UYehova Uyabaqeqesha Abelusi Bomhlambi Wakhe
“UYehova unika ubulumko; emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.”—IMIZEKELISO 2:6.
1, 2. Yintoni ebangela ukuba amadoda abhaptiziweyo azibhokoxe aze afanelekele iimbopheleleko ezingakumbi ebandleni?
“NDANDINGAZIVA yimincili mhla ndamiselwa njengomdala” lawo ngamagqabaza kaNick obekhonza njengomdala iminyaka esixhenxe. “Eli lungelo ndalithabatha njengethuba lokwandisa inkonzo yam kuYehova. Ndandivakalelwa kukuba ndiyamtyala ngenxa yazo zonke izinto aye wandenzela zona. Ndandifuna nokunceda amalungu ebandla kangangoko kunokwenzeka, ngendlela abaye bandinceda ngayo nam abadala.” Noko ke, ngoxa wayengaziva luvuyo zazikwakho nezinto ezimxhalabisayo. Wongezelela esithi: “Ekubeni ndandingekafiki nakuma-30 eminyaka xa ndandimiselwa, ndaba nexhala kuba ndandingenabo ubuchule—ukuqonda nobulumko—bokwalusa ibandla.”
2 Zininzi izinto ezimele zivuyise abo uYehova abamisela ukuba banyamekele umhlambi wakhe. Umpostile uPawulos wakhumbuza abadala base-Efese ngomthombo wovuyo xa wacaphula amazwi kaYesu athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Ukukhonza njengesicaka solungiselelo okanye umdala kuvulela amadoda abhaptiziweyo amathuba angakumbi okupha uYehova nebandla. Ngokomzekelo izicaka zolungiselelo, zisebenza nabadala. Ezi zicaka zolungiselelo zinyamekela uthotho lwezabelo ezifuna ixesha. Abo bazalwana baqhutywa kukuthanda uThixo nommelwane ukuze banikele le nkonzo ibalulekileyo.—Marko 12:30, 31.
3. Yintoni enokubangela abanye babemathidala ukufanelekela amalungelo ebandleni?
3 Kuthekani ngendoda engumKristu esenokuba mathidala ukuzibhokoxa ukuze ifanelekele ilungelo lokukhonza njengesicaka solungiselelo de ibe ngumdala ekugqibeleni kuba nje ivakalelwa ukuba ayifaneleki? NjengoNick, isenokukhathazeka icinga ukuba ayinabo ubuchule obufunekayo ukuze ibe ngumalusi ophumelelayo. Njengomzalwana obhaptiziweyo, ngaba nawe uvakalelwa ngolo hlobo? Iyaqondakala into yokuba uvakalelwe ngolo hlobo. UYehova uyabaphendulisa abelusi abamiselweyo ngendlela abawuphatha ngayo umhlambi. UYesu wathi: “Eneneni, wonk’ ubani onikwe okuninzi, kuya kufunwa okuninzi kuye; nalowo abantu bambeke ukuba aphathe okuninzi, baya kufuna okungakumbi kunokuqhelekileyo kuye.”—Luka 12:48.
4. UYehova ubanceda njani abo abamisela ukuba banyamekele izimvu zakhe?
4 Ngaba uYehova ulindele ukuba abo abamisela njengezicaka zolungiselelo nabadala benze yonk’ into ngamandla abo? Akunjalo kuba, ubalungiselele uncedo ukuze baphumeze izabelo zabo. Njengokuba kuye kwaxutyushwa kwinqaku elandulela eli, uYehova ubanika umoya wakhe oyingcwele, isiqhamo sawo esibancedayo ukuze bazinyamekele kakuhle izimvu. (IZenzo 20:28; Galati 5:22, 23) Ukongezelela apho, uYehova ubanika ubulumko, ulwazi nokuqonda. (IMizekeliso 2:6) Ukwenza njani oku? Makhe sixubushe iindlela ezintathu uYehova abaqeqesha ngazo abo abamisela ukuba banyamekele izimvu zakhe.
