10 Imizekeliso kaSolomon.+
Unyana osisilumko uyamvuyisa utata wakhe,+
Kodwa unyana osisidenge uyintlungu kumama wakhe.
2 Ubutyebi obufunyenwe ngondlela-mnyama abuncedi nganto,
Kodwa ubulungisa busindisa ekufeni.+
3 UYehova akazukubangela ilungisa lilambe,+
Kodwa abantu ababi uza kubavimba izinto abazirhalelayo.
4 Izandla zevila ziya kubangela indlala,+
Kodwa izandla zokhutheleyo zizisa ubutyebi.+
5 Unyana onengqondo uqokelela isivuno ehlotyeni,
Kodwa unyana owenza into elihlazo ulala yoyi ngexesha lokuvuna.+
6 Iintsikelelo zikwintloko yelungisa,+
Kodwa umlomo womenzi-bubi, ufihla ubundlobongela.
7 Igama elihle lelungisa liza kufumana intsikelelo,+
Kodwa igama labenzi-bubi liza kubola.+
8 Onentliziyo enobulumko uza kwamkela imiyalelo,+
Kodwa othetha ubudenge uza kunyathelwa.+
9 Umntu ohamba ngokungenakusoleka uza kuhamba ekhuselekile,+
Kodwa owenza iindlela zakhe zitenxe uza kubhaqwa.+
10 Oqwabaza ilihlo eqhatha ubangela intlungu,+
Nothetha ubudenge uza kunyathelwa.+
11 Umlomo welungisa ngumthombo wobomi,+
Kodwa umlomo wabenzi-bubi ufihla ubundlobongela.+
12 Iingxabano zibangelwa kukucaphukelana,
Kodwa uthando logquma zonke izono.+
13 Ubulumko bufumaneka emilebeni yomntu osebenzisa ingqondo,+
Kodwa intonga yeyomqolo womntu ongayisebenzisiyo ingqondo.+
14 Izilumko zilugcina njengobutyebi ulwazi,+
Kodwa umlomo wesidenge ubiza nje intshabalalo.+
15 Ubutyebi besinhanha busisixeko esikhuselekileyo.
Intshabalalo yehlwempu kukungabi nanto kwalo.+
16 Umsebenzi welungisa usa ebomini;
Kodwa imveliso yomenzi-bubi isa esonweni.+
17 Othobela ingqeqesho uyindlela yobomi,
Kodwa ongasikhathalelanga isohlwayo ubhadulisa abanye.
18 Umntu ofihla inzondo ulixoki,+
Nomntu osasaza iindaba ezingcolisa igama lomnye umntu sisidenge.
19 Xa amazwi emaninzi, nesono soba lapho nakanjani,+
Kodwa nabani na oyilawulayo imilebe yakhe wenza ngobulumko.+
20 Ulwimi lwelungisa lufana nesilivere yodidi,+
Kodwa intliziyo yomenzi-bubi inexabiso elincinci.
21 Imilebe yelungisa yondla abaninzi,+
Kodwa isidenge sibulawa kukungabi nangqondo.+
22 Yintsikelelo kaYehova etyebisayo,+
Ibe akongezi ntlungu kuyo.
23 Isidenge sikubona njengomdlalo ukwenza izinto ezilihlazo,
Kodwa ubulumko bobomntu onengqondo.+
24 Umenzi-bubi uza kwehlelwa zizinto azoyikayo;
Kodwa ilungisa liza kuyifumana yonke into eliyinqwenelayo.+
25 Xa kudlula isaqhwithi, abenzi-bubi baza kudlula naso,+
Kodwa ilungisa lisisiseko esimi ngonaphakade.+
26 Njengeviniga emazinyweni, nomsi emehlweni,
Linjalo ivila kulowo ulithumayo.
27 Ukoyika uYehova kuya kongeza ubomi,+
Kodwa iminyaka yabenzi-bubi iza kwenziwa mifutshane.+
28 Ithemba lamalungisa lizisa uvuyo,+
Kodwa elabenzi-bubi liza kuphelela emoyeni.+
29 Indlela kaYehova yinqaba kwabangenatyala,+
Kodwa ithetha intshabalalo kwabo benza izinto ezimbi.+
30 Ilungisa alisoze liwiswe,+
Kodwa abenzi-bubi abazukuphila emhlabeni.+
31 Umlomo welungisa uvelisa ubulumko,
Kodwa ulwimi oluthetha izinto ezigqwethekileyo luza kusikwa.
32 Imilebe yelungisa iyayazi into evuyisayo,
Kodwa umlomo wabenzi-bubi ugqwethekile.