“Uxolo Malube Nani”
“Wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani.”—YOHANE 20:19.
1. Kutheni le nto imigudu yabantu yokuzisa uxolo lwehlabathi ingasayi kuze iphumelele?
“IHLABATHI liphela lilele kongendawo.” (1 Yohane 5:19) Oku kwakuyinyaniso ngomhla kaYohane, yaye kuya kucaca ngakumbi namhlanje, njengoko sibona ukwanda okukhwankqisayo kobundlobongela bobuqu, ubugrogrisi, iimfazwe, nokonakala. Amazwi aphefumlelweyo kaYohane akwalilahlela kude naliphi na ithemba lokufunyanwa koxolo lwehlabathi ngemigudu yabantu, phezu kwayo nje imigudu eyenziwa ngupopu, ziinkokeli zezizwe, kwanaleyo yeZizwe Ezimanyaneyo. Ngoba? “Alukho uxolo kwabangendawo, utsho uThixo wam.”—Isaya 57:21.
2. Linayiphi intsingiselo igama “uxolo,” ingakumbi kwisiHebhere nakwisiGrike?
2 Phofu ke, igama elithi “uxolo” linokuthetha enye into ngaphandle nje kokungabikho kwemfazwe. Uxolo lusenokuba “yimeko engokwasengqondweni okanye engokomoya ephawulwa kukungabikho kweengcamango okanye kweemvakalelo eziphazamisayo okanye ezicinezelayo: ukuzola kwengqondo nokwentliziyo.” Kanti, igama lesiHebhere elithetha “uxolo” (sha·lohmʹ) negama lesiGrike (ei·reʹne) anentsingiselo ede yabanzi ngakumbi. Akwathetha impilontle, njengala mazwi okwahlukana, “Hamba unoxolo.” (1 Samuweli 1:17; 29:7; Luka 7:50; 8:48) Oko kusinceda siyiqonde inkxalabo enothando kaYesu ngabafundi bakhe ngethuba elibuhlungu kakhulu lokufa kwakhe.
3. UYesu wayibonakalisa njani inkxalabo enzulu ngabafundi bakhe emva kokuvuka kwakhe, yaye oko kwaba nawuphi umphumo?
3 UYesu wafa ngoLwesihlanu, ngoNisan 14, ngomnyaka wama-33 C.E. NgeCawa, ngoNisan 16, wavuswa. Enenkxalabo enzulu ngempilontle yabafundi bakhe, njengoko wayesoloko enjalo kakade, waphuma waya kubakhangela. Wabafumana phi? Babezitshixele ngaphaya kweengcango ezivaliweyo “ngenxa yokoyika amaYuda.” Kuyaqondakala ukuba, babexhalabile, besoyika. Kodwa uYesu wathi kubo: “Uxolo malube nani.” (Yohane 20:19-21, 26) Kamva, bomeleziwe ngumoya oyingcwele, baqhuba kakuhle. Basiphumeza ngenkalipho isabelo sabo sokushumayela, benceda abaninzi ukuba bazuze uxolo lobuthixo.
Uxolo Lobuthixo Namhlanje
4. Kula maxesha anomngcipheko abantu bakaYehova banokululondoloza njani uxolo lwengqondo nolwentliziyo?
4 Siphila kwixesha lokuphela, ‘kumaxesha anomngcipheko.’ (2 Timoti 3:1) Abakhweli bamahashe abaxelwa ngenxa engaphambili kwiSityhilelo bayaphalisa ukutyhubela umhlaba—njengoko unokubona iimfazwe, ukunqongophala kokutya nokufa okubangelwa kukugula. (ISityhilelo 6:3-8) Nabantu bakaYehova bayachatshazelwa zezi meko zibangqongileyo. Ngoko unokululondoloza njani uxolo lobuthixo olusengqondweni nasentliziyweni? Ngokuzigcina usondele kuMthombo omkhulu wentuthuzelo noxolo. Njengoko inqaku elidluleyo libonisile, oku kufuna umthandazo nokukhunga okuzingisileyo. Ngaloo ndlela “uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.
