Akuyazi Indawo Oya Kuphumelela Kuyo!
“Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa; kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo.”—INTSHU. 11:6.
1. Kutheni ukubona inkqubo yokukhula kumangalisa yaye kusenza sizive sithobekile?
UMLIMI kufuneka abe nomonde. (Yak. 5:7) Emva kokuhlwayela imbewu, kuye kufuneke ayilinde intshule ize ikhule. Ngokuthe ngcembe xa iimeko zintle, iyantshula emhlabeni. Emva koko iyakhula ibe zizityalo eziba neentloko zokutya. Ekugqibeleni, amasimi omlimi aye alungele ukuvunwa. Kumangalisa ngokwenene ukubona ummangaliso wokukhula! Siziva sithobekile xa sicinga ngowona Mthombo woku kukhula. Ewe, thina singayifaka izichumiso imbewu, size sinkcenkceshele. Kodwa nguThixo kuphela onokuyikhulisa.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 3:6.
2. Ziziphi iingongoma awafundisa ngazo uYesu ngokuphathelele ukukhula ngokomoya kwimizekeliso exutyushwe kwinqaku elandulelayo?
2 Njengoko kuchaziwe kwinqaku elandulela eli, uYesu wafanisa umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokuhlwayelwa kwembewu ngumlimi. Kumzekeliso weendidi ezahlukeneyo zemihlaba, uYesu wayigxininisa ingongoma yokuba, nangona umlimi ehlwayela imbewu entle, bubunjani bentliziyo yomntu lowo obuya kugqiba enoba imbewu iya kukhula okanye akunjalo. (Marko 4:3-9) Kumzekeliso womhlwayeli olalayo, uYesu wabalaselisa ingongoma yokuba umlimi akayazi indlela okwenzeka ngayo oku kukhula. Oku kungenxa yokuba ukukhula kubangelwa ngamandla kaThixo, kungekhona imigudu yabantu. (Marko 4:26-29) Ngoku makhe sihlolisise eminye imizekeliso emithathu kaYesu—owokhozo lwemostade, owegwele nowomnatha orhuqwayo.a
Umzekeliso Wokhozo Lwemostade
3, 4. Umzekeliso wokhozo lwemostade ubalaselisa ziphi iingongoma ngokuphathelele isigidimi soBukumkani?
3 Umzekeliso wokhozo lwemostade, nawo ochazwe kuMarko isahluko 4, ubethelela izinto ezimbini: okokuqala, ukukhula okumangalisayo kwesigidimi soBukumkani; okwesibini, ukukhuselwa kwabo basamkelayo esi sigidimi. UYesu wathi: “Singabufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo, okanye siya kubuchaza ngomzekeliso othini? Bunjengokhozo lwemostade, olulolona luncinane kunazo zonke iimbewu ezikhoyo emhlabeni ngexesha lokuhlwayelwa kwalo emhlabeni—kodwa xa sele luhlwayelwe, luyakhula luze lube lukhulu ngakumbi kunayo yonke eminye imifuno yaye luvelisa amasebe amakhulu, kangangokuba iintaka zezulu ziyakwazi ukufumana indawo yokuhlala phantsi komthunzi walo.”—Marko 4:30-32.
4 Apha sichazelwa ‘ngokukhula koBukumkani bukaThixo’ njengoko buboniswa kukusasazeka kwesigidimi soBukumkani nokukhula kwebandla lamaKristu ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E. ukusa phambili. Ukhozo lwemostade luyimbewu encinane enokumela into encinane gqitha. (Thelekisa uLuka 17:6.) Noko ke, umthi wemostade unokukhula ufikelele kubude obuziimitha ezintathu ukusa kwezintlanu yaye unamasebe awomeleleyo.—Mat. 13:31, 32.
