Londoloza Umoya Omhle Webandla
“Ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu mabube nomoya eniwubonisayo.”—FIL. 4:23.
SINOKUWUKHUTHAZA NJANI UMOYA OMHLE EBANDLENI . . .
xa sinxulumana nabazalwana bethu?
xa sibonisa inzondelelo kubulungiseleli basentsimini?
xa sichaza izono ezinzulu?
1. Lanconywa ngantoni ibandla laseFilipi nelaseTiyatira?
AMAKRISTU enkulungwane yokuqala aseFilipi ayengathathi ntweni. Nakuba kunjalo, ayenezinwe yaye engumzekelo omhle ekuboniseni uthando kwamanye amaKristu. (Fil. 1:3-5, 9; 4:15, 16) Xa wayequkumbela ileta yakhe ephefumlelweyo eya kuwo, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu mabube nomoya eniwubonisayo.” (Fil. 4:23) Ngenxa yokuba kwaloo moya ufanayo wawuboniswa ngamaKristu aseTiyatira, uYesu Kristu oseluzukweni wathi kuwo: “Ndiyazazi izenzo zakho, nothando nokholo nobulungiseleli nonyamezelo lwakho, nokuba izenzo zakho zamva zingaphezulu kwezo zangaphambili.”—ISityhi. 2:19.
2. Sinaliphi igalelo ekuhlakulelweni komoya okhoyo kwibandla lethu?
2 Ngokufanayo namhlanje, bandla ngalinye lamaNgqina kaYehova liba nomoya okanye into ethile elaziwa ngayo. Amanye amabandla adla ngokwaziwa ngokukhethekileyo ngokuba nobubele nothando. Amanye abalasele ngokuwuxhasa ngenzondelelo umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokubuxabisa gqitha ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Xa thina ngabanye sihlakulela umoya omhle, oko kudla ngokuba negalelo kumanyano lwebandla nasekuchumeni kwalo ngokomoya. (1 Kor. 1:10) Kwelinye icala, xa sinesimo sengqondo esingakhiyo sinokubangela ukubakho kobuthongo bokomoya, ukungabikho kobubele kwakunye nokuvunyelwa kobungendawo ebandleni. (1 Kor. 5:1; ISityhi. 3:15, 16) Unjani umoya webandla okulo? Wena unokuba nalo njani igalelo ekukhuthazeni umoya omhle ebandleni?
KHUTHAZA UMOYA OMHLE
3, 4. ‘Sinokumbonga njani [uYehova] ebandleni elikhulu’?
3 Umdumisi wacula wathi: “Ndiya kukubonga [Yehova] ebandleni elikhulu; ndiya kukudumisa phakathi kwesizwana esikhulu.” (INdu. 35:18) Umdumisi akazange ayeke ukudumisa uYehova xa wayekunye nabanye abakhonzi bakaThixo. Iintlanganiso zebandla zeveki nganye, kuquka iSifundo seMboniselo, zisivulela ithuba elihle lokubonisa umoya wenzondelelo xa sigqabaza yaye sivakalisa ukholo lwethu. Kuya kuba kuhle ukuba sonke sizibuze: ‘Ngaba ndiyalixhakamfula ilungelo lokuba nenxaxheba kwiintlanganiso? Ngaba ndizilungiselela kakuhle ndize ndigqabaze ngendlela eyakhayo? Njengentloko-ntsapho, ngaba ndinceda abantwana bam balungiselele amagqabaza abo kusengaphambili ndize ndibafundise ukuphendula ngamazwi abo?’
4 Umdumisi uDavide wanxulumanisa ukuhlala kweentliziyo ziqinile nokucula kwethu. Wathi: “Intliziyo yam iqinile, Thixo, intliziyo yam iqinile. Ndiza kuvuma ndicule uncuthu lwengoma.” (INdu. 57:7) Iingoma eziculwa kwiintlanganiso zamaKristu zisivulela ithuba elihle ‘lokucula nokuvumela uYehova uncuthu lwengoma’ ngentliziyo eqinileyo. Ukuba asiqhelananga nezinye iingoma, kutheni singaziqheliseli ebudeni bengokuhlwa yoNqulo Lwentsapho? Ngamana singazimisela ‘ukuvumela uYehova ubomi bethu bonke size simculele uncuthu lwengoma logama nje sisekho.’—INdu. 104:33.
