Sekumbovu Busihlangule UBukumkani BukaThixo!
“Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—MAT. 6:10.
1. Yiyiphi eyona mfundiso iyintloko kaYesu?
KWINTSHUMAYELO yakhe yaseNtabeni uYesu Kristu waquka umthandazo ongumzekelo owawushwankathela eyona mfundiso yakhe. Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathi kuThixo: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mat. 6:9-13) UYesu “wahambela kwizixeko ngezixeko nakwiidolophana ngeedolophana, eshumayela yaye evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.” (Luka 8:1) UKristu wathi xa ebongoza abalandeli bakhe: ‘Qhubekani, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bukaThixo.’ (Mat. 6:33) Njengoko ufunda eli nqaku, khangela iindlela onokuwusebenzisa ngayo lo mbandela entsimini. Ngokomzekelo, cinga nje ngendlela onokuyiphendula ngayo le mibuzo: Sibaluleke kangakanani isigidimi soBukumkani? Yintoni olufuna ukuhlangulwa kuyo uluntu? Yaye uBukumkani bukaThixo buya kuyizisa njani intlangulo?
2. Sibaluleke kangakanani isigidimi soBukumkani?
2 UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mat. 24:14) Iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zibaluleke gqitha. Kaloku zisesona sigidimi sibalulekileyo ehlabathini lonke! Kumabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-100 000 ehlabathini lonke, abakhonzi bakaThixo abamalunga nezigidi ezisixhenxe enza umsebenzi wokushumayela ongenakulinganiswa nanto, exelela abanye ukuba uBukumkani bukaThixo bumiselwe. Ukumiselwa kwabo kuziindaba ezilungileyo kuba kuthetha ukuthi uThixo umisele ezulwini urhulumente oza kuzilawula ngokupheleleyo iimeko zomhlaba. Phantsi koBukumkani bukaThixo, ukuthanda kukaYehova kuza kwenziwa emhlabeni njengasezulwini.
3, 4. Uya kuba yintoni umphumo wokwenziwa kokuthanda kukaThixo emhlabeni?
3 Kuya kwenzeka ntoni kuluntu xa ukuthanda kukaThixo kusenziwa emhlabeni? UYehova “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.” (ISityhi. 21:4) Abantu abasayi kugula okanye bafe ngenxa yesono nokungafezeki abakuzuz’ ilifa. Abafileyo abakhunjulwa nguThixo baya kufumana ithuba lokuphila ngonaphakade, kuba iBhayibhile ithembisa oku: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZe. 24:15) Akusayi kuphinda kubekho mfazwe, ukugula okanye indlala yaye umhlaba uya kwenziwa iparadesi. Nezilwanyana eziyingozi ngoku, ziya kuba seluxolweni nabantu nezinye izilwanyana.—INdu. 46:9; 72:16; Isa. 11:6-9; 33:24; Luka 23:43.
4 Ngenxa yeentsikelelo ezimangalisayo eziziswa buBukumkani, akumangalisi ukuba xa sichaza ubomi obuya kuphilwa ngelo xesha isiprofeto seBhayibhile sisithuthuzele sithi: “Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” Kodwa kuthekani ngabo babangela isaqunge? IZibhalo ziprofeta ngelithi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo.” Noko ke, “abathembela kuYehova baya kuwudla ilifa umhlaba.”—INdu. 37:9-11.
5. Kuza kwenzeka ntoni kule nkqubo yezinto ikhoyo?
5 Ukuze yonke le nto yenzeke, le nkqubo yezinto ikhoyo, noorhulumente bayo abangquzulanayo, iicawa zayo neenkqubo zayo zorhwebo kuya kufuneka zishenxiswe. Yiloo nto kanye eya kwenziwa ngulo rhulumente wasezulwini. Umprofeti uDaniyeli waphefumlelwa ukuba aprofete athi: “Ngemihla yabo kumkani [abo bakhoyo ngoku] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [ezulwini] obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zikhoyo], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Dan. 2:44) UBukumkani bukaThixo—urhulumente omtsha omiselwe ezulwini—buya kulawula ibutho labantu elitsha emhlabeni. Kuya kubakho “amazulu amatsha nomhlaba omtsha . . . , apho kumi ubulungisa.”—2 Pet. 3:13.
