UYehova Uyasilinda Ukuze Kungenelwe Thina
“Amehlo [kaYehova] asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”—2 KRON. 16:9.
1. Kutheni uYehova esihlolisisa nje?
UYEHOVA nguBawo ogqibeleleyo. Usazi kakuhle kangangokuba wazi ‘nokutyekela kweengcamango [zethu].’ (1 Kron. 28:9) Noko ke, akasihlolisisi ukuze abone iintsilelo esinazo. (INdu. 11:4; 130:3) Kodwa ngothando ufuna ukusikhusela kuyo nantoni na enokonakalisa ulwalamano lwethu naye okanye ithemba esinalo lokufumana ubomi obungunaphakade.—INdu. 25:8-10, 12, 13.
2. UYehova uwabonisa koobani amandla akhe?
2 UYehova unamandla angenakulinganiswa nanto yaye ubona yonke into. Ngenxa yaloo nto unokubanceda abanyanisekileyo bakhe nanini na becela uncedo lwakhe, yaye unokubaxhasa xa bevavanywa. Eyesi-2 yeziKronike 16:9 ithi: “Amehlo [kaYehova] asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” Phawula ukuba uYehova usebenzisa amandla akhe ukuze ancede abo bamkhonza ngentliziyo epheleleyo, esulungekileyo neneenjongo ezinyanisekileyo. Akabi nayo inkxalabo elolo hlobo ngabo bakhohlisayo nabahanahanisayo.—Yosh. 7:1, 20, 21, 25; IMize. 1:23-33.
Ukuhamba NoThixo
3, 4. Kuthetha ukuthini ‘ukuhamba noThixo,’ yaye yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni esinceda sikuqonde oku?
3 Kwabaninzi, ayikholeleki into yokuba uMdali wendalo enkulu kangaka, avulele abantu ithuba lokuba bahambe naye ngengqiqo yokomoya. Ukanti yiloo nto kanye ayifunayo uYehova. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uEnoki noNowa ‘bahamba noThixo.’ (Gen. 5:24; 6:9) UMoses “waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.” (Heb. 11:27) UKumkani uDavide wahamba noYise wasezulwini ebonisa ukuthobeka. Wathi: “Ngenxa yokuba [uYehova] ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa.”—INdu. 16:8.
4 Kakade ke, asinakukwazi ukubambelela ngokoqobo kwisandla sikaYehova size sihambe naye. Kodwa singayenza ngendlela efuziselayo loo nto. Njani? Umdumisi uAsafu uthi: “Ndinawe rhoqo; usibambile isandla sam sasekunene. Uya kundikhokela ngecebo lakho.” (INdu. 73:23, 24) Ngamafutshane, uYehova sihamba naye xa sithobela icebiso lakhe, esilifumana ubukhulu becala kwiLizwi lakhe elibhaliweyo ‘nangekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mat. 24:45; 2 Tim. 3:16.
5. Njengobawo onothando, uYehova ubajonga njani abo banyaniseke kuye, yaye simele sivakalelwe njani ngaye?
5 Ekubeni uYehova ebaxabisa abo bahamba naye, njengobawo onothando uhlala ebajongile, ebanyamekela, ebakhusela aze abafundise. UThixo uthi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” (INdu. 32:8) Zibuze: ‘Ngaba ndiyazibona ndihamba noYehova ndibambelele kwisandla sakhe, ngokungathi kunjalo ndiphulaphule ubulumko bakhe ngoxa ndisazi kakuhle ukuba iliso lakhe lothando lindijongile? Ngaba ukwazi kwam ukuba ukho kunempembelelo kwiingcamango, amazwi nezenzo zam? Xa ndonile, ngaba uYehova ndimjonga njengoBawo onothando nenceba, ofuna ukunceda abo baguqukayo babuyele kuye, endaweni yokumbona njengoThixo okude ebantwini nongenabubele?’—INdu. 51:17.
