Ngaba Unokuluhlengahlengisa Ucwangciso Lwakho?
1. Kutheni sifanele sihlengahlengise ucwangciso lwethu lokushumayela?
1 NjengamaKristu okwenyaniso, siye sasamkela isimemo sokuba sibe ‘ngabalobi babantu.’ (Mat. 4:19) Njengabalobi beentlanzi, sisenokuphumelela ngakumbi kumsebenzi wokuloba abantu ukuba sishumayela ngexesha abafumaneka ngalo abantu. Abantu badla ngokubakho kumakhaya abo ukusuka ngenjikalanga ukuya kutsho ngorhatya. Ngokuqhelekileyo abaxakekanga ngeli xesha yaye bayazamkela iindwendwe. Ngaba unokuhlengahlengisa ucwangciso lwakho ukuze ushumayele ngaloo maxesha?—1 Kor. 9:23.
2. Ziziphi ezinye iindlela esinokuzisebenzisa ukuze sifikelele abantu abangakumbi ngeendaba ezilungileyo?
2 Ukushumayela Ngorhatya: Ukuceba kusengaphambili ukuya entsimini ngorhatya kunokusenza sifikelele abantu abangakumbi ngeendaba ezilungileyo. (IMize. 21:5) Ulutsha lunokukwazi ukuya entsimini ukuphuma kwesikolo. Nabanye banokukwazi ukuya xa bebuya emsebenzini. Amanye amaqela ezifundo zencwadi anokulungiselela ukushumayela kangangeyure ngaphambi kwesifundo sencwadi seveki.
3. Ziziphi iindlela onokushumayela ngazo ngenjikalanga nangorhatya kwintsimi yakho?
3 Ukushumayela kwindlu ngendlu ngenjikalanga nangorhatya kunokusinceda sifumane abantu esidla ngokungabafumani emakhayeni abo. Kwimimandla eliqela, kunokwenziwa umsebenzi wasesitratweni nezinye iintlobo zokushumayela ekuhleni ngorhatya. Ibe baninzi abafumanisa ukuba urhatya lelona xesha lifanelekileyo lokwenza amabuyelo nokuqhuba izifundo zeBhayibhile.
4. Kutheni kubalulekile ukusebenzisa ukuqonda nokuba nolwazelelelo xa ushumayela ngorhatya?
4 Kufuneka Ukuqonda: Kufuneka sisebenzise ingqiqo xa sishumayela ngorhatya. Kudla ngokuba kuhle ukuba singashumayeli sekuhlwile, singene emizini yabantu sele belungiselela ukuya kubek’ amacala. (Fil. 4:5) Xa unkqonkqoza emnyango, yima kwindawo oya kubonakala kuyo kwaye zichaze kakuhle ukuba ungubani na. Yichaze msinya into oyizeleyo. Ukuba ufike ngexesha elibi, mhlawumbi intsapho isitya, chaza ukuba uza kubuya ngelinye ixesha. Yiba nolwazelelelo ngalo lonke ixesha.—Mat. 7:12.
5. Sinokuziphepha njani iimeko ezisenokuba yingozi xa sishumayela?
5 Kukwafuneka silumkele neemeko ezisenokuba yingozi. Xa nishumayela ngongcwalazi okanye sele kumnyama, kuya kuba kuhle ukuba nihambe ngababini okanye njengamaqela. Hambani kwizitrato ezikhanyayo, ningabi kude nabanye. Shumayelani kuphela kwiindawo eniziva nikhuselekile kuzo. Ningayi kwiindawo ezingakhuselekanga ebusuku.—IMize. 22:3.
6. Ziziphi iingenelo ezongezelelekileyo ezifumaneka ngokushumayela ngenjikalanga nangorhatya?
6 Ukushumayela ngenjikalanga nangorhatya kunokusinika ithuba lokuya entsimini noovulindlela abangabancedani nabathe ngxi. (Roma 1:12) Ngaba unokukwazi ukuhlengahlengisa ucwangciso lwakho ukuze ubandakanyeke kule nkalo yenkonzo?