5. Kutheni uPawulos wayeqinisekile ukuba “uxolo lukaThixo” lwalunokuzilondoloza iintliziyo zethu?
5 Umpostile uPawulos, owabhala loo mazwi, yena ngokwakhe wayenyamezele iingozi neenzima. Wayekhe wavalelwa entolongweni waza wabethwa ngamaYuda nangamaRoma. Waxulutywa ngamatye waza washiywa ukuba afele apho. Ukuhambahamba ngaloo mihla kwakukukububeka esichengeni ubomi bakho; uPawulos waphukelwa ngumkhombe izihlandlo ezithathu, yaye ngokufuthi wayesengozini yokuhlaselwa ngabaphangi. Wachitha iingokuhlwa ezininzi engalali yaye ngokufuthi wayesiva ubunzima bengqele, indlala, nonxano. Ngaphezu kwako konke oko, yonke imihla wayenemvakalelo ‘yokuwaxhalela onke amabandla.’ (2 Korinte 11:24-28) Ngoko uPawulos wayesazi ngokuphuma kumava akhe obuqu angezinto ezininzi indlela olwalubaluleke ngayo “uxolo lukaThixo” olunokulondoloza iintliziyo zethu.
6. Kutheni kubalulekile ukuvelisa nokulondoloza ubuhlobo obufudumeleyo nobusenyongweni noMdali wethu?
6 “Uxolo lukaThixo” lunokuchazwa njengemvakalelo yokuzola neyokungaphazanyiswa nto, okubonakalisa ulwalamano olulungileyo noThixo. Oku kubaluleke gqitha kumaKristu, ingakumbi xa ejamelene nentshutshiso okanye nembandezelo. Ngoba? Kaloku, sonke asifezekanga; ngenxa yoko, xa sihlaselwa ziingxaki, luxinezeleko, yinkcaso, okanye ziintlobo ezahlukeneyo zemiqobo, sinokusuka nje sizive sisoyika. Oko kusenokukhokelela ekubeni sisilele ukugcina ingqibelelo yethu. Oko bekunokuzisa ugculelo kwigama likaThixo, bekunokusenza silahlekelwe yinkoliseko kaYehova, yaye bekunokuthi kukhokelele ekulahlekelweni kwethu bubomi obungunaphakade. Ngoko hayi indlela ekubaluleke ngayo ukulwela ukuzuza “uxolo lukaThixo” oluya kusinceda ukuba sijamelane ngempumelelo nocelomngeni olunjalo. Ngokuqinisekileyo uxolo olunjalo lusesinye ‘sezipho ezilungileyo nezigqibeleleyo’ azenze zafumaneka uBawo wethu osemazulwini.—Yakobi 1:17.
7, 8. (a) Lusekelwe entwenini “uxolo lukaThixo,” yaye ‘lugqithisele njani kuko konke ukuqonda’? (b) Wabonakala njani umzekelo wolo xolo kwimeko yomnye umzalwana oNtsundu?
7 Usenokuba ubonile ukuba abantu abathile babuphila ubomi ngendlela ezolileyo nenentembelo. Ngokufuthi oku kungenxa yamandla emvelo, impembelelo engokwentsapho, ubutyebi, imfundo, okanye nabanye oothunywashe abanjalo. “Uxolo lukaThixo” lwahluke kwaphela lona. Alusekelwe kwiimeko ezintle, kanye njengokuba lungengomphumo wamandla omntu okanye ukuqiqa komntu. Luvela kuThixo yaye ‘lugqithisele kuko konke ukuqonda.’ Inguqulelo kaJ. B. Phillips iwabeka amaFilipi 4:7 ngokuthi “uxolo lukaThixo . . . lugqithisele kuko konke ukuqonda kwabantu.” Ngokufuthi abantu behlabathi bayamangaliswa yindlela amaKristu ajamelana ngayo neengxaki ezinzulu, ukwenzakala okungokwasemzimbeni, kwanokufa ngokwako.