6. Yintoni anokukwazi ukuyenza uYehova engenakwenziwa ngabazali abangabantu?
6 Maxa wambi, uYehova unokusinceda ngaphambi kokuba siwele kwikhondo eliphosakeleyo. Ngokomzekelo, usenokubona ukuba intliziyo yethu enenkohliso iqalisa ukunqwenela izinto ezingafanelekanga. (Yer. 17:9) Kwimeko enjalo, unokusinceda ngokukhawuleza kunokuba benokwenza abazali abangabantu kuba “amehlo akhe aqaqambileyo” ayakwazi ukubona iintliziyo zethu, ukuze ahlolisise iingcamango zethu. (INdu. 11:4; 139:4; Yer. 17:10) Cinga nje ngoko kwenziwa nguThixo kwimeko kaBharuki, owayengunobhala nomhlobo omkhulu womprofeti uYeremiya.
Waba NguBawo Onothando KuBharuki
7, 8. (a) Wayengubani uBharuki, yaye yiyiphi iminqweno engafanelekanga eyayiqalisa ukwakheka entliziyweni yakhe? (b) UYehova wayibonisa njani inkxalabo yobawo onothando kuBharuki?
7 UBharuki wayengumbhali ovunyiweyo owakhonza ngokuthembeka kunye noYeremiya kwisabelo esagqibela ngokuba nzima—eso sokuvakalisa imigwebo kaYehova kuYuda. (Yer. 1:18, 19) Ngaxa lithile, uBharuki, ekusenokwenzeka ukuba wayephuma kwintsapho enegama, waqalisa ukuzifunela “izinto ezinkulu.” Mhlawumbi waqalisa ukuba namabhongo okanye ukunqwenela ukuba nezinto eziphathekayo ezininzi. Enoba kwakutheni na, uYehova wakubona ukuqalisa kwezo ngcamango ziyingozi entliziyweni kaBharuki. Esebenzisa uYeremiya, uYehova wakhawuleza wayilungisa loo ngxaki esithi kuBharuki: “Wena uthe: ‘Yeha, ke mna, kuba uYehova wongezelele intlungu kwingqaqambo yam! Ndityhafile ngenxa yokuncwina kwam, yaye andifumananga ndawo yokuphumla.’” Emva koko uThixo wathi: “Uyaqhubeka uzifunela izinto ezinkulu. Musa ukuqhubeka uzifuna.”—Yer. 45:1-5.
8 Nakuba wathetha ngokungqalileyo noBharuki, uYehova akazange abonise msindo, kodwa wabonisa inkxalabo yobawo onothando. Kuyabonakala ukuba, uThixo wayebona ukuba iminqweno yale ndoda ayibangelwa bubungendawo okanye intliziyo enenkohliso. Kanti uYehova wayesazi nokuba iYerusalem noYuda babesele beza kutshatyalaliswa, ngoko engafuni ukuba noBharuki atshabalale kuloo ntlekele. Ukuze abuyisele lo mkhonzi wakhe ezingqondweni, uThixo wamkhumbuza ukuba, wayeza ‘kuyizisela intlekele inyama yonke,’ esalek’ umsundulo ngelithi, ukuba uBharuki wayenokwenza ngobulumko, wayeya kusinda. (Yer. 45:5) Eyona nto yayithethwa nguThixo yile: ‘Bharuki, vula amehlo. Yicingisise into eza kwehlela uYuda neYerusalem eyonakeleyo. Gcina ukuthembeka kwakho ukuze uphile! Ndiza kukukhusela.’ Kuyabonakala ukuba uYehova wayifikelela intliziyo kaBharuki, kuba naku wamthobela waza wasinda kwintshabalalo yeYerusalem, eyenzeka kwiminyaka eli-17 kamva.
