Ukuhlangulelwa Kwihlabathi Elitsha Elinobulungisa
“Baziyolise ngobuninzi boxolo.”—INDUMISO 37:11.
1, 2. (a) Iza kwahluka njani intlangulo kaYehova yexesha lethu kuleyo yamaxesha amandulo? (b) UYehova uya kubangenisa kwihlabathi elinjani abantu bakhe?
UYEHOVA nguThixo ohlangulayo. Kumaxesha amandulo, wahlangula abantu bakhe kangangezihlandlo ezininzi. Loo ntlangulo yayiyeyexeshana, kuba kuzo zonke ezo zihlandlo uYehova akazange aligwebe ngokusisigxina lonke ihlabathi likaSathana. Kodwa kumhla wethu, kungekudala uYehova uza kuphumeza eyona ntlangulo izukileyo kuzo zonke awazenzela abakhonzi bakhe. Ngesi sihlandlo uza kutshabalalisa nayiphi na imizila yenkqubo kaSathana emhlabeni wonke, ibe uya kungenisa abakhonzi bakhe kwihlabathi elitsha eliya kuhlala lihleli, elinobulungisa.—2 Petros 2:9; 3:10-13.
2 UYehova uyathembisa: “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; . . . Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:10, 11) Kuya kuthabatha ixesha elingakanani oko? “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29; Mateyu 5:5) Noko ke, ngaphambi kokuba kwenzeke oko, eli hlabathi liya kutyhubela elona xesha lineenkathazo lakha lakho.
“Imbandezelo Enkulu”
3. UYesu wayichaza njani “imbandezelo enkulu”?
3 Ngowe-1914 eli hlabathi langena ‘kwimihla yalo yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1-5, 13) Ngoku sekudlule iminyaka engama-83 yaye sisondela esiphelweni selo xesha ekuya kuthi, njengoko uYesu waxela kwangaphambili, kwenzeke oku kulandelayo: “Kubekho imbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.” (Mateyu 24:21) Ewe, engaphezulu nakwiMfazwe Yehlabathi II, ekwafa kuyo abantu abamalunga nezigidi ezingama-50. Hayi indlela eliya kuligungqisa ngayo ihlabathi elo xesha lisondelayo!
4. Kutheni uThixo egweba “iBhabhiloni Enkulu”?
4 “Imbandezelo enkulu” iya kuza ngesiquphe, “ngelixa elinye.” (ISityhilelo 18:10) Ukuqhambuka kwayo kuya kubalaseliswa ngumgwebo kaThixo kulo lonke unqulo lobuxoki, iLizwi likaThixo elilubiza ngokuthi ‘yiBhabhiloni Enkulu.’ (ISityhilelo 17:1-6, 15) Inkalo eyayibalasele kwiBhabhiloni yamandulo yayilunqulo lobuxoki. IBhabhiloni yanamhlanje ifana neyamandulo yaye imela ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Iye yalihenyukazi ngokulalanisa nabezobupolitika. Iye yaxhasa iimfazwe zabo yaza yasikelela imikhosi kumacala omabini, nto leyo ebangele ukuba abantu bonqulo olunye baxabelane. (Mateyu 26:51, 52; 1 Yohane 4:20, 21) Iye yaluqwabazel’ iliso uqheliselo olonakeleyo lwamarhamente ayo yaza yatshutshisa amaKristu okwenyaniso.—ISityhilelo 18:5, 24.
5. Iqalisa njani “imbandezelo enkulu”?
5 “Imbandezelo enkulu” iqalisa xa abezobupolitika ngequbuliso bejikela “iBhabhiloni Enkulu.” Baya “kulithiya ihenyukazi ibe baya kulenza liphanziswe lize libe ze, kwaye baya kuzidla iinxalenye zenyama yalo baze balitshise ngokupheleleyo ngomlilo.” (ISityhilelo 17:16) Emva koko, ababesakuba ngabaxhasi bayo “baya kulila bezimbambazela besentlungwini ngenxa yayo.” (ISityhilelo 18:9-19) Kodwa abakhonzi bakaYehova kudala beyilindele le nto, ibe baya kuthi: “Dumisani uYa, . . . Kuba uye waphumeza umgwebo kwihenyukazi elikhulu elawonakalisayo umhlaba ngohenyuzo lwalo, ibe yena uliphindezelele igazi lamakhoboka akhe esandleni salo.”—ISityhilelo 19:1, 2.