8 Umzekelo wale mihla woku ngomnye wamaNgqina kaYehova owayeqhuba intlanganiso yamaKristu kwelinye ilizwe laseAfrika apho amaNgqina, ikakhulu ngenxa yempembelelo yamaKatolika asekuhlaleni, ayetyholwa ngokuba angabagrogrisi. Ngequbuliso, kwathi gqi amapolisa asemkhosini exhobe ngemipu eyayihlonywe isabile. Abagxotha abafazi nabantwana ngelithi mabagoduke kodwa aqalisa ukuwabetha amadoda. Eli Ngqina likhumbula oku: “Andinawo amazwi okuyichaza indlela esaphathwa ngayo. Ipolisa elaliphethe lavakalisa ngokuphandle ukuba sasiya kubethwa de sife. Ndabethwa ngegqudu kangangokuba kamva ndahlanza igazi kangangemihla engama-90. Kodwa eyona nto ndandiyixhalabele yayibubomi bamaqabane am. Emthandazweni ndamcela uYehova ukuba abunyamekele ubomi bawo, izimvu zakhe,” abathi bonke basinda. Onjani umzekelo wokuhlala uzolile xa ujamelene nenkxwaleko embi nokucinga ngabanye uqhutywa luthando! Ewe, uBawo wethu wasezulwini onothando uyaziphendula izicelo zabakhonzi bakhe abathembekileyo, ebanika uxolo lwakhe. Elinye lamajoni awayemangalisiwe koko kwakusenzeka lagqabaza ngelithi uThixo wamaNgqina “umele ukuba ungowokwenyaniso.”
9. Kunokuba nawuphi umphumo ukufunda iBhayibhile nokucamngca ngayo?
9 Kula maxesha obunzima, amaKristu amaninzi aneengxaki eziwenza azive ephazamisekile ngokwasengqondweni yaye edimazekile. Indlela entle yokulondoloza uxolo lwengqondo kukufunda iBhayibhile nokucamngca ngayo. Inokumnika ubani amandla nozimiselo lokutyhalela phambili aze ahlale omelele. ‘Ilizwi likaThixo liphilile yaye linamandla.’—Hebhere 4:12.
10. Kunokuba yintsikelelo njani ukukwazi ukukhumbula izibhalo?
10 Kanti, kuthekani ukuba inkxwaleko isifumana ingekho iBhayibhile? Ngokomzekelo, umKristu usenokubanjwa ngequbuliso aze aphoswe entolongweni kungekho Bhayibhile. Kwimeko enjalo, kunokuba yintsikelelo yokwenene ukukwazi ukukhumbula izibhalo ezinjengamaFilipi 4:6, 7; IMizekeliso 3:5, 6; 1 Petros 5:6, 7; neNdumiso 23. Ubungenakukuxabisa ngokunzulu na ukukwazi ukukhumbula nokucamngca ngezicatshulwa ezinjalo? Kwimeko yasentolongweni enuk’ ukufa, bekunokuba ngathi uYehova ngokwakhe uthetha nawe. ILizwi likaThixo linokuziphilisa iingqondo ezenzakeleyo, lizomeleze iintliziyo ezibuthathaka, lize libuyisele eluxolweni imeko yokungcungcutheka ngokwasengqondweni. (Bona INdumiso 119:165.) Ewe, kubaluleke kakhulu ukuzibethelela ezingqondweni zethu izibhalo ngoku ngoxa sisenalo ithuba lokwenjenjalo.
11. KwelaseNetherlands umzalwana othile wayibonakalisa njani imfuneko yokutya kokomoya?
11 UArthur Winkler wayengomnye owayixabisa ngokunzulu iBhayibhile, ingakumbi ngethuba lokulawulwa kwelaseNetherlands ngamaNazi, xa amaNgqina kwafuneka aqhubeke nomsebenzi wawo wobuKristu ngokufihlakeleyo. AmaGestapo ayemzingela uMzalwana uWinkler. Xa ekugqibeleni ambambayo, azama ukumenza ukuba alalanise kodwa asilela. Emva koko ambetha de wafa isiqaqa. Amaphula amazinyo, aza awugungxula umhlathi wakhe wangezantsi, yaye ambetha kwatyumfutyumfu emzimbeni, enjalo waphoswa kwisisele esimnyama. Kodwa igosa elalimlindile lalinovelwano yaye linobuhlobo. UMzalwana uWinkler wacela ukhokelo lukaYehova ngomthandazo. Wakwaziva ekulangazelela ngokunzulu ukutya kokomoya waza wacela lo mlindi ukuba amncede. Kamva, lwavuleka ucango lwesisele, kwaza kwaphoswa iBhayibhile ngaphakathi. UMzalwana uWinkler ukhumbula oku: “Olunjani uvuyo ekwakululo, ukuwanandipha mhla ngamnye amazwi enyaniso . . . ndaziva ndisiya ndisomelela ngakumbi ngokomoya.”a