5, 6. Sinokuwubonisa njani umoya wokubuk’ iindwendwe nowokuba nesisa kwabanye, yaye ukwenjenjalo kukhuthaza ntoni ebandleni?
5 Ukubonisa umoya wokubuk’ iindwendwe kubazalwana noodadewethu kuyenye indlela yokukhuthaza umoya wothando ebandleni. Kwisahluko sokugqibela seleta yakhe eya kumaHebhere, uPawulos wongezelela esi sibongozo: “Uthando lwenu lobuzalwana maluqhubeke. Musani ukulibala ukubuk’ iindwendwe.” (Heb. 13:1, 2) Ukulungiselela abaveleli beziphaluka namakhosikazi abo okanye abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo basebandleni lakho isidlo kuyenye indlela ebalaseleyo yokubonisa umoya wokubuk’ iindwendwe. Kwakhona khumbula abahlolokazi, iintsapho ezinomzali omnye okanye abanye abantu abanokukuvuyela ukutya nathi maxa wambi okanye ukubakho kunqulo lwethu lwentsapho.
6 UPawulos wayalela uTimoti ukuba abongoze abanye ukuba “benze okulungileyo, batyebe emisebenzini emihle, bangagogotyi lutho, balungele ukwabelana, ngokwenjenjalo baya kuba baziqwebela isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.” (1 Tim. 6:17-19) UPawulos wayencomela ukuba amanye amaKristu ahlakulele umoya wokupha. Kwanaxa imeko yezoqoqosho inzima, sinokuwukhuthaza umoya wokupha. Eyona ndlela ifanelekileyo yokwenza oku, kukukhwelisa abanye xa kusiyiwa entsimini naxa kusiyiwa okanye kubuywa kwiintlanganiso xa oko kuyimfuneko. Yaye kuthekani ngabo benzelwa obo bubele bothando? Baya kuba bakhuthaza umoya omhle ebandleni ukuba babonisa uxabiso, mhlawumbi ngokukhupha loo mali banayo ukuze bahlangabezane neendleko ezinyukayo zepetroli. Ngaphezu koko, ukulungiselela ukuchitha ixesha elingakumbi nabazalwana noodadewethu bokomoya kunokubenza bazive befunwa yaye bethandwa. Xa siphuphuma imisebenzi emihle “kwabo bahlobene nathi elukholweni” yaye sikulungele ukuchitha nabo ixesha size sabelane nabo ngezinto zethu eziphathekayo, asaneli nje ukulwenza nzulu uthando esinalo ngabo kodwa sincedisa ekwakheni umoya omhle nowobubele ebandleni.—Gal. 6:10.
7. Ukugcina imicimbi yabanye iyimfihlelo kulinceda njani ibandla lilondoloze umoya omhle?
7 Khawucinge ngezinye iinkalo ezomeleza umanyano lothando nabazalwana bethu: ubuhlobo nokugcina izinto eziyimfihlelo. (Funda iMizekeliso 18:24.) Abahlobo bokwenene bagcina imicimbi yobuqu iyimfihlelo. Xa abazalwana bethu bephalaza imbilini yabo kuthi, yaye beqinisekile ukuba asisayi kuchazela mntu ngayo, umanyano lothando olusele lukho lukhula ngakumbi. Kwanga singakhuthaza umoya wothando sibe ngathi siyintsapho ebandleni ngokuba sibe ngabahlobo abanokuthenjwa abanokugcina izinto ziyimfihlelo.—IMize. 20:19.
YIBA NENZONDELELO KUBULUNGISELELI
8. Sisiphi isiluleko esafunyanwa ngabaseLawodike, yaye ngoba?
8 Ethetha nebandla laseLawodike, uYesu wathi: “Ndiyazazi izenzo zakho, ukuba akubandi yaye ungeshushu. Akwaba ububanda okanye ushushu. Ngoko, ngenxa yokuba udikidiki, ungeshushu ungabandi, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.” (ISityhi. 3:15, 16) Abantu baseLawodike babengenanzondelelo ngobulungiseleli bamaKristu. Loo meko yabo yachaphazela ulwalamano lwabo nabanye. Ngoko ngothando uYesu wabaluleka esithi: “Bonke abo ndinomsa ngabo ndiyabohlwaya ndize ndibaqeqeshe. Ngoko ke yiba nenzondelelo uze uguquke.”—ISityhi. 3:19.
