Oko Sikufunda KuYesu
Imithandazo Ayiphulaphulayo UThixo
UYesu wayekhangela indawo yangasese xa ethandaza, yaye wayekhuthaza abafundi bakhe ukuba benze okufanayo. IBhayibhile ithi: “Ke kaloku wayesendaweni ethile ethandaza, yaye wathi akugqiba, omnye wabafundi bakhe wathi kuye: ‘Nkosi, sifundise ukuthandaza’ . . . Ngoko wathi kubo: ‘Xa sukuba nithandaza, yithini, “Bawo, malingcwaliswe igama lakho.”’” (Luka 5:16; 11:1, 2) Ngoko ke uYesu wabonisa ukuba sifanele sithandaze kuYise,uYehova. Nguye kuphela onguMdali wethu “nomphulaphuli wemithandazo.”—INdumiso 65:2.
Ngaba yonke imithandazo iyamkholisa uThixo?
Ukucengceleza imithandazo akumkholisi uThixo. UYesu wathi: “Kodwa xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye.” (Mateyu 6:7) Simele sithethe noBawo wethu wasezulwini ngokusuka entliziyweni. Ngenye imini uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba umthandazo womoni onyanisekileyo, ofuna ukuguquka wamkelekile kuThixo ngaphezu komthandazo wendoda enekratshi ezenza zonke iimfanelo zamasiko onqulo. (Luka 18:10-14) Ngoko ke ukuze imithandazo yethu iviwe, simele sizame ukwenza konke oko uThixo asiyalele ukuba sikwenze. UYesu wade wathi: “Kodwa ndizithetha ezi zinto kanye njengoko uBawo wandifundisayo. . . Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.” (Yohane 8:28, 29) UYesu wathandaza esithi: “Noko ke, makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.”—Luka 22:42.
Simele sithandazele ntoni?
Ngenxa yokuba igama likaThixo liye lanyeliswa, UYesu wathi: “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: “‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini. ’” (Mateyu 6:9, 10) Sifanele sithandazele uBukumkani bukaThixo kuba ngurhulemente oyakufeza injongo kaThixo ezulwini nasemhlabeni. UYesu wathi sinokuthandazela “isonka sale mini.” Kwakhona sinokuthandazela umsebenzi, ikhusi, iimpahla, impilo nayo nayiphi na into esixhalabisayo. Ukongezelela, uYesu wathi simele sithandazele ukuxolelwa.—Luka 11:3, 4.
Ngaba sifanele sibathandazele abanye abantu?
UYesu wayebathandazela abanye. IBhayibhile ithi: “Kwaziswa abantwana abaselula kuye, ukuze ababeke izandla aze athandaze.” (Mateyu 19:13) Wathi kumpostile uPetros: “Ndiye ndenza isikhungo ngenxa yakho ukuze ungatyhafi elukholweni.” (Luka 22:32) UYesu wabakhuthaza abalandeli bakhe ukuba babathandezele abanye abantu, kuquka nabo babatshutshisayo bebanyelisa.—Mateyu 5:44; Luke 6:28.
Kutheni sifanele sizingise emthandazweni?
UYesu wayezipha ithuba lokuthandaza yaye wakhuthaza abafundi bakhe ukuba “basoloko bethandaza bangayeki.” (Luka 18:1) UYehova uyasimema ukuba sisoloko sithetha naye ngezinto ezisixhalabisayo. UYesu wathi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa.” Kodwa oku akuthethi ukuba uYehova akafuni ukubaphendula abo bamthandayo yaye bemhlonela njengoBawo wabo. Kunoko, uYesu wathi: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!”—Luka 11:5-13.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko se-17 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?a
[Umbhalo osemazantsi]
a Epapashwe ngamaNgqina kaYehova