Hlala Unentliziyo Epheleleyo KuYehova
“Nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo.”—1 KRON. 28:9.
KHANGELA IIMPENDULO ZALE MIBUZO:
Yintoni intliziyo yokomfuziselo?
Yintoni esinokuyenza ukuze sihlole iintliziyo zethu?
Sinokuzigcina njani iintliziyo zethu ziphelele kuYehova?
1, 2. (a) Liliphi ilungu lomzimba elisetyenziswa ngokufuziselayo kwiLizwi likaThixo ngaphezu kunamanye? (b) Kutheni kubalulekile ukwazi oko kufuziselwa yintliziyo?
ILIZWI LIKATHIXO lisoloko lithetha ngamalungu omzimba womntu ngendlela efuziselayo. Ngokomzekelo usolusapho uYobhi wathi: ‘Akukho lugonyamelo ezintendeni zezandla zam.’ UKumkani uSolomon wathi: “Ingxelo elungileyo ityebisa amathambo.” UYehova waqinisekisa uHezekile ngelithi: “Ndilenze laba lukhuni ngaphezu kwelitye leqhwitha ibunzi lakho.” Yaye umpostile uPawulos waxelelwa oku: “Wazisa izinto ezithile ezingaqhelekanga ezindlebeni zethu.”—Yobhi 16:17; IMize. 15:30; Hez. 3:9; IZe. 17:20.
2 Noko ke, eBhayibhileni kukho elinye ilungu lomzimba elisetyenziswa ngokufuziselayo kaninzi kunamanye. Lelo lakhankanywa nguHana othembekileyo emthandazweni wakhe othi: “Intliziyo yam iyagcoba ngoYehova.” (1 Sam. 2:1) Phofu ababhali beBhayibhile bakhankanya intliziyo malunga nezihlandlo ezingamawakawaka yaye ubukhulu becala bathetha ngayo ngendlela efuziselayo. Kubaluleke gqitha ukwazi oko kumelwa yintliziyo, kuba iBhayibhile ithi kufuneka siyilondoloze.—Funda iMizekeliso 4:23.
YINTONI INTLIZIYO YOKOMFUZISELO?
3. Unokuyiqonda njani intsingiselo yegama elithi “intliziyo” eBhayibhileni? Yenza umzekelo.
3 Nangona iLizwi likaThixo lingasiniki inkcazelo ekwisichazi-magama yegama elithi “intliziyo,” siyakwazi ukuyiqonda intsingiselo yalo. Siyiqonda njani? Ngokomzekelo, cinga ngomfanekiso omhle oxhonywe eludongeni, obunjwe ngamatye amancinane abekwe asondelelana. Xa uwujongela mgama lo mfanekiso, uphawula ukuba ubuhle bawo buxhomekeke kula matye abekwe ngobuchule. Ngokufanayo, ukuba sizijonga kakuhle izihlandlo ezininzi elisetyenziswe ngazo igama elithi “intliziyo” eBhayibhileni, loo nto iya kusinceda siqonde ukuba ezi zihlandlo xa zidityanisiwe, zisizobela umfanekiso. Nguwuphi loo mfanekiso?
4. (a) Ifuzisela ntoni “intliziyo”? (b) Athetha ntoni amazwi kaYesu akuMateyu 22:37?
4 Ababhali beBhayibhile basebenzisa “intliziyo” xa bechaza umntu wangaphakathi. Umntu wangaphakathi uquka imiqweno yethu, izinto esizicingayo, indlela esenza ngayo izinto, isimo sethu sengqondo, ubuchule esinabo, iintshukumisa zethu nosukelo lwethu. (Funda iDuteronomi 15:7; iMizekeliso 16:9; iZenzo 2:26.) Enye imbekiselo ithi, “ngumntu onguye ngaphakathi ngokupheleleyo.” Kodwa ke, kwezinye iimeko “intliziyo” isenokungabhekiseli kwezi mpawu zingasentla. Ngokomzekelo uYesu wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.” (Mat. 22:37) Kule imeko, igama elithi “intliziyo” libhekisela kwiimvakalelo neminqweno yomntu wangaphakathi. Ngokuthetha ngentliziyo, umphefumlo nengqondo, uYesu wayegxininisa ukuba sifanele sibonise uthando lwethu ngoThixo ngeemvakalelo, ngendlela esibuphila ngayo ubomi bethu nangendlela esiyisebenzisa ngayo ingqondo yethu. (Yoh. 17:3; Efe. 6:6) Kodwa xa “intliziyo” ikhankanywa yodwa, imela umntu wangaphakathi.
