Ngaba Unokuphangalala Eluthandweni?
ITYATHANGA elibamba iankile yenqanawa lifanele lomelele ukuze likwazi ukumelana neenkqwithela, nto leyo eya kuyikhusela ekuphambukeni. Noko ke, oku kunokwenzeka kuphela ukuba amakhonkco akweli tyathanga omelele. Kungenjalo lingaqhawuka.
Kunjalo ke nangebandla lamaKristu. Ukuze ibandla lomelele lize liphile, amalungu alo kufuneka amanyane. Yintoni ke enokuwamanyanisa? Luthando, olungawona mandla amanyanisayo. Kungeso sizathu uYesu Kristu wathi kubafundi bakhe: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane; kanye njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” Eneneni, amaKristu okwenyaniso athandana ngendlela edlulela ngaphaya kobuhlobo nentlonelo eqhelekileyo. Aba nothando lokuzincama.—Yohane 13:34, 35.
Ukuxabisa Abo Sikholwa Nabo
Amabandla amaninzi anamalungu akubudala obahlukeneyo, ngaweentlanga ezahlukeneyo, anamalungu angafaniyo ngebala, athetha iilwimi ezingafaniyo, yaye akafani ngeemvelaphi. Lungu ngalinye lithanda izinto ezahlukileyo, linethemba yaye loyika izinto ezahlukileyo kwelinye yaye ngokuqhelekileyo ngalinye liba nomthwalo walo—mhlawumbi impilo enkenenkene okanye ukungabi namali yaneleyo. Oku kungafani kunokuba lucelomngeni kumanyano lwamaKristu. Yintoni ke enokusinceda siphangalale eluthandweni size sihlale simanyene nakuba kukho olo celomngeni? Ukuba noxabiso olunyanisekileyo ngabo bonke abasebandleni kuya kusinceda sithandane ngokwenene.
Kuthetha ukuthini ukuxabisa omnye umntu? Ngokutsho kweThe New Shorter Oxford English Dictionary, igama elithi “xabisa” lithetha “ukukhathalela okanye ukuba nenkxalabo; ukuhlonela; ukugqala njengexabisekileyo; ukuba nombulelo.” Xa sibaxabisa abo sikhonza kunye nabo, siya kuzixhalabela iimfuno zabo, sibahlonele, sixabise iimpawu zabo ezintle size sibe nombulelo ngesibakala sokuba sinqula uThixo omnye nabo. Loo nto iya kusenza ukuba sibathande gqitha. Ukuhlolisisa nje ngokufutshane oko umpostile uPawulos wakubhalela amaKristu enkulungwane yokuqala eKorinte kuya kusinceda sibone indlela esinokuwathanda ngayo ngokupheleleyo amanye amaKristu.
AmaKorinte ‘Abandeza Umsa Wawo’
UPawulos wabhala incwadi yakhe yokuqala eya kwabaseKorinte ngowama-55 C.E. waza wabhala eyesibini kwisithuba sonyaka emva koko. Wayitsho into yokuba abanye kwibandla laseKorinte babengawaxabisi amanye amakholwa. UPawulos wathi xa echaza le meko: “Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte, intliziyo yethu iphangalele kuni. Asinibandezanga nto, kodwa nini abawubandezileyo umsa wenu.” (2 Korinte 6:11, 12) Wayethetha ukuthini uPawulos xa esithi ‘abandeza umsa wawo’?
Wayethetha ukuthi ayengaphangalalanga yaye engenabubele. Omnye umhlalutyi weBhayibhile uvakalelwa kukuba uthando lwamaKorinte ngoPawulos “lwaluphazanyiswa ziinzima ezazibangelwa lurhano olungenasihlahla . . . nezixhiba.”
Phawula esi siluleko sikaPawulos: “Njengembuyekezo—ndithetha njengakubantwana bam—ndisithi, phangalalani ngokunjalo nani.” (2 Korinte 6:13) UPawulos wakhuthaza amaKorinte ukuba aphangalale ekuthandeni kwawo amanye amakholwa. Oku kwakuza kuthetha ukuba akaqhutywa kukungathembani okanye iimbambano ezingenamsebenzi kodwa aqhutywa sisimo sengqondo esihle nentliziyo evulekileyo.
Ukuphangalala Eluthandweni Namhlanje
Kuvuyisa kakhulu ukubona indlela abanquli bakaThixo namhlanje abazama ngayo ukuphangalala kuthando lwabo ngabanye. Kuyavunywa ukuba, ukuphangalala kufuna umgudu. Akupheleli nje ekukwazini. Ukuphangalala kufuna ukuba siphile ngendlela eyahlukileyo kweyabantu abangaphili ngemilinganiselo yeBhayibhile. Abantu abanjalo badla ngokungabaxabisi abanye. Bafane benze, abanambeko yaye banempoxo. Ngoko, masingaze sizivumele ukuba siphenjelelwe ngabantu abanjalo. Imbi gqitha into yokuba uthando lwethu luphazanyiswe kukungathembani, njengakwimeko yaseKorinte. Oku kunokwenzeka nanamhlanje ukuba sikhawuleza sizibone iimpazamo zomzalwana wethu ongumKristu kodwa sithath’ ixesha ukubona iimpawu zakhe ezintle. Oku kunokwenzeka naxa umntu othile simbandeza umsa wethu ngenxa yokuba engowolunye uhlanga.