Ngoku Ifuneka Ngamandla Intlangulo
6. IBhayibhile ibuchaza njani ububi beli hlabathi lingendawo?
6 Xa uSathana, uAdam, noEva bavukela uThixo, befuna ukuzikhethela okulungileyo nokubi, intsapho yoluntu yabekwa kwikhondo elingelilo. Ngaphambi koMkhukula womhlaba wonke, owafika kwiminyaka engaphezu kwe-1 600 emva kwaloo mvukelo, ‘ububi bomntu babandile emhlabeni yaye zonke iingcamango zentliziyo yakhe zazityekele ebubini ngalo lonke ixesha.’ (Gen. 6:5) Malunga neminyaka eli-1 300 emva koko, uSolomon wafumanisa ukuba iimeko zimbi kakhulu kangangokuba wathi: “Ndavuyisana nabafileyo abasele befile kade kunabaphilayo abasaphilayo ngoku. Ngoko ulunge ngakumbi kunabo bobabini ongekabikho, ongekawuboni umsebenzi oyintlekele owenziwayo phantsi kwelanga.” (INtshu. 4:2, 3) Iminyaka emalunga nama-3 000 elandelayo isifikisa kumhla wethu, apho ububi buqhubeka buhambela phambili.
7. Kutheni ifuneka ngakumbi ngoku intlangulo kaThixo?
7 Nakuba ububi sele bunexesha elide bukho, sikufuna ngakumbi ukuhlangulwa buBukumkani bukaThixo kunanini na ngaphambili. Iimeko ziye zamandundu ngakumbi kule minyaka ili-100 idluleyo yaye ziya phambili azibuyi mva. Ngokomzekelo, iWorldwatch Institute inikela le ngxelo: “Liphindaphindeke kathathu inani labantu abaye bazizisulu zemfazwe [kwinkulungwane yama-20] kunazo zonke iimfazwe eziye zaliwa ukususela kwinkulungwane yokuqala yexesha eliqhelekileyo ukuza kuthi ga kowe-1899.” Ukususela ngowe-1914 bangaphezu kwezigidi ezili-100 abantu abaye bafa ezimfazweni! Enye intyila-lwazi iqikelela ukuba bafikelela kwizigidi ezingama-60 abantu abafa kwiMfazwe Yehlabathi II. Njengoko iintlanga ezininzi zixhobe zafohlela ngenyukliya, abantu banamandla okutshayela inxalenye enkulu yabemi bomhlaba. Nakuba kwenziwe inkqubela kwezenzululwazi nezamayeza, nyaka ngamnye indlala nezifo zisabulala abantwana abamalunga nezigidi ezihlanu.—Bona isahluko 9 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
8. Yintoni engqinwe phandle ngamawaka eminyaka yolawulo lomntu?
8 Abantu basilele ukuphelisa ububi. Imibutho yezopolitiko yeli hlabathi, eyorhwebo nonqulo iwe phantsi ekwaneliseni iimfuno zabantu ezinjengoxolo, ukhuseleko nempilo. Kunokuba icombulule iingxaki ezinkulu olujamelene nazo uluntu ngoku, le mibutho iye yongezelela kwezo ngxaki. Ngokuqinisekileyo, amawakawaka eminyaka kulawula umntu aye akungqina ukuba yinyaniso kwala mazwi: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yer. 10:23) Ngokwenene, “umntu ulawule umntu yaba kukwenzakala kwakhe.” (INtshu. 8:9) Ngaphezu koko, “yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.”—Roma 8:22.
9. Ziziphi iimeko amaKristu okwenyaniso alindele ukuzibona kule “mihla yokugqibela”?
9 Ngeli xesha lethu, iBhayibhile yaprofeta yathi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” Emva kokuchaza iimeko zemihla yokugqibela phantsi kolawulo lwabantu esi siprofeto sithi: “Abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.” (Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-5, 13.) NamaKristu ayilindele loo nto, kuba “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo,” uSathana. (1 Yoh. 5:19) Noko ke, iindaba ezimnandi zezi zokuba sekumbovu ukuba uThixo ahlangule abo bamthandayo. Baya kukhululwa kweli hlabathi limeko yalo iya isiba mandundu.
Owona Mthombo Unokuthenjwa Wentlangulo
10. Kutheni inguYehova kuphela onguMthombo onokuthenjwa wentlangulo?
10 Njengoko ushumayela iindaba ezilungileyo, xelela abantu ukuba nguYehova kuphela owona Mthombo unokuthenjwa wentlangulo. Nguye kuphela onamandla nozimisele ukuhlangula abakhonzi bakhe kuyo nayiphi na imeko embi. (IZe. 4:24, 31; ISityhi. 4:11) Siqinisekile ukuba uYehova uya kusoloko ebahlangula abantu bakhe aze azalisekise injongo yakhe, kuba wathi: “Ngokuqinisekileyo kanye njengoko ndicinge ngako, koba njalo.” Ilizwi lakhe “aliyi kubuyela [kuye] ngaphandle kwemiphumo.”—Funda uIsaya 14:24, 25; 55:10, 11.
