Ileta KaYakobi
1 Kubhala mna Yakobi,+ ikhoboka likaThixo neleNkosi uYesu Kristu. Ndibulisa zonke izizwe eziyi-12 ezithe saa kwiindawo ngeendawo!
2 Vuyani bazalwana bam, xa nidibana neengxaki ezahlukahlukeneyo,+ 3 njengokuba nisazi ukuba xa niphumelela kobo bunzima, nifunda ukunyamezela.+ 4 Vumelani ukunyamezela kuwugqibe umsebenzi wako, ukuze nigqibelele, nize nibe msulwa ngandlela zonke.+
5 Nabani na odinga ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo,+ ibe uza kumnika,+ kuba uThixo ubapha kakhulu bonke ababucelayo, engagxeki mntu.+ 6 Makaqhubeke ecela enokholo lokuba uza kumnika,+ engathandabuzi nakancinci,+ kuba umntu othandabuzayo ufana namaza olwandle asiwa ngapha nangapha ngumoya. 7 Ngoko ke, umntu onjalo makangalindeli kwenzelwa nto nguYehova;* 8 ungumntu ongenazigqibo,+ ongazinzanga kuyo yonke into ayenzayo.
9 Umzalwana olihlwempu makavuye* kuba ephakanyisiwe emehlweni kaThixo,+ 10 nalowo usisityebi makavuye kuba ethotyiwe,+ kuba uza kunyamalala njengentyatyambo yasendle. 11 Kuba njengokuba ilanga liphuma lize liyitshise ibune ize ife intyatyambo, iyeke nokuba ntle, siza kuba njalo nesiphelo sesityebi esileqana nobutyebi.+
12 Wonwabile umntu oqhubeka enyamezela isilingo,+ kuba akuphumelela kuso uza kufumana isithsaba sobomi,+ uYehova* asithembisa abo baqhubeka bemthanda.+ 13 Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: “Ndilingwa nguThixo.” Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi, ibe naye akalingi mntu. 14 Umntu ulingwa ngokutsalwa nangokubanjiswa ngumnqweno wakhe.+ 15 Xa umnqweno uye wakhawula, uzala isono; ekugqibeleni isono sizala ukufa.+
16 Nize ningaqhatheki bazalwana bam endibathandayo. 17 Nasiphi na isipho esihle nesigqibeleleyo sivela emazulwini,+ kuba sihla sivela kuTata wezikhanyiso zesibhakabhaka,+ ongaguquguqukiyo njengesithunzi.+ 18 Yayikukuthanda kukaThixo ukuba asizale ngelizwi lenyaniso,+ ukuze sibe ngabokuqala abakhethileyo kuyo yonke indalo.+
19 Yazini le nto bazalwana bam endibathandayo: Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha,+ acothe nokucaphuka,+ 20 kuba ukucaphuka akumenzi umntu abe lilungisa emehlweni kaThixo.+ 21 Ngoko ke, yahlukanani nemikhwa emibi nayo nantoni na engalunganga,*+ nize ngokuthobeka nimvumele uThixo afake ilizwi lakhe ezintliziyweni zenu. Lona linamandla okunisindisa.
22 Sanukuziqhatha ngokuliva nje kuphela ilizwi likaThixo, kodwa yenzeni into eliyithethayo.+ 23 Kuba nabani na olivayo ilizwi likaThixo, kodwa angayenzi into eliyithethayo,+ ufana nomntu ojonga ubuso bakhe esipilini. 24 Uyazijonga, ahambe, aze azilibale ngoko nangoko ukuba unjani. 25 Kodwa umntu ofundisisa umthetho kaThixo ogqibeleleyo+ ozisa inkululeko, aze awuthobele, akafani nomntu ovayo aze alibale, kodwa yena uyayenza loo nto ifundiswa ngumthetho, atsho onwabe.+
26 Ukuba umntu ucinga ukuba ukhonza uThixo kodwa engakwazi ukululawula* ulwimi lwakhe,+ uqhatha intliziyo yakhe, ibe ukhonzela into engekhoyo. 27 Indlela ecocekileyo nengenachaphaza yokukhonza uThixo onguTata wethu, yile: kukukhathalela iinkedama+ nabahlolokazi+ abasentlungwini,+ nokuphepha iindlela ezimbi zehlabathi.+