Yiba Nomoya Wobuvulindlela
1. Unokuwuchaza njani umoya wobuvulindlela?
1 Enoba banokuba ngoovulindlela ngoku sithethayo okanye akunjalo, bonke abavakalisi boBukumkani banokuba nawo umoya wobuvulindlela. Bawuxhalabele ngokunzulu umyalelo wokushumayela nokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20; IZe. 18:5) Babakhathalele abantu yaye bayazinikela ukuze bazalise ubulungiseleli babo. (Mat. 9:36; IZe. 20:24) Abakhonzi bakaYehova bakulungele ukwenza nantoni na enokunceda abanye bafunde inyaniso. (1 Kor. 9:19-23) Makhe siqwalasele umzekelo womntu owayenaloo moya, umhambisi wevangeli uFilipu.
2. Abadala nezicaka zolungiselelo banokuyixelisa njani inzondelelo awayenayo uFilipu kubulungiseleli?
2 Ukushumayela Nokufundisa: Kwibandla lenkulungwane yokuqala uFilipu wayenyamekela iimbopheleleko ezinzulu. (IZe. 6:1-6) Sekunjalo, eyona nto yayiphambili ebomini bakhe yayikukushumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo. (IZe. 8:40) Namhlanje, ngoxa abadala nezicaka zolungiselelo benyamekela imisebenzi abayabelweyo ebandleni, banokubonisa umoya wobuvulindlela ngokukhokela ngehlombe kubulungiseleli. Hayi indlela oku okuwomeleza ngayo umoya webandla!—Roma 12:11.
3. Sinokuwubonisa njani umoya wobuvulindlela xa sivavanywa?
3 Emva kokufa kukaStefano, ukwanda kwentshutshiso kwabangela isiphithiphithi esikhulu kubomi babafundi. Nakubeni kunjalo, uFilipu waqhubeka eshumayela yaye waba nendima ebalulekileyo ekuqaliseni umsebenzi kumaSamariya. (IZe. 8:1, 4-6, 12, 14-17) Sinokuxelisa umzekelo wakhe ngokuqhubeka sivakalisa iindaba ezilungileyo ngoxa sivavanywa nangokushumayela singakhethi buso kubo bonke esidibana nabo.—Yoh. 4:9.
4. Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguFilipu njengomfundisi?
4 Ubuchule bokufundisa iLizwi likaThixo awayenabo uFilipu bubonakala kwingxelo yokuguquka kwethenwa elingumTiyopiya. (IZe. 8:26-38) Enye indlela esiwubonisa ngayo umoya wobuvulindlela kukukwazi ukusebenzisa iBhayibhile ‘nokuqiqa ngeZibhalo.’ (IZe. 17:2, 3) NjengoFilipu, sifuna ukushumayela iindaba ezilungileyo naphi na apho kukho abantu khona nangalo naliphi na ixesha elifanelekileyo.
5. Yintoni enokunceda abazali abangamaKristu bakwazi ukubethelela umoya wobuvulindlela ebantwaneni babo?
5 Intsapho Nebandla: Alithandabuzeki elokuba isimo sengqondo nomzekelo kaFilipu saba nempembelelo entle kwiintombi zakhe. (IZe. 21:9) Ngokufanayo, abazali abangamaKristu abasekela ubomi babo kwizilangazelelo zoBukumkani bayabakhuthaza abantwana babo ukuba nabo benjenjalo. Umzali olangazelela ukushumayela nakubeni edinwe eyimfe ukuphela kweveki, uya kushiya into engasokuze iphume ezintliziyweni zabantwana bakhe.—IMize. 22:6.
6. Singabonisa njani ukuba siyabaxabisa oovulindlela esinabo ebandleni?
6 UFilipu wabenzela ububele uPawulos noLuka, amaKristu anenzondelelo awayezibhokoxa enkonzweni kaYehova. (IZe. 21:8, 10) Namhlanje, sinokubonisa njani ukuba siyabaxabisa abo basebenza ngenzondelelo? Mhlawumbi sinokusebenza noovulindlela ngexesha lakusasa okanye emva kwemini xa kukho abantu abambalwa entsimini. (Fil. 2:4) Sinokubamemela emakhayeni ethu sincokole nabo ngezinto ezakhayo. Enoba zinjani na iimeko zethu, ngamana sonke singazabalazela ukuba nomoya wobuvulindlela.