UYehova ‘Ngumtyhili Weemfihlelo’
“Eneneni uThixo wenu unguThixo woothixo neNkosi yookumkani noMtyhili weemfihlelo.”—DAN. 2:47.
UNOKUPHENDULA UTHINI?
Ziziphi iinkcukacha eziphathelele ikamva aye wasityhilela zona uYehova?
Iintloko ezintandathu zokuqala zerhamncwa zimela ntoni?
Sifumanisa kuphi ukudibana phakathi kwerhamncwa nomfanekiso owabonwa nguNebhukadenetsare?
1, 2. Yintoni asityhilele yona uYehova, yaye kutheni ekwenzile oko?
NGABAPHI oorhulumente abaza kube belawula umhlaba xa uBukumkani bukaThixo buphelisa ulawulo lomntu? Impendulo siyayazi, kuba siyichazelwe nguYehova uThixo ‘onguMtyhili weemfihlelo.’ Usinceda sibaqonde abo rhulumente ngemibhalo kamprofeti uDaniyeli nompostile uYohane.
2 UYehova watyhilela loo madoda uthotho lwemibono ephathelele ukulandelelana kwamarhwamncwa. Waphinda waxelela uDaniyeli ngentsingiselo yephupha elingumbono lomfanekiso omkhulu wentsimbi. UYehova waqiniseka ukuba ezo ngxelo ziyabhalwa zize zilondolozwe eBhayibhileni ukuze zisincede. (Roma 15:4) Oko wayekwenzela ukomeleza ithemba lethu lokuba kungekudala uBukumkani bakhe buza kutyumza bonke oorhulumente babantu.—Dan. 2:44.
3. Ukuze sisiqonde ngokuchanileyo isiprofeto, kufuneka siqale siqonde ntoni yaye ngoba?
3 Ingxelo kaDaniyeli nekaYohane, azipheleli nje ekuchazeni ookumkani abasibhozo, okanye ulawulo lwabantu, kodwa zikwabonisa indlela awayeza kulandelelana ngayo loo magunya. Noko ke, sinokuziqonda ngokuchanileyo ezo ziprofeto, xa siyazi kakuhle intsingiselo yesiprofeto sokuqala ngqa esichazwe eBhayibhileni. Kutheni kunjalo? Kungenxa yokuba ukuzaliseka kweso siprofeto kungumxholo odibanisa iBhayibhile. Ngandlel’ ithile, kulityathanga elibopha zonke ezinye iziprofeto.
IMBEWU YENYOKA NERHAMNCWA
4. Ngubani obumba imbewu yomfazi, yaye yintoni eza kwenziwa yiloo mbewu?
4 Kungekudala emva kwemvukelo yase-Eden, uYehova wathembisa ukuba ‘umfazi’ uya kuvelisa ‘imbewu.’a (Funda iGenesis 3:15.) Ekugqibeleni loo mbewu yayiza kutyumza intloko yenyoka enguSathana. Kamva uYehova watyhila ukuba le mbewu iya kuvela ngoAbraham, ibe yeyohlanga lwakwaSirayeli, ibe ngumYuda ize iphume kumnombo kaKumkani uDavide. (Gen. 22:15-18; 49:10; INdu. 89:3, 4; Luka 1:30-33) Inxalenye eyintloko yaloo mbewu yangqineka inguKristu Yesu. (Gal. 3:16) Inxalenye elandelayo yale mbewu ibunjwa ngamalungu athanjiswe ngomoya ebandla lamaKristu. (Gal. 3:26-29) UYesu umanyana nabathanjiswa ukuze babumbe uBukumkani bukaThixo, obusisixhobo esiza kusetyenziswa nguThixo ukuze atyumze uSathana.—Luka 12:32; Roma 16:20.
5, 6. (a) UDaniyeli noYohane bathetha ngamagunya amakhulu amangaphi? (b) Iintloko zerhamncwa leSityhilelo zimela ntoni?
