Nakhululwa Ngobubele Obunganifanelanga
“Isono simele singabi yinkosi phezu kwenu, ekubeni . . . niphantsi kobubele obungasifanelanga.”—ROMA 6:14.
1, 2. Kutheni amaNgqina kaYehova enomdla kumaRoma 5:12?
MASITHI ubufuna ukubhala uludwe lweevesi zeBhayibhile ezaziwa nezisetyenziswa kakhulu ngamaNgqina kaYehova. Ngaba amaRoma 5:12 ebeya kuba sekuqaleni kuludwe lwakho? Kukangaphi uthetha la mazwi athi: “Kanye njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo”?
2 Le vesi icatshulwa icatshuliwe kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Xa ufundisa abantwana bakho nezifundo zakho le ncwadi, kusenokwenzeka ufunde amaRoma 5:12 xa nithetha ngenjongo yomhlaba, ngentlawulelo nangemeko yabafi—kwisahluko sesi-3, esesi-5, nesesi-6. Kodwa ngaba ukhe uwasebenzise amaRoma 5:12 xa ucinga ngendlela uYehova akujonga ngayo, ngezenzo zakho nangekamva lakho?
3. Yintoni esifanele siyamkele ngesono?
3 Sonke simele siyamkele into yokuba singaboni. Senza iimpazamo umhla nezolo. Kodwa ke, siqinisekile ukuba uThixo uyakhumbula ukuba siluthuli, kwaye ukulungele ukusenzela inceba. (INdu. 103:13, 14) Xa wayefundisa abafundi bakhe indlela yokuthandaza kuThixo, uYesu waquka esi sicelo: “Sixolele izono zethu.” (Luka 11:2-4) Ngenxa yoko, asinasizathu sakuba nomvandedwa ngezono uThixo azixoleleyo. Sekunjalo, ininzi into esinokuyizuza xa sicinga ukuba kwenzeke njani ukuba asixolele.
SIXOLELWE NGENXA YOBUBELE OBUNGASIFANELANGA
4, 5. (a) Sinokuyifumana phi inkcazelo engakumbi ngamaRoma 5:12? (b) Buyintoni ‘ububele obungasifanelanga’ ekuthethwa ngabo kumaRoma 3:24?
4 Sifumana inkcazelo ebalulekileyo kwizahluko ezikufutshane namazwi kaPawulos akumaRoma 5:12, ngokukodwa kwisahluko 6. Iza kusinceda siqonde indlela uYehova akwazi ngayo ukusixolela. Kwisahluko 3, sifunda la mazwi: “Bonke bonile . . . , yaye kunjengesipho sesisa ukuvakaliswa kwabo bengamalungisa ngobubele bakhe obungasifanelanga ngako ukukhululwa ngentlawulelo ngoKristu Yesu.” (Roma 3:23, 24) Wayethetha ukuthini uPawulos xa esithi “ngobubele bakhe obungasifanelanga”? Ngokutsho kwenye incwadi, igama lesiGrike awalisebenzisayo lithetha “ukwenzela umntu into entle, uze ungabizi nto kuye okanye ungalindeli mbuyekezo.” Akuyisebenzelanga kwaye akukho nto uyenzileyo ukuze uyifanelekele.
5 Umphengululi uJohn Parkhurst wathi: “Xa lisetyenziswa kuThixo okanye kuKristu, [eli gama lesiGrike] lidla ngokubhekisa ngokukhethekileyo kubabalo abanalo esingalusebenzelanga nolungasifanelanga okanye kububele ababenzele abantu ngokubakhulula nangokubasindisa.” Ngenxa yoko, indlela eliguqulelwe ngayo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ethi “ububele obungasifanelanga” ifanelekile. Kodwa uThixo ubenze njani obu bubele bungasifanelanga? Kwaye budibana njani nethemba onalo kunye nobuhlobo bakho naye? Makhe sibone.
