Abelusi ‘Abangumzekelo Emhlambini’
“Waluseni umhlambi kaThixo eniwunyamekelayo . . . ngokuzithandela . . , ngentumekelelo . . . , yibani yimizekelo emhlambini.”—1 PETROS 5:2, 3.
1, 2. (a) Ngawaphi amalungelo uYesu awavava ngawo uPetros, yaye kutheni engazange aphoxeke nje? (b) UYehova ubajonga njani abelusi abamiselweyo?
NGAXA lithile ngaphambi kwePentekoste yowama-33 C.E., uPetros nabanye abafundi abathandathu babesitya isidlo sakusasa esasilungiselelwe nguYesu kunxweme loLwandle lwaseGalili. Esi yayingesosihlandlo sokuqala uPetros ebona uYesu emva kokuba evusiwe, ibe akuthandabuzeki ukuba wayekuvuyela gqitha ukubona uYesu ephila. Kodwa kunokwenzeka ukuba yayikho enye into exhalabisa uPetros. Kaloku, kwiintsuku ezingaphambi koko, wamkhanyela elubala uYesu. (Luka 22:55-60; 24:34; Yohane 18:25-27; 21:1-14) Ngaba uYesu wamkhalimela uPetros oguqukileyo ngokungabi nalukholo? Akunjalo. Kunoko, wasuka wamvava ngelungelo lokuba atyise aze aluse ‘amatakane ezimvu zakhe.’ (Yohane 21:15-17) Njengokuba ingxelo yeBhayibhile yembali yebandla lamaKristu enkulungwane yokuqala ibonisa, uPetros, nabapostile namanye amadoda amakhulu eYerusalem akazange amphoxe uYesu. UPetros walalusa ibandla lamaKristu ngamaxesha eemvavanyo eziqatha nawolwando olwalusaphul’ izikeyi.—IZenzo 1:15-26; 2:14; 15:6-9.
2 Esebenzisa uYesu Kristu namhlanje, uYehova uye wamisela amadoda afanelekayo ukuba akhonze njengabelusi abanyamekela izinto zokomoya ukuze bakhokele izimvu zakhe kula maxesha anzima kwimbali yoluntu. (Efese 4:11, 12; 2 Timoti 3:1) Ngaba sikho isizathu sokuwathemba la madoda? Ubuzalwana bamaKristu obuseluxolweni obukhoyo ehlabathini bubungqina obungenakuphikiswa bani. Liyinyaniso elokuba aba belusi bayezenza iimpazamo, njengoPetros. (Galati 2:11-14; Yakobi 3:2) Nangona kunjalo, uYehova ubaphathise isabelo sokunyamekela izimvu ‘awazithenga ngegazi lowakhe uNyana.’ (IZenzo 20:28) UYehova uwathanda gqitha la madoda, uwajonga njengafanelwe “yimbeko ephindiweyo.”—1 Timoti 5:17.
3. Abelusi bokomoya babonisa njani ukuba benza izinto ngokuzithandela?
3 Abelusi bokomoya babonisa njani ukuba benza izinto ngokuzithandela, ngaloo ndlela besiba ngumzekelo kumhlambi? NjengoPetros nabanye abelusi benkulungwane yokuqala, baxhomekeke kumoya oyingcwele kaThixo, obanika amandla abawafunayo ukuze baphumeze iimbopheleleko zabo. (2 Korinte 4:7) Kwakhona umoya oyingcwele ubanceda bavelise isiqhamo somoya—esiluthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Makhe sixubushe iindlela abelusi abanokusibonisa ngayo esi siqhamo somoya xa besalusa umhlambi kaThixo abawuphathisiweyo.
Abadala Kufuneka Bawuthande Wonke Umhlambi Baze Bathande Imvu Nganye
4, 5. (a) UYehova noYesu balubonisa njani uthando emhlambini? (b) Ziziphi ezinye iindlela ababonisa ngazo abelusi ukuba bayawuthanda umhlambi?