5. Lakhula kangakanani ibandla lamaKristu ngenkulungwane yokuqala?
5 Ukukhula kwebandla lamaKristu kwaqala kancinane ngowama-33 C.E. xa abafundi abamalunga ne-120 bathanjiswa ngomoya oyingcwele. Ngethutyana nje elingephi, eli bandla lincinane labafundi laba namawaka amakholwa (Funda IZenzo 2:41; 4:4; 5:28; 6:7; 12:24; 19:20.) Kwiminyaka nje engamashumi amathathu, inani labavuni lalisele lande kangangokuba umpostile uPawulos waxelela ibandla laseKolose ukuba iindaba ezilungileyo sele ‘zishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’ (Kol. 1:23) Yaba lulwando olumangalisa gqitha olo!
6, 7. (a) Kukuphi ukukhula okuye kwenzeka ukususela ngowe-1914? (b) Kukuphi okunye ukukhula okungakumbi okuya kwenzeka?
6 Ukususela ekusekweni koBukumkani bukaThixo ezulwini ngowe-1914, amasebe ‘omthi’ wemostade aye anda ngendlela eyayingalindelwanga. Abantu bakaThixo baye bakubona ngokoqobo ukuzaliseka kwesi siprofeto sikaIsaya: “Omncinane uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla.” (Isa. 60:22) Iqela elincinane labathanjiswa elalishumayela ngoBukumkani ebutsheni benkulungwane yama-20 lalingenalo nofifi lokuba ngowama-2008, kuya kube kukho amaNgqina kaYehova amalunga nezigidi ezisixhenxe esenza lo msebenzi kumazwe angaphezu kwama-230. Kukukhula okumangalisa ngokwenene oku, kufana noko kokhozo lwemostade kumzekeliso kaYesu.
7 Ngaba oku kukhula kuphelela apho. Akunjalo. Abalawulwa boBukumkani bukaThixo baya kuzalisa umhlaba wonke ekugqibeleni. Bonke abachasi baya kube betshayelwe. Oku akuyi kwenzeka ngemigudu yabantu kodwa kuya kwenzeka ngokungenelela kweNkosi enguMongami uYehova kwimicimbi yomhlaba. (Funda uDaniyeli 2:34, 35.) Siya kwandula ke sibone ukuzaliseka ngokupheleleyo kwesinye isiprofeto esibhalwe nguIsaya esithi: “Umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isa. 11:9.
8. (a) Ngoobani abamelwa ziintaka ezikumzekeliso kaYesu? (b) Yintoni esikhuselwa kuyo nangoku?
8 UYesu uthi iintaka zezulu ziyakwazi ukufumana indawo yokuhlala ngaphantsi komthunzi wobu Bukumkani. Ezi ntaka azimeli iintshaba zoBukumkani ezizama ukutya imbewu entle, njengokuba kunjalo ngeentaka ezikumzekeliso wendoda eyahlwayela imbewu kwiindidi ezahlukeneyo zomhlaba. (Marko 4:4) Kunoko, kulo umzekeliso iintaka zimela abantu abaneentliziyo ezintle abafuna ukhuseleko kwibandla lamaKristu. Nangoku, aba bayakhuselwa kwimikhwa engcolisayo ngokomoya yeli hlabathi lingendawo. (Thelekisa uIsaya 32:1, 2.) Ngokufanayo, uYehova wafanisa uBukumkani obulawulwa nguMesiya nomthi waza eprofeta wathi: “Ndiya kulifudusela entabeni yendawo ephakamileyo yakwaSirayeli, yaye ngokuqinisekileyo liya kuba namasebe lize livelise isiqhamo libe ngumsedare omkhulu. Yaye phantsi kwawo okunene kuya kuhlala zonke iintlobo zeentaka; ziya kuhlala emthunzini wamahlamvu awo.”—Hez. 17:23.
Umzekeliso Wegwele
9, 10. (a) Yiyiphi ingongoma eyabethelelwa nguYesu kumzekeliso wegwele? (b) EBhayibhileni, igwele lidla ngokumela ntoni, yaye nguwuphi umbuzo esiza kuwuxubusha ophathelele ukubhekisela kukaYesu kwigwele?
