Isizathu Sokuba IEden Ibalulekile Kuwe
ENYE yezinto ezisetyenziswa ngabaphengululi ukuze baphikise ibali lase-Eden kukuba alixhaswa yiBhayibhile. Ngokomzekelo, uNjingalwazi weZifundo zoNqulo uPaul Morris wabhala: “Azikho ezinye iingxelo zeBhayibhile ezingqinela ibali lase-Eden.” Nangona ezinye “iingcali” zinokuvumelana naye kolu luvo lwakhe, luyangqubana nezibakala.
IBhayibhile ibhekisela kaninzi kumyezo wase-Eden, kuAdam, uEva nakwinyoka.a Kodwa ke impazamo yabaphengululi abambalwa ayithathi nto kwenye impazamo exhaphakileyo. Xa iinkokeli zonqulo nabahlalutyi beBhayibhile begatya ingxelo yeGenesis yomyezo wase-Eden, bagatya yonke iBhayibhile. Njani?
Ukuqonda okwenzeka e-Eden kubalulekile ukuze uyiqonde yonke iBhayibhile. Ngokomzekelo, iLizwi likaThixo lenzelwe ukusinceda sifumane iimpendulo zemibuzo ebalulekileyo ngobomi. Qho iBhayibhile iphendula loo mibuzo, isoloko ibuyela kwiziganeko ezenzeka kumyezo wase-Eden. Khawuqwalasele le mizekelo.
● Kutheni sisaluphala size sife? UAdam noEva babeza kuphila ngonaphakade ukuba babemthobela uYehova. Babeza kufa kuphela xa beye bavukela. Baqalisa ukufa kanye ngalaa mhla bavukela ngawo. (Genesis 2:16, 17; 3:19) Baphulukana nemfezeko baza badlulisela isono nokungafezeki kubantwana babo. IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.”—Roma 5:12.
● Kutheni uThixo evumele ubungendawo? Kumyezo wase-Eden, uSathana wathi uThixo lixoki elibandeza izidalwa zalo izinto ezilungileyo. (Genesis 3:3-5) Ngaloo ndlela wathandabuza indlela uYehova alawula ngayo. UAdam noEva bakhetha ukulandela uSathana; nabo balugatya ulawulo lukaYehova ngaloo ndlela besithi umntu unokuzigqibela ngento elungileyo nengalunganga. Ekubeni uYehova enokusesikweni nobulumko obugqibeleleyo, wayesazi ukuba inye kuphela indlela awayenokuluphendula ngayo olo celomngeni—kukuvumela ixesha ukuze anike abantu ithuba lokuzilawula. Ubungendawo obuye bakho ngenxa yempembelelo kaSathana yaye buye batyhila into yokuba abantu abanakukwazi ukuzilawula ngaphandle kukaThixo.—Yeremiya 10:23.
● Iyintoni injongo kaThixo ngomhlaba? Emyezweni wase-Eden, uYehova wabonisa into awayefuna ube yiyo umhlaba. Wayalela uAdam noEva ukuba bazalise umhlaba nabantwana babo baze ‘bawoyise,’ ukuze wonke umhlaba ube mhle ngendlela efanayo. (Genesis 1:28) Ngoko injongo kaThixo ngomhlaba kukuba ube yiparadesi ehlala abantu abafezekileyo, intsapho emanyeneyo yenzala ka-Adam noEva. Ubukhulu becala iBhayibhile ithetha ngendlela uThixo aza kuyiphumeza ngayo injongo yakhe yantlandlolo.
● Kwakutheni ukuze uYesu Kristu eze emhlabeni? Imvukelo eyenzeka emyezweni wase-Eden yazisa ukufa kuAdam noEva nakwinzala yabo, kodwa uThixo weza nethemba. Wathumela uNyana wakhe emhlabeni ukuze eze nento iBhayibhile eyibiza ngokuba yintlawulelo. (Mateyu 20:28) Yayithetha ntoni loo nto? UYesu ‘wayenguAdam wokugqibela’; walungisa umonakalo owabangelwa nguAdam. Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wahlala efezekile ngokuthobela uYehova. Emva koko, wanikela ngobomi bakhe njengedini, okanye intlawulelo, ukuze bonke abantu abathembekileyo baxolelwe izono zabo baze ekugqibeleni baphile ngendlela uAdam noEva ababephila ngayo e-Eden ngaphambi kokuba bone. (1 Korinte 15:22, 45; Yohane 3:16) Ngaloo ndlela uYesu waqinisekisa ukuba injongo kaYehova yokujika lo mhlaba ube yiparadesi efana ne-Eden iza kuphunyezwa.b
Injongo kaThixo asiyonjongo ingacacanga, okanye imfundiso engaqondakaliyo. Yinto yokwenene. Kanye njengokuba iEden yayiyindawo yokwenene esemhlabeni, enezilwanyana kunye nabantu, nesithembiso sikaThixo ngekamva siqinisekile yaye siza kuzaliseka kungekudala. Ngaba uza kuba nenyhweba yokuxhamla kwelo kamva? Ubukhulu becala loo nto ixhomekeke kuwe. UThixo ufuna abantu abaninzi kangangoko kunokwenza bafumane elo kamva, kwanabo zingabahambelanga kakuhle izinto.—1 Timoti 2:3, 4.