6. Abantu banokuncedwa kangakanani bububele bukaThixo obungasifanelanga?
6 Lo ‘mntu mnye’ isono nokufa ‘ezangena ngaye ehlabathini’ yayinguAdam. Ngenxa yoko, “ngesigqitho somntu omnye ukufa kwalawula njengokumkani.” UPawulos wongeza wathi “ububele [bukaThixo] obungasifanelanga obuninzi” babakho “ngamntu mnye, uYesu Kristu.” (Roma 5:12, 15, 17) Obo bubele bungasifanelanga buye banceda bonke abantu. “Ngentobelo yomntu omnye [uYesu] abaninzi baya kwenziwa amalungisa.” Kaloku, ububele obungasifanelanga bukaThixo bunokude busenze siphile “ubomi obungunaphakade ngoYesu Kristu.”—Roma 5:19, 21.
7. Kutheni intlawulelo esiyilungiselelwe nguThixo ikukwenzelwa ububele kwaye ingasifanelanga?
7 UYehova wayenganyanzelekanga ukuba athumele uNyana wakhe ukuba eze kusifela. Kwelinye icala, ayikho into eyenziwe ngabantu abangafezekanga abanesono ukuze bafanelekele ukuxolelwa izono zabo ngentlawulelo elungiselelwe nguThixo noYesu. Lilonke, ukuxolelwa kwethu nokuba nethemba lokuphila ngonaphakade bububele obungasifanelanga nyhani. Sifanele sisixabise kakhulu esi sipho sikaThixo sobubele obungasifanelanga, kwaye loo nto icace kwindlela esiphila ngayo yonke imihla.
UKUBA NOMBULELO KUTHIXO NGOBUBELE BAKHE OBUNGASIFANELANGA
8. Abantu basenokuziqhatha ngelithini xa becinga ngezono zabo?
8 Ekubeni singabantwana baka-Adam abangafezekanga, kulula kuthi ukwenza iimpazamo, ukwenza ububi, nokona. Kodwa besiya kuba senza embi impazamo ukuba besinokubuthatha lula ububele obungasifanelanga bukaThixo, mhlawumbi sithi: ‘Ewe kona ayifanelekanga le nto ndiyenzayo—uThixo uyijonga njengesono—kodwa ke akukho ngxaki ngaloo nto. UYehova uza kundixolela.’ Okubuhlungu kukuba ayekho amaKristu awayecinga ngale ndlela kwanangexesha ababesaphila ngalo abanye abapostile. (Funda uYude 4.) Mhlawumbi aside siyithethe into elolo hlobo thina; kodwa kusenokwenzeka ukuba ikho imbewu yale ngcamango ngaphakathi kuthi okanye isenokutyalwa kuthi ize iqalise ukuntshula.
9, 10. UPawulos nabanye abantu bakhululwa njani esonweni nasekufeni?
9 UPawulos wayigxininisa into yokuba simele siyikhabe ngaw’ omane imbono ethi: ‘Hayi wena, uThixo uyaqonda. Uza kundixolela ngezono endizenzileyo.’ Ngoba? Kaloku, njengokuba uPawulos esitsho, amaKristu ‘afile ngokubhekisele kwisono.’ (Funda amaRoma 6:1, 2.) Kodwa kwakunokutshiwo njani ukuba ‘afile ngokubhekisele kwisono’ ngoxa esaphila apha emhlabeni?
10 UThixo wasebenzisa intlawulelo kuPawulos nakwabanye abantu bomhla wakhe. Ngenxa yoko uYehova wazixolela izono zabo, wabathambisa ngomoya oyingcwele, waza wababiza ukuba babe ngoonyana bakhe bokomoya. Emva koko baba nethemba lokuphila ezulwini. Xa bethembeka, babeza kuphila baze balawule noKristu ezulwini. Kodwa xa besaphila emhlabeni kwaye bekhonza uThixo, uPawulos wayenokubachaza ‘njengabafileyo ngokubhekisele kwisono.’ Wazekelisa ngoYesu, owafayo njengomntu waza wavuswa njengesidalwa somoya esingafiyo ezulwini. Ukufa kwakungaseyonkosi phezu koYesu. Kwakunjalo ke nakumaKristu athanjisiweyo, ayenokuzijonga ‘njengafileyo esonweni kodwa aphilileyo kuThixo noKristu uYesu.’ (Roma 6:9, 11) Yayitshintshile indlela aphila ngayo. Ayengasalawulwa yiminqweno yawo yesono. Ayefile kwindlela awayekade ephila ngayo.