ISIZATHU SOKUBA KUFUNEKA SILONDOLOZE IINTLIZIYO ZETHU
5. Kutheni kufuneka senze konke okusemandleni ethu, sikhonze uYehova ngentliziyo epheleleyo?
5 Ngokuphathelele intliziyo, uKumkani uDavide wakhumbuza uSolomon oku: “Nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo nangomphefumlo onoyolo; kuba uYehova uyazigocagoca zonke iintliziyo, akuqonde konke ukutyekela kweengcamango.” (1 Kron. 28:9) Eneneni, uYehova nguMgocagoci wazo zonke intliziyo kuquka ezethu. (IMize. 17:3; 21:2) Yaye oko akufumana ezintliziyweni zethu kunento yokwenza nolwalamano lwethu naye kunye nekamva lethu. Ngenxa yoko, sinesizathu esivakalayo sokuthobela isiluleko sikaDavide esiphefumlelweyo sokwenza konke okusemandleni ethu, sikhonze uYehova ngentliziyo epheleleyo.
6. Yintoni esifanele siyazi ngokuzimisela kwethu ukukhonza uYehova?
6 Ukuzibhokoxa kwethu njengabantu bakaYehova, kubonisa ngokwenene ukuba sinomnqweno onzulu wokukhonza uThixo ngentliziyo epheleleyo. Kwangaxeshanye, siyaqonda ukuba iingcinezelo zehlabathi likaSathana elingendawo notyekelo lwesono lwenyama yethu zinamandla ekusenzeni singakwazi ukuzimisela ekukhonzeni uThixo ngentliziyo epheleleyo. (Yer. 17:9; Efe. 2:2) Ukuze siqiniseke ukuba sisazimisele ukukhonza uThixo size silondoloze neentliziyo zethu, kufuneka sizihlolisise rhoqo. Sinokukwenza njani oko?
7. Yintoni ebonisa imeko yentliziyo yethu?
7 Kucacile ukuba ubuntu bethu obungaphakathi asibuboni njengoko nomthi singawuboni ngaphakathi. Sekunjalo, kwiNtshumayelo yaseNtabeni uYesu wathi, kanye njengokuba iziqhamo zibonisa imeko yomthi, ngoko izinto esizenzayo zibonisa kanye oko ikuko intliziyo. (Mat. 7:17-20) Makhe sihlole esinye sezi zenzo.
INDLELA YOKUHLOLA INTLIZIYO YETHU
8. Amazwi kaYesu akuMateyu 6:33 adibana njani noko kusezintliziyweni zethu?
8 KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu waxelela abaphulaphuli bakhe oko bafanele bakwenze ukuze babonise umnqweno wabo wokukhonza uYehova ngeentliziyo ezipheleleyo. Wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mat. 6:33) Eneneni, ngezinto esizibeka kuqala ebomini bethu, sibonisa oko sikunqwenelayo, oko sikucingayo noko sikuceba emazantsi eentliziyo zethu. Ukuhlola izinto eziza kuqala ebomini bethu kuyindlela yokubona enoba sikhonza uThixo ngentliziyo epheleleyo kusini na.