5 Isiprofeto sokuqala esachazwa e-Eden sabonisa nokuba uSathana uza kuvelisa ‘imbewu.’ Imbewu yakhe yayiza kubonisa ubutshaba okanye intiyo ngembewu yomfazi. Ngubani obumba imbewu yenyoka? Ngabo bonke abo baxelisa indlela uSathana amthiye ngayo uThixo kunye nabo bachasa abantu bakaThixo. Ukutyhubela imbali, uSathana uye walungelelanisa imbewu yakhe yaba yimibutho eyahlukeneyo yezopolitiko okanye izikumkani. (Luka 4:5, 6) Noko ke, zimbalwa izikumkani zabantu eziye zanempembelelo ebonakalayo kubantu bakaThixo, enoba luhlanga lwakwaSirayeli okanye ibandla lamaKristu athanjisiweyo. Kutheni ibalulekile nje le nkalo? Kungenxa yokuba ichaza isizathu sokuba umbono kaDaniyeli nokaYohane uthetha ngamagunya ehlabathi asibhozo kuphela.
6 Ekupheleni kwenkulungwane yokuqala ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uYesu ovusiweyo wanika umpostile uYohane uthotho lwemibono emangalisayo. (ISityhi. 1:1) Kweminye yawo, uYohane wabona uMtyholi, owayebonakala njengenamba, emi elunxwemeni lolwandle olukhulu. (Funda iSityhilelo 13:1, 2.) UYohane waphinda wabona kuvela irhamncwa elingaqhelekanga kolo lwandle laza lafumana igunya elikhulu kuMtyholi. Kamva ingelosi ichazela uYohane ukuba iintloko ezisixhenxe zerhamncwa elimfusa ekuthethwa ngalo kwiSityhilelo 13:1 limela “ookumkani abasixhenxe,” okanye oorhulumente. (ISityhi. 13:14, 15; 17:3, 9, 10) Ngexesha lokubhala kukaYohane, abahlanu kwabo kumkani babesele bewile, omnye wayelawula, omnye ‘wayengekafiki.’ Ngoobani ezo zikumkani, okaye amagunya ehlabathi? Makhe sihlolisise intloko nganye ekweli rhamncwa lichazwe kwiSityhilelo. Kwakhona siza kubona indlela imibhalo kaDaniyeli esinika ngayo inkcazelo ngaba kumkani baninzi, maxa wambi kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba babekho.
IYIPUTA NEASIRIYA—IINTLOKO EZIMBINI ZOKUQALA
7. Yayimela ntoni intloko yokuqala, yaye kutheni sisitsho nje?
7 Intloko yokuqala yerhamncwa imela iYiputa. Kutheni sisitsho? Kungenxa yokuba iYiputa yayiligunya lokuqala lehlabathi elabonisa ubutshaba kubantu bakaThixo. Inzala ka-Abraham—eyayiza kuvela ngayo imbewu ethenjisiweyo yomfazi—yanda ngendlela engathethekiyo eYiputa. Emva koko, iYiputa yamcinezela uSirayeli. USathana wazama ukubatshayela abantu bakaThixo ngaphambi kokuba le mbewu ivele. Wakwenza njani oko? Ngokukhuthaza uFaro ukuba abulale bonke abantwana abangamakhwenkwe abangamaSirayeli. UYehova wawathintela loo malinge waza wabakhulula abantu bakhe kubukhoboka baseYiputa. (Eks. 1:15-20; 14:13) Kamva wafaka amaSirayeli kwiLizwe Lesithembiso.
8. Yayimela ntoni intloko yesibini, yaye yazama ukwenza ntoni?
8 Intloko yesibini yeli rhamncwa yayimela iAsiriya. Nabo obu bukumkani bunamandla bazama ukubatshayela abantu bakaThixo. Enyanisweni, uYehova wasebenzisa iAsiriya njengesixhobo sakhe sokohlwaya ubukumkani bezizwe ezilishumi ngenxa yokunqula izithixo nokuba nemvukelo. Noko ke, emva koko, iAsiriya yahlasela iYerusalem. Kusenokwenzeka ukuba uSathana wayenosukelo lokutshabalalisa umnombo wasebukhosini awayeza kuphuma kuwo uYesu. Olo hlaselo lwalungeyonxalenye yenjongo kaYehova, yaye wabahlangula ngokungummangaliso abantu bakhe abathembekileyo ngokutshabalalisa abahlaseli.—2 Kum. 19:32-35; Isa. 10:5, 6, 12-15.