11. Thina abanethemba lokuphila ngonaphakade eParadesi ‘sife njani esonweni’?
11 Kuthekani ngathi? Ngaphambi kokuba sibe ngamaKristu, sasisona, mhlawumbi singaqondi ukuba izenzo zethu zibi okanye ziphosakele kangakanani emehlweni kaThixo. Sasifana ‘namakhoboka okungahlambuluki nokuchas’ umthetho.’ Singatsho sithi ‘sasingamakhoboka esono.’ (Roma 6:19, 20) Kwathi kusenjalo safunda iBhayibhile, satshintsha indlela esasiphila ngayo, sazahlulela kuThixo saza sabhaptizwa. Ukususela ngoko, besinqwenela ‘ukuzithobela ngokusuka entliziyweni’ iimfundiso nemilinganiselo kaThixo. Siye ‘sakhululwa esonweni, saba ngamakhoboka obulungisa.’ (Roma 6:17, 18) Nakuthi kunokutshiwo ukuba ‘sifile esonweni.’
12. Ngamnye wethu umele akhethe phakathi kwaziphi izinto ezimbini?
12 Ngoku khawucinge ngesiqu sakho xa ufunda la mazwi kaPawulos athi: “Musani ukusivumela isono ukuba siqhubeke silawula njengokumkani kwimizimba yenu efayo ukuze nithobele iminqweno yayo.” (Roma 6:12) Sinako “ukusivumela isono ukuba siqhubeke silawula” ngokwenza kwanto nje imizimba yethu engafezekanga ethi masiyenze. Ekubeni isithi ‘abanokuvuma’ okanye bangavumi ukuntlokothiswa sisono, nanku ke umbuzo, Yintoni kanye kanye endiyinqwenelayo entliziyweni yam? Zibuze: ‘Ngaba ngamany’ amaxesha ndiye ndivumele umzimba nengqondo yam engafezekanga ziye kundifaka eludakeni? Okanye ngaba ndifile esonweni? Ngaba ndiphilile kuThixo ngoKristu uYesu?’ Yonke loo nto ixhomekeke ekubeni ubuxabisa kangakanani ububele obungakufanelanga obenzelwe nguThixo.
UNAKO UKULIPHUMELELA ELI DABI
13. Bubuphi ubungqina obusenza siqiniseke ukuba sinokukwazi ukusishiya isono?
13 Abantu bakaYehova basishiyile ‘isiqhamo ababefudula [besivelisa]’ ngaphambi kokuba bazi, bathande baze bakhonze uThixo. Kusenokwenzeka ukuba kwindlela ababephila ngayo ngaphambili, kukho ‘izinto ngoku abaneentloni ngazo’ nezazinokubenza bafanelwe kukufa. (Roma 6:21) Kodwa ke batshintsha. Yiloo nto kanye eyayenzeke kwabaninzi ababebhalelwe nguPawulos eKorinte. Abanye babekade besenza izono ezinjengokunqula izithixo, ukukrexeza, ubufanasini, ubusela, ukunxila nezinye. Kodwa ‘bahlanjwa bahlambuluka, baza bangcwaliswa.’ (1 Kor. 6:9-11) Kusenokwenzeka ukuba kwakwenzeke okufanayo nakwabanye ababekwibandla laseRoma. UPawulos waphefumlelwa ukuba ababhalele esithi: “Ningaqhubeki ninikela amalungu enu esonweni njengezixhobo zentswela-bulungisa, kodwa zinikeleni kuThixo njengabo baphilileyo bevela kwabafileyo, kwanamalungu enu kuThixo njengezixhobo zobulungisa.” (Roma 6:13) UPawulos wayeqinisekile ukuba babenokukwazi ukunqula uThixo ngendlela ecocekileyo baze baqhubeke bexhamla kububele bakhe obungasifanelanga.