9. Ungayiphendula njani imibuzo ekwesi siqendu?
9 Njengoko ucamngca ngale ngxelo kaBharuki, cinga ngale mibuzo nezi zibhalo zilandelayo: Indlela uThixo awamphatha ngayo uBharuki ibonisa ntoni ngoYehova nendlela abajonga ngayo abakhonzi bakhe? (Funda amaHebhere 12:9.) Ngenxa yamaxesha amanqam esiphila kuwo, yintoni esinokuyifunda kwisiluleko sikaThixo kuBharuki nakwindlela awasamkela ngayo uBharuki? (Funda uLuka 21:34-36.) Bexelisa uYeremiya, abadala abangamaKristu banokuyibonisa njani inkxalabo anayo uYehova ngabakhonzi bakhe?—Funda eyabaseGalati 6:1.
UNyana Ufuze UYise Ngothando
10. UYesu ukuxhotyiselwe njani ukusingatha isikhundla sakhe njengeNtloko yebandla lamaKristu?
10 Ngaphambi kokubakho kobuKristu, uYehova wayebonisa indlela abathanda ngayo abantu bakhe esebenzisa abaprofeti nabanye abakhonzi bakhe abathembekileyo. Namhlanje, olo thando ulubonakalisa ngakumbi ngeNtloko yebandla lamaKristu, uYesu Kristu. (Efe. 1:22, 23) Ngoko ke, kwincwadi yeSityhilelo uYesu uboniswa njengemvana ‘enamehlo asixhenxe, mehlo lawo athetha oomoya abasixhenxe bakaThixo abo baye bathunyelwa emhlabeni uphela.’ (ISityhi. 5:6) Ngokwenene, njengoko exhotyiswe ngamandla omoya oyingcwele kaThixo, uYesu unengqiqo egqibeleleyo. Naye uyakwazi ukubona oko sikuko ngaphakathi, yaye wazi konke okwenzekayo.
11. Yiyiphi indima anayo uKristu yaye yiyiphi indlela asijonga ngayo efana nekaYise?
11 Kanye njengoYehova, naye uYesu akalilo ipolisa elisezulwini. Usihlolisisa ngothando. Esinye sezibizo zikaYesu esithi “uBawo ongunaPhakade,” sisikhumbuza ngendima aya kuba nayo yokunika bonke abantu abanokholo kuye ubomi obungunaphakade. (Isa. 9:6) Ngaphezu koko, njengeNtloko yebandla lamaKristu, uKristu unokushukumisa amaKristu aqolileyo ngokomoya, ngokukhethekileyo abadala, ukuba athuthuzele okanye acebise abo bafuna uncedo.—1 Tes. 5:14; 2 Tim. 4:1, 2.
12. (a) Iincwadi eziya kumabandla asixhenxe aseAsia Minor zibonisa ntoni ngoYesu? (b) Abadala basibonisa njani isimo sengqondo anaso uKristu ngomhlambi kaThixo?
12 Umdla onyanisekileyo anawo uKristu kumhlambi ubonakala kwiincwadi eziya kubadala bamabandla asixhenxe aseAsia Minor. (ISityhi. 2:1–3:22) Kwezo ncwadi, uYesu wabonisa ukukuqonda oko kwakusenzeka kwibandla ngalinye nenkxalabo awayenayo ngabalandeli bakhe. Kunjalo nanamhlanje—kude kube ngakumbi—ekubeni umbono weSityhilelo uzaliseka ebudeni ‘beMini yeNkosi.’a (ISityhi. 1:10) Uthando lukaKristu lusoloko lubonakala kubadala, abangabalusi bokomoya ebandleni. Unokubangela ukuba ezi “zipho zingabantu” zisithuthuzele, zisikhuthaze okanye zisiluleke xa kuyimfuneko. (Efe. 4:8; IZe. 20:28; funda uIsaya 32:1, 2.) Ngaba imigudu abayenzayo uyijonga njengendlela uKristu abonisa ngayo umdla kuwe?
Uncedo Olufika Ngexesha Elifanelekileyo
13-15. UThixo unokukhetha ukuyiphendula njani imithandazo yethu? Yenza imizekelo.