Uxolo Lobuthixo Luya Kukulondoloza
12. Kutheni kukho imfuneko ekhethekileyo yokuba silinde iintliziyo zethu namandla ethu engqondo?
12 UYehova uthembisa ukuba uxolo lwakhe “luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo [amandla engqondo, NW] zenu.” (Filipi 4:7) Oku kubaluleke ngokwenene! Intliziyo isisihlalo seentshukumisa neemvakalelo. Kule mihla yokugqibela, iintliziyo zethu zinokwenziwa buthathaka ngokulula luloyiko nalixhala, okanye zisirhintyele ukuze senze okuphosakeleyo. Ubomi nje ngokubanzi buya buwohloka ngendlela ekhawulezileyo. Ngamaxesha onke kufuneka sizilindile. Ukongezelela kwimfuneko yokuba neentliziyo ezomeleleyo, kufuneka ‘amandla eengqondo zethu’ omelezwe aze alathiswe nguThixo ngeLizwi lakhe nangebandla lakhe.
13. Ziziphi iingenelo ezinokuba ngumphumo wokulondolozwa kwamandla ethu engqondo?
13 NgokukaW. E. Vine, igama lesiGrike elithi noʹe·ma (eliguqulelwe ngokuthi “amandla engqondo”) linengcamango “yenjongo” okanye “icebo.” (An Expository Dictionary of New Testament Words) Ngaloo ndlela, uxolo lukaThixo lunokuyomeleza injongo yethu yobuKristu luze lusilondoloze kulo naluphi na utyekelo lokuzenza buthathaka okanye lokuziguqula iingqondo zethu singenasizathu silungileyo sokwenjenjalo. Ngaloo ndlela ukudimazeka okanye iingxaki akunakukwazi ukusishenxisa ngokulula. Ngokomzekelo, ukuba besinenjongo yokukhonza uYehova kwisabelo esithile esikhethekileyo, esinjengokuba ngumlungiseleli onguvulindlela wexesha elizeleyo okanye ukufuduka siye kukhonza apho abalungiseleli bafuneka kakhulu khona, “uxolo lukaThixo” luya kuba luncedo olukhulu kuthi ekuzingiseni ukusa ekuphumeleleni kolo sukelo. (Thelekisa uLuka 1:3; IZenzo 15:36; 19:21; Roma 15:22-24, 28; 1 Tesalonika 2:1, 18.) Ukuze womeleze amandla engqondo yakho ngakumbi, zinike ixesha elaneleyo lokufundisisa iLizwi likaThixo nasekunxulumaneni namaKristu. Ngaloo ndlela ingqondo yakho nentliziyo yakho uya kuba uzondla ngeengcamango ezicocekileyo nezakhayo. Ngaba uyakwazi ukunikela ixesha elaneleyo lokuba uzibandakanye ‘neentetho’ eziphefumlelweyo zikaThixo? Ngaba unokuzinikela ingqalelo engakumbi?
14. Sisiphi isiluleko esiphefumlelweyo esimele sinikele ingqalelo enyamekileyo kuso, yaye ngoba?
14 Unokubona ukuba intliziyo nengqiqo, okanye amandla engqondo, zibandakanyekile ekuzuzeni nasekungenelweni ‘kuxolo lukaThixo.’ Oku kutyhilwa leli cebiso lobuthixo lithi: “Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; intetho yam yithobele indlebe yakho. Mayingemki emehlweni akho; yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi. Kuba ibubomi kwabayifumanayo, inempiliso enyameni yabo yonke. Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; kuba aphuma kuyo amathende obomi.”—IMizekeliso 4:20-23.
15. Unayiphi inxaxheba uYesu ekuzuzeni kwethu “uxolo lukaThixo”?
15 “Uxolo lukaThixo” olungumphumo womanyano olusondeleyo nolufudumeleyo noYehova, luyazilondoloza iintliziyo zethu namandla engqondo yethu ‘ngoKristu Yesu.’ (Filipi 4:7) Unayiphi indima uYesu koku? UPawulos uyachaza: “Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu; owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.” (Galati 1:3, 4) Ewe, ngothando uYesu wabunikela ubomi bakhe ukuze asicamagushele. (Mateyu 20:28) Ngoko ‘kungenxa kaKristu Yesu’ esinokuthi samkeleke kuYehova njengabakhonzi bakhe abazahluleleyo size sibe kwimeko yokunandipha uxolo lobuthixo olunokuba ngumlondolozi wethu.