9 Ukukhula akusoloko kubonakala emehlweni abantu. Kumzekeliso wakhe olandelayo, uYesu ubethelela le ngongoma. Uthi: “Ubukumkani bamazulu bunjengegwele, awalithabathayo umfazi waza walifihla kwimilinganiselo emithathu emikhulu yomgubo, de intlama iphela yabiliswa.” (Mat. 13:33) Limela ntoni eli gwele yaye lidibana njani nokukhula koBukumkani?
10 EBhayibhileni, igwele lidla ngokumela isono. Umpostile uPawulos wathetha ngolo hlobo ngegwele xa wayethetha ngempembelelo eyonakalisayo yomoni owayekwibandla lamandulo laseKorinte. (1 Kor. 5:6-8) Ngaba apha uYesu wathetha ngegwele elimela ukukhula kwento engathandekiyo?
11. Igwele lalisetyenziswa njani kuSirayeli wamandulo?
11 Ngaphambi kokuphendula loo mbuzo kufuneka siphawule izibakala ezithathu ezisisiseko. Esokuqala, nangona uYehova wayekwalela ukusetyenziswa kwegwele ngexesha lomthendeleko wePasika, maxa wambi wayeyamkela imibingelelo enegwele. Igwele lalisetyenziswa kwiminikelo yombulelo nobudlelane, eyayiyeyokuzithandela kubulelwa intabalala yeentsikelelo zikaYehova. Esi sidlo sasibangela uvuyo kwabo bakhoyo kuso.—Lev. 7:11-15.
12. Yintoni esinokuyifunda kwindlela iBhayibhile efuzisela ngayo izinto ezithile?
12 Esesibini, nangona eZibhalweni into isenokufuzisela into engathandekiyo maxa wambi, kwaloo nto inye inokumela into eyamkelekileyo ngesinye isihlandlo. Ngokomzekelo, kweyoku-1 kaPetros 5:8, uSathana ufaniswa nengonyama ngenxa yobungozi nenkohlakalo yakhe. Kodwa kwiSityhilelo 5:5, uYesu ufaniswa nengonyama—“iNgonyama yesizwe sikaYuda.” Kwimeko kaYesu, ingonyama ifanekisela inkalipho nokusesikweni.
13. Umzekeliso kaYesu wegwele ubonisa ntoni ngokukhula kokomoya?
13 Esesithathu, kumzekeliso wakhe, uYesu akazange athi eli gwele layonakalisa le ntlama, into eyayiza kwenza ingabi nakusetyenziswa. Wathetha nje ngendlela eqhelekileyo yokwenziwa kwesonka. Umfazi wafaka ngabom igwele yaye imiphumo yaba mihle. Eli gwele walifihla emgubeni. Ngaloo ndlela inkqubo yokusebenza kwegwele yafihlwa kulo mfazi. Oku kusikhumbuza ngendoda ehlwayela imbewu ize ilale ebusuku. UYesu wathi ‘iyahluma imbewu ize ikhule ibe nde, [le ndoda] ingayazi indlela okwenzeka ngayo.” (Marko 4:27) Le yindlela elula yokuzekelisa ukukhula okungabonakaliyo komntu ngokomoya! Ekuqaleni sisenokungakuboni oku kukhula, kodwa ekugqibeleni siyayibona imiphumo.
14. Yiyiphi inkalo yomsebenzi wokushumayela efanekiselwa sisibakala sokuba igwele libilisa intlama iphela?
14 Oku kukhula ngokomoya akwaneli nje ngokufihlakala emehlweni abantu kodwa kutyhutyha ihlabathi liphela. Le yenye inkalo ebethelelwa kulo mzekeliso wegwele. Eli gwele libilisa intlama iphela, yonke “imilinganiselo emikhulu emithathu yomgubo.” (Luka 13:21) Kanye njengegwele, umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani ongunozala wolu lwando uye wanda ukusa kwinqanaba lokuba ngoku bube uBukumkani bushunyayelwa “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8; Mat. 24:14) Lilungelo elimangalisa ngokwenene ukuba negalelo kolu lwando lumangalisayo lomsebenzi woBukumkani.