Baqeqeshwa Ngabadala Abanamava
5. Yintoni eyenza uPetros noYohane baba ngabelusi abanobuchule?
5 Xa umpostile uPetros noYohane babemangalelwe kwiSanhedrin, abagwebi abalumkileyo behlabathi balo nkundla babebajonga ‘njengabantu abangenamfundo nabaqhelekileyo.’ Ewe babekwazi ukufunda nokubhala, kodwa babengaqeqeshwanga kwizikolo zoorabhi. Sekunjalo, uPetros noYohane nabanye abafundi bazingqina bengabafundisi abanobuchule, bashukumisela abaninzi kwabo bantu babebaphulaphule baba ngamakholwa. Kwenzeka njani ukuba la madoda aqhelekileyo abe ngabafundisi abaphum’ izandla? Emva kokuba le nkundla iphulaphule uPetros noYohane, ‘yaqonda ukuba babefudula bekunye noYesu.’ (IZenzo 4:1-4, 13) Yinyaniso ukuba, babefumene umoya oyingcwele. (IZenzo 1:8) Kodwa kwakucace nakuthathatha—nakwabo bagwebi babezimfama ngokomoya—ukuba ayeqeqeshwe nguYesu loo madoda. Ngoxa wayekunye nabo apha emhlabeni, uYesu akazange anele nje kukubafundisa indlela yokuqokelela izimvu abapostile bakhe, kunoko wabafundisa nendlela yokuzalusa zisakuba yinxalenye yomhlambi, ibandla.—Mateyu 11:29; 20:24-28; 1 Petros 5:4.
6. Nguwuphi umzekelo wokuqeqesha abanye owamiselwa nguYesu noPawulos?
6 Emva kokuba evusiwe uYesu, waqhubeka ebaqeqesha abo wayebamisele ukuba babengabelusi. (ISityhilelo 1:1; 2:1–3:22) Ngokomzekelo, wakhetha uPawulos waze waqinisekisa ukuba uqeqeshwa kakuhle. (IZenzo 22:6-10) UPawulos waluxabisa kakhulu olu qeqesho waze naye wakudlulisela kwabanye abadala oko wakufundayo. (IZenzo 20:17-35) Ngokomzekelo, wachitha ixesha elininzi eqeqesha uTimoti ukuba abe “ngumsebénzi ongenazintloni nganto” enkonzweni kaThixo. (2 Timoti 2:15) La madoda mabini akha ubuhlobo obusenyongweni. Ngaphambilana uPawulos wabhala wathi ngoTimoti: “Waba likhoboka kunye nam ekuhambiseleni phambili iindaba ezilungileyo, kanye njengomntwana okunye noyise.” (Filipi 2:22) UPawulos akazange azame ukwenza uTimoti okanye nabani na omnye abe ngumfundi wakhe. Kunoko wakhuthaza amanye amakholwa ukuba ‘axelise yena njengokuba naye wayexelisa uKristu.’—1 Korinte 11:1.
7, 8. (a) Ngawaphi amava abonisa imiphumo emihle ethi ibekho xa abadala bexelisa uYesu noPawulos? (b) Abadala bafanele baqale nini ukuqeqesha abazalwana abaza kuba zizicaka zolungiselelo nabadala?
7 Bexelisa uYesu noPawulos, abelusi abanamava baqeqesha abazalwana ababhaptiziweyo, kwaye nabo bafumana imiphumo emihle. Khawuve la mava kaChad. Wakhulela kwikhaya elahluleleneyo ngonqulo kodwa kutshanje uye wamiselwa njengomdala uthi: “Ukutyhubela iminyaka, abadala abanamava baye bandinceda ndenza inkqubela ngokomoya. Ekubeni utata wayengengomKristu, abo badala baba nomdla kum babenjengootata bokomoya kum. Bandiqeqesha kubulungiseleli, ibe kamva, omnye umdala wandiqeqesha ngokukhethekileyo kwizabelo zebandla.”
