Ngaba Ungathanda Ukushumayela Ngorhatya?
1. Ngokutsho kwenye incwadi, umpostile uPawulos wayeshumayela nini kwindlu ngendlu?
1 Incwadi ethi Daily Life in Bible Times ithi umpostile uPawulos wayedla ngokushumayela kwindlu ngendlu “ukususela ngentsimbi yesi-4 emalanga de kube sebusuku.” Asazi enoba uPawulos wayesenjenjalo ngokwenene kusini na, kodwa ke esikwaziyo kukuba uPawulos wayekulungele ‘ukwenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo.’ (1 Kor. 9:19-23) Oku kufanele ukuba kwakuquka ukuceba kakuhle ukuze akwazi ukuya kwindlu ngendlu xa abantu besekhaya.
2. Kutheni kufanelekile ukushumayela ngamarhatya?
2 Kwiindawo ezininzi, abavakalisi badla ngokuya kwindlu ngendlu kusasa. Noko ke, ngaba abantu bendawo ohlala kuyo bayafumaneka ngeli xesha? Ethetha ngendawo ahlala kuyo, omnye uvulindlela uthi: “Emini, sifika kwizindlu ezininzi kukhal’ ibhungane. Kodwa ke inkoliso yabaninimzi ibakho ngorhatya.” Ukushumayela ngamarhatya kusenokuba lelona xesha lifanelekileyo lokufumana amadoda. Ngorhatya, abaninimzi badla ngokuba bephumle yaye bekulungele ukuncokola. Ukuba kubonakala kuyingenelo ukwenza oko, abadala bafanele balungiselele ukuba kubekho intlanganiso yentsimi eqhutywa ngorhatya.
3. Singakubonisa njani ukuqonda xa sishumayela ngorhatya?
3 Sebenzisa Ukuqonda: Xa nishumayela ngamarhatya kubalulekile ukuba nengqiqo. Ngokomzekelo, ukuba ufika umninimzi exakekile, mhlawumbi esitya, kububulumko ukubuya ngelinye ixesha. Ukuba sele kuhlwile, yima kwindawo anokukubona kakuhle kuyo umninimzi uze uzichaze ngoko nangoko ukuba ungubani yaye ufuna ntoni. Kwakhona, kububulumko ukuhamba nomnye umntu okanye iqela labantu nize nisebenze kwizitrato ezikhanyayo nezinabantu. Musani ukuya emakhayeni abantu sele kusebusuku kakhulu, de nibaphazamise njengoko belungiselela ukulala. (2 Kor. 6:3) Ukuba indawo yenu ayikhuselekanga ebusuku, shumayelani ngaphambi kokuba kube mnyama.—IMize. 22:3
4. Ziziphi iintsikelelo ozifumanayo xa ushumayela ngorhatya?
4 Iintsikelelo: Kuba mnandi kakhulu entsimini xa sifika emizini kukho abantu. Okukhona sishumayela kuya kuba kokukhona sifumana amathuba okunceda abanye ‘basindiswe baze bafikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:3, 4) Kutheni ungakhe uhlengahlengise iimeko zakho ukuze ushumayele ngamarhatya?