Ngaphambi nje kokuba uYesu afe, wathetha nendoda eyayiphila kakubi. Le ndoda yayisisaphuli-mthetho; yayisazi ukuba ifanele ibulawe. Kodwa yayifuna intuthuzelo nethemba kuYesu. Wasabela njani uYesu? “Uya kuba nam eParadesi.” (Luka 23:43) Ukuba uYesu wayefuna ukubona le ndoda isisaphuli-mthetho apho—ivusiwe yaye isikelelwe ngethuba lokuphila ngonaphakade kwiparadesi efana neyase-Eden—ngaba akanakufuna nawe ube lapho? Uyafuna! NoYise uyafuna! Ukuba uyalinqwenela elo kamva, yenza konke onako ukuze ufunde ngoThixo owadala umyezo wase-Eden.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokomzekelo, funda iGenesis 13:10; iDuteronomi 32:8; eyesi-2 kaSamuweli 7:14; eyoku-1 yeziKronike 1:1; uIsaya 51:3; uHezekile 28:13; 31:8, 9; uLuka 3:38; amaRoma 5:12-14; eyoku-1 kwabaseKorinte 15:22, 45; eyesi-2 kwabaseKorinte 11:3; eyoku-1 kuTimoti 2:13, 14; uYude 14 nesiSityhilelo 12:9.
b Ukuze ufunde okungakumbi ngedini lentlawulelo likaKristu, funda isahluko 5 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 10]
ISIPROFETO ESIDIBANISA IBHAYIBHILE
“Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.”—Genesis 3:15.
Eso sisiprofeto sokuqala seBhayibhile, esathethwa nguThixo e-Eden. Ngoobani abalinganiswa bane ekuthethwa ngabo: umfazi, inzala yakhe, inyoka nenzala yayo? Buphelela phi obu ‘butshaba’?
INYOKA
NguSathana uMtyholi.—ISityhilelo 12:9.
UMFAZI
Yintlangano kaYehova yezidalwa ezisezulwini. (Galati 4:26, 27) UIsaya wathetha ‘ngomfazi,’ exela ukuba wayeya kuzala uhlanga lokomoya kwilixa elizayo.—Isaya 54:1; 66:8.
IMBEWU YENYOKA
Abo bakhetha ukwenza ukuthanda kukaSathana.—Yohane 8:44.
IMBEWU YOMFAZI
Ngokuyintloko nguYesu Kristu, owayephuma kwinxalenye yentlangano kaYehova esezulwini. Abanye abayinxalenye yale ‘mbewu’ ngabazalwana bokomoya bakaKristu, abalawula kunye naye ezulwini. Loo maKristu athanjisiweyo abumba uhlanga lokomoya, “uSirayeli kaThixo.”—Galati 3:16, 29; 6:16; Genesis 22:18.
UKUTYUNYUZWA KWESITHENDE
linxeba elibuhlungu likaMesiya kodwa lelokwexeshana. USathana waphumelela ekubulaleni uYesu emhlabeni. UYesu wavuswa.
UKUTYUNYUZWA KWENTLOKO
Kukubulawa kukaSathana. UYesu uza kumcim’ igama ngonaphakade uSathana. Kwanangaphambi koko, uYesu uza kulungisa wonke umonakalo owabangelwa nguSathana ukususela e-Eden.—1 Yohane 3:8; ISityhilelo 20:10.
Ukuze ubone owona mxholo uphambili weBhayibhile, funda incwadana enemifanekiso ethi IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 11]
UAdam noEva bafumana imiphumo emibi yesono