Indlela Elilungelelaniswe Ngayo IQumrhu Elilawulayo
IQUMRHU ELILAWULAYO lamaNgqina kaYehova libunjwa ngamadoda azahluleleyo angabakhonzi bakaThixo abathanjisiweyo. Lisebenza njengabameli bodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, elinembopheleleko yokulungiselela ukutya kokomoya, yokwalathisa nokukhuthaza kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani emhlabeni.—Mat. 24:14, 45-47.
Iintlanganiso zeQumrhu Elilawulayo zibakho rhoqo ngeveki, ngokuqhelekileyo ngoLwesithathu. Oku kunceda aba bazalwana basebenze kunye nangomanyano. (INdu. 133:1) Amalungu eQumrhu Elilawulayo akhonza kwiikomiti ezahlukahlukeneyo. Ukuze kunyanyekelwe izilangazelelo zoBukumkani, ikomiti nganye inyamekela izinto ezithile, njengokuba kuboniswa ngokufutshane apha ngezantsi.
◼ IKOMITI YABANXIBELELANISI: Le komiti ibunjwa ngabanxibelelanisi abaphuma kwikomiti nganye kwezi zeQumrhu Elilawulayo kunye nonobhala okwalilungu leQumrhu Elilawulayo. Iyaqinisekisa ukuba zonke iikomiti zisebenza ngokutyibilikayo nangendlela efanelekileyo. Inyamekela iimeko zongxamiseko, utshutshiso, iintlekele nezinye iingxaki ezichaphazela amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke.
◼ IKOMITI YABASEBENZI: Abazalwana abakule komiti banyamekela imicimbi echaphazela abasebenzi nempilo-ntle yabo yokomoya kuquka ukunceda amalungu entsapho yaseBheteli emhlabeni wonke. Le komiti yongamela ukukhethwa nokumenywa kwamalungu amatsha eentsapho zaseBheteli ize iphendule imibuzo ephathelele inkonzo yaseBheteli.
◼ IKOMITI YOKUPAPASHA: Le komiti inyamekela umsebenzi wokushicilela, owokupapasha nowokuthunyelwa koncwadi lweBhayibhile ehlabathini lonke. Yongamela iindawo zokushicilela, imihlaba, izakhiwo nezinto eziphantsi kwemibutho eyahlukeneyo esetyenziswa ngamaNgqina kaYehova. Le komiti iqinisekisa ukusetyenziswa kakuhle kweminikelo yomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke.
◼ IKOMITI YENKONZO: Abo bakhonza kule komiti banyamekela umsebenzi wokushumayela nezinto ezichaphazela amabandla, oovulindlela, abadala, nabaveleli abahambahambayo. Le komiti yongamela ukulungiselelwa koBulungiseleli Bethu BoBukumkani yaye imema abo baya kwiSikolo saseGiliyadi nakwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli ize ibanike izabelo zabo.
◼ IKOMITI YOKUFUNDISA: Le ikomiti yongamela imfundiso efumaneka kwiindibano ezinkulu nezincinane neentlanganiso zebandla. Ilungiselela ucwangciso lokomoya lwamalungu entsapho yaseBheteli ngoxa inyamekela nezikolo ezahlukahlukeneyo, njengeSikolo saseGiliyadi neSikolo Senkonzo Yobuvulindlela, kuquka ukuveliswa kwamacwecwe neevidiyo ezishicilelweyo.
◼ IKOMITI YOKUBHALA: Yimbopheleleko yale komiti ukubhalwa kweempapasho zokutya kokomoya kuze kusasazwe kumaKristu nabantu ngokubanzi. Le komiti iphendula imibuzo yeBhayibhile ize igunyazise ukubhalwa kweedrama neentetho. Yongamela nomsebenzi wokuguqulela owenziwa ehlabathini.
Umpostile uPawulos wafanisa ibandla labathanjiswa nomzimba womntu waza wabalaselisa ukubaluleka kweendawo akuzo onke amalungu omzimba kuquka ukuxhomekeka kwawo elinye kwelinye, uthando, nentsebenziswano ekwenzeni umsebenzi kaThixo. (Roma 12:4, 5; 1 Kor. 12:12-31) INtloko, uYesu Kristu ilungiselela amalungu omzimba oko akufunayo ukuze asebenzisane, anxibelelane yaye ondleke ngokomoya. (Efe. 4:15, 16; Kol. 2:19) Ngale ndlela, iQumrhu Elilawulayo lilungelelaniselwa ukukhokela njengoko uYehova elikhokela ngomoya wakhe oyingcwele.