9. Sisiphi isimemo uYesu awasidlulisela kwamanye amadoda yaye izenzo zawo zatyhila ntoni ngawo?
9 Kungekudala emva kokuba uYesu ebongoze abalandeli bakhe ukuba ‘baqhubeke befuna kuqala ubukumkani,’ kwenzeka okuthile okubonisa indlela intliziyo yomntu etyhileka ngayo ngezinto azibeka kuqala ebomini bakhe. Ethetha ngesi siganeko umbhali weVangeli uLuka uqala ngokuthi uYesu “wazimisela ukuya eYerusalem” nangona wayekwazi kakuhle oko kwakuza kwenzeka kuye ekugqibeleni. Ngoxa yena nabapostile bakhe “besendleleni” uYesu wadibana namanye amadoda awathi kuwo: ‘Yibani ngabalandeli bam.’ Loo madoda akulungela ukwamkela isimemo sikaYesu—kodwa ngaphantsi kweemeko ezithile. Enye kuwo yaphendula yathi: “Ndivumele kuqala ukuba ndimke ndiye kungcwaba ubawo.” Enye yathi: “Ndiza kukulandela, Nkosi; kodwa kuqala ndivumele ukuba ndithi salani kakuhle kwabo basendlwini yam.” (Luka 9:51, 57-61) Kukho umahluko omkhulu phakathi kwesigqibo sokuzimisela esenziwa nguYesu nokungabi namqolo kwala madoda! Ngokubeka kwawo izinto azixhalabeleyo kwindawo yokuqala ngaphezu koBukumkani abonisa ukuba iintliziyo zawo aziphelelanga kuThixo.
10. (a) Abalandeli bakaKristu baye basabela njani kwisimemo sikaYesu? (b) Nguwuphi umzekelo ngokufutshane uYesu athetha ngawo?
10 Ngokungafaniyo nala madoda, ngobulumko siye samkela isimemo sikaYesu sokuba ngabalandeli bakhe yaye ngoku sikhonza uYehova suku ngalunye. Ngolo hlobo, sibonisa indlela esivakalelwa ngayo ngoYehova. Sekunjalo, nangona sixakekile ebandleni, kusafuneka silumkele ingozi enokuchaphazela intliziyo yethu. Yiyiphi loo ngozi? Kwakwincoko awayenayo nala madoda, uYesu wayichaza loo ngozi esithi: “Akukho mntu ubeke isandla sakhe ekhubeni aze akhangele kwizinto ezisemva ubufanelekele kakuhle ubukumkani bukaThixo.” (Luka 9:62) Sifunda ntoni kulo mzekeliso?
NGABA ‘SIYANAMATHELA KOKO KULUNGILEYO’?
11. Kwenzeka ntoni kumsebenzi womlimi okumzekeliso kaYesu yaye ngoba?
11 Makhe songeze inkcazelo engakumbi kumzekelo kaYesu ukuze sisiqonde kakuhle isifundo esisifumanayo. Umlimi uxakekile uyalima. Noko ke, ngoxa elima uhlala ecinga ngendlu yakhe apho kukho intsapho yakhe, abahlobo, ukutya, umculo, ulonwabo nekhusi. Uyakulangazelela ukuba kunye nabo. Emva kokuba elime indima ende, lo mlimi unqwenela ezi zinto kangangokude ajike akhangele ‘izinto ezisemva.’ Nangona kukho umsebenzi afanele awenze ngaphambi kokuba alime, lo mlimi uyaphazamiseka yaye uyayeka ukusebenza. Kakade ke, umqeshi walo mlimi uyadana kuba lo mlimi engakwazi ukunyamezela.
12. Kukuphi ukufana okukhoyo phakathi komlimi okumzekeliso kaYesu namanye amaKristu anamhlanje?
12 Ngoku masihlole indlela oku okufana ngayo nemeko yanamhlanje. Umlimi unokumela nawuphi na umKristu obonakala eqhuba kakuhle kodwa osengozini ngokomoya. Ukuze sithelekise izinto, masibe nomfanekiso-ngqondweni womzalwana ohlala exakekile kubulungiseleli. Noko ke, nangona esiya kwiintlanganiso nasentsimini, akayeki ukucinga ngendlela ethile yokuphila yehlabathi ayibona ibangel’ umdla. Emazantsi entliziyo yakhe uyayilangazelela. Ekugqibeleni emva kokuba ephumeze ubulungiseleli bakhe kangangeminyaka emininzi, ukunqwenela kwakhe izinto ezithile zehlabathi kuyamongamela kangangokuba uyajika aze akhangele “kwizinto ezisemva.” Nakubeni esenza okuninzi kubulungiseleli, ‘akabambeleli ngokuqinileyo kwilizwi lobomi,’ yaye uyayeka ukwenza imisebenzi yobuThixo. (Fil. 2:16) UYehova, “iNkosi yesivuno,” uba buhlungu xa singakwazi ukunyamezela.—Luka 10:2.
