Ngubani Onokuhlangula Abo Bakhalela Uncedo?
“Owu Thixo, mnike ukumkani izigwebo zakho . . . Kuba uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo.”—INDU. 72:1, 12.
1. Imeko kaDavide isifundisa ntoni ngenceba kaThixo?
AKHUTHAZA ngokwenene loo mazwi ekubonakala ukuba abhalwa nguKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo! Kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba awabhale, wakha wajamelana nentlungu emva kokukrexeza noBhatshebha. Ngelo xesha, uDavide wabongoza uThixo wathi: “Ngokobuninzi beenceba zakho kususe ukunxaxha kwam. . . . Nesono sam siphambi kwam rhoqo. . . . Khangela! Ngenimba ndazalelwa esiphosweni, yaye uma wandikhawulela esonweni.” (INdu. 51:1-5) UYehova usiphatha ngenceba yaye uyaqonda ukuba sizalwa sinesono.
2. Inokusinceda njani iNdumiso 72?
2 UYehova uyayiqonda imeko ebuhlungu esikuyo. Noko ke, njengoko kwaxelwa kwangaphambili uKumkani kaThixo othanjisiweyo “uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa.” (INdu. 72:12, 13) Siya kuhlangulwa njani? INdumiso 72 iyasixelela. Le ngoma yayiqanjelwe ukuchaza ubukumkani bonyana kaDavide uSolomon, isenza sibone oko kuya kwenzeka xa kulawula uNyana kaThixo, uYesu Kristu, oya kukhulula abantu ekubandezelekeni.
Umfanekiso-ngqondweni Wexesha Lokulawula KukaKristu
3. Yintoni eyacelwa nguSolomon yaye uThixo wamnika ntoni?
3 Emva kokuyalela ukuba uSolomon enziwe ukumkani, uDavide owalupheleyo wamchazela ngokucacileyo uSolomon izinto afanele azenze ibe wazenza ngokuthembeka. (1 Kum. 1:32-35; 2:1-3) Kamva uYehova wabonakala kuSolomon ephupheni waza wathi: “Cela into ndikuphe.” USolomon wacela into enye, wathi: “Umele umnike umkhonzi wakho intliziyo ethobelayo yokugweba abantu bakho, ukuqonda phakathi kokulungileyo nokubi.” Ngenxa yeso sicelo sakhe sokuthobeka, uThixo wamnika oko wayekucela nezinye izinto ezingakumbi.—1 Kum. 3:5, 9-13.
4. Omnye umlawuli waluchaza njani ulawulo lukaSolomon?
4 Ngenxa yokusikelelwa nguYehova, ulawulo lukaSolomon lwazaliswa luxolo nendyebo ngaphezu kwalo naluphi na ulawulo lorhulumente owakha wakho emhlabeni. (1 Kum. 4:25) Phakathi kwabantu abeza kubona indlela uSolomon awayelawula ngayo, yayingukumkanikazi waseShebha owayehamba neqela elikhulu labantu bakhe. Wathi kuSolomon: “Liyinyaniso ilizwi endilive kwilizwe lam . . . andixelelwanga nesiqingatha esi. Ugqwesile ngobulumko nempumelelo kwizinto eziviweyo.” (1 Kum. 10:1, 6, 7) Sekunjalo, uYesu unobulumko obugqwese ngakumbi ibe wakwazi ukuthi ngaye siqu: “Khangelani! okuthile okungaphezu koSolomon kulapha.”—Mat. 12:42.
Ukuhlangulwa NguSolomon Omkhulu
5. Ithini iNdumiso 72, yaye isenza sibe nawuphi umfanekiso-ngqondweni?
5 Ngoku makhe sihlolisise iNdumiso 72 ukuze sibone iintsikelelo esiya kuzifumana phantsi kolawulo lukaYesu Kristu, uSolomon Omkhulu. (Funda iNdumiso 72:1-4.) Le ndumiso ichaza indlela avakalelwa ngayo uYehova ‘ngokuphatha koNyana wakhe njengenkosana,’ “iNkosana yoXolo,” uYesu Kristu. (Isa. 9:6, 7) Esalathiswa nguThixo, uSolomon Omkhulu uya ‘kugweba ityala labantu abaxhwalekileyo aze asindise oonyana babo bangamahlwempu.’ Uya kulawula ngoxolo nangobulungisa. Ngoxa wayelapha emhlabeni, uYesu wenza izinto ezisenza sibe nomfanekiso-ngqondweni woko kuya kwenzeka ebudeni boLawulo lwakhe Lwewaka Leminyaka.—ISityhi. 20:4.