13 Ngaba wakha wathandaza ngokuzingisileyo ucela uncedo waza umthandazo wakho waphendulwa ngokufikelwa ngumKristu oqolileyo ngokomoya? (Yak. 5:14-16) Mhlawumbi olo ncedo walufumana kwintetho enikelwa kwintlanganiso yamaKristu okanye kwinkcazelo ekwenye yeempapasho zethu. Ezi ziindlela uYehova adla ngokuyiphendula ngazo imithandazo yethu. Ngokomzekelo, emva kokuba enikele intetho, omnye umdala wathetha nodade owaye waphathwa kakubi kwiiveki eziliqela ngaphambi kwaloo ntetho. Kunokuba akhalazele ingxaki yakhe, lo dade wachaza indlela awayengenelwe ngayo ziingongoma ezisezibhalweni ezavezwa kuloo ntetho. Zazinyathela kanye kwimeko yakhe yaye oko kwamthuthuzela. Kwamvuyisa ngokwenene ukubakho kuloo ntlanganiso.
14 Kumba wokuphendulwa kwemithandazo, cinga nje ngomzekelo wamabanjwa amathathu awafunda inyaniso yeBhayibhile ngoxa ayesentolongweni aza aba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Ngenxa yesiganeko esithile sogonyamelo esenzeka kuloo ntolongo, onke amabanjwa alapho athatyathelwa amalungelo athile awayenawo. Oko kwaphemba imvukelo. Amabanjwa agqiba ekubeni agwayimbe ngokuthi angazibuyiseli izitya zawo emva kwesidlo sakusasa ngentsasa elandelayo. Oko kwabafaka engxakini aba bavakalisi bangabhaptizwanga bathathu. Ukuba babenokuba yinxalenye yolo gwayimbo, babeya kuba bavukela umyalelo kaYehova okumaRoma 13:1. Xa bengaluxhasi, kwakuza kufuneka bajamelane nengqumbo yamanye amabanjwa.
15 Ekubeni ayengenakukwazi ukubonana ukuze agwadle, la madoda mathathu athandazela ubulumko. Ngentsasa elandelayo, afumanisa ukuba omathathu afikelele kwisigqibo esinye—ayeza kusala isidlo sakusasa. Xa oonogada beza kuqokelela izitya, la madoda mathathu ayengenazo. Sawavuyisa ngokwenene isibakala sokuba ‘uMphulaphuli wemithandazo’ waba kufutshane.—INdu. 65:2.
Ukukhangela Kwikamva Sinentembelo
16. Umsebenzi wokushumayela uyibonisa njani inkxalabo anayo uYehova ngabo banjengezimvu?
16 Umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke ubobunye ubungqina benkxalabo anayo uYehova ngabo bantliziyo zinyanisekileyo, enoba bahlala phi na. (Gen. 18:25) Esebenzisa iingelosi, uYehova usoloko esalathisela abakhonzi bakhe kubantu abanjengezimvu—enoba abo bantu bahlala kwiindawo ezingekafikelelwa ngeendaba ezilungileyo. (ISityhi. 14:6, 7) Ngokomzekelo esebenzisa ingelosi, uThixo walathisela uFilipu, umvangeli wenkulungwane yokuqala, kwigosa elingumTiyopiya ukuze alityhilele iZibhalo. Oko kwaphumela entwenini? Le ndoda yazamkela iindaba ezilungileyo yaza yaba ngumlandeli kaYesu obhaptiziweyo.b—Yoh. 10:14; IZe. 8:26-39.
