Bathabatheni Njengomzekelo Abaprofeti—UNahum
1. Sifunda ntoni kwincwadi kaNahum?
1 Amabhodlo eNineve yamandulo angqina ubunyani besiprofeto sikaNahum sokuba uYehova uyaziphindezela kwiintshaba zakhe, ibe enoba zinamandla kangakanani na, azinakuze zimelane naye. (Nah. 1:2, 6) Ukuhlolisisa isiprofeto sikaNahum kunokusinceda kumsebenzi wokushumayela.
2. Sinokusenza njani sikhuthaze isigidimi sethu?
2 Thuthuzela Uze Unike Ithemba: Xa uqala ukuyifunda, usenokucinga ukuba incwadi kaNahum ithetha nje ngokutshatyalaliswa kweNineve, ikomkhulu leAsiriya yamandulo. (Nah. 1:1; 3:7) Noko ke, ukutshatyalaliswa kweNineve kwaba ziindaba ezimnandi kubantu bakaYehova. UNahum, ogama lakhe lithetha ukuthi “uMthuthuzeli,” waqinisekisa amaYuda ukuba utshaba lwawo lwaluza kucinyw’ igama kungekudala! Waphinda wawaqinisekisa ukuba uYehova “uligwiba ngemini yokubandezeleka.” (Nah. 1:7) Njengoko sishumayela, nathi sichazela abanye ngeendaba ezilungileyo size sibakhuthaze ukuba babalekele kuYehova.—Nah. 1:15.
3. Sinokumxelisa njani uNahum ekusebenziseni imizekelo nemizekeliso?
3 Sebenzisa Imizekelo Nemizekeliso: UYehova waphefumlela uNahum ukuba afanise ukuwa kweNineve nokuwa kwesixeko saseYiputa, iThebes (iNo-amon), esasitshatyalaliswe yiAsiriya. (Nah. 3:8-10) Njengoko sithetha nabantu ngokutshatyalaliswa kwale nkqubo yezinto, sinokubabonisa iziprofeto zeBhayibhile ezingqina ukuba uYehova ukwenza konke oko akuthethe kwilizwi lakhe. Ngokomzekelo, xa amaBhabhiloni namaMedi ahlasela isixeko saseNineve ngo-632 B.C.E., izantyalantyala zemvula zazalisa uMlambo iTigris, waza wakhukulisa inxalenye yodonga lweso sixeko olwalubonakala luluqilima. Zange kube kudala ngaphambi kokuba iNineve yoyiswe, kanye njengokuba uYehova wayechaze kwangaphambili.—Nah. 1:8; 2:6.
4. Sinokuthetha njani ngendlela elula necacileyo xa sisentsimini?
4 Thetha Ngendlela Elula Necacileyo: UNahum wayebhala ngendlela ecacileyo, ibe kwakulula ukuyiqonda into ayithethayo. (Nah. 1:14; 3:1) Ngokufanayo, nathi sifanele sithethe ngendlela eqondakala lula. (1 Kor. 14:9) Kutyelelo lokuqala, sifanele siyichaze kakuhle eyona nto siyizeleyo. Nceda abo ubafundela iBhayibhile babe nokholo kuYehova nakwiLizwi lakhe, baze baqonde indlela izinto abazifundayo ezisebenza ngayo kubomi babo.—Roma 10:14.
5. Sisithuthuzela njani isiprofeto sikaNahum?
5 Ukholo lukaNahum lokuba izinto uYehova azithethileyo ziba njalo, lucaca gca kwincwadi yeBhayibhile ebizwa ngegama lakhe. Njengokuba sisondela isiphelo sale nkqubo kaSathana, sithuthuzelwa ngala mazwi: “Akuyi kuvuka ukubandezeleka isihlandlo sesibini.”—Nah. 1:9.