14, 15. Yintoni esifanele sizibuze yona ngokuthobela “ngokusuka entliziyweni”?
14 Kunjalo ke nanamhlanje. Kusenokwenzeka ukuba abanye abazalwana noodade babekade besenza izinto ezazikhe zenziwa ngabaseKorinte. Kodwa nabo batshintshile. Basishiye ngasemva isono ibe ‘bahlanjwe bahlambuluka.’ Enoba wawunjani na wena ngaphambili, injani imeko yakho phambi kukaThixo ngalo mzuzu? Ekubeni ngoku ubufumene ububele obungasifanelanga bukaThixo waza waxolelwa, ngaba uzimisele ukuba ungaze ‘unikele amalungu akho esonweni’? Ngaba uza ‘kuzinikela kuThixo njengalowo uphilileyo evela kwabafileyo’?
15 Ukuze senze loo nto, ngokuqinisekileyo simele sikuphephe ukukhetha ukwenza izono ezinzulu ezazisenziwa ngabanye ababekwibandla laseKorinte. Ibaluleke kakhulu loo nto ukuba sithi sibamkele ububele obungasifanelanga bukaThixo kwaye ‘isono asiyonkosi phezu kwethu.’ Kodwa ke, ngaba sizimisele ukuthobela “ngokusuka entliziyweni” ngokuthi senze konke okusemandleni ethu ukuze siphephe izono abanye abazijonga njengezingekho nzulu?—Roma 6:14, 17.
16. Sazi njani ukuba njengamaKristu asifanelanga sanele nje kukuyeka izono ezinzulu?
16 Makhe sijonge umzekelo kampostile uPawulos. Siqinisekile ukuba wayengazenzi izono ezingamasikizi ezikhankanywe kweyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11. Kodwa wavuma ukuba wayenetyala lokwenza isono. Wathi: “Mna ndingowokwenyama, ndithengiswe phantsi kwesono. Kuba oko ndikusebenzayo andikwazi. Kuba oko ndikunqwenelayo, andikuqheliseli; kodwa oko ndikuthiyileyo koko ndikwenzayo.” (Roma 7:14, 15) La mazwi abonisa ukuba zikho izinto uPawulos awayesilwa nazo kuba ezijonga njengezono. (Funda amaRoma 7:21-23.) Mhlawumbi kunjalo nakuthi njengoko sizama ukuthobela “ngokusuka entliziyweni.”
17. Kutheni ufuna ukunyaniseka nje?
17 Masenze umzekelo ngokunyaniseka. Ukunyaniseka kungundoqo kumKristu. (Funda iMizekeliso 14:5; namaEfese 4:25.) NguSathana ‘uyise wobuxoki.’ UAnaniyas nomkakhe babulawa ngenxa yokuxoka. Thina asiwaxelisi amaxoki afana nala. (Yoh. 8:44; IZe. 5:1-11) Kodwa ngaba xa senze loo nto sakube sigqibile ukunyaniseka? Ukunyaniseka kwethu kubonisa ukuba sibuxabisa kangakanani ububele bukaThixo obungasifanelanga.
18, 19. Ngaba ukunyaniseka kuphelele nje ekungaxokini?
18 Ukuxoka kukuthetha into engeyonyaniso. Kodwa uYehova ufuna abantu bakhe badlulele ngaphaya kokuphepha ukuxoka. Wabongoza amaSirayeli amandulo esithi: “Yibani ngcwele, kuba mna Yehova Thixo wenu ndingcwele.” Emva koko, wabachazela ukuba banokuba ngcwele njani. Phakathi kwezinye izinto, uThixo wathi: “Nize ningebi, ningakhohlisi, yaye ningaqhubani ngobuxoki nezinxulumani zenu.” (Lev. 19:2, 11) Okulusizi kukuba, kuyenzeka ukuba umntu angabi lixoki, kodwa abakhohlise kwaye abaqhathe abanye abantu.
