Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo seveki eqala ngoAgasti 30, 2004. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda ethabatha imizuzu engama–30 esekelwe kumbandela ogutyungelwe kwizabelo ezisusela kwiveki kaJulayi 5 ukusa kweka-Agasti 30, 2004. [Phawula: Apho kungekho mbekiselo emva kombuzo, kuya kufuneka uzenzele olwakho uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]
UPHAWU LWENTETHO
1. Sinokusicacisa njani isizathu sethemba lethu “ngomoya wobulali nentlonelo”? (1 Pet. 3:15) [be-XO iphe. 192 isiqe. 2-4]
2. Kutheni kubalulekile ukuthetha ngolweyiseko? (Roma 8:38, 39; 1 Tes. 1:5; 1 Pet. 5:12) [be-XO iphe. 194]
3. Luboniswa njani ulweyiseko? [be-XO iphe. 195 isiqe. 3–iphe. 196 isiqe. 4]
4. Kuthetha ukuthini ukuthetha ngenkcubeko, kutheni kubalulekile nje, yaye olu phawu sinokuluvisisanisa njani nokuma uqinile? (Roma 12:18) [be-XO iphe. 197]
5. Ngaphambi kokuba athethe, yintoni aya kuyiqwalasela umntu ochubekileyo? (IMize. 25:11; Yoh. 16:12) [be-XO iphe. 199]
ISABELO 1
6. Incoko yethu kwanendlela esiyifundisisa ngayo iBhayibhile iyibonisa njani inkqubela esiyenzileyo enyanisweni? [be-XO iphe. 74 isiqe. 3–iphe. 75 isiqe. 2]
7. Kuthetha ukuthini ‘ukuzongela ixesha,’ yaye sinokukwenza njani oku? (Efe. 5:16) [w02-XO 11/15 iphe. 23]
8. IZibhalo zikucacisa njani ukuba bonke abantu bayalingana phambi kukaThixo? [w02-XO 1/1 iphe. 5, 7]
9. Yintoni eboniswa kukukhetheka kwegama loMdali, uYehova? [w02-XO 1/15 iphe. 5]
10. Yintoni eyabangela ukuba umnikelo ka-Abheli ube ‘ngowexabiso elikhulu’ kunokaKayin, yaye oku kusifundisa ntoni ngokuphathelele ‘umbingelelo wethu wendumiso’? (Heb. 11:4; 13:15) [w02-XO 1/15 iphe. 21 isiqe. 6-8]
UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEEVEKI NGEEVEKI
11. ILevitikus 18:3 inokusinceda njani ukuze siphephe ukufuna ukuba nengqiqo egqwethekileyo ngokuphathelele okulungileyo nokubi? (Efe. 4:17-19) (1, w02-XO 2/1 iphe. 29)
12. Yintoni eyayifuziselwa ‘ngumnikelo otshangatshangisiweyo’ ‘ozizonka ezibini’ owawusenziwa ngumbingeleli omkhulu ngexesha loMthendeleko Weeveki (iPentekoste)? (Lev. 23:15-17) [w98-XO 3/1 iphe. 13 isiqe. 21]
13. Kwimeko yokukrexeza efana naleyo ichazwe kwiNumeri isahluko 5, ‘lintshwenya njani ithanga’ lomfazi onetyala? (Num. 5:27) [w84-XO 6/1 iphe. 29]
14. Kwakutheni ukuze uMiriyam noAron bathethe nxamnye noMoses ngenxa yomfazi wakhe ongumKushe? (Num. 12:1)
15. Yayiyintoni ‘incwadi yeeMfazwe zikaYehova’? (Num. 21:14)