11, 12. UThixo ubaqinisekisa ngantoni abakhonzi bakhe?
11 UYehova uqinisekisile ukuba uya kubahlangula abakhonzi bakhe xa egweba abangendawo. Xa wayethumela umprofeti uYeremiya ukuba athethe ngenkalipho naboni abangaguqukiyo, uThixo wathi: “Musa ukoyika.” Ngoba? “Mna ndinawe ukuba ndikuhlangule.” (Yer. 1:8) Ngokufanayo, xa uYehova wayeza kutshabalalisa iSodom neGomora, wathumela iingelosi ezimbini ukuba zikhuphe uLote nentsapho yakhe bekhuselekile kuloo mmandla. “Waza uYehova wanisa isalfure nomlilo . . . phezu kweSodom naphezu kweGomora.”—Gen. 19:15, 24, 25.
12 Nakwihlabathi lonke, uYehova unokubahlangula abo benza ukuthanda kwakhe. Xa watshabalalisa ihlabathi elingendawo lamandulo ngoMkhukula, “wagcina uNowa, umshumayeli wobulungisa ekhuselekile kunye nabanye abasixhenxe.” (2 Pet. 2:5) UYehova uza kuphinda ahlangule amalungisa xa etshabalalisa eli hlabathi lingendawo. ILizwi lakhe lithi: “Funani uYehova, nonke balulamileyo bomhlaba . . . Funani ubulungisa, funani ululamo. Mhlawumbi niya kufihlwa ngemini yomsindo kaYehova.” (Zef. 2:3) Ngenxa yaloo ntshabalalo iza kuba sehlabathini lonke, ‘abathe tye baya kuhlala emhlabeni, kodwa abangendawo, baya kunqunyulwa kuwo.’—IMize. 2:21, 22.
13. Baya kuhlangulwa njani abakhonzi bakaYehova abafileyo?
13 Noko ke, abakhonzi bakaThixo abaninzi sele befile ngenxa yokugula, intshutshiso nezinye iimeko. (Mat. 24:9) Baya kuhlangulwa njani bonke aba? Njengoko kubonisiwe ngaphambilana, “kuza kubakho uvuko lwamalungisa.” (IZe. 24:15) Kukhuthaza ngokwenene ukwazi ukuba ayikho into enokuthintela uYehova ekuhlanguleni abakhonzi bakhe!
Urhulumente Onobulungisa
14. Siqiniseka njani ukuba uBukumkani bukaThixo bungurhulumente onobulungisa?
14 Xa ushumayela, unokuchaza ukuba uBukumkani bukaYehova basezulwini bungurhulumente onobulungisa. Oku kunjalo kuba bubonisa iimpawu ezimangalisayo zikaThixo, ezinjengokusesikweni, ubulungisa nothando. (Dut. 32:4; 1 Yoh. 4:8) UThixo ubunikele kuYesu Kristu obu Bukumkani, kuba nguye okufanelekelayo ukulawula umhlaba. Kanti uYehova unenjongo yokuba amaKristu athanjisiweyo ali-144 000 athatyathwe emhlabeni aye kuphila noKristu njengamadlelane akhe, balawule imicimbi yomhlaba.—ISityhi. 14:1-5.
15. Thelekisa ulawulo loBukumkani bukaThixo kunye nolwabantu.
15 Uza kuba mkhulu gqitha umahluko phakathi kolawulo lukaYesu ne-144 000 kunye nolo lwabantu abangafezekanga! Abalawuli bale nkqubo yezinto bebesoloko bekhohlakele yaye baye bakhokelela abo babalawulayo kwiimfazwe eziye zaphumela kwindyikitya yokufa kwezigidi ngezigidi zabantu. Yiloo nto iZibhalo zisithi masingathembeli emntwini, “lowo ungenalo usindiso”! (INdu. 146:3) Kodwa ulawulo lukaKristu luya kumangalisa ngokwenene. UYesu wathi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mat. 11:28-30.
Imihla Yokugqibela Sele Iza Kuphela!
16. Iya kuphela njani le mihla yokugqibela?
16 Eli hlabathi belikwimihla yokugqibela, okanye ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto,’ ukususela ngowe-1914. (Mat. 24:3) Kungekudala ukususela ngoku, kuza kwenzeka into uYesu awayibiza ngokuba ‘yimbandezelo enkulu.’ (Funda uMateyu 24:21.) Loo mbandezelo ingazange ibonwe iya kuliphelisa lonke ihlabathi likaSathana. Kodwa iza kuqala njani loo mbandezelo inkulu? Yaye iza kuphela njani?