9. Indlela esibujonga ngayo ubulungiseleli bethu basentsimini inokuwuchaphazela njani umoya webandla?
9 Ukuze sikhuthaze umoya omhle ebandleni, kufuneka sihlole inzondelelo yethu ngenkonzo yasentsimini. Ibandla likho ngenjongo yokuba kufunwe abantu abanjengezimvu entsimini baze bancedwe ukukhulisa ubumoya babo. Ngoko, njengoYesu kufuneka sibe nenzondelelo xa sikumsebenzi wokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20; Luka 4:43) Xa sinenzondelelo ngobulungiseleli bethu, siya kumanyana ngakumbi ‘njengabasebenzi abangamadlelane kaThixo.’ (1 Kor. 3:9) Xa sibona abanye bemela ukholo lwabo entsimini yaye bevakalisa uxabiso lwabo ngezinto zokomoya, siye sibathande size sibahlonele ngakumbi. Kwakhona, ukukhonza “ngaxhatha linye” entsimini kwenza simanyane ebandleni.—Funda uZefaniya 3:9.
10. Ukuphucula umgangatho wethu enkonzweni yasentsimini kunayiphi impembelelo kwabanye ebandleni?
10 Umzamo wethu wokuphucula umgangatho wobulungiseleli bethu uyabosulela abanye. Njengoko sibaxhalabela abantu esidibana nabo entsimini nanjengoko sizimisele ukuphucula ubuchule bethu bokufikelela iintliziyo zabo basiphulaphulayo, siba nenzondelelo ngakumbi entsimini. (Mat. 9:36, 37) Inzondelelo iyabosulela abahlobo bethu. UYesu wabathumela abafundi bakhe ngababini kunoku abe mnye. (Luka 10:1) Oku akuzange kubakhuthaze kuze kubaqeqeshe nje kuphela, kodwa kwabenza baba nenzondelelo ngakumbi ngobulungiseleli. Ngaba asikuxabisi ukusebenza nabavakalisi boBukumkani abanenzondelelo? Inzondelelo yabo iyasikhuthaza ize isenze siqhubeke nomsebenzi wokushumayela.—Roma 1:12.
KULUMKELE UKUMBOMBOZELA NOKWENZA IZINTO EZIMBI
11. Amanye amaSirayeli omhla kaMoses abonisa umoya onjani, yaye oko kwawachaphazela njani?
11 Kwiiveki nje ezingephi amaSirayeli eluhlanga olutsha, aba nomoya wokunganeliseki nowokumbombozela. Oku kwabangela ukuba avukele uYehova nabameli bakhe. (Eks. 16:1, 2) Ambalwa amaSirayeli awaphuma eYiputa awaphila de alibona iLizwe Lesithembiso. KwanoMoses akazange avunyelwe ukuba angene kwelo lizwe ngenxa yendlela awasabela ngayo kwizinto ezimbi ezazisenziwa libandla lakwaSirayeli! (Dut. 32:48-52) Yintoni esinokuyenza namhlanje ukuze siphephe ukubanjiswa ngulo moya umbi?
12. Sinokukulumkela njani ukuba nomoya wokukhalaza?
12 Sifanele sikulumkele ukumbombozela. Nangona ukuhlakulela ukuthobeka nokuhlonela igunya kunokusinceda, kufuneka sibe nenkxalabo ngabantu esinxulumana nabo. Ukungazikhethi kakuhle iindlela esizonwabisa ngazo okanye ukuchitha ixesha elininzi nabantu esisebenza nabo okanye esifunda nabo esikolweni abangayikhathalelanga kwaphela imigaqo yobulungisa, kuba nemiphumo emibi. Siya kuba silumkile ukuba asichithi ixesha elininzi nabantu abangenaso isimo sengqondo esihle okanye abakhuthaza umoya wokuzimela geqe.—IMize. 13:20.
13. Ukumbombozela kunokukhokelela kweyiphi ingozi eyonakalisayo ngokomoya?
13 Impembelelo eyonakalisayo yokumbombozela inokukhokelela kwenye ihambo eyingozi. Ngokomzekelo, ukumbombozela kunokuphazamisa uxolo nomanyano lwebandla. Ngaphezu koko, ukukhalazela amanye amaKristu akupheleli nje ekuwenzeni buhlungu kodwa kunokukhokelela kwisono sokunyelisa nokutshabhisa. (Lev. 19:16; 1 Kor. 5:11) Abanye ababembombozela ngenkulungwane yokuqala ‘babegatya ubukhosi bekwatshabhisa abo bazukileyo.’ (Yude 8, 16) Ngokuqinisekileyo oko kumbombozelela amadoda aneembopheleleko ebandleni kwakungamkholisi uThixo.