Umnatha
15, 16. (a) Khawuthi gqaba gqaba ngomzekeliso womnatha. (b) Umnatha umela ntoni yaye lo mzekeliso ubhekisela kweyiphi inkalo yokhula koBukumkani?
15 Eyona nto ibalulekileyo kunenani labo bathi bangabafundi bakaYesu Kristu kukufaneleka kwabo bafundi. UYesu ubhekisela kule nkalo yokukhula koBukumkani ngokwenza omnye umzekeliso, lowo womnatha. Wathi: “Kwakhona ubukumkani bamazulu bunjengomnatha orhuqwayo othotywa elwandle uze uhlanganise lonke uhlobo lweentlanzi.”—Mat. 13:47.
16 Umnatha, omela umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani, uhlanganisa zonke iindidi zeentlanzi. UYesu uhlabela mgama athi: “Wakuzala bawurholela elunxwemeni baza, bahlala phantsi, baqokelelela ezintle ezityeni, kodwa ezingafanelekanga bazilahla. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwenkqubo yezinto: ziya kuphuma iingelosi zize zahlule abangendawo kwabangamalungisa zibaphose ezikweni lomlilo. Apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo abo.”—Mat. 13:48-50.
17. Ukwahlula ekuthethwa ngako kumzekeliso womnatha ubhekisela kweliphi ixesha?
17 Ngaba oku kwahlula kubhekisela kumgwebo wokugqibela wezimvu neebhokhwe awathi uYesu uya kubakho xa efika esebuqaqawulini bakhe? (Mat. 25:31-33) Akunjalo. Lowo umgwebo nowokugqibela uya kwenzeka xa uYesu efika ebudeni bembandezelo enkulu. Ngokwahlukileyo, ukwahlula ekuthethwa ngako kumzekeliso womnatha kwenzeka “ekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”b Elo xesha, leli kanye siphila kulo—imihla ekhokelela kwimbandezelo enkulu. Wenziwa njani ke ngoku umsebenzi wokwahlula?
18, 19. (a) Umsebenzi wokwahlula wenziwa njani ngoku? (b) Abantu abanyanisekileyo bamele bathabathe liphi inyathelo? (Funda umbhalo osemazantsi.)
18 Izigidi ngezigidi zeentlanzi zokomfuziselo ezikulwandle loluntu ziye zatsaleleka kwibandla likaYehova namhlanje. Ezinye ziyeza eSikhumbuzweni, ezinye ziza kwiintlanganiso zethu yaye ezinye ziyavuma ukufundisisa iBhayibhile. Kodwa ngaba zonke ezi ntlanzi ziba ngamaKristu okwenene? ‘Zisenokurholelwa elunxwemeni,’ kodwa uYesu usixelela ukuba ‘zezintle’ kuphela eziqokelelelwa ezityeni, zitya ezo ezimela amabandla amaKristu. Ezingafanelekanga ziyalahlwa, ekugqibeleni zifakwa kwiziko lomlilo lokomfuziselo elithetha intshabalalo ezayo.
19 Kanye njengeentlanzi ezingafanelekanga, abaninzi ababekhe bafundisisa iBhayibhile nabantu bakaYehova baye bayeka. Abanye abanabazali abangamaKristu abakhange bafune ukulandela emanyathelweni kaYesu. Abafuni kwenza isigqibo sokukhonza uYehova okanye emva kokumkhonza kangangethuba baye bayeka.c (Hez. 33:32, 33) Noko ke, kubalulekile ukuba bonke abantu abanyanisekileyo bavume ukuhlanganiselwa kumabandla afana nezitya ngaphambi komhla womgwebo wokugqibela baze bakhuseleke.