4 Olona phawu lubalaseleyo luveliswa ngumoya kaThixo luthando. UYehova ubonisa indlela awuthanda ngayo umhlambi uphela ngokuwulungiselela ukutya kokomoya okuyintabalala. (Isaya 65:13, 14; Mateyu 24:45-47) Kodwa wenza okungakumbi kunokondla loo mhlambi. Unyamekela imvu nganye kuwo. (1 Petros 5:6, 7) NoYesu uyawuthanda umhlambi. Wanikela ngobomi bakhe ngenxa yawo, kwaye imvu nganye uyazi ‘ngegama.’—Yohane 10:3, 14-16.
5 Abelusi bokomoya baxelisa uYehova noYesu. Babonisa uthando kumhlambi kaThixo wonke ‘ngokuzibhokoxa ekufundiseni’ ibandla. Iintetho zabo ezisekelwe eBhayibhileni ziluncedo ekondleni nasekukhuseleni umhlambi, kwaye ukuzibhokoxa kwabo kule nkalo kuyabonakala kubo bonke. (1 Timoti 4:13, 16) Kodwa into engabonwayo ngabanye lixesha abalichitha belungelelanisa iingxelo zebandla, imbalelwano, besenza ucwangciso baze banyamekele nentlaninge yezinye iinkcukacha ukuze baqinisekise ukuba iintlanganiso zebandla nezinye izinto zenzeka “ngokundilisekileyo nangolungelelwano.” (1 Korinte 14:40) Inkoliso yale misebenzi yenziwa ngasese kwaye isenokungaziwa. Ngokwenene yinkonzo eyenziwa ngenxa yothando.—Galati 5:13.
6, 7. (a) Yiyiphi enye indlela abanokuqhelana ngayo abelusi nezimvu? (b) Kutheni kuluncedo nje ukuzityand’ igila kumdala maxa wambi?
6 Abelusi abangamaKristu anothando bazama kangangoko ukubonisa umdla kwimvu nganye esebandleni. (Filipi 2:4) Enye indlela abaqhelana ngayo abelusi nezimvu kukusebenza nazo entsimini. UYesu wayesoloko ehamba nabafundi bakhe kumsebenzi wokushumayela kwaye ezo zihlandlo wayezisebenzisela ukubakhuthaza. (Luka 8:1) Elinye igqala lomalusi ongumKristu lithi: “Ndiye ndafumanisa ukuba enye yezona ndlela ziphumelelayo zokwazi nokukhuthaza umzalwana okanye udade kukusebenza naye entsimini.” Ukuba akukhange usebenze nomnye wabadala entsimini kutshanje, kutheni ungamceli ukuba asebenze nawe?
7 Uthando lwenza uYesu wavuyisana waza wavelana nabalandeli bakhe. Ngokomzekelo, xa abafundi bakhe abangama-70 babuya bevuyile kumsebenzi wokushumayela, uYesu ‘waba novuyo olugqithiseleyo.’ (Luka 10:17-21) Kodwa wathi akubona indlela awayexheleke ngayo uMariya nentsapho yakhe nabahlobo kukufa kukaLazaro, “zasuka zathi waxa iinyembezi kuYesu.” (Yohane 11:33-35) Ngokufanayo namhlanje abelusi abanenkathalo bayazazi izinto ezivuyisa nezikhathaza izimvu. Uthando lubenza babe “nemihlali kunye nabantu abanemihlali” baze ‘balile nabantu abalilayo.’ (Roma 12:15) Ukuba kukho into ekuvuyisayo okanye ekwenza buhlungu, zive ukhululekile ukuzityand’ igila kubelusi abangamaKristu. Xa besiva ngento ekuvuyisayo baya kukhuthazeka. (Roma 1:11, 12) Xa ubabalisela ngezinto otyhubela kuzo baya kukwazi ukukomeleza baze bakuthuthuzele.—1 Tesalonika 1:6; 3:1-3.
8, 9. (a) Omnye umdala wabonisa njani ukuba uyamthanda umkakhe? (b) Kubaluleke kangakanani ukuba umalusi ayithande intsapho yakhe?
