Ngaba Unokulufumana Uxolo Kweli Hlabathi Lineengxaki?
NGABA USELUXOLWENI? Kubantu abaninzi akunjalo. Baphila kwiindawo ekugquba iimfazwe, izidubedube zezopolitiko, iimfazwe zamakhaya okanye ubugrogrisi. Nokuba wena akuchatshazelwa zezi zinto, usenokuphazanyiswa lulwaphulo-mthetho, ukucatshukiswa okanye ukuxabana nabantu osebenza nabo okanye abamelwane. Iintsapho ezininzi aziyazi into ekuthiwa luxolo ngaphandle kwengxabano.
Abantu abaninzi bayalulangazelela uxolo. Bade baye ezicaweni nakwezinye iindawo kuba befuna nje uxolo. Kanti abanye bacinga ukuba banokulufumana ngokubuka nje indalo—ukuya ezintabeni, emathafeni nakwezinye iindawo ezihlaziyayo. Nokuba abantu abenza ezo zinto bayalufumana uxolo kodwa kungekudala baye bafumanise ukuba uxolo olunjalo aluhlali luhleli kodwa yinto nje yexeshana.
Ngoko, umntu unokulufumana njani uxolo lokwenene? Uxolo luvela kuMdali wethu Yehova uThixo. Kutheni sisitsho nje? Kaloku ‘unguThixo onika uxolo.’ (Roma 15:33) Ngaphantsi kolawulo loBukumkani bakhe obusemnyango, kuza kubakho ‘uxolo oluninzi.’ (INdumiso 72:7; Mateyu 6:9, 10) Olu luxolo olungafaniyo nolo ludla ngokwenziwa ngabantu. Kaloku uxolo olwenziwa ngabantu ludla ngokuba sisiqabu nje somzuzwana emva kwemfazwe. Kodwa lona uxolo lukaThixo luza kuphelisa zonke iimfazwe kunye nosukuzwano. Akuyi kuphela nje iimfazwe, kodwa ngelo xesha akuyi kubakho nomntu lo oya kuphinda afunde ukulwa kwakhona. (INdumiso 46:8, 9) Ekugqibeleni siya kuba seluxolweni olungapheliyo!
Nangona likhuthaza eli themba, kodwa ke kusenokwenzeka ukuba ufuna umlinganiselo othile woxolo ngoku. Ingaba ikho indlela yokufumana uxolo lwangaphakathi olunokukunceda kule mihla yethu enezidubedube? Okuvuyisayo kukuba iBhayibhile ingasinceda silufumane olo xolo. Khawuqwalasele le migaqo ikwisahluko sesine sencwadi yabaseFilipi eyabhalwa ngumpostile uPawulos. Sicela uvule iBhayibhile yakho uze ufunde indinyana 4 ukuya kweye-13.
“Uxolo LukaThixo”
Indinyana yesi-7 ithi: “Uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” Olu xolo alubangelwa kukucamngca okanye ukuphucula ubuntu bethu. Kodwa luvela kuThixo. Lunamandla ‘angaphaya kokuqonda,’ nangaphezu kwazo zonke izinto ezisixhalabisayo, ulwazi lwethu olulinganiselweyo kunye nendlela yethu yokuqiqa ephosakeleyo. Sisenokungakwazi ukuzicombulula iingxaki zethu, kodwa uxolo lukaThixo lunokusenza sibe nethemba lokuba zonke iingxaki zethu ziya kuphela.
Ngaba ucinga ukuba yintsomi emini leyo? Abantu basenokucinga njalo; kodwa ke “zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.” (Marko 10:27) Ukuba nokholo nokumthemba uThixo kunokusinceda singaxhalabi ngokugqithisileyo. Khawucinge nje ngomntwana olahleke kubhazabhaza wevenkile. Uqinisekile ukuba, xa enokufumana nje uMama wakhe zonke izinto ziza kulunga. Nathi sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusifunqula ngeengalo zakhe ngokungathi kunjalo, kanye njengokuba bekuya kwenziwa kumntwana obelahlekile. Uya kusithuthuzela aze azisuse zonke izinto ezisixhalabisayo.