IBHABHILONI—INTLOKO YESITHATHU
9, 10. (a) UYehova wawavumela ukuba enze ntoni amaBhabhiloni? (b) Ukuze sizaliseke isiprofeto, kwakuza kufuneka kwenzeke ntoni?
9 Intloko yesithathu yerhamncwa eyabonwa nguYohane imela ubukumkani obabunekomkhulu eliyiBhabhiloni. UYehova wawavumela amaBhabhiloni ukuba abhukuqe iYerusalem aze athumele abantu bakhe ekuthinjweni. Noko ke, ngaphambi kokuba avumele oku kuhlaziswa kwawo, uYehova wawalumkisa amaSirayeli anemvukelo ukuba ayeza kwehlelwa yile ntlekele. (2 Kum. 20:16-18) Waxela kwangaphambili ukuba ookumkani abangabantu ekwathiwa baza kuhlala “etroneni kaYehova” eYerusalem baza kususwa. (1 Kron. 29:23) Noko ke, uYehova waphinda wathembisa ukuba inzala kaKumkani uDavide, lowo “unelungelo elisemthethweni,” yayiza kufika ize ibe nelo gunya.—Hez. 21:25-27.
10 Esinye isiprofeto sabonisa ukuba amaYuda ayeza kuba esanqula etempileni eYerusalem xa uMesiya othenjisiweyo, okanye Othanjisiweyo, efika. (Dan. 9:24-27) Isiprofeto sangaphambili, esabhalwa ngaphambi kokuthinjwa kukaSirayeli eBhayibhileni, sabonisa ukuba lo mntu wayeza kuzalelwa eBhetelehem. (Mika 5:2) Ukuba ezo ziprofeto zaziza kuzaliseka, kwakuza kufuneka amaYuda akhululwe ekuthinjweni, abuyele kwilizwe lawo, aze aphinde akhe itempile. Kodwa yayingengomthetho waseBhabhiloni ukukhulula abathinjwa bayo. Lwaluza koyiswa njani olo celomngeni? UYehova wabatyhilela abaprofeti bakhe impendulo yaloo mbuzo.—Amosi 3:7.
11. Ziziphi iindlela ezahlukahlukeneyo obabuza kuboniswa ngazo uBukhosi baseBhabhiloni? (Sicela ufunde umbhalo osemazantsi.)
11 Umprofeti uDaniyeli wayephakathi kwabantu ababethinjelwe eBhabhiloni. (Dan. 1:1-6) UYehova wamsebenzisa ukuze achaze ezinye izikumkani ezaziza kulandela elo gunya lehlabathi. UYehova wazityhila ezi mfihlelo, esebenzisa imiqondiso eliqela eyahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, wabangela ukuba uKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni aphuphe ngomfanekiso omkhulu owawubunjwa zizinyithi ezahlukahlukeneyo. (Funda uDaniyeli 2:1, 19, 31-38.) Esebenzisa uDaniyeli, uYehova watyhila ukuba intloko yegolide yalo mfanekiso imela uBukhosi baseBhabhiloni.b Igunya lehlabathi elilandela iBhabhiloni limelwa sisifuba neengalo zesilivere. Yayiza kuba liliphi elo gunya, yaye laliza kubaphatha njani abantu bakaThixo?
AMAMEDI NAMAPERSI—INTLOKO YESINE
12, 13. (a) UYehova watyhila ntoni ngokoyiswa kweBhabhiloni? (b) Kutheni le nto amaMedi namaPersi ekufanele ukufaniswa nentloko yesine yerhamncwa?
12 Ngaphezu kwenkulungwane ngaphambi kwemihla kaDaniyeli, uYehova watyhila ngomprofeti uIsaya inkcazelo ephathelele igunya lehlabathi elaliza koyisa iBhabhiloni. UYehova akazange aphelele ekutyhileni indlela esiza koyiswa ngayo isixeko saseBhabhiloni kodwa wachaza negama lomntu owayeza kusoyisa. Loo nkokeli yayiza kuba nguKoreshi, umPersi. (Isa. 44:28–45:2) UDaniyeli wafumana eminye imibono emibini ephathelele Igunya Lehlabathi LamaMedi NamaPersi. Komnye umbono, obu bukumkani baboniswa bufana nebhere eyaphakanyiswa ngacala-nye. Laxelelwa ukuba ‘lidle inyama eninzi.’ (Dan. 7:5) Kumbono owahlukileyo, uDaniyeli wabona eli gunya lehlabathi lintlu-mbini limelwa yinkunzi yegusha eneempondo ezimbini.—Dan. 8:3, 20.