Abakhonzi BakaThixo Bayahlaselwa
6, 7. Kutheni abakhonzi bakaYehova benokuba nentembelo xa behlaselwa ebudeni ‘bembandezelo enkulu’?
6 Bakuba belutshabalalisile unqulo lobuxoki, abezobupolitika baya kujikela abakhonzi bakaYehova. USathana, “uGogi waselizweni lakwaMagogi” ngokutsho kwesiprofeto, uthi: “Ndiya kubafikela abazolileyo, abahleli bekholosile bonke bephela.” Ecinga ukuba bangamaxhoba angenakuzikhusela, uyabahlasela ‘ngempi eninzi enjengelifu elisibekele ilizwe.’ (Hezekile 38:2, 10-16) Abantu bakaYehova bayazi ukuba olu hlaselo luza kusilela kuba bakholose ngoYehova.
7 Xa uFaro nomkhosi wakhe wayevakalelwa kukuba abakhonzi bakaThixo bavingceleke kuLwandle Olubomvu, uYehova wabahlangula ngokungummangaliso abantu bakhe waza wayitshabalalisa imikhosi yaseYiputa. (Eksodus 14:26-28) Ebudeni ‘bembandezelo enkulu,’ xa iintlanga zicinga ukuba zibavingcele abantu bakaYehova, kwakhona ngokungummangaliso uyabanceda: “Ngaloo mini . . . bunyuke ubushushu bam emathatheni am. Ke ndithethe ndinobukhwele, ndinomlilo wokuphuphuma komsindo wam.” (Hezekile 38:18, 19) Ngelo xesha “imbandezelo enkulu” iya kufikelela uvuthondaba!
8. Ziziphi iziganeko ezingaqhelekanga ezenzeka ngaphambi kokuba uYehova agwebe abangendawo, yaye uba yintoni umphumo?
8 Ngaxa lithile emva kokuba “imbandezelo enkulu” iqalisile, kodwa ngaphambi kokuba uYehova agwebe lonke ihlabathi, kuya kwenzeka iziganeko ezingaqhelekanga. Phawula umphumo eziya kuba nawo. “Uya kwandula ke umqondiso woNyana womntu [uKristu] ubonakale ezulwini, zandule zonke izizwe zomhlaba zimbambazele zisenza isijwili, ibe ziya kumbona uNyana womntu esiza esemafini ezulu enamandla nozuko olukhulu.” (Mateyu 24:29, 30) “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini, . . . ngoxa abantu besifa isiqaqa ngenxa yoloyiko nolindelo lwezinto ezifikela umhlaba omiweyo.”—Luka 21:25, 26.
“Intlangulo Yenu Iyasondela”
9. Kutheni abakhonzi bakaYehova ‘benokuziphakamisa iintloko zabo’ xa kusenzeka iziganeko ezingaqhelekanga?
9 Ngelo xesha, kuya kuzaliseka isiprofeto esikuLuka 21:28. UYesu wathi: “Njengoko ezi zinto ziqala ukubakho, yimani nkqo nize niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba intlangulo yenu iyasondela.” Iintshaba zikaThixo ziya kungcangcazela luloyiko kuba ziya kwazi ukuba ezo ziganeko zingaqhelekanga zivela kuYehova. Kodwa bakhonzi bakaYehova baya kuvuya kuba baya kwazi ukuba intlangulo yabo iyasondela.
10. ILizwi likaThixo liyichaza njani incopho ‘yembandezelo enkulu’?
10 Emva koko uYehova uyayigqibezela inkqubo kaSathana: “Ndiya kumgweba [uGogi] ngendyikitya yokufa nangegazi; nangesiphango esikhukulayo, nangamatye esichotho, umlilo nesulfure ndiwunise phezu kwakhe, naphezu kwamahlelo akhe . . . zazi ukuba ndinguYehova.” (Hezekile 38:22, 23) Yonke imizila yenkqubo kaSathana itshatyalalisiwe. Lonke ibutho labantu abatyeshela uThixo lishenxisiwe. Leyo yincopho yaseArmagedon ‘yembandezelo enkulu.’—Yeremiya 25:31-33; 2 Tesalonika 1:6-8; ISityhilelo 16:14, 16; 19:11-21.