Iingozi Ezisongela Uxolo Lobuthixo
16. Sisiphi isiluleko awasinika sona uPawulos esinokusinceda ekulondolozeni “uxolo lukaThixo”?
16 Emva kokuba silufumene saza salunandipha uxolo oluvela kuThixo, kufuneka siyiphaphele into yokuba silulondoloze. Zininzi izinto ezinokwenza amaKristu alahlekelwe lolo xolo. Phakathi kwezinto eziqheleke kakhulu, yaye ngokuqinisekileyo ezona ziyingozi, ziinkanuko zobutsha. Kwincwadi yesibini kaPawulos eya kuTimoti, ekunokwenzeka ukuba ngelo xesha wayekwiminyaka yakhe yokuqala yama-30, waquka esi siluleko: “Zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.”—2 Timoti 2:22.
17. Ngokufuthi kwenzeke ntoni mayela nelungiselelo likaYehova lesini?
17 Ezo nkanuko ziquka inkanuko engokwesini, enendawo yayo ebekekileyo emtshatweni. Noko ke, ukutyhubela imbali, le nkanuko iye yabonakaliswa ngokungafanelekileyo kwiintlobano zesini zangaphambi komtshato okanye zangaphandle komtshato, zinto ezo angakholiswayo zizo uMdali wethu olumkileyo. (Hebhere 13:4; Genesis 34:1-3) Ingozi yokuyekelela ekuziphatheni okubi ngokwesini isisisongelo kumaKristu namhlanje, kokubini kubantu abaselula nakwabakhulileyo. Kule mihla yokugqibela yehlabathi elihamba ngomendo wokuzibhubhisa, kwabaninzi isini sithetha nje inkanuko yenyama, ngokufuthi enoqheliselo oluqhelekileyo phakathi kwamafanasini, angamadoda nangamabhinqa.—Roma 1:24-27.
18. Kutheni iintliziyo zabanye zingekazinzi, yaye oku kusenokukhokelela entwenini?
18 Isibakala sokuba sibe siphila kwimekobume enjalo sigxininisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba sibe neentliziyo ezomeleleyo, ezizinzileyo nezinikelwe kuYehova. Bambi abaye basamkela isigidimi soBukumkani, bazikholelwa iinyaniso ezisisiseko zeBhayibhile, baza banxulumana ngokuthe rhoqo nabantu bakaYehova abalukhulisi uxabiso olunzulu lolwazi olungoYehova, ngeLizwi lakhe, nangebandla lakhe lazwenibanzi. Iintliziyo zabo azikazinzi ngokomeleleyo. Banokutyekiswa lula ‘ziinkanuko zobutsha.’ Bambi basenokuzixhathisa izilingo zokuhenyuza okanye zokukrexeza, kodwa njengokuba uPawulos walumkisayo, ‘basenokuba ngabathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.’ (2 Timoti 3:4) Bachitha ixesha elingakumbi bebukela umabonwakude, befunda iinoveli, okanye bephulaphula umculo onobundlobongela kunokuba bachithe ixesha elingakumbi kufundisiso lobuqu, kwiintlanganiso zamaKristu, okanye kwinkonzo yoBukumkani. Ngokulula nje oku kukhokelela kubuthathaka bokomoya yaye, ekugqibeleni, ekuweleni kwisono esinzulu.
19. Simele senze ntoni ukuze siphephe ukukhukuliseka?
19 Abanjalo, njengephenyane elingena-ankile, baya besimka ngokumka nomsinga okhokelela kwintlekele. Bamele benze ntoni? UPawulos ubacebisa esithi: “Ngenxa yoko, simele kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo.” (Hebhere 2:1) Ngoko abo basengozini bamele ‘bakunyamekele ngokugqithiseleyo’ ukufundisisa iLizwi likaThixo, ukulungiselela iintlanganiso zamaKristu nokwabelana nabanye ngeenyaniso zoBukumkani. Kakade ke, kusenokuba lula ukucinga ngelithi, ‘Elo licebiso elilungileyo, kodwa andikho kuloo meko, ngoko alisebenzi kum.’ Enjani indlela ebekuya kuba bubulumko ngayo kuye ngamnye wethu ukuba siyiqwalasele nzulu indlela esinokuzicoca ngakumbi ngayo iintliziyo zethu, ezona ngcamango zingaphakathi kuthi, neminqweno yethu size ‘siphuthume ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.’ (2 Timoti 2:22) Ngaphezu kwako konke, simele sicele ukhokelo kuThixo noncedo olomelezayo lomoya wakhe.