Ngokwahlukileyo, umkhonzi kaThixo ophangaleleyo eluthandweni ubaxabisa ngokwenene abo akholwa nabo. Uyabahlonela, ubaphatha ngesidima yaye uyazicingela neentswelo zabo. Enoba unesizathu sokukhalaza, uyakulungela ukuxolela yaye akabi nanzondo. Akabacingeli kakubi abo akholwa nabo. Ukuba nentliziyo ephangaleleyo kumnceda abonise uthando awayecinga ngalo uYesu xa wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:35.
Zama Ukuba Nabahlobo Abatsha
Ukuba nothando olunyanisekileyo kuya kusenza singapheleli kubahlobo esisele sinabo kodwa sakhe ubuhlobo nabo basebandleni singaqhelananga nabo. Ngoobani ke abo? Abanye abazalwana noodadewethu abangamaKristu abangomancoko, okanye ngenxa yezizathu ezithile banabahlobo abambalwa. Ekuqaleni sisenokuvakalelwa kukuba zimbalwa izinto ezisidibanisa nabantu abanjalo ngaphandle kokuba sikholwa kunye nabo. Kodwa ngaba uphawule ukuba abona bahlobo basenyongweni ekuthethwa ngabo eBhayibhileni babenezinto ezimbalwa ezibadibanisayo?
Ngokomzekelo, uRute noNahomi, babeqelelene kakhulu ngeminyaka, besuka kwiintlanga ezahlukeneyo yaye bethetha iilwimi ezahlukeneyo. Sekunjalo, ubuhlobo babo abuzange buphazanyiswe zezo zinto. UYonatan wakhula eyinkosana, yaye uDavide wayengumalusi ekukhuleni kwakhe. Nabo babeshiyana kakhulu ngeminyaka kodwa ubuhlobo babo bobona busenyongweni okuthethwa ngabo kwiZibhalo Ezingcwele. Aba bahlobo sithethe ngabo babethandana ngokwenene yaye besomelezana ngokomoya.—Rute 1:16; 4:15; 1 Samuweli 18:3; 2 Samuweli 1:26.
Nanamhlanje amaKristu asabakha ubuhlobo obusenyongweni nabantu angalinganiyo nabo nabaneemeko ezingafani ngokupheleleyo nezawo. Ngokomzekelo, uRegina, ngumzali ongenaqabane onabantwana abakwishumi elivisayo ababini.a Uxakekile yaye akanaxesha lingako leembutho. UHarald noUte sisibini esitshatileyo esidl’ umhlala-phantsi nesingenabantwana. Xa uzijongile ezi ntsapho zimbini azinanto ingako zifana ngayo. Kodwa uHarald noUte basebenzisa isiluleko seBhayibhile sokuphangalala eluthandweni. Izinto ezininzi eziquka ukushumayela nokuzihlaziya babezenza noRegina nabantwana bakhe.
Ngaba sinokuba nabahlobo abangaphezu kwabo sele sinabo? Kutheni ungakhe unxulumane namakholwa olunye uhlanga nangalinganiyo nawe ngeminyaka?
Ukunyamekela Iimfuno Zabanye
Ukuba nentliziyo entle kuya kusishukumisela ekubeni sinyamekele iimfuno zabanye. Ziziphi ezo mfuno? Khawukhe ujonge amalungu ebandla lamaKristu. Abaselula bafuna ukukhokelwa, abasele bekhulile bafuna ukukhuthazwa, abalungiseleli bexesha elizeleyo bafuna ukunconywa nokuxhaswa, yaye abadimazekileyo bafuna umntu oza kubaphulaphula. Wonke umntu uneemfuno zakhe. Sifanele sizinyamekele ezo mfuno kangangoko kunokwenzeka.
Ukuphangalala eluthandweni kuthetha ukuba simele sibe nokuqonda kwabo baneemfuno ezikhethekileyo. Ngaba kukho umntu omaziyo onesigulo esinganyangekiyo nonezinye iingxaki zobomi? Ukuphangalala eluthandweni nokuba nentliziyo entle kuya kusinceda siziqonde iimfuno zabo size sibaxhase.
Njengoko iziprofeto zeBhayibhile eziphathelele ikamva zizaliseka, ukumanyana ebandleni kubaluleke kakhulu kunezinto esinazo, ubuchule okanye izinto esiziphumezileyo. (1 Petros 4:7, 8) Ngamnye kuthi unokuba negalelo ekomelezeni umanyano kwibandla akulo ngokuphangalala kuthando analo ngabo akholwa kunye nabo. Siqinisekile ukuba uYehova uya kusisikelela ngokuyintabalala xa sisenza ngokuvisisana namazwi kaYesu Kristu athi: “Nguwo lo umyalelo wam, wokuba nithandane kanye njengoko ndinithandileyo.”—Yohane 15:12.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 10]
Ukuxabisa abazalwana noodadewethu kubhekisela ekubahloneleni, ukubaphatha ngesidima nokunyamekela iintswelo zabo