13. Ukukhonza uYehova ngentliziyo epheleleyo kuquka ntoni?
13 Isifundo sizicacele. Kuyancomeka ukwenza imisebenzi eyanelisayo njengokubakho rhoqo kwiintlanganiso zebandla size sibe nenxaxheba nakwinkonzo yasentsimini. Kodwa ukukhonza uYehova ngentliziyo epheleleyo kuquka okungakumbi. (2 Kron. 25:1, 2, 27) Ukuba umKristu uqhubeka ezithanda ‘izinto ezisemva’—okuthetha ukuthi, ezinye zeendlela zehlabathi zokuphila—usengozini yokuphulukana nolwalamano oluhle noThixo. (Luka 17:32) Kuphela kuxa ngokunyanisekileyo ‘sikwenyanya oko kungendawo [size] sinamathele koko kulungileyo’ esiya ‘kubufanelekela kakuhle ubukumkani bukaThixo.’ (Roma 12:9; Luka 9:62) Noko ke, sonke kufuneka siqiniseke ukuba akukho nanye into kweli hlabathi likaSathana, enoba ibonakala iluncedo kangakanani na, esithintelayo ekunyamekeleni izilangazelelo zoBukumkani ngentliziyo yethu yonke.—2 Kor. 11:14; funda eyabaseFilipi 3:13, 14.
HLALA UPHAPHILE!
14, 15. (a) USathana uzama njani ukuhlasela iintliziyo zethu? (b) Zekelisa indlela ayingozi ngayo amacebo kaSathana.
14 Ukuthanda uYehova kuye kwasishukumisela ekubeni sizinikele kuye. Ukususela ngoko, uninzi lwethu luye lwabonisa kangangeminyaka emininzi ukuba sizimisele ukugcina iintliziyo zethu ziphelele kuYehova. Noko ke, uSathana akancami. Usazimisele ukuhlasela iintliziyo zethu. (Efe. 6:12) Kakade ke, uyazi ukuba asizi kukhawuleza simshiye uYehova. Noko ke, ngendlela engacacanga usebenzisa le ‘nkqubo yezinto’ ukuze athothise inzondelelo yethu kuThixo ngokuthe ngcembe. (Funda uMarko 4:18, 19.) Kutheni le ndlela kaSathana iphumelela?
15 Ukuze siphendule lo mbuzo, yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ufunda incwadi ngeglowubhu eneewatt ezili-100, kodwa le glowubhu iye icime. Njengoko uhleli ebumnyameni, uye ufake enye iglowubhu entsha. Kuphinda kukhanye. Ngengokuhlwa elandelayo usebenzisa le glowubhu intsha ukuze ufunde. Noko ke, ungazi, omnye umntu uyayitshintsha le glowubhu ineewatt ezili-100 aze afake eneewatt ezingama-95. Ngaba uza kuwubona umahluko? Mhlawumbi usenokungawuboni. Yaye kuthekani ukuba ngosuku olulandelayo omnye umntu ufaka iglowubhu eneewatt ezingama-90? Mhlawumbi usenokungaboni mahluko nalapho. Kutheni kunjalo nje? Ukukhanya kuhla ngokuthe ngcembe kangangokude wena ungayiphawuli loo nto. Ngendlela efanayo, impembelelo yehlabathi likaSathana inokuthothisa inzondelelo yethu ngokuthe ngcembe. Ukuba oko kuyenzeka, iba ngathi uSathana uye waphumelela ukuthothisa iiwatt ezili-100, intliziyo epheleleyo enkonzweni kaYehova. Ukuba akalumkanga, umKristu usenokungaluphawuli utshintsho oluthe ngcembe.—Mat. 24:42; 1 Pet. 5:8.
UMTHANDAZO UBALULEKILE
16. Sinokuzikhusela njani kumacebo kaSathana?
16 Sinokuzikhusela njani kumacebo kaSathana size sigcine iintliziyo zethu ziphelele kuYehova? (2 Kor. 2:11) Umthandazo ubalulekile. UPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba, ‘ame eqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.’ Emva koko, wawabongoza esithi: ‘Ngazo zonke izihlandlo qhubekani nithandaza ngako konke ukuthandaza nokukhunga.’—Efe. 6:11, 18; 1 Pet. 4:7.