19 Masenze umzekelo ngendoda exelela umphathi wayo emsebenzini okanye umntu esebenza naye ukuba ayiyi kuphumelela ngengomso okanye kufuneka igoduke ngaphambi kwexesha kuba isaya ‘kwagqirha.’ Phofu ke, lo ‘gqirha’ ithetha ngaye kukuthi quu nje kwivenkile yamayeza okanye kukuthi tsii nje kwagqirha, ihlawule into, yakugqiba iphel’ emehlweni. Eyona nto iyenza ingabikho emsebenzini kukuba ifuna ukusuka kwangethuba kuhambo eza kuluthatha okanye ifuna ukukhupha intsapho yayo iyise elwandle. Ewe belikho isuntswana lenyaniso xa ibisithi iya ‘kwagqirha,’ kodwa ungakwazi ukuthi ibinyanisile? Okanye ngaba iye yakhohlisa? Mhlawumbi nawe uyakhumbula ukhohlisa abanye abantu ngale ndlela. Mhlawumbi wawuzisindisa kwisohlwayo okanye ufuna ukufumana amaqithi-qithi ngokutshonisa abanye abantu. Nangona ungakhange uxoke ngokuphandle, uthini ngalo myalelo kaThixo othi: “Ningakhohlisi”? Khawucinge nangamaRoma 6:19, athi: “Wanikeleni amalungu enu njengamakhoboka obulungisa ngokubhekisele kubungcwele.”
20, 21. Ububele obungasifanelanga bukaThixo bufanele bube nefuthe kangakanani kuthi?
20 Ingongoma kukuba akwanelanga ukuphepha nje ukukrexeza, ukunxila okanye ezinye izono ezazisenziwa ngabanye ababekwibandla laseKorinte ukuze sibonise uThixo ukuba siyambulela ngobubele bakhe obungasifanelanga. Ukwamkela ububele obungasifanelanga bukaThixo kuthetha ukunganeli nje ukuphepha ukulala nomntu esingatshatanga naye, kodwa kukwathetha ukuwulwa nawuphi na umkhwa wokuzonwabisa ngezinto ezingcolileyo. Ukunikela ngamalungu ethu njengamakhoboka obulungisa kuthetha ukunganeli nje ukuphepha ukunxila, kodwa nokuphepha ukusela de siphantse sinxile. Kusenokufuneka senze umzamo ukuze silwe nale mikhwa ingafanelekanga; kodwa sinako ukuliphumelela eli dabi.
21 Sifanele sizimisele ukuphepha ukwenza izono ezinzulu kunye nezono ezingaqapheleki lula. Asinakukwazi ukuyenza ngendlela egqibeleleyo le nto. Kodwa ke sifanele sizame ngamandla njengoPawulos. Wabongoza abazalwana bakhe esithi: “Musani ukusivumela isono ukuba siqhubeke silawula njengokumkani kwimizimba yenu efayo ukuze nithobele iminqweno yayo.” (Roma 6:12; 7:18-20) Xa sisilwa nazo zonke iindidi zesono, sibonisa ngokwenene ukuba siyambulela uThixo ngobubele bakhe obungasifanelanga asenzele bona ngoKristu.
22. Baza kufumana ntoni abo bazingqina benombulelo ngobubele bukaThixo obungasifanelanga?
22 Ngenxa yobubele bukaThixo obungasifanelanga, izono zethu zixolelwe kwaye zinako ukuqhubeka zixolelwa. Ekubeni sinombulelo, masisebenzele ukuba singanikezeli kwizono abanye abantu abazijonga njengezingenamsebenzi. UPawulos wawugxininisa umvuzo esiza kuwufumana, xa wathi: “Ngoku, ngenxa yokuba nikhululwe esonweni naba ngamakhoboka kaThixo, nifumana isiqhamo senu ngendlela yobungcwele, kwaye isiphelo bubomi obungunaphakade.”—Roma 6:22.