Ukuqonda IBhayibhile—Ilungelo Onokulixhamla
IBHAYIBHILE ineenyaniso ezixabisekileyo ezivela kuThixo. Isixelela ngenjongo yobomi, isizekabani sokubandezeleka kwabantu nekamva loluntu. Isifundisa indlela yokufumana ulonwabo, indlela yokwenza abahlobo nendlela yokucombulula iingxaki. Okubaluleke ngakumbi kukuba, isifundisa ngoMdali, uBawo wethu wasezulwini, uYehova. Ukwazi ezi zinto kuyasivuyisa kuze kwenze ubomi bethu bube nentsingiselo.
Ukungenisa ulwazi ngoThixo kufaniswa nokutya eBhayibhileni. UYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4; Hebhere 5:12-14) Kanye njengokuba kufuneka sitye ukutya okunentswane suku ngalunye ukuze siphile, ukuze sifumane isithembiso sikaThixo sobomi obungunaphakade kufuneka sifunde iLizwi lakhe rhoqo.
Siyakunandipha ukutya ngenxa yendlela esenziwe ngayo kwaye kuyasanelisa. Noko ke, kukho nenye intswelo ekufuneka siyinyamekele ukuba sifuna ukonwaba. UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Ulonwabo lunokufumaneka kuba intswelo yokomoya inokwaneliswa ngokufundisisa iLizwi likaThixo.
Liyinyaniso elokuba abanye bayithabatha njengencwadi entsonkothileyo iBhayibhile. Ngokomzekelo, usenokufuna uncedo ukuze uqonde iindinyana ezithetha ngezithethe ongaziqhelanga okanye ezibhalwe ngezafobe. Kwandule, kubekho iziprofeto ezibhalwe ngolwimi olufuziselayo, ezinokuqondwa ngokuhlolisisa ezinye iindinyana zeBhayibhile ezixubusha ngombandela ofana nawo. (Daniyeli 7:1-7; ISityhilelo 13:1, 2) Nangona kunjalo, unako ukuyiqonda iBhayibhile. Unokuqiniseka njani ukuba unako ukuyiqonda iBhayibhile?
Ilungelo Elinokuxhanyulwa Ngabo Bonke Abantu
IBhayibhile liLizwi likaThixo. Kulo uThixo usichazela oko afuna sikwenze. Ngaba uThixo ebenokwenza incwadi ebekuya kubanzima ukuyiqonda okanye eqondwa ngabantu abafunde gqitha kuphela? Hayi khona, uYehova ebengenakuyenza into engalunganga ngolo hlobo. UYesu Kristu wakhe wathi: “Nguwuphi na uyise phakathi kwenu oya kuthi, ukuba unyana wakhe ucela intlanzi, asuke amnike inyoka esikhundleni sentlanzi? Okanye athi ukuba ucela iqanda, asuke amnike unomadudwane? Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:11-13) Ngaloo ndlela, unokuqiniseka ukuba unako ukuyiqonda iBhayibhile kwaye ukuba ubongoza uThixo ngokunyanisekileyo, uya kukunceda ukuze uyiqonde. Iimfundiso ezisiseko zeBhayibhile zinokuqondwa nanguthathatha!—2 Timoti 3:15.
Nangona kufuneka umgudu ukuze uqonde iBhayibhile, ukwenjenjalo kunokusomeleza. Emva kokuba evukile, uYesu wabonakala kubafundi bakhe ababini waze waxubusha nabo iziprofeto zeBhayibhile. Ingxelo kaLuka ithi: “Eqalela kuMoses nakubaProfeti bonke wabatolikela izinto eziphathelele yena kuzo zonke iZibhalo.” Yazala nkomoni le ngxubusho? Ngolo rhatya, njengoko babesetyisa izinto abazifundileyo, abafundi bathi omnye komnye: “Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi endleleni, njengoko ebesivulela ngokupheleleyo iZibhalo?” (Luka 24:13-32) Ukuqonda iLizwi likaThixo kwabanika uyolo kuba komeleza ukholo lwabo kwizithembiso zikaThixo batsho bakhangela phambili kwikamva eliqaqambileyo.
Kunokuba kube yindinisa, ukuqonda iLizwi likaThixo kubangel’ umdla kwaye kuluncedo, kumnandi ngathi kukutya okuluncuthu. Umele wenze ntoni ukuze wazi iLizwi likaThixo? Inqaku elilandelayo libonisa indlela onokukunandipha ngayo ‘ukufumana ukumazi uThixo.’—IMizekeliso 2:1-5.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Njengobawo onothando, uYehova usinika umoya oyingcwele ukuze asincede siqonde iBhayibhile