14, 15. (a) Ibandla lilonke linokuchaphazeleka njani xa kuvunyelwa isono esinzulu siqhubeke sisenzeka? (b) Yintoni esifanele siyenze xa sisazi ukuba umntu othile wenza isono emfihlekweni?
14 Kuthekani ukuba siyazi ukuba umntu othile wenza isono ngokufihlakeleyo, mhlawumbi uyanxila, ubukela imifanekiso yamanyala okanye uziphethe kakubi? (Efe. 5:11, 12) Ukusiqwabazel iliso isono esinzulu kunokuthintela ukusebenza komoya oyingcwele kaYehova kuze kusongele uxolo lwebandla. (Gal. 5:19-23) Kanye njengokuba amaKristu okuqala aseKorinte kwakufuneka asuse ububi, ngoko namhlanje nayiphi na impembelelo eyonakalisayo imele isuswe ukuze kulondolozwe umoya omhle webandla. Yintoni onokuyenza ukuze ube negalelo kuxolo lwebandla?
15 Njengoko bekutshiwo ngaphambili, kubalulekile ukugcina izinto ezithile ziyimfihlelo, ingakumbi xa abanye bephalaza imbilini yabo kuthi. Kuphosakele yaye kubuhlungu ngokwenene ukusasaza inkcazelo eyimfihlelo yomnye umntu! Nakuba kunjalo, xa umntu enze isono esinzulu, abo baneemfaneleko ezingokweZibhalo—abadala bebandla—bamele baxelelwe. (Funda iLevitikus 5:1.) Ngoko ukuba siyazi ngomzalwana okanye udade oye wenza isono esinzulu, sifanele simkhuthaze ukuba aye ebadaleni aze acele uncedo lwabo. (Yak. 5:13-15) Ukuba akade aye emva kwexesha elisengqiqweni, sifanele sibachazele ngokwethu abadala.
16. Xa sichaza isono esinzulu siba negalelo njani ekulondolozeni umoya omhle webandla?
16 Ibandla lamaKristu likhusi lokomoya yaye sifanele sincedise ekulikhuseleni ngokuchaza izono ezinzulu. Ukuba abadala bambeka ezingqondweni lowo wenze isono aze aguquke amkele ukulungiswa, ngaloo ndlela umoya webandla awubi sengozini. Kodwa kuthekani ukuba umenzi bubi akaguquki yaye akasamkeli isiluleko sothando sabadala? Ukugxothwa kwakhe kuphumela ‘ekutshatyalalisweni,’ okanye ekususweni kwempembelelo yakhe embi ebandleni nokulondolozwa komoya walo omhle. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 5:5.) Ewe, ukulondoloza umoya webandla kufuna ukuba ngamnye kuthi enze okuthile, asebenzisane nequmrhu labadala aze akhusele intlalo-ntle yamanye amaKristu.
KHUTHAZA “UBUNYE BOMOYA”
17, 18. Yintoni eya kusinceda ‘sigcine ubunye bomoya’?
17 Xa ‘bazinikela kwimfundiso yabapostile,’ abalandeli bakaYesu bokuqala baba negalelo ekuhlakuleleni umoya womanyano ebandleni. (IZe. 2:42) Basixabisa isiluleko nolwalathiso lweZibhalo ababelufumana kumadoda amakhulu. Ngenxa yokuba abadala banamhlanje besebenzisana nodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, bonke abantu abasebandleni bayakhuthazwa baze bancedwe ukuba bahlale bemanyene. (1 Kor. 1:10) Xa sithobela imiyalelo esekelwe eBhayibhileni esiyifumana kwintlangano kaYehova size silandele ulwalathiso lwabadala, singqina ukuba ‘sikuzabalazela ngokunyamekileyo ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.’—Efe. 4:3.
18 Ngoko ke, masenze unako-nako wokulondoloza umoya omhle ebandleni. Ukuba senjenjalo, siqinisekiswa ukuba ‘ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu buya kuba nomoya esiwubonisayo.’—Fil. 4:23.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ngaba sinegalelo kumoya omhle ngokulungiselela amagqabaza awakhayo?
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Yiba negalelo kumoya omhle ngokuqhelana neengoma zethu