20, 21. (a) Sifunde ntoni emva kokuhlolisisa imizekeliso kaYesu ephathelele ukukhula? (b) Yintoni wena ozimisele ukuyenza?
20 Ngoko, sifunde ntoni ekuhlolisiseni kwethu ngokufutshane imizekeliso kaYesu ephathelele ukukhula? Okokuqala, kanye njengokukhula kokhozo lwemostade, kuye kwakho ukwanda okumangalisayo kwezilangazelelo zoBukumkani apha emhlabeni. Ayikho into enokuthintela ukukhula komsebenzi kaYehova! (Isa. 54:17) Ukongezelela, bayakhuselwa ngokomoya abo bafuna “indawo yokuhlala phantsi komthunzi [walo mthi].” Okwesibini, nguThixo okhulisayo. Kanye njengokuba igwele elifihliweyo lisasazeka kuyo yonke intlama, oku kukhula akusoloko kubonakala kwangoko okanye kuqondakala kodwa kuyenzeka! Okwesithathu, kwabo basabela kakuhle asingabo bonke abaye bazingqina befanelekile. Abanye baye bafana neentlanzi ezingafanelekanga ezikumzekeliso kaYesu.
21 Noko ke, kukhuthaza gqitha ukubona abaninzi abafanelekayo betsalwa nguYehova. (Yoh. 6:44) Oku kuye kwabangela ulwando olungathethekiyo kumazwe ahlukahlukeneyo. Kumele kuzukiswe uYehova uThixo ngalo lonke olu lwando. Ukubona oku kumele kukhuthaze ngamnye kuthi ukuba athobele esi sibongozo sabhalwa kwiinkulungwane ezadlulayo: “Kusasa hlwayela imbewu yakho . . . , kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo, enoba kulapha okanye phaya, okanye enoba ziya kulunga zombini ngokufanayo.”—INtshu. 11:6.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kule nkcazelo ilandelayo kuza kulungiswa inkcazelo eyayinikelwe kwiMboniselo kaJuni 15, 1992, iphepha 17-22, nakweyesiNgesi ka-Aprili 1, 1976 iphepha 149-167.
b Nangona uMateyu 13:39-43 ebhekisela kwinkalo eyahlukileyo yomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani, ixesha lokuzaliseka kwaleyo athetha ngayo liyafana nelokuzaliseka komzekeliso womnatha, “ekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” Ukwahlulwa kweentlanzi zokomfuziselo kuyinto eqhubekayo, kanye njengokuba ukuhlwayela nokuvuna kuyinto eqhubekayo kweli xesha.—IMboniselo kaOktobha 15, 2000, iphepha 25-26; incwadi ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso, iphepha 178-181, isiqendu 8-11.
c Ngaba oku kuthetha ukuba bonke abo baye bayeka ukufundisisa okanye ukunxulumana nabantu bakaYehova baye balahlwa njengabangafanelekanga ziingelosi? Akunjalo! Ukuba umntu uzimisele ukubuyela kuYehova, ukhululekile ukuba enjenjalo.—Mal. 3:7.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Umzekeliso kaYesu wokhozo lwemostade usifundisa ntoni ngolwando loBukumkani nokukhuselwa ngokomoya?
• Igwele elikumzekeliso kaYesu limela ntoni, yaye yiyiphi inyaniso ephathelele ulwando loBukumkani ebalaseliswa nguYesu?
• Yiyiphi inkalo yolwando loBukumkani eveliswayo kumzekeliso womnatha?
• Sinokuqiniseka njani ukuba siqhubeka siyinxalenye yabo ‘baqokelelelwa ezityeni’?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Umzekeliso wokhozo lwemostade usifundisa ntoni ngolwando loBukumkani?
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Sifunda ntoni kumzekeliso wegwele?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Yintoni efanekiselwa kukwahlulwa kweentlanzi ezintle kwezingafanelekanga?