6. Ziziphi izinto ezenziwa nguYesu ezibonisa iintsikelelo eziya kuziswa lulawulo loBukumkani?
6 Cinga ngezinye zezinto ezenziwa nguYesu Kristu ezisenza sibe nomfanekiso-ngqondweni woko aya kukwenzela uluntu ezalisekisa iNdumiso 72. Sinezizathu zokuchukumiseka yindlela awaba novelwano ngayo ngabo babebandezelekile. (Mat. 9:35, 36; 15:29-31) Ngokomzekelo, indoda eyayineqhenqa yeza kuYesu yaza yambongoza yathi: “Ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” UYesu waphendula wathi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.” Le ndoda yaphiliswa! (Marko 1:40-42) Kamva uYesu wadibana nomhlolokazi owayefelwe ngunyana okuphela kwakhe. UYesu ‘waba nosizi’ waza wathi, “Vuka!” yaye lo nyana wavuka. Waphila kwakhona!—Luka 7:11-15.
7, 8. Ziziphi ezinye zezinto ezibonisa ukuba uYesu wayenamandla okuphilisa?
7 UYehova wanika uYesu amandla okwenza imimangaliso. Oku sinokukubona kwimeko ‘yomfazi owayenethombo legazi iminyaka elishumi elinesibini.’ Nangona ‘wayeviswe iintlungu ngoogqirha abaninzi, waza wachitha bonke ubuncwane bakhe,’ imeko yakhe yaya isiba mbi ngakumbi. Lo mfazi wangena phakathi kwesihlwele waza wachukumisa uYesu—esaphula uMthetho owawumiselwe umntu ‘obhobhoza igazi.’ (Lev. 15:19, 25) UYesu weva ukuba kukho amandla aphumileyo kuye waza wabuza ukuba ngubani omchukumisileyo. “Othukile yaye engcangcazela,” lo mfazi “wawa phantsi phambi kwakhe yaye wamxelela yonke inyaniso.” Eqonda ukuba uYehova umphilisile lo mfazi, uYesu wamphatha ngobubele waza wathi: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uze uphile kwisifo sakho esibuhlungu.”—Marko 5:25-27, 30, 33, 34.
8 Amandla uThixo awayewanike uYesu ayengamenzi aphilise abagulayo kuphela kodwa ayechukumisa nabo babembukela. Ngokomzekelo, abaninzi bachukumiseka ngokuqinisekileyo xa bebona uYesu ephilisa umntu, ngaphambi kokunikela iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni edumileyo. (Luka 6:17-19) Xa uYohane uMbhaptizi wathumela abantu ababini ukuba baye kuqonda ukuba uYesu wayenguMesiya ngokwenene na, bafika ‘ephilisa abaninzi kwizigulo nezifo ezibuhlungu noomoya abangendawo, enika abantu abaziimfama abaninzi ubabalo lokubona.’ UYesu wathi kwaba babini: “Hambani niye kuxela kuYohane oko nikubonileyo nenikuvileyo: iimfama ziyabona, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa nezithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu axelelwa iindaba ezilungileyo.” (Luka 7:19-22) Le ngxelo imele ukuba yamkhuthaza ngokwenene uYohane!
9. Imimangaliso eyenziwa nguYesu ibonisa ntoni?
9 Liyinyaniso elokuba, abantu abancedwa nguYesu ngoxa wayelapha emhlabeni bakhululeka nje okwexeshana kwintlungu ababenayo. Abo wabaphilisayo okanye awabavusayo baphinda bafa. Sekunjalo, imimangaliso eyenziwa nguYesu xa wayesemhlabeni isenza sibone ukuba abantu baya kukhululeka ngonaphakade phantsi kolawulo lwakhe lukaMesiya.
Umhlaba OyiParadesi Ozayo!
10, 11. (a) Iintsikelelo zoBukumkani ziya kuhlala ixesha elingakanani yaye luya kuba njani ulawulo lukaYesu? (b) Ngubani oya kuba kunye noKristu eParadesi yaye yintoni ekuya kufuneka ayenze ukuze aphile ngonaphakade?
10 Zama ukuba nomfanekiso-ngqondweni wendlela oya kuba yiyo umhlaba oyiParadesi. (Funda iNdumiso 72:5-9.) Abanquli boThixo oyinyaniso baya kunandipha ubomi eParadesi ngonaphakade, kanye njengelanga nenyanga eziya kuhlala ngonaphakade! UKumkani onguYesu Kristu uya kuhlaziya ‘njengemvula ehla phezu kwengca echetyiweyo nanjengomvumbi omanzisa umhlaba.’