13 UYehova wasebenzisa uBukhosi bamaMedi namaPersi ukuze buzalisekise isiprofeto ngokubhukuqa iBhabhiloni buze bubuyisele amaSirayeli kwilizwe lawo. (2 Kron. 36:22, 23) Noko ke, kwaeli gunya linye kamva laphantse labatshayela abantu bakaThixo. Ingxelo yencwadi yeBhayibhile kaEstere ithetha ngeyelenqe elaphekwa yinkulumbuso yasePersi, uHaman. Le ndoda yazama ukuba onke amaYuda awayehlala kuBukhosi obubanzi basePersi atshayelwe yaza yabeka usuku olukhethekileyo loku kubulawa kohlanga. Yaba nguYehova kuphela owaphinda wakhusela abantu bakhe kubutshaba bembewu kaSathana. (Estere 1:1-3; 3:8, 9; 8:3, 9-14) Kungenxa yoko le nto, amaMedi namaPersi ekufanele ukufaniswa nentloko yesine yerhamncwa leSityhilelo.
IGRISI—INTLOKO YESIHLANU
14, 15. Ziziphi iinkcukacha ezityhilwa nguYehova ngoBukhosi baseGrisi yamandulo?
14 Intloko yesihlanu yerhamncwa leSityhilelo imela iGrisi. Njengoko uDaniyeli eye watyhila ngaphambilana xa ebechaza iphupha likaNebhukadenetsare, eli gunya linye limelwa sisisu namathanga obhedu alo mfanekiso. Kwakhona uDaniyeli wafumana imibono emibini eneenkcukacha ezimangalisayo ephathelele indlela obuyiyo obu bukhosi nangomlawuli wabo ongoyena udumileyo.
15 Komnye umbono uDaniyeli wabona iGrisi ichazwe njengehlosi elinamaphiko amane, elaliza koyisa ngokulula. (Dan. 7:6) Komnye umbono, uDaniyeli wachaza indlela ibhokhwe edumileyo enophondo olunye ekhawuleza ngayo ukubulala inkunzi yegusha eneempondo ezimbini, amaMedi namaPersi. UYehova waxelela uDaniyeli ukuba le bhokhwe imela iGrisi yaye uphondo lwayo olukhulu lwalumela omnye wookumkani bayo. UDaniyeli waphinda wachaza ukuba olo phondo lwayo lwaluza kwaphuka, kuze kukhule iimpondo ezine ezincinane endaweni yalo. Nangona esi siprofeto sabhalwa kumakhulukhulu eminyaka ngaphambi kokuba ilawule iGrisi, zonke izinto ezazithethwe kuso zenzeka. UAleksandire Omkhulu, oyena kumkani wayedumile kwiGrisi yamandulo, wakhokela ekuhlaselweni kwamaMedi namaPersi. Noko ke, olu phondo lwakhawuleza lwaphuka, yaye lo kumkani mkhulu wafa kanye encotsheni yolawulo lwakhe eneminyaka engama-32 kuphela ubudala. Emva koko, ubukumkani bahlulelwa iinjengele zakhe ezine.—Funda uDaniyeli 8:20-22.
16. Wenza ntoni uAntiochus IV?
16 Emva kokoyisa iPersi, iGrisi yalawula ilizwe labantu bakaThixo. Ngeli xesha, amaYuda ayephinde ahlala kwiLizwe Lesithembiso yaye ayephinde akha itempile eYerusalem. Ayesengabantu abanyuliweyo bakaThixo, netempile eyakhiwe ngokutsha yayisesisazulu sonqulo lokwenyaniso. Noko ke, kwinkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, iGrisi eyintloko yesihlanu yerhamncwa, yabahlasela abantu bakaThixo. UAntiochus IV, omnye wabalawuli owafumana ubukhosi obahluleleneyo buka-Aleksandire, wabeka isibingelelo sabahedeni kumhlaba wetempile eYerusalem waza wathi unqulo lobuYuda lulwaphulo-mthetho olunesigwebo esikukufa. Leyo yayiyintiyo engathethekiyo eyaboniswa yimbewu kaSathana! Noko ke, kungekudala iGrisi yasuswa njengegunya lehlabathi. Yayiza kuba ngubani intloko yesithandathu yerhamncwa?