17. Yintoni esiyifundayo kwimithandazo kaYesu?
17 Ukuze sime nxamnye noSathana, siya kuba silumkile ukuba sixelisa isimo sengqondo sikaYesu sokuthandaza, esibonisa umnqweno wakhe wokuhlala enentliziyo epheleleyo kuYehova. Ngokomzekelo, phawula oko kwakuthethwa nguLuka ngendlela uYesu awathandaza ngayo ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe: “Esekungcungcuthekeni, kwaba kukhona ethandaza ngenyameko.” (Luka 22:44) UYesu wayethandaza ngenyameko ngaphambili, kodwa ngesi sihlandlo wayevavanywa ngokuqatha emhlabeni, wathandaza ‘ngenyameko engakumbi’—yaye umthandazo wakhe waphendulwa. Umzekelo kaYesu usibonisa ukuba imithandazo ayifani. Ngoko ke, xa sivavanywa ngokuqatha yaye amacebo kaSathana ekhohlakala, simele sithandazele ‘inyameko engakumbi’ ukuze uYehova asikhusele.
18. (a) Yintoni esifanele sizibuze yona ngomthandazo, yaye ngoba? (b) Ziintoni ezichaphazela iintliziyo zethu, ngaziphi iindlela? (Sicela ufunde ibhokisi ekwiphepha 16.)
18 Loo mithandazo iya kusichaphazela njani? UPawulos wathi: “Ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu.” (Fil. 4:6, 7) Ewe, simele sithandaze ngenyameko nangokuqhubekayo ukuze sigcine intliziyo yethu iphelele kuYehova. (Luka 6:12) Ngoko, zibuze, ‘Ngaba ndinenyameko yaye ndithandaza ngokuqhubekayo?’ (Mat. 7:7; Roma 12:12) Impendulo yakho iya kudiza lukhulu ngokunqwenela kwakho ukukhonza uThixo ngentliziyo yonke.
19. Yintoni oza kuyenza ukuze ugcine intliziyo yakho iphelele kuYehova?
19 Njengoko siye sabona, izinto eziphambili ebomini bethu, zidiza imeko yeentliziyo zethu. Sifuna ukuqiniseka ukuba akukho zinto sizishiye ngasemva okanye amaqhinga kaSathana aya kuthothisa ukuzimisela kwethu ukukhonza uYehova ngentliziyo epheleleyo. (Funda uLuka 21:19, 34-36.) Ngoko, njengoDavide siqhubeka sikhunga kuYehova sisithi: “Yenze imanyane intliziyo yam.”—INdu. 86:11.
[Ibhokisi ekwiphepha 16]
IZINTO EZINTATHU EZICHAPHAZELA IINTLIZIYO ZETHU
Njengoko sinokuthabatha amanyathelo okulondoloza imeko yeentliziyo zethu zokoqobo, sinokwenza okufanayo ukuze sigcine iintliziyo zethu zokomfuziselo zisempilweni. Cinga ngezi nkalo zintathu zibalulekileyo:
1 Ukuzondla: Iintliziyo zethu zokoqobo zifanele zifumane ukutya okwaneleyo nokusempilweni. Ngokufanayo, kufuneka siqiniseke ukuba sifumana ukutya okwaneleyo kokomoya ngofundisiso lobuqu, ukucamngca nokuya ezintlanganisweni.—INdu. 1:1, 2; IMize. 15:28; Heb. 10:24, 25.
2 Ukwenza umthambo: Ukuze sibe sempilweni maxa wambi, kuye kufuneke iintliziyo zethu zibethe ngamandla. Ngokufanayo, ukusebenza ngokuzimisela kubulungiseleli–mhlawumbi sizibhokoxa ngokwandisa umsebenzi esiwenzayo—kugcina iintliziyo zethu zokomfuziselo zisempilweni.—Luka 13:24; Fil. 3:12.
3 Abantu esihlala phakathi kwabo: Abantu esihlala phakathi kwabo nesisebenza nabo abangamoyikiyo uThixo banokuzenza zixinezeleke iintliziyo zethu zokoqobo nezokomfuziselo. Noko ke, sinokulunciphisa olo xinezeleko ngokunxulumana rhoqo namanye amaKristu asikhathalele ngokwenene naneentliziyo ezipheleleyo kuThixo.—INdu. 119:63; IMize. 13:20.