Ngaba Ubusazi?
Ngawaphi amatyala awayenziwe nguBharabhas?
▪ Zone iincwadi zeVangeli ziyathetha ngoBharabhas, indoda eyakhululwa ngumlawuli waseRoma uPontiyo Pilato endaweni kaYesu. UBharabhas ubizwa ngokuba ‘libanjwa elalidume kakubi nomphangi.’ (Mateyu 27:16; Yohane 18:40) Wayebanjwe ngamaRoma eYerusalem “kunye nabaphembeleli besiphendu, abathi babulala kweso siphendu.”—Marko 15:7.
Nangona bungekho ubungqina obuvela kwimithombo yangaphandle ethetha ngoBharabhas, isibakala sokuba ebalwa kunye nabavukeli senze abanye abaphengululi bamnxulumanisa namaqela abavukeli awayekho ngenkulungwane yokuqala kwaSirayeli. UFlavius Josephus wabhala wathi amaqela abavukeli ayexhaphakile ngaloo mihla; ezo zaphuli-mthetho zazisithi zilwela amaYuda acinezelweyo. Ukuvukelwa kwamaRoma ziindwalutho zamaYuda kwaqatsela embindini wenkulungwane yokuqala Yexesha Eliqhelekileyo. Amaqela emigewu aba yinxalenye enkulu yomkhosi wamaYuda owawuleqa amaRoma ukusuka kwaYuda ngonyaka wama-66 C.E.
IThe Anchor Bible Dictionary ithi: “UBharabhas umele ukuba wayengomnye wabaphangi basemaphandleni, aba baphangi babethandwa ngabantu abaphantsi kuba babesiba kwizinhanha zakwaSirayeli bedala uqhushululu kurhulumente wamaRoma.”
AmaRoma ayebaxhoma xa kutheni abantu?
▪ Ukuxhoma, indlela abulawa ngayo uYesu, yayiyindlela yamaRoma yokohlwaya abavukeli, izaphuli-mthetho nabanye abantu abasingela phantsi urhulumente negunya. Ukuxhonywa kwakujongwa njengeyona ndlela ibuhlungu yokufa.
Incwadi ethi Palestine in the Time of Jesus ithi: “Kwakusenziwa elubala, kuthob’ isidima yaye kubuhlungu kusenzelwa ukoyikisa nabani na ophazamisana norhulumente.” Omnye umbhali wamandulo waseRoma uthi xa kuxhonywa isaphul’ imthetho, “kwakukhethwa eyona ndlela ixakekileyo, apho uza kubonwa ngabona bantu baninzi ukuze boyike.”
Ngokutsho kukaJosephus, elinye ibanjwa lemfazwe elalithinjwe ngumkhosi kaTitus xa kwakungqingwe iYerusalem ngowama-70 C.E. laxhonywa phambi kwesixeko ukuze kwenziwe amaYuda oyike ukuze anikezele. Sathi sakuthinjwa isixeko nabanye abantu babulawa ngale ndlela.
Abona bantu baninzi baxhonywayo embalini baxhonywa ekupheleni kwemvukelo eyayikhokelwa nguSpartacus (73-71 B.C.E.), xa amakhoboka angama-6 000 namadoda angamakroti axhonywa endleleni esuka eCapua eya eRoma.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
“Sinike UBharabhas,” NguCharles Muller ngowe-1910