8 Indlela umalusi awuthanda ngayo umhlambi ibonakala kwindlela ayiphatha ngayo intsapho yakhe. (1 Timoti 3:1, 4) Ukuba utshatile, uthando nentlonelo amphatha ngayo umfazi wakhe imisela abanye abayeni umzekelo. (Efese 5:25; 1 Petros 3:7) Khawuve ngamagqabaza elinye ibhinqa elingumKristu, uLinda. Umyeni wakhe wakhonza njengomdala iminyaka engaphezu kwama-20 ngaphambi kokuba afe. Uthi: “Umyeni wam wayesoloko exakekile enyamekela ibandla. Kodwa wayendenza ndizive ngathi ndiphakathi kwelo qela. Wayesoloko endincoma ngokumxhasa, ixesha angenzinto ngalo wayelichitha nam. Ngenxa yoko, ndandiziva ndithandwa ndandingenabukhwele ngenxa yexesha alichitha kwizinto zebandla.”
9 Ukuba umalusi ongumKristu unabantwana, indlela abaqeqesha ngayo nokubancoma kwakhe rhoqo kumisela umzekelo abanye abazali. (Efese 6:4) Kakade ke, indlela ayithanda ngayo intsapho yakhe inikela ubungqina bokuba uphila ngovisisana nokumiselwa kwakhe ngumoya oyingcwele.—1 Timoti 3:4, 5.
Khuthazani Uvuyo Noxolo Ngokunxibelelana Kwenu
10. (a)Yintoni enokuthintela uvuyo noxolo lwebandla? (b) Yintoni eyayiphazamisa uxolo lwebandla lwenkulungwane yokuqala, kwaye yaconjululwa njani lo ngxubakaxaka?
10 Umoya oyingcwele unokuvelisa uvuyo noxolo kumaKristu, kwiqumrhu labadala nasebandleni liphela. Noko ke, xa unxibelelwano luhesheheshe lusenokuchaphazela uvuyo noxolo. USolomon wamandulo wathi: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula, kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.” (IMizekeliso 15:22) Kwelinye icala, ukuthetha phandle ngentlonelo kukhuthaza uvuyo noxolo. Ngokomzekelo, xa umbandela wolwaluko wafuna ukuphazamisa uxolo lwebandla lenkulungwane yokuqala, iqumrhu elilawulayo eYerusalem lafuna ulwalathiso lomoya oyingcwele. Aba badala baphalaza izimvo zabo ezazahlukene ngalo mba. Emva kwengxubusho eshushu, benza isigqibo. Xa basasaza eso sigqibo simxhelo mnye emabandleni, abazalwana “baba nemihlali ngenxa yokhuthazo olo.” (IZenzo 15:6-23, 25, 31; 16:4, 5) Kwabakho uvuyo noxolo.
11. Abadala banokulikhuthaza njani uvuyo noxolo ebandleni?
11 Ngendlela efanayo namhlanje, abelusi bakhuthaza uvuyo noxolo ebandleni ngokunxibelelana kakuhle. Xa iingxaki ezithile zisongela ibandla, bayadibana baxubushe ngazo. Bawaphulaphula ngenyameko amagqabaza abanye abelusi. (IMizekeliso 13:10; 18:13) Emva kokuthandazela umoya oyingcwele, izigqibo abazenzayo zisekelwa kwimigaqo yeBhayibhile nakulwalathiso olupapashwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45-47; 1 Korinte 4:6) Sisakuba senziwe isigqibo esisekelwe eZibhalweni liqumrhu labadala, mdala ngamnye uthobela ulwalathiso lomoya oyingcwele ngokusixhasa eso sigqibo nokuba uluvo lwakhe alukhange lwamkelwe luninzi lwabadala. Ukuthozama ngolo hlobo kukhuthaza uxolo novuyo kuze kumisele umzekelo omhle kwizimvu ngendlela yokuhamba noThixo. (Mika 6:8) Ngaba uyazixhasa izigqibo ezisekelwe eBhayibhileni ezenziwe ngabadala ebandleni?
