Isaya
Mazisondele zize zithethe.+
Masidibaneni sonke ukuze sive isigwebo.
2 Ngubani onyule umntu empumalanga,*+
Ngobulungisa wammisa ngeenyawo,
Ukuze azinikele kuye iintlanga
Yaye ambangele oyise ookumkani?+
Ngubani obabhuqa babe luthuli ngekrele lakhe,
Baphephetheke phambi kwesaphetha sakhe oku komququ uphetshethwa ngumoya?
3 Ubaleqa lula nje, kungekho ziphazamiso
Kwiindlela iinyawo zakhe ezingazange zanyathela kuzo.
4 Ngubani owenze ezi zinto,
Ebiza isizukulwana emva kwesinye ukususela ekuqaleni?
5 Iziqithi ziye zakubona oku zaza zoyika.
Ezona ndawo zikude emhlabeni zangcangcazela.
Ziyaqokelelana ibe ziyeza.
6 Ngamnye womeleza umhlobo wakhe,
Uthi kumntakwabo: “Qina.”
7 Ngoko umkhandi olichule womeleza umnyibilikisi;+
Lowo ugudisa ngehamile yokunkqonkqa,
Womeleza obethelela kwisikhandelo.
Uthi ngelothe: “Ilungile.”
Emva koko sibethelelwa ngezikhonkwane ukuze singawi.
8 “Kodwa wena Sirayeli, ungumkhonzi wam,+
Wena Yakobi endimnyulileyo,+
Nzala* ka-Abraham umhlobo wam,+
9 Wena ndakulanda eziphelweni zomhlaba,+
Ndakubiza ukwezona ndawo zithe qelele.
Sukuba nexhala kuba ndinguThixo wakho.+
Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda,+
Ngaphandle kwamathandabuzo, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.’
11 Jonga! Bonke abantu abakuleqa benomsindo baza kuhlaziswa baze babe neentloni.+
Abo balwa nawe baza kuba njengento engento baze batshabalale.+
12 Uza kuzikhangela iintshaba zakho, kodwa awuzukuzifumana;
Kuza kuba ngathi awekho amadoda alwa nawe, aza kuphela tu.+
13 Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene,
Ndithi kuwe, ‘Sukoyika. Mna lo ndiza kukunceda.’+
14 Sukoyika, wena mbungu* onguYakobi,+
Nani madoda akwaSirayeli, ndiza kuninceda,” utsho uYehova uMhlawuleli wakho,+ Lowo Ungcwele kaSirayeli.
Uza kubhula iintaba uze uzityumze
Neenduli uza kuzenza zibe ngathi ngumququ.
17 “Abasweleyo namahlwempu bafuna amanzi, kodwa awekho.
Ulwimi lwabo lome nko lunxano.+
Mna, Yehova, ndiza kubaphendula.+
Mna, Thixo kaSirayeli, andizukubashiya.+
Ndiza kuyenza intlango ibe lichibi lamanzi elineengcongolo
Nelizwe elingenamanzi libe yimithombo yamanzi.+
Ndiza kutyala umthi wejunipha entlango,
Kunye nomthi womqwehle nomsipres,+
20 Ukuze bonke abantu babone, futhi bazi,
Bamamele baze baqonde,
Ukuba le nto yenziwe sisandla sikaYehova,
Yenziwe nguLowo Ungcwele kaSirayeli.”+
21 “Zithetheleleni,” utsho uYehova.
“Lithini elenu icala?” utsho uKumkani kaYakobi.
22 “Yizani nobenu ubungqina nize nisixelele izinto eziza kwenzeka.
Okanye chazani izinto ezisezayo.+
Yenzani into elungileyo, noba yembi ke,
Ukuze siyibone size simangaliswe.+
Nabani na okhetha nina uyenyanyeka.+
26 Ngubani owazichaza kwasekuqaleni ezi zinto, yitshoni ukuze sazi,
Okanye owazithetha kwakudala, ukuze sithi, ‘Unyanisile’?+
Akukho mntu uye wenza saziso!
Azizange zithethwe mntu!
Akukho mntu weva nto ivela kuni!”+
27 Ndim owatsho kuqala kwiZiyon ukuba: “Jongani! Naba!”+
EYerusalem ndiza kuthumela umntu othwele iindaba ezilungileyo.+
28 Kodwa ndaqhubeka ndikhangela, andabona mntu;
Kwakungekho nasinye sicebisayo kuzo.
Ndaqhubeka ndicela ukuba ziphendule.
29 Jongani! Zonke ziyimfitshimfitshi.*
Umsebenzi wazo awuncedi nganto.
Imifanekiso yeentlanga yesinyithi* ingumoya nento engekhoyo.+