8 Njengokuba amava kaChad ebonisa, abelusi abaqondayo baqalisa kusengaphambili ukuqeqesha izicaka zolungiselelo nabadala ngaphambi kokuba banconyelwe. Kutheni besenjenjalo nje? Kungenxa yokuba iBhayibhile ithi izicaka zolungiselelo nabadala kufuneka babe nemilinganiselo yokuziphatha neyokomoya ephakamileyo ngaphambi kokuba bamiselwe. Bamele ‘bavavanywe ukuba bayafaneleka na kuqala.’—1 Timoti 3:1-10.
9. Yiyiphi imbopheleleko abanayo abelusi abaqolileyo, yaye kutheni?
9 Ukuba abazalwana ababhaptiziweyo baza kuvavanywa, kufanelekile ukuba baqale baqeqeshwe. Ngokomzekelo: Ukuba umfundi esikolweni uyalelwa ukuba abhale uviwo kwinto angakhange afundiswe yona ngutitshala, ngaba ebeya kuluphumelela olo vavanyo? Bekuya kuba ngenkankulu. Lonto ibonisa ukuba luyafuneka uqeqesho. Noko ke, ootitshala abaphaphileyo ababafundiseli ukuba baphumelele uvavanyo kuphela abafundi, kodwa babafundisa ukuze bakwazi ukulusebenzisa olo lwazi. Ngokufanayo, abadala abakhutheleyo banceda abazalwana ababhaptiziweyo bahlakulele iimpawu ezifunekayo kumadoda amiselweyo ngokuwaqeqesha. Abaqeqeshwa nje kuba kufunwa bafanelekele ukumiselwa, kodwa bamele bancedwe bakwazi ukuwunyamekela kakuhle umhlambi. (2 Timoti 2:2) Kakade ke abazalwana ababhaptiziweyo bamele bazibhokoxe ukuze bafikelele iimfaneleko zezicaka zolungiselelo nezabadala. (Tito 1:5-9) Nakuba kunjalo, ngokuqeqesha abo bazibhokoxayo ebandleni, abadala abanamava banokubanceda benze inkqubela ngokukhawuleza.
10, 11. Abelusi banokubaqeqesha njani abanye bafanelekele amalungelo angakumbi?
10 Abelusi abanamava banokubaqeqesha njani ngokungqalileyo abanye bafanelekele amalungelo ebandleni? Okokuqala bafanele babenomdla kubazalwana abasebandleni—basebenze nabo rhoqo kwinkonzo yasentsimini babancede baphucule ubugcisa babo ‘bokuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Timoti 2:15) Abelusi abanamava baxubusha nabo bazalwana ngovuyo olubangelwa kukukhonza abanye nolwaneliseko abalufumanayo ngokuzibekela usukelo lokomoya. Kwakhona banikela amacebiso angqalileyo ngendlela anokwenza ngayo umzalwana ukuze abe ‘ngumzekelo emhlambini.’—1 Petros 5:3, 5.
11 Esakuba umzalwana emiselwe njengesicaka solungiselelo, abelusi abalumkileyo bayaqhubeka bemqeqesha. UBruce obekhonza njengomdala phantse iminyaka engamashumi amahlanu uthi: “Ndiye ndihlale phantsi nesicaka solungiselelo esisandul’ ukumiselwa ndize ndixubushe naso imiyalelo epapashwe likhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Siye sifunde naluphi ulwalathiso oluphathelele isabelo saso, ndandule ke ndisebenze naso de siwazi kakuhle umsebenzi waso.” Njengokuba isicaka solungiselelo siya sisiba namava, sinokuqeqeshwa nakumsebenzi wokwalusa. UBruce uhlabela mgama athi: “Xa ndisiya kwenza utyelelo lokwalusa nesicaka solungiselelo, ndiye ndisincede sikhethe izibhalo eziza kukhuthaza loo mntu okanye loo ntsapho siyityeleleyo. Ukufunda ukusebenzisa iZibhalo ngendlela echukumisa intliziyo kubalulekile ukuze eso sicaka solungiselelo sibe ngumalusi onobuchule.”—Hebhere 4:12; 5:14.