Abanquli bakaYehova abaninzi baye bafumana uxolo lukaThixo xa bebehlaselwa zizilingo eziqatha. Khawucinge nje ngoNadine owehlelwa yintlungu yokuphunyelwa sisisu. Uthi: “Kwakunzima ukuphalaza imbilini yam kwabanye abantu yaye ndandizenza ngathi andikhathazekanga. Kodwa ke, yona intliziyo yam yayilihlwili. Ndandithandaza kuYehova yonke imihla ndimbongoza ukuba andincede. Ndaye ndaweva amandla omthandazo kuba xa ndidandatheke kakhulu ndicinga ukuba, ‘Andinakukwazi ukuqhubeka,’ ndandisuka ndizive ndiseluxolweni. Ndandiziva ndikhuselekile yaye ndinqabisekile.”
Ukukhuselwa Kwentliziyo Nengqondo Yakho
Makhe sibuyele kumaFilipi 4:7. Kaloku le ndinyana ithi uxolo lukaThixo luya kuzilinda iintliziyo kunye namandla ethu engqondo. Kanye njengokuba umlindi esima kwindawo yakhe, nalo uxolo lukaThixo luyayilinda intliziyo yethu ukuze singaphazanyiswa sisimo sengqondo sehlabathi sokuthanda izinto eziphathekayo, ukuxhalela izinto ezingeyomfuneko kunye nemilinganiselo engeyoyabuthixo. Khawucinge ngalo mzekelo.
Abantu abaninzi kweli hlabathi lineengxaki bacinga ukuba ukuze wonwabe yaye unqabiseke kufuneka ube nemali eninzi okanye izinto eziphathekayo. Iingcali zisenokubacebisa ukuba batyale imali yabo ukuze yenze inzala. Ngaba loo nto ibenza bazive beseluxolweni? Akunjalo. Basenokuxhalatyiswa kukwehla nokunyuka kwamaxabiso ezinto abatyale imali yabo kuzo mihla le, bengazi enoba bayitsale imali yabo okanye bakhe bayiyeke kancinane ngethemba lokuba iza kuqhubeka isenza inzala. Xa amaxabiso ezinto abatyale imali yabo kuzo esehla bayakhathazeka. IBhayibhile ayikugxeki ukutyala imali kodwa ke ineli cebiso lobulumko: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso. Kwanako oku kungamampunge. Bumnandi ubuthongo bokhonzayo, enoba udla kancinane okanye kakhulu; kodwa indyebo yesityebi ayisivumeli ukuba silale.”—INtshumayeli 5:10, 12.
Eya kwabaseFilipi 4:7 iqukumbela ngelithi uxolo lukaThixo luya kuzilinda iintliziyo namandla ethu engqondo “ngoKristu Yesu.” UYesu Kristu udibana njani noxolo lukaThixo? Kaloku unendima ebalulekileyo ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo. Wanikela ngobomi bakhe ukuze sihlangulwe esonweni nasekufeni. (Yohane 3:16) Uphinda abe nguKumkani woBukumkani bukaThixo. Ukwazi indima yakhe kunokusinceda sibe noxolo lwengqondo nentliziyo. Inokwenzeka njani loo nto?
Ukuba siguquka ngokunyanisekileyo kwizono zethu size sicele ukuxolelwa ngedini lentlawulelo likaYesu, uThixo uya kusixolela, nto leyo esenza sibe noxolo lwengqondo nentliziyo. (IZenzo 3:19) Ukuyiqonda into yokuba asinakuze sibunandiphe ngokupheleleyo ubomi de kufike uBukumkani bukaKristu, kusinceda sikuphephe ukuphila ubomi bukavula zibhuqe ngokungathi obu bomi kuphela kwabo. (1 Timoti 6:19) Yinyaniso ukuba asikhuselwa kuzo zonke iingxaki, kodwa sinokuthuthuzelwa kukwazi ukuba kuseza amaxesha okuchwayita.