Yiba Nobubele Uzeke Kade Umsindo
12. Kwakutheni ukuze uYesu kufuneke azeke kade umsindo abe nobubele kwindlela awayeqhubana ngayo nabapostile bakhe?
12 UYesu wayezeka kade umsindo yaye enobubele xa eqhubana nabapostile, nangona babesoloko besilela. Ngokomzekelo, izihlandlo eziliqela wabethelela ukubaluleka kokuthobeka. (Mateyu 18:1-4; 20:25-27) Ukanti, ngobusuku bokugqibela bobomi bukaYesu emhlabeni, emva kokuba ebafundise isifundo sokuthobeka ngokubahlamba iinyawo, “kwavela nempikiswano eshushu phakathi kwabo mayela nokuba nguwuphi na kubo obonakala engoyena mkhulu.” (Luka 22:24; Yohane 13:1-5) Ngaba uYesu wabakhalimela abapostile? Akazange kunoko waqiqa nabo ngobubele, esithi: “Nguwuphi na omkhulu ngakumbi, lowo ungqendeve etafileni okanye lowo ulungiselelayo? Asinguye na lowo ungqendeve etafileni? Kodwa phakathi kwenu ndinjengalowo ulungiselelayo.” (Luka 22:27) Ukuzeka kade umsindo kukaYesu nobubele bakhe—nomzekelo wakhe omhle—ekugqibeleni kwamenza wazifikelela iintliziyo zabapostile.
13, 14. Kunini apho abelusi bafanele babenobulele ngokukhethekileyo?
13 Ngendlela efanayo, umalusi wokomoya kusenokufuneka amluleke ngokuphindaphindiweyo umKristu ngentsilelo ethile. Umalusi usenokucatshukiswa ngulo mntu. Noko ke, xa ekhumbula ukuba naye ukhe asilele njengoko ‘eluleka lowo ungalungelelananga,’ uya kukwazi ukuzeka kade umsindo abe nobubele kumzalwana wakhe. Ngaloo ndlela uya kuba uxelisa uYesu noYehova, ababonisa ezi mpawu kuwo onke amaKristu—kuquka nabelusi ngokwabo.—1 Tesalonika 5:14; Yakobi 2:13.
14 Maxa wambi, abelusi kusenokufuneka bamluleke qatha umKristu oye wenza isono esinzulu. Ukuba loo mntu akaguquki, abelusi bafanele bamsuse ebandleni. (1 Korinte 5:11-13) Nalapho indlela abamphatha ngayo imele ibonise ukuba abamthiyanga koko bathiye isono asenzileyo. (Yude 23) Abelusi abanobubele banokwenza kube lula ukuba loo mvu ibhadulayo ibuyele emhlambini.—Luka 15:11-24.
Imisebenzi Emihle Ikhuthazwa Lukholo
15. Yiyiphi indlela abelusi abakuxelisa ngayo ukulunga kukaYehova, kwaye yintoni ebakhuthazayo?
15 “UYehova ulungile kubo bonke,” kwanakwabo bangazixabisiyo izinto abenzela zona. (INdumiso 145:9; Mateyu 5:45) Ukulunga kukaYehova kubonakala ngokukhethekileyo kwinto yokuba ethuma abantu bakhe baye kushumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Abelusi babonisa ukulunga kukaThixo ngokukhokela kulo msebenzi wokushumayela. Yintoni ebakhuthazayo? Lukholo olomeleyo kuYehova nakwizithembiso zakhe.—Roma 10:10, 13, 14.
