“Hlalani Ninombulelo”
1 Xa uYesu waphilisa abantu abaneqhenqa abalishumi, mnye kuphela owabuyayo eze kubulela. UYesu wambuza wathi: “Kuhlanjululwe balishumi, akunjalo? Baphi na ke abanye abasithoba?” (Luka 17:11-19) Kubaluleke ngokwenene ukuba sibe noxabiso nombulelo xa uBawo wethu osezulwini onothando nonesisa, uYehova uThixo, esipha izipho ezilungileyo nezigqibeleleyo!—Kol. 3:15; Yak. 1:17.
2 Ziziphi izinto esinokumbulela ngazo? Enye yazo yintlawulelo, esesona sipho sikhulu uThixo asinike abantu. (Yoh. 3:16) Sinokumbulela nangokuba esitsalile wasisondeza kuye. (Yoh. 6:44) Umanyano esinalo njengamaKristu lusesinye isizathu sokuba sibe nombulelo. (INdu. 133:1-3) Ngokuqinisekileyo zininzi ezinye izipho onokucinga ngazo esiziphiwe nguYehova. Singaze sifane namaSirayeli awayengenambulelo awazilibalayo izinto uYehova awayewenzele zona!—INdu. 106:12, 13.
3 Bonisa Ukuba Unombulelo: Nangona kusenokwenzeka ukuba bolishumi abantu ababeneqhenqa babekuxabisa oko uYesu wayebenzele kona, mnye kuphela owabonisayo ukuba unombulelo. (Luka 17:15) Ngendlel’ efanayo, sibonisa uxabiso ngokuyikhuthalela intsimi. Ukuba sikuxabisa ngokwenene konke oko uBawo wethu onothando akwenzileyo, iintliziyo zethu ziya kufuna ukuxelisa uthando nesisa sakhe ngokuxelela abanye ngaye. (Luka 6:45) Njengoko sixelela abanye ‘ngemisebenzi kaYehova emangalisayo neengcamango zakhe kuthi,’ siya kumthanda size simxabise nangakumbi uYehova.—INdu. 40:5.
4 Khuthaza Abanye Ukuba Babe Noxabiso: Sifanele sincede abantwana bethu nezifundo zethu ukuba zibe noxabiso. Abazali banamathuba amaninzi okwenza oku, njengaxa bebuka indalo kaYehova nabantwana babo. (Roma 1:20) Xa siqhuba isifundo seBhayibhile, sinokubuza umfundi lo mbuzo, “Yintoni esiyifundayo ngobuntu bukaYehova kule nto?” Njengoko umfundi esiba noxabiso olungakumbi, uya kumthanda nangakumbi uThixo yaye azimisele ukumkholisa.
5 Kule mihla yokugqibela, abantu abaninzi abanaluxabiso kwaye abanambulelo. (2 Tim. 3:1, 2) Kumele ukuba kumkholisa ngokwenene uYehova ukubona abakhonzi bakhe abazinikeleyo bebonisa ukuba banombulelo ngokukhuthalela intsimi!—Yak. 1:22-25.