Indlela Yokufumana Uxolo LukaThixo
Ungalufumana njani ke uxolo lukaThixo? EyabaseFilipi 4:4, 5 isithela thsuphe: “Hlalani ninemihlali eNkosini. Ndiyaphinda ndithi, Yibani nemihlali! Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke. INkosi ikufuphi.” UPawulos wawabhala la mazwi evalelwe ngokungekho mthethweni kwintolongo yaseRoma. (Filipi 1:13) Kunokuba abe ekhalazela ukuxhatshazwa kwakhe, uPawulos wakhuthaza amanye amakholwa ukuba ahlale evuya eNkosini. Kucace mhlophe ukuba uvuyo lwakhe lwalungaxhomekekanga kwiimeko zakhe, kodwa kulwalamano lwakhe noThixo. Nathi kufuneka sifunde ukuvuya enkonzweni kaThixo enoba zinjani na iimeko zethu. Okukhona simazi uYehova yaye sikwenza ngakumbi ukuthanda kwakhe siya kukuvuyela ngakumbi ukumkhonza. Loo nto ke iya kusenza saneliseke size sibe noxolo.
Ukongezelela, sikhuthazwa ukuba sibe nengqiqo. Ukuba sihlakulela ukuba nengqiqo asinakuze silindele ukuba senze okungaphaya kwamandla ethu. Siyazi ukuba asifezekanga; yaye asinakuze sibe ziincutshe kuyo yonke into. Sizikhathazela ntoni ke, side singalali, kuba sifuna ukugqwesa wonke umntu? Enye into asiyi kulindela ukuba abanye bafezeke. Ngoko ke, sinokuhlala sizolile xa abanye besikhubekisa. Igama lesiGrike elithi “ingqiqo” likwaguqulelwa ngokuthi “ukuyekelela.” Ukuba siyayekelela, singanyanzelisi izinto ezithandwa sithi, siya kuziphepha iingxabano ezingenamsebenzi ezinokuphazamisa uxolo lwabanye nolwethu.
Amazwi alandelayo akweyabaseFilipi 4:5 athi, “iNkosi ikufuphi” asenokubonakala ephum’ ecaleni. Kungekudala uThixo uza kuyishenxisa le nkqubo indala yezinto aze amisele entsha elawulwa buBukumkani bakhe. Kodwa ke kwanangoku unokusondela kubo bonke abasondela kuye. (IZenzo 17:27; Yakobi 4:8) Ukwazi ukuba sisondele kuye kusenza sonwabe, sibe nengqiqo yaye singazixhalabisi ngokugqithiseleyo ngeengxaki zanamhlanje okanye ngekamva njengoko isitsho indinyana yesi-6.
Ukufunda indinyana yesi-6 kunye neyesi-7 kusenza siqonde ukuba ukuze sifumane uxolo lukaThixo kufuneka sithandaze. Abanye bacinga ukuba umthandazo luhlobo nje oluthile lokucamgca, becinga ukuba nakuphi na ukuthandaza kunokubenza babe seluxolweni. Kodwa yona iBhayibhile ithetha ngokuba nonxibelelwano olunzulu noYehova, olufana nolomntwana nomzali wakhe amthandayo. Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba sinokuthetha noThixo ‘ngento yonke.’ Sinokuzityand’igila kuBawo wethu osemazulwini ngayo nantoni na esezingqondweni okanye ezintliziyweni zethu.
Indinyana yesi-8 isikhuthaza ukuba sicinge ngezinto ezakhayo. Kodwa ke ukucinga nje ngazo kuphela akwanelanga. Njengokuba indinyana ye-9 isitsho, simele sizenze izinto ezicetyiswa yiBhayibhile. Ukwenza kanjalo kuya kusenza sibe nesazela esicocekileyo. Uchan’ ucwethe umzekeliso othi: Isazela esicocekileyo singumqamelo omfuma-mfuma!
Unokulufumana uxolo. Luvela kuYehova uThixo olunika abo basondela kuye nabafuna ukulandela ulwalathiso lwakhe. Ukuba ufunda iLizwi lakhe iBhayibhile uya kuyazi indlela azibona ngayo izinto. Ukusebenzisa imigaqo yakhe akuhlali kulula. Kodwa kufanelekile ukuba siwe sivuka sizama, kuba ‘uThixo woxolo uya kuba nathi.’—Filipi 4:9.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 10]
“Uxolo lukaThixo . . . luya kuzilinda iintliziyo zenu.”—FILIPI 4:7
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]
Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba sinokuthetha noThixo ‘ngento yonke’