa eyona ndlela yokuphila iphakamileyo, ichaze ekuphela kwethemba loluntu, ize isibonise indlela yokwazi uThixo, izigidi zabantu ziye zafumanisa ukuba ukufundisisa iBhayibhile nokuqonda oko ikuthethayo luyolo olungenakufaniswa nanto. Nawe ungalixhamla elo lungelo.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UNahaman wakufumanisa kunzima ukuthobela imiyalelo evela kumntu ongazelwento
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ukuqonda iBhayibhile kuvuyisa iintliziyo zethu