11. Kutheni abakhonzi bakaYehova behlangulwa ukutyhubela “imbandezelo enkulu”?
11 Izigidi zabanquli bakaYehova emhlabeni wonke ziya kuhlangulwa ukutyhubela “imbandezelo enkulu.” Ezi zigidi ziyila ‘isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi.’ Kutheni siye sahlangulwa ngendlela eyoyikeka ngolu hlobo? Kungenxa yokuba sinikela ‘inkonzo engcwele kuYehova imini nobusuku.’ Ngoko siyasinda ekuphelisweni kweli hlabathi yaye sikhokelelwa kwihlabathi elitsha lobulungisa. (ISityhilelo 7:9-15) Ngaloo ndlela, sizibonela ngokwaso ukuzaliseka kwedinga likaYehova: “Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe; wokuphakamisa, ulidle ilifa ilizwe; ekunqanyulweni kongendawo wobonela.”—INdumiso 37:34.
Ihlabathi Elitsha
12. Yintoni abanokuyilindela ngolangazelelo abasinde kwiArmagedon?
12 Hayi indlela eliya kubangela imincili ngayo elo xesha—ukushenxiswa kobungendawo nokuqalisa kwelona xesha lizukileyo kuyo yonke imbali yabantu! (ISityhilelo 20:1-4) Hayi indlela abaya kumbulela ngayo uYehova abasinde kwiArmagedon ngenxa yokuba bengene kwimpucuko eqaqambileyo, necocekileyo kaThixo, ihlabathi elitsha, kumhlaba oya kuguqulelwa ekubeni yiparadesi! (Luka 23:43) Ibe abayi kufa konke konke! (Yohane 11:26) Eneneni, ukususela ngelo xesha ukusa phambili, baya kuba nethemba elimangalisayo lokuphila logama nje uYehova esaphila!
13. UYesu uqhubeka njani nomsebenzi wokuphilisa awayewuqalisile emhlabeni?
13 UYesu, omiselwe nguYehova njengoKumkani wasezulwini, uya kwalathisa iintsikelelo ezingummangaliso eziya kunanditshwa ngabo bahlanguliweyo. Xa wayesemhlabeni, wavula amehlo eemfama neendlebe zezithulu waza waphilisa “lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.” (Mateyu 9:35; 15:30, 31) Kwihlabathi elitsha, uya kuqalisa kwakhona loo msebenzi wokuphilisa emhlabeni wonke. NjengoMmeli kaThixo, uya kuzalisekisa idinga elithi: “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 21:4) Akusayi kuphinda kufuneke oogqirha nabangcwabi!—Isaya 25:8; 33:24.
14. Yiyiphi intlangulo eya kuza kubakhonzi bakaYehova abasele befile?
14 Abanye abaya kuhlangulwa iya kuba ngabo bonke abakhonzi abathembekileyo bakaThixo abafe kwixesha elidlulileyo. Kwihlabathi elitsha, baya kukhutshwa emlonyeni wengcwaba. UYehova uyaqinisekisa: “Kuza kubakho uvuko kokubini olwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Kunokwenzeka ukuba, “amalungisa” avuswe kuqala ukuze afak’ isandla ekwandiseni iParadesi. Hayi indlela ekuya kubangel’ imincili ngayo kwabasinde kwiArmagedon ukuphulaphula amava abo bamandulo abafa bethembekile, ngoku abavuselwe ebomini!—Yohane 5:28, 29.
15. Chaza ezinye zeemeko eziya kubakho kwihlabathi elitsha.
15 Bonke abo baphilayo baya kwandula ke babone oko umdumisi wakuthethayo ngoYehova: “Uyasivula isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilileyo.” (INdumiso 145:16) Akuyi kubakho ndlala: Umhlaba uya kubuyiselwa kwimekobume elungeleleneyo uze uvelise intabalala. (INdumiso 72:16) Akuyi kubakho mntu ungenakhaya: “Baya kwakha izindlu, bazihlale,” ibe ngamnye wabo uya “kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.” (Isaya 65:21, 22; Mika 4:4) Akuyi kubakho loyiko: Iya kuba ingekho imfazwe, ugonyamelo, okanye ulwaphulo-mthetho. (INdumiso 46:8, 9; IMizekeliso 2:22) “Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele.”—Isaya 14:7.
