Eyesibini KaSamuweli
1 Emva kokuba uSawule efile, xa noDavide wayesele ebuyile ekoyiseni* ama-Amaleki, uDavide wahlala eTsikelage+ iintsuku ezimbini. 2 Ngosuku lwesithathu, kwafika indoda ivela enkampini kaSawule, iimpahla zayo zikrazukile yaye inothuli entloko. Xa ifika kuDavide, yawa phantsi emhlabeni yaqubuda.
3 UDavide wayibuza wathi: “Uvela phi?” Yathi: “Ndiqhweshe enkampini yakwaSirayeli.” 4 UDavide wathi: “Kuhambe njani? Nceda undixelele.” Yathi yona: “Abantu babalekile edabini yaye abaninzi baye bafa. KwanoSawule noYonatan unyana wakhe bafile.”+ 5 Emva koko uDavide wambuza lo mfana wathi: “Wena uyazi njani ukuba uSawule noYonatan unyana wakhe bafile?” 6 Lo mfana wathi: “Kuye kwenzeka ukuba ndibe seNtabeni YeGilbhowa,+ yaye ebelapho uSawule ezixhase ngomkhonto wakhe, zabe neenqwelo namadoda ahamba ngamahashe emfumene.+ 7 Uthe xa ejika, wandibona waza wandibiza, mna ndathi, ‘Ndim lo!’ 8 Undibuzile wathi, ‘Ungubani?’ Ndathi, ‘NdingumAmaleki.’+ 9 Emva koko uthe, ‘Ndicela uze, undibulale, kuba ndiyafa ziintlungu kodwa ndisaphila.’ 10 Ngoko ndiye ndaya kuye ndaza ndambulala,+ kuba bendisazi ukuba soze abe saphila xa ewile onzakele. Emva koko ndiye ndathatha isithsaba ebesisentloko nesacholo ebesisengalweni yakhe, ndeza nazo apha kwinkosi yam.”
11 UDavide wabamba iimpahla zakhe wazikrazula, enza loo nto onke amadoda awayekunye naye. 12 Benza isijwili, balila baza bazila ukutya+ kwada kwangokuhlwa ngenxa kaSawule, uYonatan unyana wakhe, abantu bakaYehova nendlu kaSirayeli,+ kuba babebulewe ngekrele.
13 UDavide wabuza lo mfana wayemxelela ezi ndaba wathi: “Ungowaphi?” Yena wathi: “Ndingunyana womntu wasemzini, umAmaleki.” 14 Emva koko uDavide wathi kuye: “Bekutheni ukuze ungoyiki ukumsa isandla uze umbulale umntu okhethwe nguYehova?”+ 15 UDavide wabiza omnye wabafana wathi: “Yiza apha, mxabele.” Ngoko wamxabela wafa.+ 16 Wathi uDavide kuye: “Igazi lakho liphezu kwentloko yakho, kuba umlomo wakho uye wakumangalela, usithi, ‘Mna lo ndimbulele umntu okhethwe nguYehova.’”+
17 UDavide wamculela ingoma yokuzila uSawule noYonatan unyana wakhe.+ 18 Wathi abantu bakwaYuda bamele bayifundiswe le ngoma yokuzila ekuthiwa xa ibizwa “Sisaphetha,” ebhalwe ngolu hlobo encwadini kaYashare:+
19 “Ubuhle Sirayeli, bubulewe kwiindawo zakho eziphakamileyo.+
Hayi indlela abawe ngayo abanamandla!
Ningayixeli ezitratweni zeAshkelon,
Kuba iintombi zamaFilisti ziza kuvuya,
Kuba iintombi zamadoda angolukanga ziza kugcoba.
21 Nina zintaba zaseGilbhowa,+
Kwanga kungangabikho mbethe namvula kuni,
Kungabikho namasimi eminikelo engcwele,+
Kuba lingcoliselwe apho ikhaka labanamandla,
Ikhaka likaSawule aligalelwanga oli.
22 Kwigazi lababuleweyo, emanqatheni abo banamandla,
Isaphetha sikaYonatan khange sijike,+
Nekrele likaSawule belingabuyi lingaphumelelanga.+
24 Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule,
Owaninxibisa ezibomvu krwe nobuyokoyoko,
Owafaka izihombo zegolide ezimpahleni zenu.
25 Hayi indlela abawe ngayo abanamandla edabini!
UYonatan ubulawelwe kwiindawo zakho eziphakamileyo!+
Indlela obundithanda ngayo ibilodlula uthando lwabafazi.+
27 Bawile abo banamandla
Nezixhobo zemfazwe zitshabalele!”