Imibuzo Yabafundi
Ngaba AmaNgqina KaYehova Akholelwa Ukuba Ngawo Kuphela Aya Kusindiswa?
AmaNgqina kaYehova acinga ukuba akunqulo lokwenyaniso. Ukuba bekungenjalo, ebeya kuzitshintsha iinkolelo zawo. Ngokufanayo nabantu bezinye iinkonzo, amaNgqina kaYehova anethemba lokusinda. Sekunjalo, akholelwa ukuba asingomsebenzi wawo ukugweba abanye. NguThixo uMgwebi. Isigqibo sesakhe.—Isaya 33:22.
ILizwi likaThixo lithi abo bafuna ukusindiswa abamele nje bafune ukusinda kodwa bamele basebenzisane noMsindisi. Ngokomzekelo: Masithi umntu unyuk’ intaba aze alahleke. Ufuna ukufumana indlela. Ngaba uza kuqhubeka elahleka okanye uza kude ayifumane indlela? Kuya kuxhomekeka kwindlela asabela ngayo xa encedwa. Ngenxa yekratshi, usenokungalwamkel’ uncedo, okanye usenokulwamkela aze afike apho aya khona.
Ngokufanayo, abantu abaya kusinda ngabo basebenzisana noMhlanguli woluntu, uYehova uThixo. Ukusinda sisipho esivela kuThixo, sekunjalo asingabo bonke abaya kusifumana eso sipho. UNyana kaThixo uYesu wathi: “Asingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kungena ebukumkanini bamazulu, kodwa ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini oya kungena.”—Mateyu 7:21.
AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba uThixo usindisa abo banokholo kwidini lentlawulelo likaYesu baze balandele iimfundiso zakhe. (IZenzo 4:10-12) Khawuqwalasele ezi zinto zintathu zibalulekileyo nekufuneka umntu azenze ezichazwe eLizwini likaThixo.
(1) UYesu waxelela abahlobo bakhe oku: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Umzekelo kaYesu wokunikela ngobomi bakhe ngenxa yabanye ubethelela ukubaluleka kothando. Abo bathanda abanye babonisa uphawu olubalulekileyo ukuze umntu asinde.
(2) Ethandaza kuYise uYesu wathi: “Ndilazisile igama lakho kubo.” (Yohane 17:26) UYesu wayeyazi indlela elibaluleke ngayo igama likaYise elinguYehova. Wathandazela ukuba ‘lingcwaliswe.’ (Mateyu 6:9) Ukungcwalisa igama likaThixo kuquka ukulazi nokulijonga njengelibalulekileyo nelingcwele. NjengoYesu, abo bafuna ukusindiswa bamele basebenzise igama likaThixo. Kwakhona kufuneka bafundise abanye ngeli gama nangeempawu zikaThixo. (Mateyu 28:19, 20) Phofu ke, ngabo babiza egameni likaThixo kuphela abaya kusindiswa.—Roma 10:13.
(3) UYesu wathi kuPontiyo Pilato: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi.” (Yohane 18:36) Namhlanje bambalwa abantu abanokholo kuBukumkani bukaThixo okanye kurhulumente wakhe, anguKumkani wabo uYesu. Abaninzi bakholosa ngeentlangano zabantu. Ngokwahlukileyo kubo, abantu abaya kusindiswa ngababuxhasa ngokunyanisekileyo uBukumkani bukaThixo baze bafundise abanye ngendlela obuza kubakhulula ngayo abantu abathembekileyo.—Mateyu 4:17.
Emva kokuba befunde ezinye zezinto ezifunekayo ukuze umntu asinde, abafundi bakaYesu bathi: “Ngubani na ke onako ukusindiswa?” UYesu waphendula wathi: “Izinto ezingenakwenzeka kubantu zinokwenzeka kuThixo.” (Luka 18:18-30) Ngenzondelelo amaNgqina kaYehova azabalazela ukuhlangabezana nezi zinto zifunekayo. Kwakhona ayazibhokoxa ukuze ancede abanye basindiswe.