16. Kutheni ihlabathi elitsha liya kuzaliswa bubulungisa?
16 Kwihlabathi elitsha, bonke abasasaza ubuxoki bukaSathana baya kube beshenxisiwe. Kwelinye icala, “baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.” (Isaya 26:9; 54:13) Ngenxa yemfundo yokomoya ephilisayo yaminyaka le, “ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” (Isaya 11:9) Uluntu luya kuzaliswa ziingcamango nezenzo ezakhayo. (Filipi 4:8) Khawube nomfanekiso-ngqondweni webutho labantu elisehlabathini lonke lungekho ulwaphulo-mthetho, ikratshi, umona—ubuzalwana bezizwe ngezizwe apho isiqhamo somoya kaThixo siveliswa ngabo bonke. Eneneni, kwanangoku isihlwele esikhulu sihlakulela ezo mpawu.—Galati 5:22, 23.
Kutheni Elinde Ithuba Elide Kangaka?
17. Kutheni uYehova elinde ixesha elide kangaka ngaphambi kokuba aphelise ubungendawo?
17 Noko ke, kutheni uYehova elinde ithuba elide kangaka ngaphambi kokushenxisa ubungendawo nokuhlangulela abantu bakhe kwihlabathi elitsha? Khawucinge ngoko kumele kuphunyezwe. Eyona nto ibalulekileyo kukuthethelelwa kolongamo lukaYehova, ilungelo lakhe lokulawula. Ngokuvumela ixesha elaneleyo ukuba lidlule, uye wabonakalisa ngokucace mhlophe ukuba ulawulo lwabantu ngaphandle kolongamo lwakhe luye lwasilela gqitha. (Yeremiya 10:23) Ngoko uYehova ukufanele ngokupheleleyo ngoku ukumisela uBukumkani bakhe obuphantsi kukaKristu basezulwini endaweni yolawulo lwabantu.—Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10.
18. Inzala ka-Abraham yayiya kulizuz’ ilifa nini ilizwe lamaKanan?
18 Okwenzeke ebudeni bazo zonke ezi nkulungwane kufana noko kwenzeka ngexesha lika-Abraham. UYehova waxelela uAbraham ukuba inzala yakhe yayiya kuzuz’ ilifa ilizwe lakwaKanan—kodwa yayiya kulinda iminyaka engamakhulu amane ‘kuba ubugwenxa bama-Amori babungekazaliseki.’ (Genesis 12:1-5; 15:13-16) Apha ibinzana elithi “ama-Amori” (uhlanga olunamandla) ngokunokwenzeka libhekisela kumaKanan xa ewonke. Ngoko kwakuya kudlula iinkulungwane ezimalunga nezine ngaphambi kokuba uYehova avumele abantu bakhe bahluthe ilizwe lamaKanan. Okwelo xesha uYehova wavumela iintlanga zamaKanan zande. Waba yintoni umphumo?
19, 20. Hlobo luni lwebutho labantu olwaveliswa ngamaKanan?
19 IBible Handbook, ebhalwe nguHenry H. Halley, ithi eMegido, abembi bezinto zakudala bafumana amabhodlo etempile ka-Ashtoreti, uthixokazi ongumfazi kaBhahali. Uyabhala: “Kude kufuphi nale tempile kwakukho amangcwaba, ekwafumaneka kuwo imiphanda emininzi, eyayinamathambo eemveku ezazisenziwa amadini kule tempile . . . Abaprofeti bakaBhahali noAshtoreti babengababulali beentsana abavunyiweyo.” “Olunye uqheliselo olumanyumnyezi [yayikoko] babekubiza ngokuba ‘ngamadini esiseko.’ Xa kwakuza kwakhiwa indlu, kwakusenziwa idini ngomntwana, size isidumbu sakhe sakhelwe eludongeni.”