12. Abelusi abanamava banokubaqeqesha njani abadala abasandula ukumiselwa?
12 Nabo abelusi abasandul’ ukumiselwa bangenelwa gqitha xa beqeqeshwa ngokuqhubekayo. UNick okhankanywe ngaphambilana uthi: “Uqeqesho endalufumana kubaveleli ababini abadala lwaba luncedo gqitha. Aba bazalwana badla ngokwazi ukuba imibandela ethile ifanele isingathwe njani. Babendiphulaphula ngomonde baze bazame ukunikel’ ingqalelo kwimbono yam—nokuba sebengaboni ngasonye nam. Ndafunda lukhulu kwintobeko nentlonelo ababeqhubana ngayo nabazalwana noodade ebandleni. Aba badala babethelela ukubaluleka kokusebenzisa iBhayibhile ngobuchule xa ndilungisa iingxaki okanye ndikhuthaza abanye.”
Baqeqeshwa LiLizwi LikaThixo
13. (a) Yintoni efunekayo ukuze umzalwana abe ngumalusi onobuchule? (b) Kwakutheni ukuze uYesu athi: “Oko ndikufundisayo asikokwam”?
13 Kakade ke, iLizwi likaThixo, iBhayibhile, linemithetho, imigaqo nemizekelo ekufuneka ayazi umalusi ukuze “awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:16, 17) Umzalwana usenokuba uyile noko esikolweni, kodwa lulwazi lweZibhalo analo nendlela alusebenzisa ngayo olwenza abe ngumalusi onobuchule. Khawuqwalasele lo mzekelo kaYesu, akakho umntu owayenolwazi olulingana nolwakhe, engoyena mntu uqondayo noyena malusi wokomoya ulumkileyo wakhe waphila kulo mhlaba. Nangona kunjalo akazange akholose ngobulumko bakhe xa efundisa izimvu zikaYehova. Wathi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.” Kwakutheni ukuze uYesu aphakamise uYise wasezulwini? Wachaza wathi: “Lowo uthetha ngokuphuma kuye ufuna uzuko lwakhe.”—Yohane 7:16, 18.
14. Abelusi bakuphepha njani ukuzizukisa?
14 Abelusi abanyanisekileyo bayakuphepha ukuzifunela uzuko. Xa beluleka okanye bekhuthaza, abathethi izinto abazicingayo kodwa bathetha ngokusuka kwiLizwi likaThixo. Bayaqonda ukuba umsebenzi womalusi kukunceda imvu ukuba ibe ‘nengqondo kaKristu,’ kungekhona ingqondo yabadala. (1 Korinte 2:14-16) Ngokomzekelo, masithi umdala unceda isibini esinengxaki emtshatweni waso aze asiluleke ngokusuka kumava akhe kunakwimigaqo yeBhayibhile nenkcazelo epapashwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45) Icebiso lakhe lisenokuphenjelelwa zizithethe zasekuhlaleni nalulwazi lwakhe olungaphangalelanga. Kuyavunywa ukuba ezinye izithethe aziphosakalanga, kwaye umdala lowo usenokuba unamava ngobomi. Kodwa izimvu zingenelwa kakhulu xa abelusi bezikhuthaza ukuba ziphulaphule ilizwi likaYesu nelikaYehova kunengcamango zabantu okanye izithethe zasekuhlaleni.—INdumiso 12:6; IMizekeliso 3:5, 6.
