UYesu Uyasindisa—Njani?
Impendulo esuka eBhayibhileni
UYesu wasindisa abantu abanyanisekileyo xa wanikela ngobomi bakhe ukuze bube yintlawulelo. (Mateyu 20:28) Yiyo loo nto iBhayibhile isithi uYesu ‘nguMsindisi wehlabathi.’ (1 Yohane 4:14) Iphinde ithi: “Akukho lusindiso kuye nabani na ongomnye, kuba alikho elinye igama phantsi kwezulu elinikelweyo phakathi kwabantu esimele ukusindiswa ngalo.”—IZenzo 4:12.
UYesu ‘wangcamla ukufa ngenxa yabantu bonke’ ababonisa ukholo kuye. (Hebhere 2:9; Yohane 3:16) Emva koko, “uThixo wamvusa kwabafileyo,” waza uYesu wabuyela emazulwini esisidalwa esingumoya. (IZenzo 3:15) Ngenxa yoko, uYesu “uyakwazi kwanokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo ngaye, ngenxa yokuba usoloko ephila ukuze ababongozele.”—Hebhere 7:25.
Kutheni sidinga uYesu ukuba asithethelele?
Kuba sonke siyona. (Roma 3:23) Isono siyasibhekelisa kuThixo, ibe sisenza sife. (Roma 6:23) Yena uYesu uthethelela abo babonisa ukholo kwintlawulelo. Uthethelela abantu ngokuthi acenge uThixo ukuba amamele imithandazo yabo aze abaxolele izono zabo ngenxa yokuba eye wabafela. (Mateyu 1:21; Roma 8:34) UYehova uye enze kanye le nto icelwa nguYesu kuba ihambisana nokuthanda kwakhe. UThixo wathumela uYesu emhlabeni “ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.”—Yohane 3:17.
Ngaba siza kusindiswa ngokukholelwa kuYesu qha?
Hayi. Nangona kufuneka sikholelwe kuYesu ukuze sisindiswe, zikhona nezinye izinto ezifunekayo. (IZenzo 16:30, 31) IBhayibhile ithi: “Njengoko umzimba ngaphandle komoya ufile, ngokunjalo nokholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.” (Yakobi 2:26) Nazi izinto ezifunekayo ukuze sisindiswe:
Funda ngoYesu kunye noTata wakhe, uYehova.—Yohane 17:3.
Khulisa ukholo lwakho kubo.—Yohane 12:44; 14:1.
Bonisa ukholo lwakho ngokuthi uthobele imiyalelo yabo. (Luka 6:46; 1 Yohane 2:17) UYesu wafundisa ukuba ayinguye wonke umntu othi “Nkosi” kuye oya kusindiswa kodwa “ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo [wakhe] osemazulwini.”—Mateyu 7:21.
Qhubeka ubonisa ukholo lwakho nokuba kunzima. UYesu wathetha kwacaca xa wathi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.”—Mateyu 24:13.