11 Njengoko unombono wokuzaliseka kwale ndumiso, ngaba alikuchukumisi ithemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi? Ngokuqinisekileyo, umenzi-bubi owayebethelelwe wavuya xa uYesu esithi kuye: “Uya kuba nam eParadesi.” (Luka 23:43) Ebudeni boLawulo lukaYesu Lwewaka Leminyaka, le ndoda iya kubuyiselwa ebomini. Ukuba iyazithoba kulawulo lukaKristu, iya kuphila ngolonwabo emhlabeni ngonaphakade.
12. Ebudeni boLawulo LukaKristu Lwewaka Leminyaka, liliphi ithuba eliya kuvulekela abavusiweyo abangengomalungisa?
12 Phantsi kolawulo lukaSolomon Omkhulu, uYesu Kristu, “uya kuhluma olilungisa,” oko kukuthi uya kuphumelela. (INdu. 72:7) UKristu uya kuba nothando nenyameko ngendlela ebalaseleyo kanye njengoko wayenjalo xa wayesemhlabeni. Kwihlabathi likaThixo elitsha elithenjisiweyo, ‘kwanabangengomalungisa’ abavusiweyo baya kunikwa ithuba lokuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova ukuze baphile. (IZe. 24:15) Kakade ke, abo bangafuni kuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo abayi kuvunyelwa ukuba baqhubeke bephila ukuze bagxobhe uxolo kwihlabathi elitsha.
13. Luya kufikelela phi ulawulo loBukumkani yaye kutheni uxolo lwalo lungayi kuphazanyiswa?
13 Ulawulo lukaSolomon Omkhulu lomhlaba wonke, luchazwa ngala mazwi: “Uya kuba nabalawulwa abasukela elwandle baye kufikelela elwandle basukele eMlanjeni [umEfrate] base eziphelweni zehlabathi. Phambi kwakhe abemi bemimandla engenamanzi baya kuqubuda, neentshaba zakhe ziya kukhotha uthuli.” (INdu. 72:8, 9) Ngokwenene uYesu Kristu uya kulawula umhlaba wonke. (Zek. 9:9, 10) Abo banoxabiso ngolawulo lwakhe neentsikelelo zalo baya “kuqubuda” ngokuzithoba. Kwelinye icala, aboni abangaguqukiyo baya kunqunyulwa, kwanokuba ‘baneminyaka elikhulu ubudala.’ (Isa. 65:20) Baya “kukhotha uthuli.”
Unovelwano Ngathi
14, 15. Sazi njani ukuba uYesu uyayiqonda indlela abantu abavakalelwa ngayo nokuba uya “kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo”?
14 Abantu abanesono bakwimeko elusizi yaye balufuna ngamandla uncedo. Kodwa likho ithemba. (Funda iNdumiso 72:12-14.) UYesu, uSolomon Omkhulu, unovelwano ngathi kuba uyayiqonda imeko yokungafezeki esikuyo. Ngapha koko, uYesu wabandezeleka ngenxa yobulungisa yaye uThixo wavuma ukuba ajamelane neemvavanyo. UYesu wabandezeleka kangangokuba “ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni”! (Luka 22:44) Kamva, xa wayekwisibonda sentuthumbo, wakhala wathi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?” (Mat. 27:45, 46) Nangona wabandezelekayo waza noSathana wenza imigudu yokumenza ashiye uYehova, uYesu wahlala ethembekile kuYehova uThixo.
15 Sinokuqiniseka ukuba uYesu uyayibona intlungu esikuyo yaye uya “kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi.” NjengoYise onothando, uYesu uya ‘kuphulaphula abangamahlwempu’ aze ‘abaphilise abo baphuke intliziyo, abophe iindawo zabo ezibuhlungu.’ (INdu. 69:33; 147:3) UYesu “uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi.” (Heb. 4:15) Kuyavuyisa ukwazi ukuba uKumkani uYesu Kristu uyalawula ngoku ezulwini yaye ulangazelela ukukhulula abantu ekubandezelekeni!
16. Kwakutheni ukuze uSolomon abe novelwano ngabalawulwa bakhe?
16 Ekubeni wayenobulumko nokuqonda, uSolomon ngokuqinisekileyo ‘wayenosizi ngesisweli.’ Ngapha koko, naye wehlelwa zizinto ezibuhlungu. Umntakwabo uAmnon wadlwengula udadewabo uTamare, waza umntakwabo Solomon, uAbhisalom wayalela ukuba uAmnon abulawe ngenxa yaloo nto wayeyenzile. (2 Sam. 13:1, 14, 28, 29) UAbhisalom wazama ukubhukuqa itrone kaDavide kodwa akazange aphumelele yaye wabulawa nguYowabhi. (2 Sam. 15:10, 14; 18:9, 14) Kamva, umntakwabo Solomon uAdoniya naye wazama ukuthabatha ubukhosi. Ukuba wayephumelele, uSolomon wayeza kubulawa. (1 Kum. 1:5) Isibakala sokuba uSolomon wayezazi iintlungu zabantu, sibonakala kumthandazo wakhe wokunikezelwa kwetempile kaYehova. Ebhekisela kubalawulwa bakhe, ukumkani wathandaza wathi: “Bayazi ngamnye isibetho sakhe nentlungu yakhe . . . Uze uxolele [Yehova] yaye unike ngamnye ngokweendlela zakhe zonke.”—2 Kron. 6:29, 30.