Baqeqeshwe “Likhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi”
15. Luluphi uthumo uYesu alunika “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” kwaye siyintoni isizathu sokuba liphumelele eli khoboka?
15 Abelusi abanjengompostile uPetros, uYohane noPawulos bonke babengamalungu eqela uYesu alichaza ‘njengekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Eli khoboka liyilwa ngabazalwana bakaYesu abathanjisiweyo abalapha emhlabeni, abanethemba lokulawula noKristu ezulwini. (ISityhilelo 5:9, 10) Kule mihla yokugqibela yale nkqubo, liqaqobana abazalwana bakaKristu abaselapha emhlabeni. Noko ke, umsebenzi awabanika wona uYesu—ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani ngaphambi kokuba sifike isiphelo—ngoku wande kakhulu kunanini ngaphambili. Nangona kunjalo udidi lwekhoboka luye lwaphumelela! Njani? Kaloku, baye baqeqesha ‘nezinye izimvu’ ukuba zibancede kulo msebenzi wokushumayela nokufundisa. (Yohane 10:16; Mateyu 24:14; 25:40) Namhlanje, inkoliso yalo msebenzi yenziwa leli qela lezimvu linyanisekileyo.
16. Udidi lwekhoboka luwaqeqesha njani amadoda amiselweyo?
16 Liziqeqesha njani ezi zimvu ikhoboka elithembekileyo? Kwinkulungwane yokuqala, abameli bekhoboka babegunyaziswe ukuba baqeqeshe baze bamisele abaveleli emabandleni, baze bona baqeqeshe izimvu. (1 Korinte 4:17) Nanamhlanje kwenzeka into efanayo. IQumrhu Elilawulayo—iqaqobana labadala abathanjisiweyo elimele udidi lwekhoboka—ligunyazisa abameli balo ukuba baqeqeshe baze bamisele abadala nezicaka zolungiselelo kumashumi amawaka amabandla asehlabathini ngokubanzi. Ukongezelela, iQumrhu Elilawulayo lilungiselela izikolo zokuqeqesha amalungu eKomiti yeSebe, abaveleli abahambahambayo, abadala nezicaka zolungiselelo ngezona ndlela ziphumelelayo zokunyamekela umhlambi. Ulwalathiso olungakumbi ludla ngokubhalwa ezileteni, kumanqaku abhalwe kwiMboniselo, nakwezinye iimpapasho, njengethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano.a
17. (a) UYesu uye wabonisa njani ukuba unentembelo kudidi lwekhoboka? (b) Abelusi bokomoya banokubonisa njani ukuba bayaluthemba udidi lwekhoboka?
17 UYesu walithemba gqitha udidi lwekhoboka kangangokuba walimisela ‘phezu kwayo yonke impahla yakhe’ oko kukuthi, zonke izilangazelelo zakhe zokomoya apha emhlabeni. (Mateyu 24:47) Abadala abamiselweyo babonisa ukuba nabo bayalithemba udidi lwekhoboka ngokusebenzisa ulwalathiso abalufumana kwiQumrhu Elilawulayo. Ewe, xa abelusi beqeqesha abanye, xa bezivumela ukuba baqeqeshwe liLizwi likaThixo, naxa besebenzisa uqeqesho abalufumana kudidi lwekhoboka, bakhuthaza umanyano phakathi komhlambi. Hayi indlela esimbulela ngayo uYehova ngokuba eye waqeqesha amadoda anyamekela ilungu ngalinye lebandla lamaKristu!
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Abelusi bokomoya abaqolileyo babaqeqesha njani abanye?
• Kutheni abelusi bengafundisi izinto abazicingayo?
• Abelusi babonisa njani ukuba bayalithemba udidi lwekhoboka, ibe kubangelwa yintoni oko?
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
Abadala abangamaKristu baqeqesha amadoda aselula ebandleni
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
“Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liqeqesha abadala ngendlela engathethekiyo