17. Kutheni kungeyomfuneko ukuba silixhalabele ngokugqithiseleyo ikamva?
17 Njengoko le nkqubo yezinto ikhoyo isiya ngasekupheleni, ‘inimba’ eyaxelwa kwangaphambili iza kuqhubeka. (Mat. 24:8) Ngokomzekelo, amaxabiso okutya anokunyuka ngokuphawulekayo ngenxa yokunqongophala kwako, imozulu ibe mandundu, okanye ezoqoqosho zikekele ngakumbi. Kusenokuba nzima ukufumana umsebenzi, kuze kunyanzeleke ukuba abantu abasebenzayo basebenze iiyure ezingakumbi. Enoba imeko iyintoni na, bonke abo bagcina izinto zokomoya zikwindawo yokuqala ‘neliso labo lingenakumbi’ kusenokungabi yomfuneko ukuba baxhalabe ngokugqithiseleyo. Bayazi ukuba uThixo uyabathanda yaye uya kubanyamekela. (Mat. 6:22-34) Ngokomzekelo, cinga ngendlela uYehova awamnyamekela ngayo uYeremiya ngexesha elalinzima lesiphelo seYerusalem ngowama-607 B.C.E.
18. UYehova wazingqina njani emthanda uYeremiya ebudeni bokungqingwa kweYerusalem?
18 Kwiintsuku zokugqibela zokungqingwa kweYerusalem ngamaBhabhiloni, uYeremiya wabanjwa wavalelwa kwiNtendelezo Yabalindi. Wayeza kukufumana njani ukutya? Ukuba wayengabanjwanga, wayeya kuzizamela ngokwakhe. Kodwa ngoku wayexhomekeke ngokupheleleyo kwabo babemngqongile, yabe inkoliso yabo imthiyile! Sekunjalo, uYeremiya akazange athembele ebantwini, kodwa wathembela kuThixo owayethembise ukuba wayeza kumnyamekela. Ngaba uYehova wawagcina amazwi akhe? Ayibuzwa loo nto! Waqinisekisa ukuba yonk’ imihla, uYeremiya ufumana “isonka esibusazinge . . . de saphela sonke isonka esixekweni.” (Yer. 37:21) UYeremiya, kwakunye noBharuki, uEbhedi-meleki nabanye, basinda kwelo xesha lendlala, izifo nokufa.—Yer. 38:2; 39:15-18.
19. Njengoko sikhangele phambili kwikamva, yintoni esimele sizimisele kuyo?
19 Ngokwenene, “amehlo kaYehova aphezu kwabo bangamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo.” (1 Pet. 3:12) Ngaba iyakuvuyisa into yokwazi ukuba uYihlo wasezulwini ukujongile? Ngaba kukwenza uzive ukhuselekile ukwazi ukuba amehlo akhe aphezu kwakho, ekunqwenelela okuhle? Ngoko, zimisele ukuqhubeka uhamba noThixo—enoba yintoni onokujamelana nayo kwikamva. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuqhubeka ebajongile, kanye njengoyise onothando abo banyanisekileyo kuye.—INdu. 32:8; funda uIsaya 41:13.
[Imibhalo esemazantsi]
a Nakuba ezi ncwadi zazibhalelwe abalandeli bakaKristu abathanjisiweyo, imigaqo ekuzo isebenza kubo bonke abakhonzi bakaThixo.
b Omnye umzekelo wokwalathisela kukaThixo abantu ngeengelosi ufumaneka kwiZenzo 16:6-10. Apho siva ukuba uPawulos nabo wayehamba nabo “balelwa ngumoya oyingcwele” ukushumayela eAsia naseBhithiniya. Kodwa baxelelwa ukuba baye kushumayela eMakedoni, apho abantu abaninzi abaneentliziyo ezilungileyo bazamkelayo iindaba ezilungileyo.
Ngaba Ungachaza?
• Sinokubonisa njani ukuba ‘sihamba noThixo’?
• UYehova wabonisa njani ukuba uyamthanda uBharuki?
• NjengeNtloko yebandla lamaKristu, uYesu uzibonisa njani iimpawu zikaYise?
• Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba sithembele kuThixo ngamaxesha anzima?
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Kanye njengoYeremiya kuBharuki, abadala abangamaKristu namhlanje babonisa inkxalabo efana nekaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UYehova unokusinceda njani ngexesha elifanelekileyo?