Ngaba Ubusazi?
Ngaba ngokwenene abantu babeyidlala imbande emngcwabeni ngemihla kaYesu?
▪ IBhayibhile ithetha ngokudlalwa kwembande xa kubhiyozwa. (1 Kumkani 1:40; Isaya 5:12; 30:29) Kwakhona ithi imbande yayidlalwa nasemngcwabeni. Yimbande kuphela isixhobo somculo esikhankanywayo xa kukho umngcwabo. Incwadi yeVangeli kaMateyu ithi umlawuli ongumYuda wacela uYesu ukuba aphilise intombi yakhe, eyayisecicini lokufa. Noko ke, ukufika kukaYesu kuloo ndlu yalo mlawuli “wabona abadlali-mbande nesihlwele bengxola bephithizela,” kuba wayesele eswelekile umntwana.—Mateyu 9:18, 23.
Ngaba ichanile indlela uMateyu asichaza ngayo esi sithethe? Umguquleli weBhayibhile uWilliam Barclay uthi: “Kuwo onke amazwe amandulo anjengeRoma, iGrisi, iFenike, iAsiriya nePalestina kwakusoloko kudlalwa imbande xa kukho ukufa neshwangusha.” Ngokutsho kweTalmud, ngenkulungwane yokuqala indoda engumYuda engathath’ intweni efelwe ngumfazi, yayinokuqesha abadlali mbande ababini nebhinqa eliza kwenza isijwili ukuze izilele umfazi wayo. UFlavius Josephus, umbhali mbali owayephila ngenkulungwane yokuqala, unikela ingxelo yokuba xa kwavakala iindaba eYerusalem zokuba amaRoma ayithimbile iJotapata eGalili, kwaza kwabulawa nabantu bayo ngowama-67 C.E., “abaninzi kubazili baqesha abadlali mbande ukuze babapheleke xa kuculwa iingoma zomngcwabo.”
Zazenze ntoni izihange ezabulawa noYesu?
▪ IBhayibhile ithi ezi zihange “ngabaphangi.” (Mateyu 27:38; Marko 15:27) Ezinye izichazi magama zeBhayibhile zithi iZibhalo zisebenzisa amagama awahlukahlukeneyo xa zisahlula izenzo lolwaphulo mthetho. Ukleptes ligama lesiGrike elibhekisela kwisela eliye lasebenzisa indlela echuliweyo yokuba ukuze lingabhaqwa. Kusetyenziswe lona xa kubhekiselwa kuYudas Skariyoti, owayesiba imali yabafundi. (Yohane 12:6) Kwelinye icala igama elithi lestes ngokuqhelekileyo libhekisela kumntu ophanga ngogonyamelo linokude libhekisele nakwivukela-mbuso okanye umnqolobi. Abantu ababebulewe noYesu babe lolu didi lwesibini. Eneneni, omnye wabo wade wathi: “Samkela ngokupheleleyo oko kusifaneleyo ngezinto esizenzileyo.” (Luka 23:41) La mazwi abonisa ukuba la madoda ayenetyala elingakumbi kunokuba.
Njengaba baphangi babini, naye uBharabhas wayebizwa kwangelo gama lingulestes. (Yohane 18:40) Into yokuba uBharabhas wayengelosela nje kuphela ichazwa kakuhle kuLuka 23:19, othi: “Wayephoswe entolongweni ngenxa yesiphendu esithile esathi sabakho esixekweni nangenxa yokubulala.”
Ngoxa izihange ezabulawa noYesu ngenxa yokuphanga, kusenokwenzeka ukuba zazikwabandakanyeke kwisiphendu okanye ekubulaleni. Enoba sasiyintoni isizathu, iRhuluneli yaseRoma uPontiyo Pilato wazigqala njengezifanelwe kukubulawa ngokuxhonywa.