20. Yintoni emele yenziwe nguye nabani na oye wenza isono esinzulu?
20 Ukuba nabaphi na bathi babe netyala lesono esinzulu kodwa basifihle, ngokucacileyo baya kulahlekelwa yinkoliseko kaYehova ‘noxolo lukaThixo’ ababekhe banalo. Baya kulahlekelwa kwanaluxolo lweyabo ingqondo. (Thelekisa eyesi-2 kaSamuweli 24:10; Mateyu 6:22, 23.) Ngoko, unokusibona isizathu sokuba kunyanzelekile ukuba nawuphi na umKristu oye wawela esonweni esinzulu emele asivume kuYehova nakubadala abanothando, abanokumnceda azuze ukuphila ngokomoya. (Isaya 1:18, 19; 32:1, 2; Yakobi 5:14, 15) Xa umntu oye walahlekelwa lulungelelwano lokomoya kule ndlela ibuthelezi yesono efuna uncedo kubazalwana abakhulileyo ngolwazi, akasayi kuqhubeka enesazela esikhathazekileyo okanye angabi nalo uxolo lobuthixo.
21. Sinasiphi isizathu sokuba nombulelo onzulu kuYehova namhlanje, yaye lumele lube yintoni uzimiselo lwethu?
21 Elinjani ilungelo ekulilo ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova azahluleleyo namhlanje! Macala onke, eli hlabathi libusathanarha liyawohloka yaye liba ziingceba. Kungekudala liza kudlula. Abantu abaninzi ‘bayafa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo.’ Kodwa thina sinokuphakamisa iintloko zethu kuba siyazi ukuba ‘inkululeko yethu iyasondela.’ (Luka 21:25-28) Ukubonisa indlela esinombulelo ngayo kuYehova ‘ngoxolo olugqithisele kuko konke ukuqonda,’ masenze konke okusemandleni ethu ukumkhonza ngokuthembekileyo ‘lo Thixo unika uxolo.’—Roma 15:33; 1 Korinte 15:58.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona i-1986 Yearbook of Jehovah’s Witnesses, iphepha 154-7.
Iingongoma Zempinda
◻ “Uxolo lukaThixo” lusinceda njani namhlanje, yaye ‘lugqithisele njani kuko konke ukuqonda’?
◻ Ngabaphi oothunywashe abasincedayo ukulondoloza uxolo lwengqondo?
◻ Yiyiphi ingozi echuliweyo esongela amaKristu amaninzi namhlanje, yaye isenokukhokelela entwenini?
◻ Ukuba umKristu wenza isono esinzulu, umele enze ntoni?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 18]
Wafunda Ukuba Oko Kwakuyinyaniso
Ngethuba leMfazwe Yehlabathi II amaNazi athumela umyeni kaElsa Abt kwikampu yoxinaniso yaseSachsenhausen ngenxa yokushumayela kwakhe kobuKristu. Kwathi ke ngoMeyi ngowe-1942, amaGestapo afika ekhayeni lakhe, emka nentwazana yakhe encinane, aza uElsa amthumela ukuba aye kusebenza aze eve ubunzima kwiikampu ezahlukeneyo. Unikela obu bungqina bobuqu:
“Iminyaka yam endayichithela kwiikampu zoxinaniso zaseJamani yandifundisa isifundo esikhethekileyo. Sesokuba, umoya kaYehova unokukomeleza xa uphantsi kwesilingo esigqithiseleyo! Ngaphambi kokuba ndibanjwe, ndandifunde incwadi yomnye udade eyayisithi xa uphantsi kwesilingo esiqatha umoya kaYehova ukubangela ukuba ugutyungelwe kukuzola. Ndacinga ukuba mhlawumbi unokuba wayezibaxa izinto. Kodwa ndakutyhubela ezo zilingo mna ngokwam, ndazi ukuba oko wayekuthethile kwakuyinyaniso. Ngokwenene izinto zenzeka ngolo hlobo. Kunzima ukukuthelekelela, ukuba akuzange ube namava ako. Kodwa kwenzeka ngokwenene kum. UYehova uluncedo.”
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UPawulos wayesazi ngokusuka kumava ukuba uxolo lukaThixo lunokuzilondoloza iintliziyo zethu
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ngaba usengozini yokukhukuliseka ngokomoya?