IROMA—INTLOKO YESITHANDATHU, ‘IYOYIKEKA YAYE IYANKWANTYISA’
17. Intloko yesithandathu yaba nayiphi indima ekuzalisekeni kweGenesis 3:15?
17 Kwakulawula iRoma xa uYohane wafumana umbono werhamncwa. (ISityhi. 17:10) Le ntloko yesithandathu yaba nendima ebalulekileyo ekuzalisekeni kwesiprofeto esibhalwe kwiGenesis 3:15. USathana wasebenzisa amagosa aseRoma ukuze ayenzakalise okomzuzwana imbewu, eyityumza, ‘isithende.’ Kwenzeka njani oko? Agweba uYesu ngezityholo zobuxoki zokukhuthaza ukuvukelwa kukarhulumente. (Mat. 27:26) Kodwa akuzange kube kudala laphila elo nxeba ngenxa yokuba uYehova wamvusa uYesu.
18. (a) Luluphi uhlanga olutsha olwakhethwa nguYehova, yaye ngoba? (b) Imbewu yenyoka yaqhubeka njani ibonisa ubutshaba kwimbewu yomfazi?
18 Iinkokeli zonqulo zakwaSirayeli zadibana neRoma zaza zenza iyelenqe nxamnye noYesu yaye inxalenye enkulu yolo hlanga yamgatya. Ngenxa yoko, uYehova wawagatya amaSirayeli emvelo njengabantu bakhe. (Mat. 23:38; IZe. 2:22, 23) Wandula ke, wakhetha uhlanga olutsha, “uSirayeli kaThixo.” (Gal. 3:26-29; 6:16) Olo hlanga libandla lamaKristu athanjisiweyo abunjwa ngamaYuda nabantu bezinye iintlanga. (Efe. 2:11-18) Emva kokufa nokuvuswa kukaYesu, imbewu yenyoka yaqhubeka ibonisa ubutshaba kwimbewu yomfazi. Kangangezihlandlo eziliqela, iRoma yazama ukutshayela ibandla lamaKristu, eliyinxalenye yesibini yembewu.c
19. (a) UDaniyeli ulichaza njani igunya lehlabathi lesithandathu? (b) Kuza kuthethwa ngantoni kwelinye inqaku?
19 Kwiphupha uDaniyeli awalichazela uNebhukadenetsare, iRoma imelwa yimilenze yentsimbi. (Dan. 2:33) Kwakhona uDaniyeli wabona umbono ongapheleli nje ekuchazeni kakuhle uBukhosi baseRoma kodwa igunya lehlabathi elilandelayo elaliza kuphuma kwiRoma. (Funda uDaniyeli 7:7, 8.) Kangangeenkulungwane, iRoma le yabonakala kwiintshaba zayo ‘isoyikeka, inkwantyisa yaye yomelele ngokungaqhelekanga.’ Noko ke, esi siprofeto satsho kwangaphambili ukuba ‘iimpondo ezilishumi’ zaziza kukhula kobu bukhosi yaye elinye lazo laliza kuduma. Ngoobani ezi mpondo zilishumi yaye lungubani uphondo oluncinane? Uphondo oluncinane ludibana njani nenkcazelo yomfanekiso omkhulu owabonwa nguNebhukadenetsare? Inqaku elikwiphepha 14 liza kusiphendula.
[Imibhalo esemazantsi]
a Lo mfazi umela intlangano kaYehova enjengomfazi ebunjwa zizidalwa zomoya ezisezulwini.—Isa. 54:1; Gal. 4:26; ISityhi. 12:1, 2.
b IBhabhiloni imelwa yintloko yomfanekiso okwincwadi kaDaniyeli nayintloko yesithathu yerhamncwa elichazwe kwiSityhilelo. Sicela ujonge isicangca esikwiphepha 12-13.
c Nangona iRoma yatshabalalisa iYerusalem ngowama-70 C.E., obo bundlobongela babungeyonxalenye yokuzaliseka kweGenesis 3:15. Ngelo xesha, uSirayeli wenyama wayengaselulo uhlanga lukaThixo olunyuliweyo.