16. Abelusi ‘bangakwenza njani okulungileyo’ kwizimvu?
16 Ukongezelela ekwenzeni “okulungileyo kubo bonke” ngokushumayela, abelusi banembopheleleko yokwenza okulungileyo “ngokukodwa kwabo bahlobene [nabo] elukholweni.” (Galati 6:10) Enye indlela abakwenza ngayo oku kukwenza amatyelelo okwalusa. Omnye umdala uthi: “Ndiyakunandipha ukwenza amatyelelo okwalusa. Andinika ithuba lokuncoma abazalwana noodade ngemigudu yabo nokubenza baqonde ukuba ukuzibhokoxa kwabo kuyaxatyiswa.” Maxa wambi, abelusi basenokucebisa iindlela anokuyiphucula ngazo ubani inkonzo yakhe kuYehova. Xa besenjenjalo abelusi baxelisa umzekelo wompostile uPawulos. Khawuqwalasele indlela awababongoza ngayo abazalwana baseTesalonika esithi: “Sinentembelo eNkosini, ukuba niyazenza kwaye niya kuqhubeka nizenza izinto esiziyalelayo.” (2 Tesalonika 3:4) Ukunconywa ngolo hlobo kuyaziyolisa izimvu zifune ukwenza okulungileyo kuze kube lula ngazo ‘ukuthobela abo bakhokelayo.’ (Hebhere 13:17) Xa utyelelwe ngabadala, kutheni ungabachazeli ukuba uyakuvuyela ukutyelelwa?
Ukuze Ube Nobulali Kufuneka Uzeyise
17. Sisiphi isifundo esafundwa nguPetros kuYesu?
17 UYesu wayenomoya wobulali, enjalo nokuba sele ecatshukiswa. (Mateyu 11:29) Xa wangcatshwayo waza wabanjwa, uYesu wabonisa ubulali nokuzeyisa. Ngokudyuduzela uPetros, wakhupha ikrele waza wamphindezelela. Kodwa uYesu wathi kuye: “Ucinga ukuba andinako ukubongoza uBawo andibonelele ngawo lo mzuzu ngemikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini?” (Mateyu 26:51-53; Yohane 18:10) UPetros wasifunda kakuhle eso sifundo waza kamva wakhumbuza amaKristu esithi: “NoKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo. . . . Xa wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise. Xa wayebandezeleka, akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo ugweba ngobulungisa.”—1 Petros 2:21-23.
18, 19. (a) Kunini apho abelusi bafanele babonise ubulali nokuzeyisa? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyixubusha kwinqaku elilandelayo?
18 Ngendlela efanayo, ukuze abelusi baphumelele kufuneka babe nomoya wobulali nokuba baphathwa ngendlela engafanelekanga. Ngokomzekelo, bambi kubantu abazama ukubanceda ebandleni basenokungasabeli kakuhle. Ukuba loo mntu uncedwayo ubuthathaka okanye uyagula ngokomoya, ‘usenokuthetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele.’ (IMizekeliso 12:18) Noko ke, njengoYesu, abelusi abaphenduli ngqwabalala okanye bazame ukuziphindezelela. Kunoko, bazama ukuzeyisa baze babonise uvelwano, olunokuba yintsikelelo kulowo ufuna uncedo. (1 Petros 3:8, 9) Ngaba uyafunda kumzekelo wabadala ngokubonisa ubulali nokuzeyisa xa ululekwa?
19 Ngokungathandabuzekiyo, uYehova noYesu bayakuxabisa ukuzibhokoxa ngokuzithandela kwamawaka abelusi benyamekela umhlambi ehlabathini. UYehova noNyana wakhe bawathanda gqitha namawaka ezicaka zolungiselelo ezixhasa abadala ‘ekulungiseleleni abangcwele.’ (Hebhere 6:10) Kodwa kutheni, abanye abazalwana ababhaptiziweyo bemathidala ukufanelekela lo ‘msebenzi mhle’? (1 Timoti 3:1) UYehova ubaqeqesha njani abo abamisela njengabelusi? Le mibuzo siza kuyixubusha kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Usakhumbula?
• Ziziphi ezinye iindlela abelusi ababonisa ngazo uthando emhlambini?
• Bangalukhuthaza njani bonke abantu uvuyo noxolo ebandleni?
• Kutheni abelusi bezeka kade umsindo kwaye benobulali xa beluleka abanye?
• Abadala bakubonisa njani ukulunga nokholo?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abadala bakhonza ibandla ngenxa yothando
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Baphinda bachithe ixesha neentsapho zabo xa bezihlaziya . . .
. . nakubulungiseleli
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ukunxibelelana kakuhle kwabadala kukhuthaza uvuyo noxolo ebandleni