Zishumayele Ngentumekelelo Iindaba Ezilungileyo
1 “Ndilangazelela ukunibona . . . Kukho intumekelelo kum yokuzivakalisa iindaba ezilungileyo nakuni.” Le yindlela umpostile uPawulos awazityand’ igila ngayo ekuqaleni kweleta yakhe eyayisiya kubazalwana baseRoma. Kwakutheni ukuze uPawulos abe nentumekelelo yokubatyelela? Wathi: “Ukuze ndizuze isiqhamo esithile kwanaphakathi kwenu . . . Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso.”—Roma 1:11-16.
2 UPawulos wabonakalisa intumekelelo efanayo xa wayethetha namadoda amakhulu ase-Efese. Wawakhumbuza: “Ukususela kwimini yokuqala endangena ngayo kwisithili saseAsiya . . . , andizange ndirhoxe . . . nasekunifundiseni esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu. Kodwa ndanikela ubungqina ngokucokisekileyo kokubini kumaYuda nakumaGrike.” (IZe. 20:18-21) Kuwo wonke umhlaba awayewabelwe, uPawulos wayezimisele ukusasaza iindaba ezilungileyo zosindiso nokuze azuze isiqhamo soBukumkani. Onjani ukuba mhle umoya onokuxeliswa!
3 Sinokuzibuza: ‘Ngaba ndibonakalisa intumekelelo efanayo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo kwindawo endihlala kuyo? Kunokuwujonga njengoxanduva umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo, ngaba ndinentumekelelo yokwabelana nabantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngeendaba ezilungileyo? Ngaba ndiye ndazihlolisisa ngomthandazo iimeko zam zobuqu? Ngaba ndiye ndawaphonononga onke amathuba akhoyo kwintsimi yethu, njengokushumayela kwindlu ngendlu, esitratweni, kwimimandla yezoshishino, ngomnxeba, nangokungacwangciswanga?’
4 Yiba Nesabelo Ngentumekelelo Ebudeni Buka-Aprili: Inyanga ka-Aprili lixesha elihle lokwandisa isabelo sethu kumsebenzi wokushumayela. Isisikelo esincitshisiweyo seeyure sifanele senze abangakumbi babe ngoovulindlela abangabancedani. Mhlawumbi iimeko zakho ziya kukuvumela ukuba ukhonze njengovulindlela ongumncedani ebudeni buka-Aprili noMeyi. Okanye usenokukwazi ukubhalisa njengovulindlela othe ngxi, ngenxa yesisikelo seeyure esincitshisiweyo. Ukuba ungumvakalisi webandla, ngaba ungachitha ixesha elingaphezu kweliqhelekileyo enkonzweni kule nyanga nakwelandelayo, unikela inkxaso kwabo bakwaziyo ukuba ngoovulindlela? Oko kuya kuyivuyisa intliziyo kaYehova!
5 NjengoPawulos, bonke abavakalisi boBukumkani bafanele baqhubeke bebonakalisa intumekelelo ngokuzibhokoxa kumsebenzi wokushumayela. Ukwenza unako nako kubulungiseleli kuya kusizisela uvuyo lokwenene. UPawulos wayenolu vuyo kwinkonzo yakhe engcwele. Senza kakuhle ngokuxelisa umzekelo wakhe obalaseleyo.—Roma 11:13; 1 Kor. 4:16.