17, 18. Ziziphi izinto ezibuhlungu abaye bajamelana nazo abanye babakhonzi bakaThixo yaye yintoni eye yabanceda?
17 Nathi sisenokuba ‘nentlungu’ ngenxa yezinto ezasehlelayo kwixa elidluleyo. UMary,a oliNgqina likaYehova elineminyaka engaphezu kwama-30 ubudala, uthi: “Ndinezizathu ezininzi zokonwaba kodwa maxa wambi izinto ezandehlelayo ngaphambili zindenza ndizive ndineentloni yaye ziyandicaphukisa. Ndiba buhlungu kakhulu ndize ndikhale, ngokungathi zenzeke izolo. Ezi zinto azicimi engqondweni yam ibe zindenza ndizive ndingento yanto yaye ndinesazela.”
18 Baninzi abakhonzi bakaThixo abavakalelwa ngale ndlela kodwa yintoni enokubanceda bakwazi ukunyamezela? UMary uthi: “Into endonwabisayo kukuba nabahlobo bokwenyaniso nentsapho yokomoya. Ndiye ndizame nokucinga ngezithembiso zikaYehova zexesha elizayo yaye ndiqinisekile ukuba ukukhalela kwam uncedo kuya kujika kube ziinyembezi zovuyo.” (INdu. 126:5) Sifanele sibe nethemba kwilungiselelo esilenzelwe nguThixo ngoNyana wakhe ammisele njengoMlawuli. Kwathiwa ngaye: “Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa. Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo. Negazi labo liya kuxabiseka emehlweni akhe.” (INdu. 72:13, 14) Kuyathuthuzela ngokwenene oku!
Ihlabathi Elitsha Elinentabalala
19, 20. (a) Njengoko iNdumiso 72 ibonisa, yiyiphi ingxaki eza kuconjululwa lulawulo loBukumkani? (b) Ngubani ofanele azukiswe ngolawulo lukaKristu yaye wena uvakalelwa njani ngoko luya kukufeza?
19 Kwakhona zama ukuba nomfanekiso-ngqondweni wabantu abangamalungisa kwihlabathi likaThixo elitsha phantsi kolawulo lukaSolomon Omkhulu. Sithenjiswa oku: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.” (INdu. 72:16) Ekubeni ngokuqhelekileyo ingqolowa ingakhuli encotsheni yentaba, la mazwi agxininisa indlela umhlaba oya kuchuma ngayo. Imveliso yawo ‘iya kuba njengaseLebhanon,’ ummandla owawuchumile ngexesha lokulawula kukaSolomon. Khawufan’ ucinge! Akusayi kubakho ukunqongophala kokutya, abantu abangondlekanga nabalambayo! Bonke abantu baya kutya “isidlo sokutya okuneoli eninzi.”—Isa. 25:6-8; 35:1, 2.
20 Ngubani oya kufumana uzuko ngenxa yezi ntsikelelo? NguKumkani ongunaPhakade noMlawuli Wendalo Yonke, uYehova uThixo. Eneneni, sonke siya kucula ngovuyo amazwi okugqibela amnandi ale ngoma ichukumisayo: “Igama [likaKumkani uYesu Kristu] malifikelele kwixesha elingenammiselo; malande phambi kwelanga igama lakhe, mabazisikelele ngaye; zonke iintlanga mazibhengeze ukuba unoyolo. Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli, nguye yedwa owenza imisebenzi emangalisayo. Malibongwe igama lakhe elizukileyo kuse kwixesha elingenammiselo, nozuko lwakhe luzalise umhlaba wonke. Amen Amen.”—INdu. 72:17-19.
[Umbhalo osemazantsi]
a Asilogama lakhe eli.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Isiprofeto esikwiNdumiso 72 sisinika umfanekiso-ngqondweni wantoni?
• Ngubani uSolomon Omkhulu yaye ulawulo lwakhe luya kufikelela phi?
• Yintoni ekuchukumisayo wena ngeentsikelelo ekuprofetwe ngazo kwiNdumiso 72?
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Yayifanekisela ntoni impumelelo yolawulo lukaSolomon?
[Umfanekiso okwiphepha 32]
Simele sizame kangangoko ukufumana ubomi eParadesi phantsi kolawulo lukaSolomon Omkhulu