17. Ithini iBhayibhile ngokuphathelele ukuqalisa kwembandezelo enkulu?
17 Imbandezelo enkulu iya kuqalisa ngequbuliso. Ngokwenene, “imini kaYehova” iya kufika ingalindelwanga xa besithi: ‘Luxolo nonqabiseko!’” (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:2, 3.) Le mbandezelo kuprofetwe ngayo iya kuqalisa xa iintlanga zicinga ukuba sele ziza kuzicombulula ezinye iingxaki zazo ezinkulu. Ukutshatyalaliswa ‘kweBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, kuya kulothusa ihlabathi. Ookumkani nabanye abantu baya kumangaliswa xa kugwetywa iBhabhiloni Enkulu.—ISityhi. 17:1-6, 18; 18:9, 10, 15, 16, 19.
18. UYehova uya kusabela njani xa uSathana ehlasela abantu bakhe?
18 Xa sele kunzima, kuya kubakho “imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini,” ‘nomqondiso woNyana womntu uya kubonakala ezulwini.” Simele ‘siphakamise iintloko zethu, ngenxa yokuba iyasondela intlangulo yethu.’ (Luka 21:25-28; Mat. 24:29, 30) USathana, okanye uGogi, uya kuthuma imikhosi yakhe ukuba ilwe nabantu bakaThixo. Kodwa uYehova uthi ngabo bahlasela abakhonzi bakhe abathembekileyo: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zek. 2:8) Ngenxa yoko, imigudu kaSathana yokubatshabalalisa ayisayi kuphumelela. Ngoba? Ngenxa yokuba iNkosi enguMongami uYehova iya kukhawulezisa ukuhlangula abakhonzi bayo.—Hez. 38:9, 18.
19. Sinokuqiniseka njani ukuba imikhosi kaThixo iza kuyitshabalalisa le nkqubo kaSathana?
19 Xa uThixo esilwa neentlanga, ‘ziya kwazi ukuba unguYehova.’ (Hez. 36:23) Uya kuthumela imikhosi yakhe yokutshabalalisa—izigidi ngezigidi zezidalwa zomoya ezikhokelwa nguKristu Yesu—ukuze ziyitshabalalise yonke inkqubo kaSathana. (ISityhi. 19:11-19) Ukuba sinokukhumbula ukuba ngesinye isihlandlo kwafuneka ingelosi nje enye ngobusuku obunye ‘ukuxabela ikhulu elinamashumi asibhozo anesihlanu lamawaka’ leentshaba zikaThixo, sinokuqiniseka ukuba umkhosi wasezulwini uya kuyitshabalalisa ngokulula yonke inkqubo kaSathana esemhlabeni njengoko imbandezelo enkulu iya kuphelela kwiArmagedon. (2 Kum. 19:35; ISityhi. 16:14, 16) USathana needemon zakhe baya kufakwa enzonzobileni kangangewaka leminyaka. Ekugqibeleni baya kutshatyalaliswa.—ISityhi. 20:1-3.
20. Yintoni eya kufezwa nguYehova ngoBukumkani bakhe?
20 Ubungendawo buya kususwa emhlabeni, yaye amalungisa aya kuhlala kuwo ngonaphakade. UYehova uya kuzingqina enguMhlanguli Omkhulu. (INdu. 145:20) Esebenzisa uBukumkani, uya kuluphakamisa ulongamo lwakhe, angcwalise igama lakhe aze azalisekise injongo yakhe ezukileyo ngomhlaba. Ngamana ungafumana uvuyo kubulungiseleli bakho njengoko uvakalisa iindaba ezilungileyo yaye unceda abo “banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade” ukuze baqonde ukuba uBukumkani bukaThixo busondele!—IZe. 13:48.
Uyakhumbula Na?
• UYesu wakubethelela njani ukubaluleka koBukumkani?
• Kutheni sikufuna gqitha ukuhlangulwa kunanini na ngaphambili?
• Ziziphi iziganeko esinokuzilindela ebudeni bembandezelo enkulu?
• UYehova uzingqina njani ukuba unguMhlanguli Omkhulu?
[Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
ILizwi likaThixo laprofeta ngomsebenzi wokushumayela omkhulu ngendlela engathethekiyo owawuza kwenziwa ehlabathini lonke ngexesha lethu
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Njengoko uYehova wamhlangulayo uNowa nentsapho yakhe, nathi unokusihlangula
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UYehova “uya kuzisula zonke iinyembezi . . . , kungabi sabakho kufa.”—ISityhi. 21:4