20 UHalley ugqabaza athi: “Unqulo lukaBhahali, uAshtoreti nabanye oothixo bamaKanan lwaluquka awona matheko makhulu obuhenyu; iitempile zabo zazizizazulu zobungendawo. . . . AmaKanan ayenqula, ngokuzifica ekuziphatheni kakubi, . . . aze emva koko, abulale amazibulo awo, njengedini kwaba thixo banye. Kubonakala ukuba, ubukhulu becala, lonke ilizwe lamaKanan lalifana neSodom neGomora. . . . Ngaba ibutho labantu elalinokungcola nenkohlakalo ecekiseka ngolo hlobo lalinelungelo lokuqhubeka liphila ixesha elide? . . . Abembi bezinto zakudala abemba amabhodlo ezixeko zamaKanan bazibuza isizathu sokuba uThixo angawatshabalalisi ngokukhawuleza kunokuba wenzayo.”—Thelekisa eyoku-1 yooKumkani 21:25, 26.
21. Ifana njani imeko yamaKanan nemeko yomhla wethu?
21 Ubungendawo bama-Amori ‘babuzalisekile.’ Ngoko uYehova wayekufanele ngokupheleleyo ukuwatshayela. Kunjalo ke nanamhlanje. Eli hlabathi lizaliswe lugonyamelo, ukuziphatha kakubi nokucekiswa kwemithetho kaThixo. Kwaye ekubeni ngokufanelekileyo sisothuswa ngamadini abantwana angamasikizi eKanan yamandulo, kuthekani ngamadini angamashumi ezigidi zabantu abaselula enziwa kwiimfazwe zeli hlabathi, nto leyo emanyumnyezi ngaphezu kwayo nantoni na eyayisenziwa eKanan? Ngokuqinisekileyo, uYehova ukufanelekela ngokupheleleyo ngoku ukuphelisa le nkqubo ingendawo yezinto.
Ukuphumeza Enye Into
22. Yintoni ephunyezwa ngumonde kaYehova kwixesha lethu?
22 Umonde kaYehova kule mihla yokugqibela uphumeza enye into. Uvumela ixesha lokuhlanganisa nokufundisa isihlwele esikhulu, esisele sibalwa ngaphezu kwezigidi ezihlanu. Phantsi kolwalathiso lukaYehova, siye sabunjwa saba yintlangano ehambela phambili. Amadoda, abafazi, nolutsha aqeqeshelwa ukufundisa abanye iinyaniso zeBhayibhile. Ngeentlanganiso nangeempapasho zawo zeBhayibhile, afunda iindlela zikaThixo zothando. (Yohane 13:34, 35; Kolose 3:14; Hebhere 10:24, 25) Ukongezelela koko, ahlakulela ubuchule bokwakha, be-elektroniki, bokushicilela kunye neminye imisebenzi ukuze axhase ukushunyayelwa ‘kweendaba ezilungileyo.’ (Mateyu 24:14) Kunokwenzeka ukuba obo buchule bokufundisa nobokwakha buya kusetyenziswa kakhulu kwihlabathi elitsha.
23. Kutheni kulilungelo ukuphila ngeli xesha?
23 Ewe, namhlanje uYehova ulungisa abakhonzi bakhe ukuze batyhubele “imbandezelo enkulu” bangene kwihlabathi elitsha elinobulungisa. Ngelo xesha uya kube engekho uSathana nehlabathi lakhe elingendawo abaya kujamelana nalo, akuyi kubakho kugula, usizi nokufa. Abantu bakaThixo baya kuqhubeka nomsebenzi owonwabisayo wokwakha iparadesi ngehlombe nangovuyo olukhulu, apho usuku ngalunye luya kuba ‘luyolo.’ Hayi indlela esinelungelo ngayo ngokuphila kweli xesha lencopho, ngokwazi nokukhonza uYehova, nangokuqonda ukuba kungentsuku zatywala siya ‘kuphakamisa iintloko zethu ngenxa yokuba intlangulo yethu isondela’!—Luka 21:28; INdumiso 146:5.
Imibuzo Yempinda
◻ Yintoni “imbandezelo enkulu,” yaye iqalisa njani?
◻ Kutheni uhlaselo lukaGogi kubakhonzi bakaYehova luya kusilela nje?
◻ Iphela njani “imbandezelo enkulu”?
◻ Ziziphi iingenelo ezingummangaliso eziya kuziswa lihlabathi elitsha?
◻ Kutheni uYehova elinde ixesha elide kangaka ngaphambi kokuphelisa le nkqubo?
[Picture On Page 16]
Umhlaba wonke uya kuguqulelwa ekubeni yiparadesi